Tuesday, September 8, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

Umfama uMahlatse uyakuvuyela oko anako

Xa uChiloane Mahlatse ehlangabezana nengxaki, ukhawuleza ngoko nangoko enze icebo aze afumane isisombululo. Yaye kukule ndlela yokucinga okwenze ukuba lo mfama uselula makalandele ezinyaweni zikaninakhulu … yaye inokuba uncumile ngenxa yakhe apho akhoyo.

by Vateka Halile
22nd March 2023
in Inkuthazo, Inspiration, isiXhosa
Reading Time: 4 mins read
A A
Umfama uMahlatse uyakuvuyela oko anako

UChiloane Mahlatse uqhubela phambili ngembali kamakhulu wakhe yokuba ngumfama oneshishini eliphumeleleyo kwilali yaseMoloro, ecaleni kwaseAcorn Hoek eMpumalanga.

Yayinguninakhulu kaChiloane Mahlatse owamazisa kumsebenzi wokuba ngumfama. Namhlanje, kwilali yaseMoloro, kufutshane naseAcorn Hoek eMpumalanga, ulima iiakile ezingu0.5. Ukuqalisa kwakuyinto elula kakhulu, utsho, kuba wayenganayo enye indlela ingekuko ukukuthatha ngokunyanisekileyo njengoko ukukhulisa ukutya kuqinisekisa ngokuya kuba setafileni elandelayo kwanokuba ingaba uyaphumelela okanye hayi kwiinjongo zakhe zexesha elide. 

Umfama uMahlatse uyakuvuyela oko anako
UChiloane Mahlatse ukhulisa iintlobo ngeentlobo zemifuno kwilali yaseMoloro, ecaleni kweAcorn Hoek eMpumalanga  

UMahlatse ubesoloko ekhulisa iindidi ngokubanzi zesiveliso kuqukwa ispinatshi, amatswele, iitumato, iipepile eziluhlaza, kunye neetshilisi ukususela ngo2020. 

 “Ezi zakhono zokuba ngumfama zaye zadluliselwa kum ukusuka kumakhulu wam ongasekhoyo. Imixoxozi, amandongomane, umoba, kunye nekhasava zaziphakathi kwezityalo owakhe wazikhulisa kwifama enkulu yakhe.” 

Uthi kananjalo ebeya kuziva enobutyala ukuba ebengenakuqhubela phambili ngembali kamakhulu wakhe. 

“Wayekuthanda ukuba ngaphandle kwamasango kwimeko yasendalweni. Wayesoloko egxininisa ukubaluleka kokuvelisa isiveliso esioganikhi sakho.”

Ukukhuthazwa luluntu lwasekuhlaleni kwakhe 

Ukuba ngumfama, ngokukaMahlatse, ngumsebenzi onzima njengawo nawuphi na omnye umsebenzi. Ukholelwa ekubeni lo msebenzi ufuna umntu onika ingqwalaselo esondeleyo kubo bonke ubucukubhede. 

“Ubomi kwiindawo ezisemaphandleni buxabisa kakhulu xa abahlali kufuneka bathathe uhambo nje lokuya kuthenga izinto eziyimfuneko. Ndenza kwenzeke ngoku kuba ngoku ndineli shishini, yaye bayavuya. Ndizithatha njengonethamsanqa ukuba ndibe luncedo kubo.” 

Eminye yemibandela enzima kakhulu ekubeni ngumfama kwanomntu omtsha kusekuthatheni isigqibo sokutyala imali kwizihlobo okanye kwishishini lakho, utsho njalo. 

“Ndifumanise ukuba eyona ndlela ibhetele yokuyenza kakuhle kukuba ndibe kwifama yam ukwenzela ukuba ndiqaphele xa kukho into engalunganga. Ndikwishishini ngelilungiselela mna ndodwa kuphela. Ngenxa yoko, ukuba andiniki ngqwalaselo ezintweni, andisayi kukhula.”

Ukujongana nesithintelo sibe sinye ngexesha 

UMahlatse uxelela iFood for Mzansi kwakukho ixesha apho sasinovakalelo lokuba, nangona wayechitha ixesha lakhe, xa wayejongene nemingeni yamanzi kwilali yaseMoloro, nangexesha apho izityalo zakhe zazigutyungelwe zezihlabayo (bristles). 

