Koneminyaka engama35 ubudala uHlalefang Mzingwane ukuba ngumfama ngamava amangalisayo. Ama267 eehektare zomhlaba angumniniwo kumazantsi we-Aasvoëlberg, kufutshane nedolophu yaseFreyistati yaseZastron, izaliswe ziimbewu ezinganikezeliyo kumaphupha ayo okuphumelela.
Ukholelwa ekubeni kukho into engumnqa malunga nokubona izithole zifikelela ekuvuthweni. Njengeshefu eqeqeshiweyo, uthando olukhulu lokukhulisa ukutya lwaphuhliseka ngethuba awayefunda ngalo eFood and Beverage Institute eBloemfontein. Amava akhe kwisikolo sezolungisokutya amisele isiseko esiluqilima, yaye namhlanje ungumnini weJothla Holdings, elishishini lezolimo lwemifuno namachiza.
UMzingwane uxelela abakwaFood For Mzansi, “Ndandisoloko ndinawo umdla, kodwa ukungabi namava ezolimo nemfuyo kwenze ukuba eli ibe lishishini ebekunzima kum ukulingena.” Kodwa ndazondelela.
Ngaphaya koko, wayesoloko ephupha ngokulima emhlabeni wakhe – nkqu nokuba wayesebenza njengeshefu, wayenqwenela ukuba ngenye emini ezibona etyala yaye evuna esakhe isiveliso.
Ithuba ekugqibeleni lafika ngowama2016. Njengomntu ongakuchasanga ukungcolisa izandla zakhe, uMzingwane uthi uvuya kakhulu xa esebenza iibhedi zemifuno neqela lakhe labasebenzi basefama abahlanu baseZastron, edla ngokuchazwa njengeziko lokufuywa kweenkomo, iigusha, umbona, ingqolowa kunye nokufuyela ukusenga ubisi.
Uthando ekukudala enalo lwezolimo nemfuyo…
Lo gama wayefunda kwisikolo sokulungiswa kokutya, uMzingwane waba nothakazelelo lothandozidlo ezikumgangatho ophezulu kunye nezityalo ezinjengezi: ibheyizili, itswele lasentwasahlobo kunye nephasli esuka kwigadi yasekhampasini.

UMzingwane yishefu eqeqeshiweyo ngokwekhondo lomsebenzi waza wathweswa emagqabini kwiklasi yakhe kwaFood and Beverage Institute eBloemfontein.
Kwatsala umdla wakhe kwezolimo nemfuyo kangangokuba waye waqalisa ukulima igadi yezityalo encinane ngasemva kwiyadi yakhe. Oku kukhawuleze kwafumana ingqwalaselo kubamelwane bakhe, ababefuna ukuthenga inxalenye yesiveliso sakhe.
Abazali bakhe, uEdward noRosemary Ntlai, bobabini bakhulela kwindawo yasezifama yaseRouxville eFreyistati. Baye bamkhuthaza ukuba akhe aqwalasele ikhondo lomsebenzi wakhe kwezolimo nemfuyo. Nkqu nangona engazange wangumfama nosuku olunye ebomini bakhe, utata kaMzingwane wagcina elakhe iphupha lokuba ngumnini womhlaba. Ngowama2016, wathatha umhlalaphantsi waza ngemali yomhlalaphantsi wakhe wathenga ifama.
UMzingwane ngoku uqeshe abasebenzi abasisigxina abahlanu yaye le fama igcine iibhedi zezityalo nezemifuno. Engenawo namava asesikweni okanye uqeqesho kwezolimo, uthi yayiziingcebiso ngamava zomfama waseZastron osele emdala, uLesitsi Kobo, owamncedayo ekuphumezeni iphupha lakhe. Wayemcebisa ngezinto ngezinto zeli shishini.
“Wandamkela iminyaka emibini wandixhobisa ngezoshishino. Ndaye ndafunda ngamayeza kunye namacebo ezolimo nemfuyo asisiseko.”
Ngamava eminyaka emine kuphela, uMzingwane akazange acinge ukuba angaze aphumelele ezininzi kangako kwiinjongo zokuba ngumfama zakhe. Waye wafundela ukudizayina iseramikhi eNelson Mandela Metropolitan University eBhayi (neseyisaziwa njengeGqeberha) waza wagqiba ukufundela isiqinisekiso sakhe ngowama2007. Waye wathi ekuhambeni kwexesha waqalisa ngoshishino lweeseramikhi zakhe, elathi ngelishwa lazivala iingcango zalo emva kweminyaka emithathu.
