Umenzakalo onxulumene nezilwanyana zasezifama uxhaphake kakhulu kunokuba ubani enokucinga. Kulungile, ngaphandle kwezifo, izilwanyana zasezifama zingafumana ukwenzakala lula ngokwasemzimbeni kukusikwa ziingcingo, yindlela yokuphathwa kwemfuyo, ukubhidla kwezilonda, namanxeba okulunywa zezinye izilwanyana.
Ngoko ke yintoni enokwenziwa ngamafama ukonga izilwanyana zabo zibe sempilweni kwakhona? Asingawo onke amafama akwaziyo ukufikelela koogqirha bezilwanyana, ingakumbi lawo akwiindawo ezisemagqagaleni, nekunyanzeleka ukuba bazenzele bona ngokwabo uncedo lokuqala.
Ngokwembono yomfama wezityalo namachiza, uLupho Kula eNyanga, izityalo ezingamayeza zaseKapa ziyindlela esebenza kakuhle yokunyanga umenzakalo wemfuyo, ubuncinane kude kube kungenelele ngoncedo ugqirha wezilwanyana.
1. Intelezi (kalanchoe lanceolata)
“Intelezi (kalanchoe lanceolata), ekwaziwa ngokuba yintelezi, lunyango olusebenza kakuhle [umgaqo] kumanxeba ezilwanyana. Kuthatha ixesha ukuphola kwesilonda, kodwa isebenza ngokumangalisayo nje ukuba yenjenjalo,” utsho uKula.
Phakathi kwaBa Tswana, yaziwa ngokuqhelekileyo ukuba ngu ‘moithimodiso’. Umoithimodiso uthetha “into ekwenza ukuba uthimle”.
Intelezi (kalanchoe lanceolata) sisityalo esinamagqabi anencindi, esibakho isizini ibe nye, esilinywa kumazwe ngamazwe kwishishini lezokulinywa kwezityalo njengesityalo esiqhelekileyo sokuhombisa. Iyasetyenziswa kananjalo kwiindawo zasekuhlaleni zoluntu ezininzi njengeyeza lesintu.
2. Umhlàbà (aloe vera)
UKula uchaza ukuba umhlaba omabal’engwe (tiger aloe vera), udla ngokuba sisityalo esijikojiko esihonjiswe saziirozethi ezicocekileyo, lize libe nentonga ende enjengentloko yentyatyambo.
Ikhala linembali ende kakhulu kwimisebenzi yezonyango, eyokuhomba nezenkcubeko. Iinkcubeko zangaphambili ezininzi zaziqhelene nezinto eziphilisayo ezifumaneka kumhlaba, ingakumbi.
Iindawo ezithile zegqabi zibonisa izinto ezilwa nokukrala kwamalungu nezo zilwa nezifo yaye kutshanje zisandula ukuchazwa njengezinezinto ezilwa nokuphindaphindeka kweentsholongwane. Eli lelona nyango lixhaphake kakhulu kwiingxaki eziphathelele kulusu, imikrwelo, imigruzuko, ukutsha okungephi, ukutsha lilanga, kunye nemitshithi.
“Susa nje ibhengebhenge legqabi ulisike ulivule kwigqabi lesityalo, lophule livuleke, uze uqabe apho isilonda sikhoyo,” uyacacisa uKula.
3. Ingcelwane (bulbine latifolia)
Ingcelwane (bulbine latifolia) sesinye isityalo esinokukhethwa, utsho uKula. Ngokwembono yakhe, ezi zityalo zinjengekhala zilunge kakhulu kumanxeba these aloe-like plants are good for wounds and bug bites, nakwizamvila zokulunywa zizinambuzanemongst phakathi kwezinye.
Esi sityalo sixhaphake kakhulu kwiinyangi zesintu. Iingcambu zazo ziyasetyenziswa, ziyahlafunwa ukunqanda ukukhupha nokutyatyaza, kodwa ngokunjalo nakwiqela lezinye izigulo, kuqukwa nesifo seswekile. Incindi yegqabi lesi sityalo isetyenziselwa ukunyanga amanxeba, ukutsha, isifo sesikhumba esirhawuzelayo (iekzima), irhashalala kunye nombabane.
“Incindi efunxwa kula magqabi ithanjiswa kwinxeba elo ukuphilisa amanxeba kwimfuyo nasebantwini,” utsho uKula.
4. Kukhuselekile ukusebenzisa ulwelo
Kwesi sithuba, uOlwethu Laho, oyinzululwazi kwezezilwanyana osuka eCofimva, eMpuma Koloni, uthi amanxeba akwimfuyo kufuneka anyangwe ngenkathalo nangongxamiseko.
Ucebisa amafama ukuba asebenzise kuqala umkhenkce, njengoko uncedisa ekunciphiseni imithambo yegazi nokunqamla ukopha.
“Sebenzisa amanzi okanye isibulalantsholongwane esixutyiweyo ukuhlamba isilonda njengenyathelo eliphambili loncedo lokuqala. Ulwelo luhlamba iintsholongwane eziyingozi nothuli lo gama ukucudiswa ngokuthambileyo kwezihlunu ezivikivekileyo ukukhuthaza ukuphila,” ucacisa atsho.
ULaho akakucebisi ukutofa ngezitofu ezinealkhoholi kuba oko kunokubangela iingqaqambo nokungakhululeki kwisilwanyana. Nakuba kunjalo, iayodini exutyiwe okanye esinye isibulalantsholongwane esilwa neebhaktheriya sinokusetyenziswa njengenye indlela yokunyanga.
5. Iiantibhayothiki ezisebenzayo zakudala
Ukuthintela ukusuleleka ngaphezulu, uLaho ucebisa ukusetyenziswa kweantibhayothiki nokugquma inxaxheba ngokungaqinanga ngebhandeji elicocekileyo.
Kwimeko apho kukho ithumba khona, lonke olu suleleko ludla ngokubangelwa kukungena kweentsholongwane ngesikhumba oko kusenziwa yinto yangaphandle, ucebisa ukuba nje ukuba ukudumba kubonakale, kufuneka kutshekishwe inxetyana elikhoyo.
“Sika isihlwitha soboya ucoce indawo leyo ngelaphu lokuhlamba elimanzi. Ukuba uyeka isilonda sikhe sivuze ithuba elithile, ulwelo luya kuphumela ngaphandle ekugqibeleni. Usebenzisa uxinzelelo oluthambileyo, khupha ubumanzi esilondeni ngokupheleleyo.”
Ngaphezulu, uthi, ukuba iiantibhayothiki zisetyenziswa kanye emva kokuba ithumba libhaqiwe, usuleleko lokukhawuleza kakhulu ukusuka.
FUNDA MALUNGA NOKULANDELAYO: Imfuyo: Indlela yokuhlala uzoyisa izifo zezikhumba zezilwanyana
Tyikityela ukufumana uMzansi Today: Imbono yakho ngokubhekisele kwiindaba nokwenzekayo kwixabiso lokuziswa kweziveliso zolimo kubathengi