“Ndakhetha unkcenkcesho lothontsizisomanzi. Ngenxa yokuba unkcenkcesho ngothontsizisomanzi lusebenza kakuhle yaye lunika iziphumo ezizizo, ingakumbi ukuba kusetyenziswe ifethilayiza elulwelo, kwanenyaniso yokuba amathontsana amanzi angena ngqo ayokutsho ezingcanjini yaye lusebenzisa iilitha ezi2 zamanzi ngeyure nganye.” 

Uthi unkcenkcesho ngothontsizisomanzi lumnceda ekongeni amanzi nasekunkcenkcesheleni izityalo zakhe ngobuchule kakhulu. 

“Ndifuna ukwandisa imisebenzi yokuba ngumfama ukuba ndinako ukonga imali engaphezulu. Kwakhona ndifuna ukufuya ndiqeshe abanye abantu abatsha abanomdla kwishishini lokuba ngumfama.”

Phakathi kwezithintelo aye wahlangana nazo ukuza kuthi ga ngumngundo obumguborha, ingakumbi kwispinatshi.” 

“Ndisebenzisa iyeza lendalo ukunyanga le ngxaki kwakunye nombundane. Ukuba utyala isityalo esifanayo kwisiqwengana somhlaba okanye kwibhloko, iminyiki iya kusisebenzisa eso sityalo, ngoko ke kufuneka utyale izityalo ezitsha, ezinjengetswele. Amatswele zezona zixhobo zinamandla kwifama yam kuba enako ukukhusela izityalo zakho kwizinambuzane nakwimisundululu.”

Isicwangciso sentengiso siqinisekisa impumelelo

Uthengisela iimpahla ivenkile iRoots, eLebamba Supermarket, naseMakhona Supermarket. 

wespinatshi kuphela, ndaqaphela ukuba kwakukho ukunqongophala kwemifuno kwisuphamakethi. Ndaye ndathi emva koko ndadibana nabaphathi ndinesiphakamiso esimalunga namaxabiso afanelekileyo abaye basamkela. Andizange ndiphinde ndijonge emva ukususela ngoko.”

Woleka athi ukuba ngumfama akwenzi kutya nje kuphela, kodwa kukhawulelana notshintsho lwesimo sezulu sexesha elide. 

“Ndifuna ukuzibona ndikhula kweli lizwe lomsebenzi wokuba ngumfama, okwanika amathuba omsebenzi kwabanye abantu abatsha. Ukuba ndingafumana imalinkunzi eyaneleyo, ndingazibandakanya namalinge okuba ngumfama exesha elide. 

Ukholelwa ekubeni naliphi na isishishini lifuna ukuzimisela, yaye ukuba nentywenka yemali akwenzeki ngabusukubunye. Elinye icebo kukuba uzijikeleze nabantu abanentshisakalo enjengale unayo yokuphumelela, ucebisa atsho. 

Umfama uMahlatse uyakuvuyela oko anako
UChiloane Mahlatse ukhulisa iintlobo ngeentlobo zemifuno kwilali yaseMoloro, ecaleni kweAcorn Hoek eMpumalanga  

KWAKHONA FUNDA MALUNGA NOKULANDELAYO: Umzingisi ophumeleleyo unikela umva idolophu akhethe ubomi basefama 

Fumana amaBali amalunga neNguqu: Amabali akhuthazayo asuka kubantu abondla uMzansi. 

Tags: Agri SAMpumalanga Agriculture

Vateka Halile

Vateka Halile grew up in rural areas of Cofimvaba in the Eastern Cape. She was raised in a traditional family setting and found writing to be a source of comfort and escape. Vateka participated in an online citizen journalism course through Food For Mzansi, and her passion for health and medicine-related stories was born. Her dedication to community work and love for social justice and solidarity spaces is evident in her quality time with the community when she isn't working.

Related Posts

BenicaTheFarmer: The nurse who built an agricultural empire
Inspiration

BenicaTheFarmer: The nurse who built an agricultural empire

7th September 2026
Former electrical engineer builds farming powerhouse on tribal land
Inspiration

Former electrical engineer builds farming powerhouse on tribal land

31st August 2026
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
Podcast: Farmers brave SA's agriculture storm

Podcast: Farmers brave SA's agriculture storm

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Weaning calves: How to reduce stress for maximum weight gain

Grain markets slide: Temporary pause or start of a downturn?

Chilli farming: Why high-value crops are SA’s missed opportunity

SA pork industry builds resilience following disease outbreaks

Young farmers need structured opportunities, not just open doors

BenicaTheFarmer: The nurse who built an agricultural empire

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.