UNonhlanhla Joye osuka KwaZulu-Natal waziwa ngelomteketiso ngabaninzi njengoMa Joye. Igama lakhe xa liguqulwa ngokuthe ngqo “onethamsanqa”, yaye linentsingiselo engaphezulu kunamazwi kuye nakusapho lwakhe. Nangona inkumbulo yangexa wayelele ngandletyananye kumenza athi gwantyi iinyembezi, ukulima nokufuya kwabalasela kakhulu ekugqibeleni.
“Ndangena kwezolimo nokufuya kuba kwakunyanzelekile ndenze imali ukuze ndiphile,” watsho.
Lowo omvelaphi yakhe iKwaMaphumulo, uJoye wakhulela kusapho lwabane njengentombazana eligqibelo. Kulapho kwatyaleka khona ulwazi ngezolimo nokufuya. Wakhula ebona abazali bakhe besiya kwifama eyayisemva kwezindlu yonke imihla ukuyokutyala nokuya kuvuna.
“Ngowama2014 ndafunyaniswa ukuba ndinesifo somhlaza. Xa inguwe wedwa osebenzayo inguwe wedwa onako ukuzisa ukutya ekhaya, yonke into ima ngxi xa uye wagula. Ndazifumana ndingenakutya kwanantoni na esiwa phantsi kwempulo,” uyacacisa.
Kuba wayexhalabele ukondla usapho lwakhe njengoko wayengasenako ukwenza imali kumsebenzi wakhe njengesayikholojisti kwiNGO iEverFelt, kwakungekho ndlela yimbi ngaphandle kokuba abhenele kwezolimo nokufuya. Wakwazi ukufumana isiqwengana somhlaba waqalisa ukulima itswele, iminqathe, ikhaphetshu, kunye nespinatshi.
Ongumsombululi weengxaki ngokwemo yakhe
Izityalo zakhula kakuhle, yaye inkqubela yayincomeka kuba wayesebenzisa izakhono abazali babo ababezidlulisela kuye ngoko wayeselula. “Yayingelotyeli lam lokuqala kwezolimo nokufuya. Abazali bam babengamafama kwaye ndazifunda ezolimo ndiselula,” utsho.
Nakuba kunjalo, ngentsasa ethile xa wathi waya emasimini ukunkcenkceshela izityalo, wayechazelwe ukuba iinkukhu ezizulazulayo ekuhlaleni zitye zaza zonakalisa uninzi lwezityalo zakhe. Le meko yayicaphukisa, kodwa wakhawuleza wahlangula oko wayenako ukukuhlangula wabhaqa indlela yezolimo nokufuya entsha.
“Ndaqalisa inkqubo apho ndandilima imifuno ndisebenzisa iibhegi zeplastiki namaplanga. Ndingekaqondi ukuba kwenzeka ntoni na, ndandinemifuno emininzi eyayingaphezu kokuba ndandilindele, ngoko ke ndaqalisa ukonga. Ukususela ngoko andizange ndabuya ngamva kuba ndandiyiqonda ukuba bukhona ubomi. Ndingaphila ngale nto.”
Kwisivuno sokuqala sakhe, wenza inzuzo yeR13 500 emva nje ngokusebenzisa amaR400 okuthenga izithole nomgquba. “Ndaye ndaqalisa kuba kwakunyanzelekile ndondle usapho lwam,” utsho.
‘Ezolimo nokufuya akukho lula’
“Olu hambo khange lube lula, nakuba kunjalo, lube loluyimpumelelo kwangaxeshanye. Xa ubandakanyeka kwezolimo nokufuya, ujamelene nemozulu yexesha elide kwizityalo nakwimveliso yezilwanyana. Ujongene neentlobo zonke zezinto ezahlukeneyo.”
Ohlala Empolweni, kummandla wasemaphandleni okumntla waseThekwini, uMajola uziselwa imingeni yakhe emininzi ziimeko zommandla ezitshintshatshintshayo neemeko zemozulu ezimbi. Kwisizini edlulileyo, wafumana iimvula ezinkulu, iimeko ezomileyo nezishushu zemozulu, nkqu nesichotho, esatshabalalisa uninzi lwezityalo ezivuthiweyo kunye neenethi.