“Shu-u-u, he sana, ilife yam (mhlobokazi wam, ndibuphilile ubomi)” ukhwaza atsho. “Ndaye ndenza (iiseramikhi) kangangeminyaka emalunga nemithathu, kodwa kwakungekho lula kum ukuba ndingene kwimarike, ndaza ke ndaliyeka elo shishini ndayokukhangela umsebenzi.”
Emva kokuba eli shishini laye alaphumelela, kwafuneka ukuba ndiyokucinga kwakhona. UMzingwane wafuna ingqesho kumasebe karhulumente phambi kokuba avule ishishini lokulungiselela ukutya ngowama2016.
‘Sinyukela phezulu ngokuphakamisa abanye’
UMzingwane ukholelwa ukuba kufuneka wenze yonke into ngentwana yothando nemfesane. Naye ngokunjalo uxhasa ngokungqongqo impumelelo ekwabelweneyo ngayo. Enyanisweni, iprojekthi yoluntu lwasekuhlaleni ayongameleyo ifundisa oomama abasafikisayo ngezakhono zezolimo nemfuyo ukwenzela ukuba babe nako ukuzixhobisa yaye babe nako ukondla abaselula babo.
“Abanye bakunye nam into enjengonyaka, baze emva koko baqalise awabo amashishini. Kum ukubona naluphi na ulwazi oluncinane nezakhono endiye ndabelana ngazo lungabutshintsha ubomi babo – kwanokuba bayazikhathalela bona bakhathalele neentsapho zabo! Oko kum libali libali lempumelelo.”
“Nyaniseka, ube nguwe usoloko womelele. Akukho mntu uya kukulungiselela ikamva. Konke kuxhomekeke kuwe.”
Uthando lwezityalo lukaMzingwane kwakhona lunika amandla ilinge lakhe lokwenza izinto ngeziveliso zolimo. Esebenzisa izityalo azikhulisayo, wenza iioyile eziyimfuneko azithengise esebenzisa ishishini lezobuhle, iShekinar Glow.
“UShekinah, uthetha ubukho bukaThixo. Oku kuthetha ukuba, nantoni na endiyenzayo, ndibeka uThixo. Yaye ukuqaqamba kuchaza mna ndisiya phambili ukususela kuhambo olunye ukuya kolulandelayo. Kunomqondiso. Sirhwebelana ngeearomatheraphi oyile sifuna ukuba ube nokwaa‘kuqaqamba’ xa isebenzisa isiveliso sethu.”
Ummangaliso wentombi emnyama
Ukuba ngumntu obhinqileyo kwishishini lezolimo nemfuyo kunemingeni yako, utsho. Kodwa ukuba mnyama, ube ngobhinqileyo kunye nomfama eFreyistati yinto eyahluke ngokupheleleyo.
“Ngamanye amaxesha uzifumana ukwiqumrhu lamadoda ibe inguwe wedwa obhinqileyo. Kukho ubunzima obukhulu kumadoda ukwamkela iimbono nezimvo zakho. Laa ngqondo yokuba amadoda abhetele kunababhinqileyo nemfuneko ethe rhoqo yokuba kufuneka uzibonakalise wena nesiveliso sakho…”

Engenguye ke lowo uwubalekayo umngeni, nakuba kunjalo, uMzingwane uqhutywa yaye ebangelwa yintshisakalo yokuzenzela igama kwimeko yezolimo nemfuyo yephondo. “Ndandingayazi ukuba yintoni na ndandizifaka kuyo (ukuqala kwam) yaye zazininzi izinto ezazingawonwabisiyo umphefumlo wam. Kodwa, uyazi ntoni, njengosomashishini usoloko unayo laa ngqondo: ndiza kusebenzela ukuziphilela ndide ndiphumelele.”
Ucebisa amafama exesha elizayo noosomashishini ukuba bahlale bomelele kwiinzame zabo. “Imingeni isoloko ikhona. Kufuneka usoloko uzibonakalisa wena nesiveliso sakho. Nyaniseka, ube nguwe yaye usoloko womelele. Akukho mntu uya kukulungiselela ikamva lakho. Konke kuxhomekeke kuwe.”







