Kwiminyaka embalwa edlulileyo kuye kwakho ukukhula koosomashishini abamkela ezolimo nokufuya okungabhekele phi njengeshishini nenye indlela yobomi ekusebenzeleni ukuziphilisa kwintsunguzi yehlathi. Nakuba kunjalo, ukuqalisa ishishini lezolimo nokufuya kungantsonkotha kuba kuquka izinto ezininzi kakhulu.
Amafama exesha elizayo kufuneka aqwalasele isicwangciso seshishini, ukufumana umhlaba, ukufumana imali yenkxaso, ukufumana ulwazi, ukufumana izinto zokusebenza, ukuphuhlisa, okanye ukufumana iziseko zophuhliso, nokunye, okungaphezulu. Okubaluleke gqitha kukuba, kufuneka baqulunqe owabo umbono weshishini – isiveliso seemfundiso ezisisiseko sabo, ulwazi kunye namava.
Ukuba ufuna ukuqalisa ishishini lolimo lwezityalo zakho yaye unawo umhlaba, kodwa uziva uxinekile, ungayi kude. Nanga amanyathelo alishumi okukukhokelela kwindlela yakho.
1. Bazi ubume bezulu bexesha elide
Phambi kokuba uqalise ezolimo nokufuya, kufuneka ubuqonde ubume bezulu bexesha elide (kuqukwa nokuba sesichengeni sezinto ezinjengelanga neqabaka) kunye nohlobo lomhlaba. Ziqhelanise nomhlaba kunye nobume bezulu bexesha elide obukungqongileyo.
Umhlaba sisiseko sokuba ingaba ufuna ukuwenza njani, phi yaye izintoni ezi ufuna ukuzilima nokuzifuya. Ube bemozulu bexesha elide kwakhona kuko okugqibayo ukuba ungalima ntoni nendlela oko kuya kukuchaphazela kunye nendlela yokwenza loo msebenzi.
Uhlobo lwesityalo oya kusityala, siya kuxhomekeka kubunjani ngokobume bezulu bethuba elide nomhlaba oya kutyala kuwo. Iintlobo ezahlukeneyo zezityalo ziyaphumelela kwiindawo zokusingqongileyo ezahlukileyo, yaye ukuba ukhetha isityalo esingafanelekanga kwindawo yokusingqongileyo, asisayi kuba nampumelelo. Nje ukuba uqhelane nobume bemozulu bethuba elide bommandla wakho, thetha namanye amafama akungqongileyo, thelekisa umhlaba wabo ubone ukuba yintoni onokuyifunda kubo.
2. Lwazi uhlobo olulo umhloba wakho
Umhlaba ubaluleke ngokumangalisayo kuveliso lwezityalo, yaye uya kutyala imali kwiindlela zokugcina umhlaba wakho usempilweni ukuba ufuna isivuno sezityalo zakho esiphezulu.
Ukuba unayo imali yoko, kungayinto exabiseke kakhulu ukuxilonga okuqulethwe ngumhlaba wakho ukufumanisa ukuba ngaba kufuneka wongeze okanye utshintshe nazo naziphi na izigaba zomhlaba wakho.
Omba umngxuma omncinane ufumane iisampula zomhlaba ezithile kwifama leyo.
Iisampula zomhlaba zinokuthunyelwa kwilebhu yaye zinokukuxelela ukuba luhlobo luni lomhlaba (yintlenga yomhlaba, yintlabathi, okanye ludongwe, okanye yintlanganisela yazo zombini okanye zontathu), nomgangatho (ioganikhi matha, ubungakanani bekhabhoni yezinto ezioganikhi, iinkcukacha zezondlo – undoqo yinayitrojini, ifosforasi, ipoteziyam nesalfure, ubutyuwa, kunye namanqanaba epH yomhlaba.
3. Khetha izityalo zakho
Kuba ngoku uyazi ukuba luhlobo lokusingqongileyo kunye nomhlaba onjani ekufuneka ukuba usebenze ngawo, unokuqalisa ukwenza uphando malunga neendidi zezityalo eziya kuwufanela kakuhle ummandla okuwo.
Ukhetho lwesityalo nalo lunokuphenjelelwa kukuba ingaba luhlobo olunjani lwefama ofuna ukuba nalo, izinto zokusebenza onazo, kunye nesiveliso esisisiphumo ekugqibeleni ofuna ukusithengisa. Kugcine oku engqondweni lo gama uphanda ngamanyathelo ambalwa alandelayo.
Nika ingqwalaselo kuFood For Mzansi ngokumalunga namanqaku aqwalasela izityalo ezibonelela ngamathuba Amahle okanye ezifumana udumasi. Kwiminyaka yakutshanje, iikiwi, iibhlubheri, iimayikhrogrini, namakhowa neenkowane zabalasela. Yenza uphando oluthile ukuqonda ukuba zeziphi na izityalo eziya kuba bhetele kakhulu kwifama nakummandla wakho.
