Tuesday, August 25, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result
in Farmer's Inside Track, isiXhosa

Indlela yokuqalisa ukufuywa kweehagu zakho ngamanyathelo ali10 alula

Ukuba ufuna ukuqalisa ishishini elinengeniso lakho, sondeza isikhokelo sethu esimalunga 'Nendlela yokuqalisa ukufuywa kweehagu zakho' ngamanyathelo alishumi nje kuphela.

by Dona Van Eeden
16th September 2023
Okukhona ubhetele kakhulu umgangatho wefidi, kokukhona isiya kuba bhetele inyama umfuyi anokuyivelisa kwindawo ekufuywe iihagu kuyo. Ifoto: Kubonelelwe/NgabakwaFood For Mzansi

Okukhona ubhetele kakhulu umgangatho wefidi, kokukhona isiya kuba bhetele inyama umfuyi anokuyivelisa kwindawo ekufuywe iihagu kuyo. Ifoto: Kubonelelwe/NgabakwaFood For Mzansi

Share on FacebookShare on TwitterShare on WhatsApp

“Ukusebenza ngeehagu, ukubona indlela ezinika umdla ngayo ukususela ekuzalweni kwazo ukuya kutsho ekuxhelweni kwazo kwandenza ukuba mandifune ukuqalisa ukuzifuya.”

La ngamazwi omfama waseFreyistata uMosele Lepheane, oyingcali kwezemisitho nezentengiso owaye wakungqina ukuba ukuveliswa kwehagu kunganengeniso kumafama asaqalayo. 

Abantu abaninzi bakholelwa ukuba ukufuya iihagu kuyinto nje enzima kakhulu, okanye kumdaka kakhulu, nkqu nokuba umntu angayizama. Nakuba kunjalo, ukuba nako ukwenza inzuzo kwayo kukhuthaza kakhulu, yaye ukufuya iihagu kungaluvuyo nje ukuba ufumane ekugqibeleni indlela yokwenza izinto. 

BHALISELA UKUFUMANA ISIKHOKELO SASIMAHLA: Indlela yokusungula nokuxhasa ngezimali ifama yakho”.

Ukuba ucinga ukuba ngumfuyi weehagu njengoLepheane, ufike kwindawo elungileyo. 

IFood For Mzansi iqokelele iingcebiso namaqhinga okubonisa indlela yokuqalisa ukufuywa kweehagu ngempumelelo kwanokwenza ingeniso. 

1. Iindlela ezimfutshane ziziindleko ngokugqithisileyo

Akunako nje ukuya kwinyathelo elilandelayo ungakhange wanxibelelana nomfuyi weehagu ozinzileyo. Zininzi kakhulu izinto ongazaziyo. 

Owaziwa ngelomteketiso njengoMo, uMosele Lepheane uwamkele ngezandla ezishushu amava okufuya iihagu ekunye nomyeni wakhe, uTakatso. Ifoto: Kubonelelwe/NgabakwaFood For Mzansi

“Ukufuywa kweehagu, okanye ukufuya kukonke, ‘akuloshishini apho ubani abasisityebi  ngokukhawuleza’ ngemini enye,” utsho uLepheane. “Mninzi kakhulu umsebenzi, ixesha nokuchithwa kwemali kwinkqubo phambi kokuba ifumaneke inzuzo.” 

Ukuba ufuna ukukuthintela ukwenza izigqibo ezingezizo kwasekuqaleni, uLepheane ucebisa ukuba ubhalisele ikhosi emfutshane kwezokufuywa lweehagu njengento ekufuneka yenziwe ngabasaqalayo. 

“Esona sigaba sinzima kakhulu solu hambo kuthi yayikukuqonda ukuba iindlela ezimfutshane zazisityabula kakhulu epokothweni. Uphando olululo lwalubaluleke gqitha. Uphando, uphando, nophando olungaphezulu.”

KWAKHONA FUNDA: UMosele ungqina ukuba ukufuya iihagu kungayinto enomtsalane kakhulu 

Umzekelo, ukukhetha uhlobo lwehagu oluthile kuya kuba zizinto zokuqala ekuya kunyanzeleka ukuba uphanded malunga nako. Oku kwenzeka ngokwesigqibo somfama lowo, kodwa uyalunyukiswa: iihagu azidalwanga zalingana zonke. 

2. Fumana loo mhlaba, sana!

Umbutho iSouth African Pork Producers’ Organisation (SAPPO) ngumlomo wabavelisi beehagu baseMzantsi Afrika. Kubalulekile ukukwazi oku. Sifuna ukuba uphumelele yaye unokukwanza oko ukuba ufuna kwabona babhetele kakhulu kweli shishini.

Lo gama iluxanduva lakhe nawuphi na umfama ukufumana umhlaba, iSAPPO inako ukucebisa amafama ekufuneni umhlaba ongumlinganiselo ofunekayo. Oku kuya kwahluka ngokusekelwe kwisayizi yeyunithi ekujoliswe kuyo kwakunye nenkqubo yokuvelisa ecetyiswayo. 

