USanelisiwe Felicia Zulu wayengenanjongo yokuba ngumfama kodwa ngenxa yoluhlu lwezehlo ezililishwa, wanyanzeleka ukuba angene kushishino lwezolimo nokufuya. Ngoku, kwilali yaseUmvoti kumaNtla eTongaat, KwaZulu-Natala, ulima ihektare yemifuno kwipropati yecawa, kuqukwa ispinatshi, iitapile, ikhaphetshu, neembotyi.
Emva kokufumana isiqinisekiso samabanga aphakamileyo, uZulu wabhalisela ukufundela ubunjineli bezombane eCoastal TVET College. Yile nto wayesoloko ephupha ngayo esengumntwana. Kwakumvuyisa kuyonwabisa intliziyo yakhe ukukwazi ukukwenza oko, kodwa wanengxaki ekufumaneni uqeqeshelomsebenzini ukususela ngowama2019.
“Nditshate ngowama2019, kodwa umtshato wona zange usebenze. Iimeko zandinyanzela ukuba ndibuyele ekhaya ngowama2021. Ndaba yintlekisa kuluntu lwasekuhlaleni kuba kusaxhaphakile nangoku kwiindawo ezithile ukuhlekwa xa umtshato wakhe uphelile,” utsho.
Lo gama wayengonwabanga ekhaya, uZulu wacinga ngendlela yokwenza imali. Kwathi qatha kuye ukuba alime ukutya ukwenzela ukuba usapho lutye. Waqala kwigadi yakowabo, apho unina onguPhetheni Gladys Khumalo wayelima ukutya khona esenzela ukutyisa usapho.
“Kuba umama wayedla ngokulima izityalo, ndafunda izakhono ezingundoqo zolimo ndiselula kakhulu ngokweminyaka.”
Baqale ngento ababenayo, eyayiquka ispinatshi, ikhaphetshu, ilethasi, nembewu yeetapile. Zazintle, kodwa imiba engokunqaba kwamanzi yabonakala njengento engenakulawuleka.

Ukuya phambili nokuba lixesha lobunzima
“Kwanyanzeleka ukuba ndicinge ngokuphangaleleyo. Ndalima ukutya okwandinika iziphumo ezihle kakhulu, kodwa ndandinomngeni wokunqongophala kwamanzi,” uyakhumbuza uZulu.
“Ndaya ngqo kwicawa yam, iCawa yamaKatolika aseRoma (iCorpus Christi Mission), ukucela ipropati yabo ukuze ndilime izityalo zam kuba bona babenemibhobho yamanzi. Wathi uTata uDavid Sthole esakusivuma isicelo sam, ndeva ngathi kothulwe umthwalo obusemagxeni am.”

Uxelela iFood for Mzansi ukuba iimbotyi zongezeleka phakathi kwezinye izityalo ngexesha lokuvuna. Wakhawuleza wapapasha kumakhasi onxibelelwano oluntu, ejolise kumarhamente, kootitshala basekuhlaleni, nakuluntu lwasekuhlaleni.
“Yonke into endayityalayo yaba yimpumelelo enkulu, yaye oko kwandigcina ndiqhubela phambili.”
UZulu usebenzisa umgquba wasezifama ukondla umhlaba. Isivundiso sikhuthaza intlanganisela yeebhaktheriya eziyimfuneko kwanomngundo.
“Ubulongwe bomntu bukhokelela ekwakhekeni kwezaleko zomhlaba. Ubukho bezinto ezenziwe oganikhi kunye namasuntswana eeminerali zizinzisa umhlaba yaye zikhuthaza ukukhula kwezityalo ezikukutya,” uZulu uyacacisa.
Ukufikelela kwimarike nokunxibelelana nabanye
Imarike engundoqo yakhe ikumakhasi onxibelelwano oluntu. Ukhumbula ukuba mhla wayeqala ukutyala iimbotyi ezibomvu, wayezithengisa kumakhasi onxibelelwano oluntu. Ngoko nangoko, zathengwa ngokukhawuleze kakhulu.
“Ndifunda kubantu abaninzi nakumaqonga ahlukeneyo, njengokuba ndisenza ekuthengiseni kwam. Ndihlangene nabantu abadlale indima ebalulekileyo ekutshintsheni kwam ndibe ngulo mfama ndinguye namhlanje.”
Uncoma utitshala wesikolo esiyiprayimari uGqr QO Khuzwayo, ongutitshala odla umhlalaphantsi waseHlalakahle Primary School, ngokuza kumhlangula nokumnceda ekubeni aphile ngokwasempilweni. Ekunye noceba wewadi yesixhenxe enguNomfundo Ntetha, owayencede ukuba izinto zenzeke ekunye nesebe lezolimo eKZN, nomasipala waseNdwedwe owabonelela ngezichumiso nembewu ngamaxesha emfuno.

Uthi inxalenye yobugcisa bakhe anabo badluliselwa kuye ngumfama onguMhlengi Ngcobo owazalelwa eMaphumulo, oxhobisa amanye amafama akwiindawo ezihlwempuzekileyo ngokugqithisela izakhono kwikhondo elivulekileyo nakwinkqubo yokulima nokufuya esebenzisa inkqubo yehayidroponiki.
“UMhlengi ngomnye wamalungu kwiqumrhu lezolimo nokufuya endiya kusoloko ndinombulelo ngabo; uyinkuthazo. Inyaniso yokuba wanikeza ngoqeqesho ibonisa ukuba xa thina, njengamafama aseMzansi, sinokwenza oku kwamkeleke, sinokwenza ngokuqinisekileyo esi sizwe sibe sikhulu kakhulu yaye sibe bhetele.”
Ukuphumela ezimbandezelweni
Ukutya yimpilo, yaye ukubona izinto ziluhlaza nemibala eyahlukeneyo kwigadi ethe dwadwala kakhulu kumenza ukuba achulumance, uyongeza uZulu. Uvakalisa ukubulela ngezifundo zobomi eziye zamnceda ekubeni abone ubomi ngokweliso lezolimo nokufuya.
“Ngombona ndiza kukhula ngokukhawuleze kakhulu, ndifuna ukulinga ukwenza umgubo. Ndibona inkampani yam ikhula isiba yisuphamakethi enkulu yaye incedisa kwintlekele yentswelamsebenzi yaseMzantsi Afrika.”
UZulu uthi abantu kufuneka babe nothando olukhulu, kuba ngamanye amaxesha banokukholelwa ekubeni bafuna okuthile kanye abangenako ukukufumana, suka bafumanise ukuba sele benayo loo nto. Kufuneka nje bathi rhoqo ukusebenza ukuzuza kwincamisa yomsebenzi.
KWAKHONA FUNDA OKULANDELAYO: Ishishini lokulima umya laseMpuma Koloni liyaphuphuma zizisombululo
Fumana amaBali amalunga noTshintsho: Amabali akhuthazayo wabantu abondla uMzansi