ALSO READ: 10 farming ideas that will be lucrative in 2021
4. Yenza uphando lwemalike
Ngoko ke, uyakwazi okusingqongileyo ukuba kukhangeleka njani, uyawazi umhlaba wakho yaye sele usikhethile isityalo esiyifaneleyo kakuhle ifama yakho. Ngoku kufuneka uqalise ukuphupha ngekamva: nje ukuba uvune isivuno sakho, uza kwenza ntoni ngaso?
Ingaba usityalile isityalo ekufuneka senziwe enye into phambi kokuba usithengise? Ingaba uyakwazi ukufikelela kwiindawo apho unokusithengisa khona isiveliso sakho? Ngubani oza kuthenga isiveliso sakho, yaye usisa njani isiveliso sakho kubo? Nkqu nokuba akwazi not ngeenkqubo zophando zeemalike ezisesikweni, unokwenza olwakho uphando ngokuzimisela ukufunda ngabantu abanokuba ngabathengi kunye namajelo okuthumela izinto.
Ukuba sele unawo umdla kwisiveliso esithile, funda ngemalike yasekuhlaleni yakho. Tshekisha iimalike zamafama, hlangana nabanye abavelisi basekuhlaleni, thetha nabathengi lo gama uthengayo. Okubhetele kwakhona, kukwenza isaveyi yeemalike zamafama ukujonga ukuba ingaba akukho zityalo okanye ziveliso zingamelwanga kakuhle na.
5. Qulunqa isicwangciso soshishino
Ukuba ngaba, njengamanye amafama amancinane akufumenanga lifa liyifama, ukufumana imali yokufunda ukufumana ethile nokutshintsha iphupha lakho libe yinyaniso kuya kuba sisiseko sesicwangciso sakho semalike oya kuqalisa kuyo ishishini lakho. Ukuphumeza oku kuya kufuneka ukuba ufumane inkxaso yemali, yaye kuya kufuneka ukuba ube nesicwangciso seshishini esenziweyo ukufumana inkxaso yemali.
Isicwangciso seshishini sisixhobo sokwenza izigqibo esiba luhlobo loxwebhu oluqingqiweyo. Sichaza iinjongo zeshishini zakho, kutheni ucinga ukuba ungaziphumeza, yaye sandlala isicwangciso sakho sokwenjenjalo. Nkqu nokuba akufuni malimboleko, isicwangciso seshishini sisixhobo esiluncedo ukukunceda ukuba kwiimbono onazo zeziphi ezinokufezekiswa, nokukukhumbuza ngeenjongo zakho.
Inxalenye yesicwangciso seshishini sakho siya kuquka inkcitho yefama yakho neendleko zokuyisebenza ukwenzela ukufumana indleko yesiveliso sakho. Nje ukuba uyazi inkcitho yakho, kufuneka wazi ukuba ungavelisa kangakanani na ngomhlaba wakho, yaye ungasithengisa ngamalini isiveliso sakho yaye ingaba ingeniso yakho iya kuquka inkcitho yakho na.
6. Lixhase ngemali iphupha lakho
URhulumente uyayazi ukuba ezolimo nokufuya zibaluleke kangakanani na, unethamsanqa kakhulu wena kuba kukho amathuba athile afumanekayo ohlobo lweemalimboleko ezincinane ukuziqalela eyeyakho ifama engumlinganiselo omncinane!
Nalu uludwe oluncinane lwamathuba okunikwa inkxaso yemali ekufuneka uwaqwalasele:
- Klikha apha ukufumana uxwebhu olumalunga namathuba eegranti eUmsobomvu Youth Fund (UYF) neNational Development Agency (NDA).
- Iwebhusayithi kaRhulumente idwelisa amathuba wabo babefudula bevalelwe amathuba ngaphambili abangabemi baseMzantsi Afrika ukuba benze izicelo zeemalimboleko zezolimo, iigranti neenkqubo ezinjengeComprehensive Agricultural Support Programme (CASP).
- Ukuba akuphumeleli ekufumaneni loo mathuba, uGreenAgri unolunye uludwe lokuxhasa ngemali kunye namaqithiqithi.
- I-SME South Africa kwakhona inoludwe lwamathuba okuxhasa ngemali kaRhulumente. Nangona ingezizo zonke ezinxulumene nezolimo nokufuya, unokufumana okuthile onokukukhetha apha.
I-FOOD FOR MZANSI TV: Indlela yokubhajethela impumelelo yakho
7. Bhalisa ishishini lakho
Amanye amashishini ezolimo nokufuya afuna iimpephamvume, iilayisensi, kunye namalungelo. Ezi zinto zikhankanyiwe kwikhasi lewebhu likarhulumente yaye kunokwenzeka ukuba kuthi kanti azibhekisi kuwe ncam. Kuxhomekeka koko ufuna ukukuthengisa nalapho ufuna ukukuthengisa khona.