Usakuba ufumanekile umhlaba, umfama kufuneka aqhagamshelane nabasemagunyeni bezokusingqongileyo ukulungiselela isicwangciso solawulo lwezokusingqongileyo ngokwemimiselo yezokusingqongileyo. Esi sicwangciso siya kuqinisekisa ukuba umhlaba lowo utyunjiweyo ukufanele ukufuywa kweehagu. 

3. Fumana imalike kuqala

Isikhokelo seSAPPO sicebisa ukuba nabani na onokuba ngumfuyi weehagu kufuneka aqinisekise ukuba, phambi kokuqalisa kokusebenza kofuyo lweehagu, kukho imalike efumanekileyo ekumgama ofanelekileyo ukusuka kwindawo yoveliso. Lowo unokuba ngumfuyi weehagu kufuneka enze uphando lokuqinisekisa impumelelo nokubonisana ngeemvumelwano neendawo ezinokuba yimalike. 

ULepheane uchaza iindlela eziliqela onokukwenza ngako oku:

  • Fumana iifandesi apho kukho imalike evulelekileyo kumntu wonke ukuba makenze makakhuphisane ngezinikimaxabiso zesiveliso sakho.
  • Unako ukungena kwimvumelwano yaphambi kwexesha nabathengisi benyama ukubabonelela ngeziveliso zakho, kodwa babe nemigangatho ethile ekufuneka isiveliso sakho sihlangabezane nayo.
  • Unokuthengisela nabaxheli. Aba banokuba kufutshane okanye babekude, uqwalasele iindleko zothutho ngokunxulumene nomlinganiselo ngokwekhilo nganye olindelekileyo. 
  • Thengisela oonosilarha abakufutshane. 
  • Zama iintengisongqo ezaziswa ngomlomo okanye ngamakhasi onxibelelwano oluntu njengezixhobo zentengiso.

4. Isicwangciso seshishini nezemali

Ngenxa yomsebenzi omninzi nokuntsonkotha kokufuywa kweehagu, lishishini elifuna imali eninzi yokuluqalisa. Fumana iikoteshini kwiingxelo ezisuka kubathengi uye kumaziko email ukufumana uncedo lwezemali. 

I-SAPPO inako ukuncedisa amafama ngesicwangciso seshishini esiquka konke ize ibonelele ngoludwe lwamaziko ezemali. 

Bonisanani ngeemvumelwano ezibhetele xa uthenga izixhobo zeziveliso zokuqhuba ishishini lakho. I-SAPPO inako ukuncedisa ekuqapheleni oovimba bezixhobo zeziveliso ezinokusetyenziswa kwiprojekthi yokufuywa kweehagu yakho.

5. Ukwakha isakhiwo seehagu

“Okokuqala, ubani kufuneka agqibe ukuba zingaphi iihagu anqwenela ukuzifuya,” utsho uLepheane. “Oku kuya kuqinisekisa malunga nobungakanani besakhiwo eso.” 

pig farming tips
Yakha isakhiwo emva kokuba ugqibile ukuba zingaphi iihagu ofuna ukuzifuya. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NguMosele Lepheane

Kufuneka kwakhona ukhethe ukuba ngaba uza kufuya iihagu zakho kwiindawo ephangaleleyo zihambahambe okanye uza kuzifaka kwizindlu zazo. Oku kuya kuqinisekisa uhlobo nendleko yezinto zokusebenza. ULepheane ucebisa ukuba kusetyenziswe izinto zokusebenza ezinokuphinda zisetyenziswe kwakho ukucutha iindleko. 

“Kukho amanqaku amalunga nendlela yokwakha isakhiwo seehagu afumanekayo kwi-intanethi, ngoko ke uphando olungaphezulu luyimfuneko kakhulu.” 

Kosaqalayo, ingcebiso kaLepheane yethi makwenziwe uphando olongezelelweyo lweendidi zohlobo abafuna ukulufuya, amaxabiso, udidi nokufumaneka kweendleko zokondla, ukuthutha kunye nezomsebenzi kuze ekugqibeleni ibe zezentengiso.

6. Fida, ufide, ufide!

Zimbini izinto ezinokukhethwa apha. Ukuthenga ifidi esele ixutyiwe yeyona ndlela inendleko kakhulu, uLepheane ucebisa ukuba uzixubele ngokwakho ukuze unciphise iindleko. 

“Oku kuthetha ukuba ukuthenga izithako ngokobuninzi bazo nokusebenzisa ifomyula ethile ukuxuba ifidi,” utsho uLepheane. “Iingcali zezidlo zingacebisa malunga nefomyula.” 

7. Izinto zokusebenza

ULepheane udwelisa ezi zinto zokusebenza zilandelayo ekufuneka amafama enazo ukuba bafuna ukufuya iihagu:

  • Uvimba wamanzi ahlaziyekileyo warhoqo, njengawetanki logcinomanzi elinguJojo. 
  • Ibhaki netreyila okanye itraki, okanye zombini. 
  • Umatshini wokusila ukuba ukhetha ukuzixubela ifidi yakho. 
  • Isikali sokulinganisa ubunzima. 
  • Indawo yokugcina ifidi.

