Kwixesha elingekudala lidlulile, uZolile Soka nosapho lwakhe babethengisa amasi nobisi ngasemva kwebhaki kuba babengakwazi ukufezekisa iimfuno zemarike esesikweni. Namhlanke, ishishini elonganyelwe lusapho lwakhe, iDee-Y Trading, lithengisela uClover oyibhrendi yederi yakwaWoolworths.
“Ndakuhlala ndibabulela abantu abaye bathenga kuthi,” utsho uSoka.
UZolile nabantakwabo, uNozipho noMxolisi, ngumlimi eOdendaalsrus eFreyistata ecaleni konina wabo ongumfama owaziwayo, uDisebo Makatsa. Uhambo lwakhe kwezolimo luqalise ngowama2000 ngexa wayesebenza kwiploti encinci kwindawo eqeshisayo kawonkewonke. Ngoku baqeshisa ngefama ephantsi kolawulo lukarhulumente.
Umakhulu kaSoka wayenomoya wokushishina ngokunjalo. Wayesebenzela ivenkile ethengisa igrosari emini, kodwa lo msebenzi wabucala wakhe wawusekelwe ekuthengweni kwezinto ngobuninzi bazo aze athengise iziqhamo nemifuno kwizitophu zebhasi ezisekuhlaleni kwabo.
Emva kokupasa imatriki ngowama2012, uSoka waqalisa ukufundela isidanga seBCom eVarsity College. Ngelo xesha, unina wayesele esenza umsebenzi wezolimo nokufuya yaye wayedla ngokuvolontiya apho ngeeholide zezikolo. Ngaphandle kwamathandabuzo olu yayilubizo lwakhe.
Ethethela iFood For Mzansi, uSoka uthi, “ndifuna ukuqhubela phambili ngesiqinisekiso semfundo esisesikweni kweli candelo [lezolimo] ndibuyele ekhaya ndisebenzisane nomama wam nje ukuba ndigqibe izifundo zam.
“Emva koko ndayitshintsha ikhosi yam, ndafudukela eBloemfontein ndaqalisa ukufundela ulawulo lwezolimo. Ndathi nje ukuba ndiyigqibe iBTech yam ndangena kuqeqeshelomsebenzi kwifama ekwenziwa kuyo yonke into eFreyistata, ndabuyela kwifama yefemeli yam ngowama2015.”
KWAKHONA FUNDA OKULANDELAYO: UDisebo Makatsa wenza imbali

Ukuhlahlelwa indlela ngoompondozihlanjiwe
UMakatse wenze iDee-Y Trading emva komsebenzi wakhe njengotitshala. NgokukaSoka, abantu abaninzi ekuqaleni zange basamkele isigqibo sakhe sokuyeka umsebenzi onezibonelelo ukuba aqhubeke ngeshishini lakhe.
“Wasebenza nzima kakhulu ukwakhela thina isiseko kwishishini elalingaziwa kakhulu ngaloo maxesha. Ngomnye wabantu abasebenza nzima nabazondelelayo endibaziyo yaye uyandikhuthaza ukuba mandisebenze ngaphezulu nangakumbi ukubona umbono wakhe ngale fama ufezekiseka.”
USoka wathatha inxaxheba ngokukhutheleyo kumsebenzi wederi oye ukhula ngokukhula. Umsebenzi wemihla ngemihla uquka ukusenga nokushicilelwa kwesiveliso semihla unyaka wonke.
“Iinkomo zisengwa ngo04:00 nango15:00. Ndiyaqinisekisa ukuba iinkomo zinikwa esona sintlakantlakisi sibhetele kakhulu, esinjengeluseni nengca etyaliweyo. Izinikimandla ziyanikwa ngokusekelwe ekuveliseni, iinkomo zitya umyinge we8 kg zesinikimandla yonke imihla,” uyacacisa.
Ngaphandle kwempumelelo yabo, le femeli ingoohlahlindlela yayingasoloko ihamba lula.
USoka ukhumbula ithuba apho baye baphulukana nekontraki neklayenti eyayingasalufuni ubisi lwakwaHolstein, iinkomo zohlobo lobisi ababeqalise ngazo ekuqaleni kweshishini. Ngenxa yoko, baye banyanzeleka ukuba bathengisele ubisi lwabo ngasemva kwitrakhi kamama wabo.
“La yayingamava ayendenza ndizive ndimncinci kakhulu, andenze ukuba ndithakazelele inkxaso esuka kuluntu lwasekuhlaleni kwethu kwangokunjalo nokufunda ukuba nombulelo kwanokunyamezela nokuba imeko ithini na,” utsho uSoka.
Ubulela kwakhona uncedo nokuxhotyiswa ngamava kaGodfrey Rathogwa, ongumlawuli wezeenguqu eMilk SA, ngokunjalo noPatrick Sekwatlakwatla, oyintloko yezeenguqu kwaSernick Group, Stephen Jones, ongumcebisi weederi eDeLaval, noMantombi Mbongo osuka kwisebe lezolimo, iinguqu kwezemihlaba nophuhliso lwamaphandle.
“Ulwazi endiluzuze kubo njengomfama oselula kuxhumisele phezulu ukukhula kwam njengomfama.”
USoka ukhuthazekile ngamanye amafama amnyama aye athi, ejamelene nezithintelo, azitshintsha iifama zawo zaqhuba ngokwenqanaba lezamashishini. Amafama amancinci nenzondelelo yabo ngamaxesha obunzima kwakhona kuyakhuthaza, utsho esoleka umsundulo.

Ukuqukwa kwezinto ngezinto kwishishini lezolimo labo
Ngoku, ishishini losapho lezemveliso zobisi liquka iinkomo zobisi iiAyrshire ezingama66, lo gama umhlambi xa uwonke uli113. USoka nosapho lwakhe banethemba lokwandisa ukusenga kuyokutsho kwiinkomo ezingama250 ngosuku lo gama ukutyala eyabo ifidi ukunciphisa iindleko nokwakha icandelo elinomgangatho ophezulu. “Ishishini liya kuba nako ukugxila ekugaleleni amasi, iyoghurt netshizi kwiziveliso zethu.”
Abantakwe bakwaSoka nomama wabo baqhubela phambili ngeenzame zokuphila nokukhulisa ishishini labo. Basandula ukuqalisa ngeshishini lemifuno apho isiveliso sabo sithengiswa koosomashishini basekuhlaleni ngokunjalo nakwimarike engekho sesikweni.
“Ngoku kwakhona sisingethe inkqubo yokwenza isicelo sesiqinisekiso se-[GLOBAL] G.A.P. yaye siya kuqalisa ukwakha indlu ebiyelwe ngenethi ngoFebruwari ukuthobela imigqaliselo efunwa kuthi ngoosomashishini ukuba siyifezekise.”
Ingcebiso yakhe kwabanye abafuna ukuqalisa ngefama yeziveliso zobisi kukuba bazilungiselele ngokwasengqondweni umlinganiselo womsebenzi ekufuneka bewenzile kwishishini labo. Umsebenzi omninzi uya kuwela emagxeni abo ekuqaleni, kungoko kufuneka ukulungele ukuthatha uxanduva olungaphezulu xa ungumntu osaqalayo.
Fumana amaBali ngezoTshintsho: Amabali akhuthazayo asuka kubantu abondla uMzansi.