Unokuyibhalisa nangekhompyutha inkampani yakho kwiwebhusayithi yeCompanies and Intellectual Property Commission (CIPC). Unako kwakhona ukubhalisa inkampani yakho ngebhanki yakho.
Kunokuthatha ixesha elide ukufumaneka kwamaxwebhu akho, ngokweOnline PTY Registration, ukurizeva igama kuthatha phakathi kweentsuku ezisixhenxe (7) ukuya kwezingamashumi amabini ananye (21). Isatifikethi senkampani sinokubhaliswa zingadlulanga iintsuku ezintathu ukuya kwezintlanu emva koko, ngokuxhomekeke ekubeni ingaba uwangenise kwangethuba na amaxwebhu akho, kunye nomthwalo weofisi karejistra.
I-SME South Africa ibonelela ngoxwebhu lweminye iMibuzo eXhaphake ukuBuzwa Rhoqo iiFAQs ukwenzela ukuba ukwazi ukuba uyifunde yonke xa kunokwenzeka ukuba kuthi kanti unayo nayiphi na imibuzo engaphendulwanga.
8. Zuza ulwazi oluthile!
Ngokufikelela eli nyathelo, kunokwenzeka ukuba ube unayo yonke into oyifunayo ukukwenza ukuba uqhubele phambili ngeshishini lakho. Kodwa usenokufuna ukuba ukhe uthi xha ithuba elithile ufumane ulwazi oluthile kwezolimo nokufuya kuqala ukuba ngaba akunalo ulwazi lwangaphambili okanye amava.
Akuphulukananga nabo oovimba xa kubhekiswa ekufundeni malunga nezolimo nokufuya. Amafama akummandla wakho aya kuba nako ukuyiphendula imibuzo yakho, yaye kusoloko kukho uqhagamshelwano lwewebhu yehlabathi lonke (world wide web). Kodwa i-intanethi izele yingcaciso nemithombo yolwazi ekunokuba ngumnqantsa ukuzifundela wena ngokwakho indlela yokulima nokufuya.
IFood For Mzansi inamabali emihla ngemihla akhuthazayo, yaye ininzi kakhulu ingcaciso kwiAgriCareers kananjalo. Le yindawo onokungena kuyo xa ukulungele ukufumana ikhosi emfutshane, iikhosi ezikwi-ezisekhompyutheni neziqinisekiso zemfundo zethuba elide ukuba ufuna ulwa.
9. Qala ngokuthe chu, mf‘ethu!
Uza kufunda into eninzi njengoko uqala ifama yakho, yaye kuninzi okunokungahambi kakuhle ekuqaleni lo gama ufundayo. Ngoko ke, qala kancinane, khawulinge kancinane ukuba unako, khangela oko kukusebenzelayo yaye ungazigxeki xa okuthile kungahambi kakuhle.
Jonga umngeni ngamnye njengethuba lokufunda uqhubele phambili usazi ukuba akusayi kwenza mpazamo ifanayo kude kube kabini njengoko ukhulisa ishishini lakho. Qalisa ngokuthengisa oko unako, khulisa uluhlu lwabaqhagamshelana nawe uluseyive ukwandisa ishishini lakho. Sebenzisa eli xesha ukuzifundisa wena zonke iziseko phambi kokuba uqhubele phambili ukwandisa ishishini lakho. Kuze ekugqibeleni, kodwa okubalulekileyo…
10. Zenzele udumasi
Amakhasi onxibelelwano oluntu aza kuba sesona sihlobo siphambili sakho. Ngoba? Ngenxa yopapasho olufikelelekayo. Ulimo lusexy, yaye maninzi amafama anxibelelanisa ngobuchule amakhasi onxibelelwano oluntu namathuba ezoshishino.
Sebenzisa ukubakho kwakho kumakhasi onxibelelwano oluntu ukunxibelelana nabathengi kwanabathengi bexesha elizayo, ukukhuliswa kwebheyisi yabathengi ethembakeleyo, zimele geqe unxibelelane nabantu abanokuba ngamahlakani ezoshishino akho.
Kungakuthatha ixesha elide ukuqhelana neli shishini, kodwa ngokuhamba kwexesha, iinzame ezithe rhoqo kunye mhlawumbi notyalomali oluthile lwasekuqaleni ukulungiselela ibhrendingi nentengiso, uya kuba nako ukuphumelela ekuthengiseni ngempumelelo ishishini lezolimo nokufuya lakho.
Akubizi nesenti ukwenza i-imeyili yeshishini lakho nokuzazisa ukuba ukhona ngokwakumakhasi onxibelelwano oluntu ukulungiselela lona. Ihlakani lasekhompyutheni leFood For Mzansi, uYehBaby Digital, unokunceda ekulungiseleleni ukubakhona kwakho ngokwasekhompyutheni ngeimeyili eyile: hello@yehbaby.co.za ubaxelele ukuba uFood For Mzansi nguye ocebise malunga nabo. Oku kuya kukunika indlela yokungena kwireyithi yesaphulelo eyodwa.