“Ukuba imozulu yome kakhulu, oko kuthetha ukuba imfuyo ayizokuba nefidi eyaneleyo yaye ukuba imozulu ina kakhulu, unezityalo ezibolayo kuba zingafanelwe kudibana namanzi amaninzi,” utsho.
“Nokuba kungayiphi na indlela, ujongene nezinto ezininzi, uphele ungakwazi kufaka khozo emhlabeni. Luhambo olungamahlandinyuka; ujongene nendalo yona kanye.”
Ukuhamba iindawo
Nangona kunjalo, iinkumbulo ezimyoli namava aye ongamela izinto ezimbi. Ngowama2016, waphumelela iziqinisekiso ezibini, esokuqala yayisisiqinisekiso sezoshishini saseNational Agricultural Marketing Council saza esesibini yasisiqinisekiso solawulo lwezemali eBuhle Farmers Academy. Kodwa eyona mpumelelo ayikhumbula kakhulu kumhla waphumelela imbasa yowama2017 ye-ELLE Magazine IMPACT 2 Award Winner eParis.
Mhla wamenyelwa e-Elle Magazine eParis athathe inxaxheba kwinkqubo yokubaliselana ngamava esidlangalaleni ukulungiselela ukhuphiswano apho amazwe ali11 athathe inxaxheba khona, uMajola uxelela iFood for Mzansi ukuba injongo yayingekho malunga nokuhambahamba edolophini kunye nokonwaba, koko yayikukubalisa ibali lakhe lezolimo nokufuya kubantu abangaphaya kwama2 000 nokugoduka nembasa.
“Yayingeyombasa yona ngokwayo eyandenza ukuba ndonwabe, kodwa into ephambili yayingulowo wayenike mna imbasa. Yayingutata woshishino lwezentlalo uMohamed Eunice. Kum, loo nto yayiyinto eyayizisa inkumbulo.”
UNonhlanhla Majola wamenyelwa e-Elle Magazine eParis ukuthatha inxaxheba yokubaliselana ngamava esidlangalaleni kulungiselelwa ukhuphiswano kumazwe ali11 aye athatha inxaxheba.
‘Ezolimo nokufuya zihlakulela ikamva’
Sele ziqhubeka ngokupheleleyo izicwangciso kwaye eyona njongo iphambili kukuxhotyiswa kwamabhinqa nolutsha ukuba lulwele ukufumaneka kokutya ngokwaneleyo ngokuthe ngqo okuya kwiintsapho zabo. Yena nekomiti yakhe eseUmgibe bangene kubuhlakani apho aqhagamshelana khona namafama angamabhinqa nalulutsha kwiimarike zasekuhlaleni yaye zibonelela ngamathuba okwandisa ixabiso nomgangatho weziveliso zefama yeenkukhu.
“Siyayiqonda into yokuba kwiminyaka embalwa elandelayo, izinto ziza kuba nzima xa kubhekisele ekufumanekeni kokutya ngokwaneleyo, ngoko ke sizama ukuxhobisa amafama aselula,” utsho uMajola.
“Amabhinqa makakulungele oko kuba, ekugqibeleni, ikamva lelabatsha. Kodwa iingxaki zangoku zambethe amabhinqa kuba kuphela kwawo ayaziyo ukuba iintsapho zawo ziya kutya ntoni na.
Yaye amabhinqa aya kube evelisa anabantwana abaya kwabelana ngezakhono nabo. Oku kungasisici sakhe, kodwa ‘njengomfama olulutsha’ uMajola ozondelelayo ujonge kubo ukuba bakhusele ikamva lezolimo nokufuya.
“Ezolimo nokufuya kuphela kwento engasekeleze mfuno zayo kuphela. Xa ukwezolimo nokufuya, uhlakulela ikamva lakho!”
Fumana amaBali amalunga nezoTshintsho: Amabali akhuthazayo wabantu abondla uMzansi.