NgamaR350 kuphela eyigranti yokuxhasa umntwana awayenayo epokothweni yakhe, uPumla Gobelo waqalisa iMbuks Catering Services eMpuma Koloni. Lo somashishini wezezidlo wahamba ngokholo nangokusebenza nzima, laba liyaqalisa ishishini lakhe.

UGobelo, osuka eIdutywa, eyi150 km ukusuka eMonti, wafuduka wayokuqalisa ishishini lokutya lakhe eGcuwa ngowama2011.
“Ndiqalise ishishini lam kanye emva kokuba ndiyeke ndingagqiba kunyaka wesithathu wam evasiti. Ndandisenza izifundo zeretail business management eVaal University of Technology. Abanye abantu abandikholelwa xa ndisithi ndaliqalisa eli shishini ngamaR350 enkxaso yomntwana.
“Ndandifuna ukuba ngumnini wekhitshi elimobhayili kodwa ndandingenamali. Kwiminyaka elishumi emva koko, ndaphumelela, ndazithengela ikhitshi elimobhayili. Ndiyawuthanda kakhulu umsebenzi wam ukodlula nayiphi na into. Ndivuka yonke imihla ndisebenzele ukuphila yaye imbuyiselo isolo incmeka.”
Ukholelwa ekubeni kusoloko kuyinto elungileyo ukwenza into eyingcamango yentsusa yakho kwishishini lokutya. “Andiyenzi into yokulinganisa abanye abantu ekwenzeni umsebenzi wam. Ndisoloko ndiziqwebela iiresipi zam ndiqinisekise ukuba ndiyenza igqibelele yonke into endiyichukumisayo. Kumaxesha amaninzi, ndipheka isidlo sam eziko ngeembiza ezimnyama zam, yaye oko kwakhona kundenza ukuba ndahluke [kwabanye],” uqhuba atsho.
Ishishini lakhe liye langundabamlomyeni ekuhlaleni kwakhe. Amakhasi onxibelelwano oluntu aye asisixhobo esinamandla esincede ekukhuliseni ishishini lakhe, utsho uGobelo. “Ngento yonke endinayo, ndiyakuthakazelela ukucoceka nokuhlambuluka. Ndikholelwa ekubeni le yenye yezinto etsalela abantu kwisidlo sam.”
IRESIPI: Yeyepayi eyiminsi ebunyammarha yekhitshi likaMbuks
Isandla Esinika Uncedo

Njengaye nawuphi na ongomnye usomashishini, uGobelo wajamelana nemingeni xa wayeqalisa ukuvula iingcango zeshishini lakhe.
Okokuqala, kwakunzima kuye ukuzilungiselela ngokwasekuhlaleni kwindawo emngqongileyo kwilali yaseMsobomvu, eGcuwa, ilali engaqhelekanga kuleyo azalelwe kuyo yaseIdutywa.
“Lowo yayingowona nyaka wawunzima kakhulu ebomini bam, kodwa ndandinomhlobo owandinika indawo yokuba ndiqhubeke ndisebenza, yaye yonke into yaqalisa ukulunga emva koko.”
Umhlobo wakhe, onguAce Ncobo, ongumnini wethaveni eselalini apho uPumla Gobelo wayeqhuba khona ishishini lakhe nowayesaya kuba ngusompempe webhola ekhatywayo wequmrhu lamazwe ngamazwe iFederation Internationale de Football Association (FIFA), ngoko nangoko waba ngumcebisi wakhe kwezoshishino.
Njengebhinqa elikhupheleyo, uGobelo uthi wayedla ngokungcikivwa ngokutyeba kwakhe elalini ayibiza ngoku ukuba likhaya. Imbukumbuku [umntu otyebileyo] yayisisithuko esasithandwa ngabamelwane bakhe abatsha. “Oku kwandiphazamisa ekuqaleni,” utsho uGobelo.
“Ndayixela le nto kumcebisi wam waza wathi, ‘Uyazi ntoni? Ukubacaphukisa, masikubize Shefu Mbuks; kwaba lapho igama lika’Mbuks’ lavela khona.”
Ukuwa Kodwa Uphinde Uvuke
Lo gama wayengazange aye kwisikolo sokulungiswa kokutya, ukutya nokupheka kwakusoloko kuyinto awayesoloko eyithanda. “Ndandisoloko ndisazi ukuba ndandifuna ukuzimela [ngokukokwam] njengomphathi kwishishini lezonakekelo lweendwendwe, ngoko ke ndenza isifundo sebusiness kunye noko ndandikwenza ukuhambisa ixesha kwelinye icala.”

Ubhubhane weKhovidi-19 uzise imingeni emininzi kwaza kwanyanzeleka ukuba avale ngenxa yemiqathango. “Ndaseka ibhrendi yam, enguMbuks Catering Services, yaye yonke le minyaka bendisonga imali.
Yayincinane imali eyayishiyekile baza abahlobo bam bakaFacebook ngokunjalo banikela ngesixa esithile, ukwenzela ukuba ndikwazi ukuthenga ikhitshi elimobhayili, ” utsho uGobelo.
Osoloko wazondelela, ongunina wabantwana abane uyongeza, “Ndazithembisa ukuba andisokuze ndoyiswe kukumiswa ngxi kweentshukumo zelizwe (lockdown). Endaweni yoko ndandifuna ukubonisa into ethile, yaye loo nto ithile yayilikhitshi elimobhayili lam elithandekayo nokumiselwa kwebhrendi yam.”
Abantu baya kuMbuks Catering Services ukuyokutya lo gama abanye besiya kuthatha iiodolo zabo. Izinto zingcono kunakuqala, utsho uGobelo.
Unethemba lokudala imisebenzi ngenye imini, ingakumbi kulutsha, enodederhu lweerestyu ezithe tshitshilili eMpuma Koloni.
“Ndidla ngokubaxelela abantu ukuba ukuba uyakholelwa kuwe, akukho nto unokungayifezekisi ebomini. Kufuneka uyithembe inkqubo yaye ukuba nje usoloko usebenza nzima, oko kuya kwenzeka, nokuba kunini.”
UGobelo waye wavunywa njengomnye wamabhinqa amahlanu asemagqabini enza utshintsho kwezoshishino eMpuma Koloni kwigala dinner yokwamkela uZozibini Tunzi (uMiss Universe 2019) ngoFebhruwari 2020.
IRESIPI: Yeyepayi eyiminsi ebunyammarha yekhitshi likaMbuks
Fumana iphetshana leendaba iMzansi Flavour: Liphuma qho ngeveki likhupha iiresipi ezibawelekayo kunye neengcebiso ezingeendlela zokuphila.