8. Imijikelo yokungena nokuphuma kwemali

Ukufuya iihagu, okanye ngenye indlela ukuba ngumfuyi nomlimi nje ngokupheleleyo, asiloshishini “apho umntu abasisityebi ngokukhawuleza”. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood For Mzansi

Ubani unokukhetha ukuba yibhrida apho unokubhrida uthengise amantshontsho ehagu (aziwa njengalunyulweyo). 

Uya kuwathengisa amantshontsho ehagu kwiiveki ezine okanye xa emalunga ne18kg ukuya kowama21kg. Abanye abafuyi bakhetha ukuwakhulisa bawathengise kamva. 

“Ukuba ukhetha ukukhulisa uze uthengise, uya kuthenga amantshontsho alunyulweyo akuma21kg uwafide ayokutsho phakathi kwama90kg ukuya kwi105kg uwathengise njengeehagu zenyama,” utsho uLepheane.  

“Okanye zikhulise zibe ngaphezulu kubunzima beehagu zenyama uzithengise njengezokubonelela ngebheyikhoni, iisoseji, njl.).”

Ixesha elimiselweyo lokuthengisa iihagu njengeehagu zenyama ukuba zifidwe kakuhle ziinyanga ezintathu ukuya kwezine. Imalike oza kube uyithengisela iya kugqiba ngobudala, ubunzima ngokwasemzimbeni, nohlobo lwesiveliso ofuna ukusithengisa. 

9. Lumkela izifo

“Enye yezona zinto zingalindelekanga zokuba ngumfuyi weehagu ngokukokwam kumhla sahlaselwa zizifo ezahlukileyo kwiminyaka emithathu ilandelelana,” utsho uLepheane. “Ukujamelana nelistiriyosisi ukuya kutsho kwiswayini flu okwaphantse kwalitshabalalisa ishishini lethu.”

“Sosulelwa ngabamelwane bethu. Indawo yethu yayiphantsi kokukhwarantinwa, nangona abanye bethu babesihlaba isigonyo.”

Icebiso ekufuneka lifundwe apha kukuba ugonyo lwarhoqo notyelelo koogqirha bezilwanyana kubalulekile gqitha. 

10. Iimbono zokugqibela… 

Ngaphandle kokwenza uphando olwaneleyo phambi kokuqalisa ngokufuya ihagu kwakho, uLepheane ucebisa ukuba kufuneka uzibandakanye noluncwadi lweli shishini. Kwakhona ucebisa ukuba kuyokuboniswana nabafuyi beehagu abangamahlakani akho kwanokuzibandakanya namaqela amakhasi onxibelelwano oluntu kwanamaqumrhu. 

BHALISELA UKUFUMANA ISIKHOKELO SASIMAHLA: Indlela yokusungula nokuxhasa ngezimali ifama yakho”.

Dona Van Eeden

Dona van Eeden is a budding writer and journalist, starting her career as an intern at Food for Mzansi. Furnished with a deep love and understanding of environmental systems and sustainable development, she aims to make the world a better place however she can. In her free time you can find her with her nose in a book or wandering on a mountain, looking at the world through her camera's viewfinder.

Tags: Mosele LepheanePiggerysmall-scale pig farmerSouth African Pork Producers' Organisation
Industry role players welcome the handover of the Vrede Dairy Farm but not without reservation. Photo: Supplied
News

Practical management tips every SA livestock farmer must follow

by Lisakanya Venna
21st August 2026

Master herd management with expert tips on legal identification, body condition scoring, and safe transport protocols for profitable SA livestock...

Read moreDetails
Former nurse drives EC agroecology revolution in Ncera Village

Former nurse drives EC agroecology revolution in Ncera Village

21st August 2026
15 000 jobs shed: Why the SA agri sector is feeling the pinch

15 000 jobs shed: Why the SA agri sector is feeling the pinch

21st August 2026

Closing SA’s gender gap in commercial farming success

21st August 2026
Trailblazers call for greater access, opportunity for women in agri

Trailblazers call for greater access, opportunity for women in agri

20th August 2026

Unstoppable: Double-amputee farmer sets sights on commercial success

Six niche farming opportunities SA farmers can explore

Western Cape reaches 82% herd vaccination against FMD

SA food inflation hits 16-year low driven by bumper harvests

Onion prices surge 21% as banana supply falls sharply

Join Food For Mzansi's WhatsApp channel for the latest updates!

JOIN NOW!
Next Post
Gather To Grow: Make a statement with your trademark

Gather To Grow: Make a statement with your trademark

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Unstoppable: Double-amputee farmer sets sights on commercial success

How South Africa can stop relying on imported tomato paste

This week’s agri events: 24 – 28 August

Cook once, eat twice: Smart kitchen habits for budget winter meals

New-era farmers get dedicated programme at Nampo Cape

Rico the sheep is turning survival into a legacy

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.