Wednesday, August 5, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result
in Inspiration, isiXhosa

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

UZolile Soka nosapho lwakhe ngabahlahlindlela kwishishini lederi. Okubenza ukuba bohluke kwabanye kukuzinikela kwabo kubugcisa babo nokuzimisela kwabo ekuthengiseleni iimarike ezingekho sesikweni lo gama sele bedlala indima yabo kuqoqosho olusesikweni

by Nondumiso Precious Mncube
2nd October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

UZolile Soka uyalima eOdendaalsrus eFreyistata ekunye nomama wakhe, uDisebo Makatsa, nabantakwabo.

Share on FacebookShare on TwitterShare on WhatsApp

Kwixesha elingekudala lidlulile, uZolile Soka nosapho lwakhe babethengisa amasi nobisi ngasemva kwebhaki kuba babengakwazi ukufezekisa iimfuno zemarike esesikweni. Namhlanke, ishishini elonganyelwe lusapho lwakhe, iDee-Y Trading, lithengisela uClover oyibhrendi yederi  yakwaWoolworths. 

“Ndakuhlala ndibabulela abantu abaye bathenga kuthi,” utsho uSoka. 

UZolile nabantakwabo, uNozipho noMxolisi, ngumlimi eOdendaalsrus eFreyistata ecaleni konina wabo ongumfama owaziwayo, uDisebo Makatsa. Uhambo lwakhe kwezolimo luqalise ngowama2000 ngexa wayesebenza kwiploti encinci kwindawo eqeshisayo kawonkewonke. Ngoku baqeshisa ngefama ephantsi kolawulo lukarhulumente. 

Umakhulu kaSoka wayenomoya wokushishina ngokunjalo. Wayesebenzela ivenkile ethengisa igrosari emini, kodwa lo msebenzi wabucala wakhe wawusekelwe ekuthengweni kwezinto ngobuninzi bazo aze athengise iziqhamo nemifuno kwizitophu zebhasi ezisekuhlaleni kwabo. 

Emva kokupasa imatriki ngowama2012, uSoka waqalisa ukufundela isidanga seBCom eVarsity College. Ngelo xesha, unina wayesele esenza umsebenzi wezolimo nokufuya yaye wayedla ngokuvolontiya apho ngeeholide zezikolo. Ngaphandle kwamathandabuzo olu yayilubizo lwakhe. 

Ethethela iFood For Mzansi, uSoka uthi, “ndifuna ukuqhubela phambili ngesiqinisekiso semfundo esisesikweni kweli candelo [lezolimo] ndibuyele ekhaya ndisebenzisane nomama wam nje ukuba ndigqibe izifundo zam. 

“Emva koko ndayitshintsha ikhosi yam, ndafudukela eBloemfontein ndaqalisa ukufundela ulawulo lwezolimo. Ndathi nje ukuba ndiyigqibe iBTech yam ndangena kuqeqeshelomsebenzi kwifama ekwenziwa kuyo yonke into eFreyistata, ndabuyela kwifama yefemeli yam ngowama2015.”    

KWAKHONA FUNDA OKULANDELAYO: UDisebo Makatsa wenza imbali

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies
UDisebo Makatsa (ongasekunene) nabantwana bakhe, uNozipho noZolile Soka. Omi phambi koZolile nguThabang Soka, oyena mfama uselula kakhulu kusapho. 

Ukuhlahlelwa indlela ngoompondozihlanjiwe

UMakatse wenze iDee-Y Trading emva komsebenzi wakhe njengotitshala. NgokukaSoka, abantu abaninzi ekuqaleni zange basamkele isigqibo sakhe sokuyeka umsebenzi onezibonelelo ukuba aqhubeke ngeshishini lakhe. 

“Wasebenza nzima kakhulu ukwakhela thina isiseko kwishishini elalingaziwa kakhulu ngaloo maxesha. Ngomnye wabantu abasebenza nzima nabazondelelayo endibaziyo yaye uyandikhuthaza ukuba mandisebenze ngaphezulu nangakumbi ukubona umbono wakhe ngale fama ufezekiseka.”

USoka wathatha inxaxheba ngokukhutheleyo kumsebenzi wederi oye ukhula ngokukhula. Umsebenzi wemihla ngemihla uquka ukusenga nokushicilelwa kwesiveliso semihla unyaka wonke. 

“Iinkomo zisengwa ngo04:00 nango15:00. Ndiyaqinisekisa ukuba iinkomo zinikwa esona sintlakantlakisi sibhetele kakhulu, esinjengeluseni nengca etyaliweyo. Izinikimandla ziyanikwa ngokusekelwe ekuveliseni, iinkomo zitya umyinge we8 kg zesinikimandla yonke imihla,” uyacacisa. 

Ngaphandle kwempumelelo yabo, le femeli ingoohlahlindlela yayingasoloko ihamba lula.

USoka ukhumbula ithuba apho baye baphulukana nekontraki neklayenti eyayingasalufuni ubisi lwakwaHolstein, iinkomo zohlobo lobisi ababeqalise ngazo ekuqaleni kweshishini. Ngenxa yoko, baye banyanzeleka ukuba bathengisele ubisi lwabo ngasemva kwitrakhi kamama wabo. 

