Mhla uZwelinzima Mkhuzangwe waqalisa iMegaRoss Projects yakhe, yokushishina ngemfuyo ngowama2015, wayenenjongo enye kuphela engqondweni yakhe: ukunika amathuba omsebenzi nokubona uluntu lwasekuhlaleni kwakhe luphumelela. Ngoku uqeshe abasebenzi abasisigxina abathathu kwifama yakhe eziihektare ezi-3.5 eseVentersdorp emNtla Ntshona, yaye unombono wokulikhulisa eli nani nkqu nangaphezulu.

UMkhuzangwe waseka iMegaRoss Projects emva kokugxothwa kwakhe ngokuziphatha gwenxa ekunyaka wesithathu kwisikolo sokuqeqesha amanesi. “Ndandifumana istayipendi, ndaza ke endaweni yokuba ndihlale ndisesithukuthezini ekhaya, ndachitha imali yestayipendi yam eyayishiyekile ekuthengeni iinkuku zamaqanda zangamashumi amabini njengesiqalo seshishini lam.
Kodwa eli shwangusha lamvulela indlela eyayiza kutshintsha ubomi bakhe unaphakade. Konke kwaqala ngephupha lokukhulisa iinkuku zamaqanda ezingama20 ukuya kutsho kuma500 000 weenkuku, kodwa ngoku iphele sele isiba lishishini lezolimo nokufuya elixubeneyo elineebhokhwe, iigusha, iinkuku, kunye neehagu.
‘Andizange ndikwazi ukuyeka ukuthabatheka kukuba ngumfuyi’
Mkhuzangwe studied chemical engineering at the Vaal University of Technology in 2011, but soon dropped out due to financial challenges.
UMkhuzangwe wenze izifundo zechemical engineering eVaal University of Technology ngowama2011, kodwa wakhawuleza wayeka engagqibanga ngenxa yemingeni yezemali.
Ngowama2012, ndazimanya noMkhosi wezoKhuselo weSizwe waseMzantsi Afrika (South African National Defense Force) (SANDF) kodwa ndaye andeneliseka nje emva kweenyanga ezintandathu zoqeqesho,” utsho. “Okwalandelayo emva koko kukuba, ndafumana ibhasari eyayisuka kwisebe lezempilo kwiphondo lasemNtla Ntshona yokufundela ubunesi.”
Ikhondo lobunesi lakhe e-Excelsius Nursing College lanqamka mhla wenza umgunyathi wesignitsha yomphathi wakhe kwifom ngethuba loqeqeshelomsebenzi. Le yayiyimpazamo asazisola ngayo nanamhlanje.
“Asiyonto ndinebhongo ngayo [ukuyenza], utsho. “Ndiwabhekisele amava am – amahle namabi – ekubunjweni komntu endinguye namhlanje. Andinike isifundo esixabisekileyo, yaye amava ngoyena titshala usulungekileyo. Ngamanye amazwi, ndiyavuya kuba ndafumana intlungu yokugxothwa esikolweni eyandifundisa ukwamkela intsilelo nokuzama kwakhona.”
Wajonga kwezolimo nokufuya njengosindiso lwakhe waza waseka iMegaRoss Projects ngowama2015 ngeenkuku zamaqanda ezazingama20 kuphela.
“Ndaye ndamilisela ingqondo yam kwishishini lam ngokusisigxina. Ndaza emva koko ndatyhalela phambili inkampani yam, ndifunda nangezigulo ezazisithi iinkuku zibe sesichengeni sazo, kwakunye neenkqubo zokungena komoya kunye nokuzikhusela kwimozulu embi. Ndiyamthakazelela uGoogle nenkxaso yamanye amafama kumaqonga onxibelelwano oluntu ngokubhekisele kokuqulathiweyo ekwabelwana ngako, kuye kwaluncedo kakhulu kwishishini lam.”

UMkhuzangwe uxelela abakwaFood For Mzansi ukuba uhambo lwakhe lwaba yenye yezinto ezaba nempumelelo enkulu. Ukuqala kwakhe, wayethengisa iinkuku ezihleliyo nesele zilungisiwe kubantu basekuhlaleni nakwiimalike ezingqongileyo. Imalike yaye yanda ngosuku ngalunye kangangokuba wakwazi ukuthenga iigusha zambini ngowama2017, kwaza kufutshane emva koko kwalandela imfuyo.
“Ndathenga iibhokhwe zane ngowama2018 namantshontsho ehagu ali12 ngowama2021.”
Ukwakha ishishini elinempumelelo
UMkhuzangwe uthengisa imfuyo yakhe ukwenza imicimbi yesiNtu, nangohlobo lweziveliso zenyama ezenziweyo kubantu basekuhlaleni nakwiivenkile zaseVentersdorp.
Iiholide zikaDisemba zezona zinengeniso ekhethekileyo, ucacisa atsho, njengoko kukho imfuno enkulu yezilwanyana ukuxhelela iindibano zosapho.
Ngenxa yemfuno ekhulayo yeenkuku qho ngeempelaveki, waqesha abasebenzi abathathu ekuqaleni kukaMatshi kulo nyaka.
”Andikafikeleli kwinjongo yam yokugqibela okwangoku, kodwa ndiqhubela phambili. Ngowama2021, ndathenga iihektare zomhlaba ezi3.5 ukwenzela ishishini lam. Ngoko ke, ubuncinane inkampani yam ngoku isebenzela emhlabeni wayo emva kokusebenzela kwibhekhiyadi yasekhaya iminyaka emihlanu.”

Ukuba ngumfama yeyona nto ayithanda kakhulu uMkhuzangwe. Uthi wayesoloko engaqinisekanga iminyaka emininzi ukuba ingaba uya kukwazi na ukuqalisa, kodwa kwathi nje ukuba ithuba lizivelele, waqalisa ezolimo nokufuya yaza yonke into yaye yalungelelana.
“Ndingathanda ukucebisa oosomashishini bezolimo nokufuya abasakhulayo ukuba bakhumbule ukuba eli shishini likwimfuno ephezulu. Ukutya kuyimfuneko; ngoko ke, kufuneka ukhethe oko kufunwa kakhulu kwindawo ekungqongileyo uqalise ishishini.”
UMkhuzangwe uthi ukufunda usiya phambili kuyinto eyenzekayo, kodwa ulumkisa ngokuthi ukucinga ngokugqithisileyo ngeshishini kungakhokelela ekungenzeni nto koko usuke umane usalatha amangomso.
KWAKHONA FUNDA OKU-: KuNomfundo, ezolimo nokufuya ‘sisenzo sobubele’
Fumana amaBali amalunga noTshintsho: Amabali akhuthazayo asuka kubantu abondla uMzansi.