Ivatala/ivatilamuni sisiqhamo esithandwa kakhulu yaye ihlobo alinakuba lilo ncam ngaphandle kwayo. Kuhlelo lwale veki lokuQokelelela ukuTyala, ingcali icacisa ngako konke ekufuneka ukwazi ukulima ivatala/ivatilamuni egqibeleleyo.
Iivatala/iivatilamuni zityalwa ukususela entlakohlaza ukuya kutsho ekuweni kwamagqabi emthini. Kumanye amaxesha onyaka, inobuntuntunu kakhulu, ngoko ke kufuneka ityalwe kwixesha lonyaka elichanekileyo ngendlela echanekileyo.
Njengomfama wemifuno nevatala/ivatilamuni oseRustenburg, emNtla Ntshona, uKarabo Rampete angayingqina inyaniso yokuba ivatala/ivatilamuni ikholwa kakhulu ngumhlaba oyintlabathi novunduvundu wodidi lwepH esisi5.8 ukuya kwisi6.2.
Ukulima ivatala/ivatilamuni
URampete ucebisa ukuba kwenziwe isifundo esingobume bomhlaba ukuqinisekisa ukuba ngaba imozulu yethuba elide iya kufaneleka ukulima ivatala/ivatilamuni phambi kokutyala izityalo. Imozulu inokwahluka kakhulu ngokunjalo ukususela kwindawo ethile ukuya kwenye, utsho.
Uqaphela ukuba ukulungiselela umhlaba izityalo kubaluleke gqitha phambi kokuhlwayela imbewu.
“Amafama kufuneka aqinisekise ukuba atyala ngexesha lonyaka elifanelekileyo, ukuqinisekisa ukuba umhlaba ulungisiwe.”
URampete ucebisa ukuba kubalulekile ukwenza uxilongo lomhlaba iinyanga ezintathu phambi kokuba uqalise ukutyala ivatala/ivatilamuni.
“Qinisekisa ukuba umhlaba wakho uchanekile. Kodwa oko akuthethi ukuba awufanelekanga kusetyenziswa, awunakulungiswa.”
Isikhokelo esingokukhuselwa kwevatala/ivatilamuni
Ukugcina iintaka, izinambuzane nezinye izidalwa zingasondeli kwivatala/kwivatilamuni, kufuneka uthathe amanyathelo okuthintela. URampete uthi isivuno sakhe senza kakuhle emva kokuba ehlwayele imbewu emhlabeni.
“Xa utyala, qinisekisa ukuba ukuphana izithuba kuchanekile, kuba xa ukuphana izithuba kungachanekanga, izityalo zakho azizokukhula kakuhle.”
*KUCELWA UQAPHELE OKULANDELAYO: Asibanga nako ukushicilela imizuzu engama20 yokugqibela yengxoxo. Sicela uxolo ngenkxamleko enithi niyifumane ngokumalunga noku. – ngabakwaFood For Mzansi.
Ngethuba lale seshini, uRampete uyacacisa kwakhona:
- Indlela yokunkcenkceshela ivatala/ivatilamuni;
- Kutheni kubaluleke kangaka ukuphanda ngezemarike; kunye
- Neengcebiso ezingokulungiswa komhlaba.
Bhalisela iFarmer’s Inside Track: Zibandakanye neqonga elikhethekileyo elenzelwe abasandula ukuba ngamalungu bezolimo nokufuya kunye noshishino lwezolimo, kunye namaphetshana engcaciso kunye neephodikhasti