UBongani Motau wayeneminyaka elishumi kuphela xa wayethengisa iilekese, iitshipsi, neebhiskiti koontanga bakhe eThabang Primary School eMarble Hall, eMpumalanga. Ngoku, lo uziphandelayo uwanyusele kumanqanaba amatsha njengomnini werestyu yaselokishini.
Owayesaya kuba ngumdlali webhola ekhatywayo, uMotau ngumnini onebhongo weLa Liga Restaurant eseMarble Hall, okhuthazwa luthando lomdlalo wesoka. “Iligi yaseSpain enamandla kakhulu ibizwa ngokuba yiLa Liga, ngoko ke ndagqiba ekubeni ndithiye irestyu yam ngayo,” uyacacisa.
“Iqela lam endilithandayo yiReal Madrid, ekhuphisana nabecandelo leLa Liga ngoko ke, ndakhetha ukuthiya irestyu yam ukuba yi‘La Liga’ ngenxa yothando lwam lwebhola ekhatywayo.”
Umntu osebenzela ukuziphilela ukususela ebuntwaneni bakhe
UMotau ukhumbula ukuba wayekuthanda ukupheka ngoku wayesengumntwana. Wayeseyinkwenkwana xa bathi abazali bakhe bagqiba ekubeni bahlukane.
Uyavuma ukuba unina, onguSibongile Jacobeth Motau, noninakhulu, onguSophie Ntuni Tlou, babaluleke gqitha ekumkhuliseni abe yile ndoda ayiyo namhlanje. Umdla wakhe ngokwasekhitshini umbangele ukuba apheke isidlo sakusasa.
“Andizange ndilufumane uthando lukatata. Akuncedi nto ukukhalaza ngobukho okanye ukungabikho kwakhe kuba oko akuwenzi mahluko,” utsho.
“Umama nomakhulu wam wandinika uthando endandilufuna kubomi bam bonke, kwanokuba bayaqhubeka ukwenjenjalo nkqu nangoku, kwanele kum.”
Ukusebenzela ukuziphilisa kwakhe, nakuba kunjalo, kwafikelela esiphelweni ukufika kwakhe kwibanga lesithoba waza wazifumanela uthando lwebhola ekhatywayo. Njengabantu abatsha abaninzi abangoontanga bakhe wayefuna ukwamkeleka kwiintanga zakhe zaseMadoda High School.
“Kum, ukukhula kwam kwakumalunga nokuqalisa inkampani kwanokudlala isoka, ingekho enye into,” utsho.
“Kuba abantu basekhaya babesokola ukufumana imali ngokwaneleyo yokuphila, ndiyacinga ukuba ndandifuna ukukhula ngokukhawuleza ndifumane indlela yokwenza imali. Indlela efanelekileyo yayikukufumana umqeqeshi owayenokundiqeqesha andinxibelelanise nabasemagunyeni abafanelekileyo ukwenzela ukuba ndikwazi ukuba yinkwenkwezi kwisoka okanye ndiziqalele ishishini lam.”
Wancama iphupha lakhe lokuba yimbalasane esokeni kuba oko kwakuza kuthatha ixesha lakhe elininzi, endaweni yoko wakhetha ukuvula ishishini.
Imingeni yokuba ngumntu oziphetheyo
UMotau uphumelele imatriki ngowama2013. Ucinga ukuba waba nethamsanqa ukuba nezihlobo ababehambelana nombono wakhe, njengoko babemxhasa ngelixa wayethengisa iilekese namaqebengwana eprayimari. Emva kwematriki, wasebenza kwiivenkile ezithengisa iimpahla ngemithamo emincinci eziliqela waza wonga imali eyaneleyo ukuqalisa ishishini lakhe.
“Bendisoloko ndinqwenela ukuba ngosebenza ngokuzimeleyo. Ndisebenzise ukuzeyisa kwezemali ngelixa ndandisebenza kwiivenkile ezithengisa iimpahla ngemithamo emincinci. Ekugqibeleni, ngo-Oktobha ka2020, ndiseke ngokusesikweni irestyu encinci yam yaselokishini, iLa Liga.”
NgokukaMotau, ukuba ngumnini weshishini asikokupuca. Woleka athi wayonelisekile yinkqubo yeshishini lakhe, amasela eba impahla yeshishini lakhe eqikelelwa kumaR5 000, kuqukwa nomatshini wokwenza amaqhashu owawuneenyanga ezintathu ukhona, umatshini wokufraya, kunye nesitovu sokosa.
“Nakuba kunjalo, umhlobo wam wandinika idiphu fraya ukwenzela ukuba ndikwazi ukuqhubeka ndisebenza lo gama ndisonga imali yokuthenga into yokusebenza entsha.”
UMotau uthi oku kusoloko kunceda ekuziseni ubudlelane obusemagqabini nabanye abantu abasebenza kwishishini elifana neli lakhe, kuba bekwazi ukumnceda xa afuna uncedo.
ALSO READ: Recipe: A platter full of favourites
Ukusebenza nzima kwaba yinzuzo
NgokukaMotau, ukuziqesha asiyonto inzima enyanisweni. “Okwenza izinto zibe bhetele kukusebenza nzima yonke imihla nokwenza izinto ezintsha ungayoyiki ilahleko okanye ukungaphumeleli.”
Ukusebenza nzima kwakhe kumenze ukuba abone etyunjelwa iwonga lokuba ngumthengisi wokutya obhetele kakhulu ngabakwaMedia Entertainment Spotlight Awards. “Ndiyavuya ukuba kuzuzeke okukhulu kwilinge lam ebelingumnqantsa kuba ndifumana iivoti ezininzi kubalandeli ndaza ndaphumelela iwonga lokuba kwijoyinti yaselokishini ebhetele kakhulu.”
Abantu basoloko befuna ukuthatha imifanekiso naye xa bedibana naye okokuqala, nkqu nokuba ukudederhu lweevenkile. Ngokokwakhe, oku kungqina ukuba umsebenzi wakhe ufumana ingqwalaselo.
“Injongo yethuba elide yeLa Liga kukuvula iifrentshayizi kwamanye amaphondo. Ndingakuchulumancela ukufumana iLa Liga Restaurant kudederhu lweevenkile ngalunye lwaseMzantsi Afrika.”
UMotau uthi angakuvuyela ukudala amathuba engqesho kubantu ngabanye abawasweleyo, ingakumbi kwiqondo lentswelangqesho laseMzantsi Afrika eliphakame kakhulu.
KWAKHONA FUNDA MALUNGA NOKULANDELAYO: Ukutya kwenziwa ngothando yishefu enguTyron
Fumana iphetshana leendaba iMzansi Flavour: Ukukhutshwa qho ngeveki kweeresipi ezirhalisayo neengcebiso zokuphila eziluncedo.