“La yayingamava ayendenza ndizive ndimncinci kakhulu, andenze ukuba ndithakazelele inkxaso esuka kuluntu lwasekuhlaleni kwethu kwangokunjalo nokufunda ukuba nombulelo kwanokunyamezela nokuba imeko ithini na,” utsho uSoka. 

Ubulela kwakhona uncedo nokuxhotyiswa ngamava kaGodfrey Rathogwa, ongumlawuli wezeenguqu eMilk SA, ngokunjalo noPatrick Sekwatlakwatla, oyintloko yezeenguqu kwaSernick Group, Stephen Jones, ongumcebisi weederi eDeLaval, noMantombi Mbongo osuka kwisebe lezolimo, iinguqu kwezemihlaba nophuhliso lwamaphandle. 

“Ulwazi endiluzuze kubo njengomfama oselula kuxhumisele phezulu ukukhula kwam njengomfama.”

USoka ukhuthazekile ngamanye amafama amnyama aye athi, ejamelene nezithintelo, azitshintsha iifama zawo zaqhuba ngokwenqanaba lezamashishini. Amafama amancinci nenzondelelo yabo ngamaxesha obunzima kwakhona kuyakhuthaza, utsho esoleka umsundulo.

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies
Umfama nguye oza necebo, akunjalo? Mhla uZolile Soka (osemfanekisweni) nosapho lwakhe babengakwazi ukufezekisa iimfuno zemarike esesikweni, baye bathengisa amasi nobisi olusengwayo ngasemva kwibhaki. 

 Ukuqukwa kwezinto ngezinto kwishishini lezolimo labo

Ngoku, ishishini losapho lezemveliso zobisi liquka iinkomo zobisi iiAyrshire ezingama66, lo gama umhlambi xa uwonke uli113. USoka nosapho lwakhe banethemba lokwandisa ukusenga kuyokutsho kwiinkomo ezingama250 ngosuku lo gama ukutyala eyabo ifidi ukunciphisa iindleko nokwakha icandelo elinomgangatho ophezulu. “Ishishini liya kuba nako ukugxila ekugaleleni amasi, iyoghurt netshizi kwiziveliso zethu.”

Abantakwe bakwaSoka nomama wabo baqhubela phambili ngeenzame zokuphila nokukhulisa ishishini labo. Basandula ukuqalisa ngeshishini lemifuno apho isiveliso sabo sithengiswa koosomashishini basekuhlaleni ngokunjalo nakwimarike engekho sesikweni. 

“Ngoku kwakhona sisingethe inkqubo yokwenza isicelo sesiqinisekiso se-[GLOBAL] G.A.P. yaye siya kuqalisa ukwakha indlu ebiyelwe ngenethi ngoFebruwari ukuthobela imigqaliselo efunwa kuthi ngoosomashishini ukuba siyifezekise.”

Ingcebiso yakhe kwabanye abafuna ukuqalisa ngefama yeziveliso zobisi kukuba bazilungiselele ngokwasengqondweni umlinganiselo womsebenzi ekufuneka bewenzile kwishishini labo. Umsebenzi omninzi uya kuwela emagxeni abo ekuqaleni, kungoko kufuneka ukulungele ukuthatha uxanduva olungaphezulu xa ungumntu osaqalayo. 

KWAKHONA FUNDA OKULANDELAYO: Umfama wezeziveliso zobisi wasebenzela ukuba aphile de abangcikivi bakhe bathula bathi cwaka

Fumana amaBali ngezoTshintsho: Amabali akhuthazayo asuka kubantu abondla uMzansi.

Nondumiso Precious Mncube

Tags: dairy farmingFree Statementorship
Smart irrigation key to getting more value from every bag of fertiliser
Advertorial

Smart irrigation key to getting more value from every bag of fertiliser

by Patricia Tembo
3rd August 2026

PARTNER CONTENT: Effective fertigation begins with effective irrigation. Netafim agronomist Louis Fourie shares how precision drip fertigation keeps costly nutrients...

Read moreDetails
Limpopo youth turns backyard broiler project into poultry business

Limpopo youth turns backyard broiler project into poultry business

3rd August 2026
ASF outbreak contained, but pig farmers urged to stay vigilant

ASF outbreak contained, but pig farmers urged to stay vigilant

3rd August 2026
This week’s agri events: 03 – 07 August

This week’s agri events: 03 – 07 August

3rd August 2026

A super El Niño looms: Africa’s five lessons in climate resilience

2nd August 2026

Smart irrigation key to getting more value from every bag of fertiliser

When opportunity didn’t knock, Thandi Mahlangu planted her own

Veld fire season threatens farmers, soil, and livestock

Book now for Soul To Soil Women’s Month brunch

Limpopo youth turns backyard broiler project into poultry business

Join Food For Mzansi's WhatsApp channel for the latest updates!

JOIN NOW!
Next Post
Free State farmers’ day sparks innovation and opportunity

Free State farmers’ day sparks innovation and opportunity

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

How grain farmers can secure cash flow and funding in uncertain seasons 

Professionalism pays: How Jantjies built a thriving lucerne business

New agriculture chair targets FMD, governance, oversight

South Africa’s child nutrition crisis demands urgent action

More than gadgets: How practical agritech boosts your bottom line

Western Cape suffers driest July on record ahead of intense El Niño

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.