Xa kwakufuneka ukuba atshintshe indawo ukulungiselela imisebenzi yefama yakhe, uKarabo Mulungwa wakhetha indawo esecaleni kwendlela exakekileyo ukwenzela ukuba isiveliso sakhe singafikelela kuluntu ngokubanzi. Kwakhona uyayithanda imbono yabathengi abathenga ngqo iziveliso ezisuka emhlabeni, ngokohlobo ayitsho ngayo. Ufunde okuninzi kwihambo yezolimo nokufuya, kodwa okona kukhulu kakhulu koku: ukuba ufuna izinto zenziwe, kufuneka uzimisele ukusebenza nzima wena ubuqu.
UMulungwa waseShayandima eThohoyandou, eLimpopo kwiminyaka emithandathu edlulileyo ubesoloko ebandakanyeka kumsebenzi wezolimo nokufuya yaye uyibhekisa impumelelo yakhe ekwenzeni izinto ngokuthe mbo nasekukwazini ukufunda kwiimpazamo ezidlulileyo.
“Ngeentsuku zangaphambili zam kwezolimo nokufuya, ndandidla ngokwenza umsebenzi wefama ndithe qelele kuyo, ndingahlali phaya. Ndathenga iinkukhu zokuzala amaqanda ezingama700, [kodwa] umntu owayendincedisa, wayezondla ngokugqithisileyo iinkukhu ngokutya ngempelaveki akugqiba anyamalale.
“Iinkukhu zazingenamanzi okanye umntu wokuzikhathalela, ezinye zafa, ezinye zagula lo gama ezinye zingazange zakhula ngokufanelekileyo. Kungelo xesha ndaye ndafunda ukuba xa ufuna ukwenza izinto kufuneka uzenze wena ngokwakho,” watsho.
Esi sehlo saphantse samtshabalalisa, uyavuma uMulungwa, nakuba kunjalo, wafunda kuso wahlala enokuzithemba.
Ungakuyeki ukufunda
“Ndineehektare ezisixhenxe apho ndilima khona imifuno, ndivelise neenkukhu. Ndikhulela kusapho apho ezolimo nokufuya kuyinxenye yobomi bemihla ngemihla, usapho lwam lwalunemfuyo lulima imifuno nombona unyaka nonyaka.
“Ngoko ke, ukukhulela kuloo ndawo kwandenza ukuba ndizithande ezolimo nokufuya,” utsho.
Lo mfama unenjongo uthi uzikhuthaza yena ngokwakhe yaye ukholelwa kwiimbono ekuqhubeleni phambili.
“Ngoku ndizomeleza ngokwam kuba ndifumene amava kakhulu yaye ndiye ndazikhuthaza ukuba mandibuyele kwakhona. Kwakhona, kwihlabathi esiphila kulo, akunakuthemba nabani na onokukubuyisela emsebenzini,” uyongeza.
Kufuneka uyazi ukuba wenza ntoni na
Ukusebenza ishishini asingomdlalo, yaye kungabafanelanga nabanentliziyo ethambileyo, utsho uMulungwa. Kuye, kufuneka inyameko nokuzinikela.
“Nangona ngokusesikweni ndiqale ngowama2017, ucwangciso luqale ngowama2014, ngoko ke kuphantse kwayiminyaka eli10 yokufumana amahlandinyuka.”
UMulungwa uvelisa amaqanda, iinkukhu, itswele, ikhaphetshu, kunye nespinatshi.
Xa kubhekisele kwimalike azisa izinto kuyo, uMulungwa uthi ukudlulisela umyalezo ngomlomo nendawo akuyo zezona zinto zinegalelo elikhulu apho isiveliso sithengiswa khona.
“Ndisebenza ndisecaleni kwesitrato esikhulu nesixakekileyo. Ndibenzele lula abathengi xa bedlula apha besuka emsebenzini, bema nje bathenge nantoni na abayifunayo. Ukufikeleleka kubaluleke gqitha kum,” uyacacisa.
Ubonelela kananjalo ngeenkonzo azisa izinto kuyo kubathengi bakhe abahlala kude, ingakumbi kwabadala.
NgokukaMulungwa, abantu abatsha kufuneka babekele amabhongo abo ecaleni baqalise ukusebenza umhlaba ukwenza bhetele uluntu lwasekuhlaleni kwabo.
“Kufuneka baqalise amashishini abo namhlanje, ukutya kuyinxalenye yobomi bemihla ngemihla bethu. Ngoku kufuneka ulutsha oluselula nolusenamandla ukuba luzibandakanye. Nakuba kunjalo, kufuneka baqonde yaye bazi ukuba asiyonto ilula.”
“Ndifuna nje ukubona ishishini lam likhula nokuba nako ukutsala abathengi abaninzi kangangoko kunako, kuba ezolimo nokufuya yinto endiyithanda kakhulu yaye ndiyathanda ukwenza abantu ukuba bonwabe, yaye xa abathengi bam bonwabile yaye kwakhona ndichulumancile ukwazi ukuba ndikwenzile okubhetele,” utsho ngokuzithemba.
KWAKHONA FUNDA OKULANDELAYO: Umfama waseLimpopo onamehlo anethemba uneenjongo ezinkulu
Fumana amaBali ngezoTshintsho: Amabali akhuthazayo asuka kubantu abondla uMzansi.