Namhlanje, uMcDonald’s waseMzantsi Afrika nababoneleli bakhe bagxininise kwihambo yabo eselubala enenjongo zokufundisa abathengi babo ngendlela esemgangathweni nezinzileyo abakuzuza ngayo ukutya kweli shishini.
Abathengi banamhlanje baya besiba nomdla ngendawo ukutya ekuphuma kuyo, yintoni efakwe kuko nendlela ekulungiselelwe ngayo. Le mibuzo iphenduleka lula xa ukutya kulungiselelwe ngabo emakhayeni abo kodwa oku kuphantse kube ngunongekhe ehle xa kungalungiselelwanga emakhaya.
Ulwazi lokutya luyaqhubeka ukuphembelela ukukhula kwemarike phakathi kwabathengi abashenxileyo kwisimbo sokutya okuvuzisa izinkcwe ukuya kutsho kwindlela yokuba ngumthengi onenkathalo ngakumbi.

Lo ndlela yokwenza izinto ikhokelele ekuphuhleni kwezivamvo zomntu ngamnye lokuba noxanduva xa kufikelela kwindawo ukutya okuvela kuyo loo nto ithetha ukuba abathengi ngoku bakhathalele ngaphezulu ixabiso lamalungiselelo nezothutho abandakanyeka ekutyeni kwizidlo zabo.
Iimeko ezinjengozinzo, indlela yokuzifumana izidlo, ubuchule kwezobufama, indlela yokupakishwa kwezinto nobume bezithako buyaqhubeka ukuphuculwa nokuphenjelelwa apho abathengi bathenga khona izidlo zabo.
“Sizinika ingqwalaselo iimfuno zabathengi bethu. Ngokuye kusanda, abathengi bethu banolwazi kakhulu malunga nokutya abakutyayo.
“Bafuna inkqubo esekuhleni nolwazi olungaphezulu ukwenza izigqibo ezizizo. Ngephulo elithi Kwazi uKutya Kwethu, sinethemba lokubonisa ukuzingca kwethu ekutyeni esibanika kona,” utsho uDaniel Padiachy, iGosa lezeNtengiso eliyiNtloko kwaMcDonald waseMzantsi Afrika.
“Into ephambili ngokobaluleko kuthi kukubonelela abathengi bethu ngokutya okunencasa encamise kakhulu, nokutya okusemgangathweni.
“Sikholelwa ekuboneleleni ngokutya ngendlela exhasa izithako ezisemgangathweni, kwakunye nokufumana inyama yenkomo, eyenkuku nesiveliso esitsha esivela kumafama aneemfundiso ezisisiseko ezifanayo nezethu,” uqhubeka atsho uPadiachy.

UMcDonald’s uzuza, atyale iimali esebenzisane namahlakani kunye nabathengisi abazayamanisa nezi mfundiso zisisiseko, lo gama iiprojekthi namaphulo enzelwe ukunceda ekwakheni inkqubo yobonelelo ngokutya enempumelelo nenzondelelo.
Nazi ezinye zababoneleli abangamahlakani ethu:
- Inyama yenkomo ifunyanwa kumafama enyama yenkomo eMzantsi Afrika, anjengabakwaFouries, abazinikeleyo kwiinkqubo zolimo ezilandela ukuziphatha ngentsulungeko nangokuzinzileyo.
- AbakwaRametses ngamanye wamafama akhulisa iinkukhu abonelela ngeenkukhu ezikumgangatho ophezulu wezidlo zenkukhu ezithandwa kakhulu zabakwaMcDonald’s.
- Siyithatha ngokunyanisekileyo ikofu yethu – ukususela apho siyifumana khona ukuya kutsho kwindlela esiyenza ngayo ikofu. Kungeso sizathu ikofu ecolwe ngohlaziyeko eyiMcCafé® isebenzisa iimbotyi ezafumaneka eArabhikha kwiifama ezingqinisisiweyo zakwaRainforest Alliance Certified™.
Iphulo elithi ‘“Kwazi uKutya Kwethu’ (“Know Our Food”) limele ukuzinikela kwethu okuthe gqolo ekwenzeni izinto ekuhleni nokwaneza abathengi, sifuna ukuba abathengi bazithembe ngezigqibo ezimalunga nokutya abazenzayo kwaMcDonald’s, besazi ukuba sibeka phambili ngokobaluleko okusemgangathweni, ukwenza izinto ekuhleni, nokufumaneka kokutya esikuthengisayo ngendlela enenkathalo,” uqukumbela atsho uPadiachy.
Ukufunda ngokuthe vetshe ngephulo likaMcDonald’s elithi “Kwazi uKutya Kwethu” (“Know Our Food” initiative), kucelwa ukuba ungene apha www.knowourfood.co.za.
READ NEXT: McDonald’s South Africa backs Soweto school’s garden of hope






