Lo gama onke amehlo ejonge kwimfazwe ephakathi kweRashiya neUkraine, kukho imfazwe ethe cwaka ephakathi kweebhokhwe nezihluma ezisuka kwamanye amazwe ebisoloko isenza mayana eMzansi. Umkhosi weebhokhwe wasasazwa eMpuma Koloni ukulwa nezityalo ezisuka kwamanye amazwe ezigqugqisayo ezithintela ukuba nesiveliso kwezolimo.
IGoat Army Afrika, ngumbutho oxhasa olu sasazo lunconywa kakhulu, usebenzisa iiBoer goats ngenjongo enye yokubulala nokutshabalalisa ezi zityalo zigqugqisayo. Akukho zixhobo zibandakanyeka. Iibhokhwe kuphela kufuneka zitye izityalo ezisisoyikiso kubomi obuneyantluko kwezi, phakathi kwezinye izixeko, eCape St. Francis.
Ngokwewebhusayithi yalo mbutho, ukutshatyalaliswa kwezityalo ezisuka kwamanye amazwe kuyalawulwa, kwenziwa ngokwendalo, kunabile yaye kuzinzile. Ithi, “Ngokutya, umkhosi weebhokhwe uvula iindlela kumatyholwana axineneyo akhula phantsi kwemithi, ngokwenjenjalo unike umgawuli wemithi indlela yokufikelela kwimithi emikhulu kakhulu.
“Umgawuli wemithi uwisa umthi anike iibhokhwe indlela yokufikelela kuphahla lomthi. Imithi namagqabi awisiweyo ngoku kuvelisa isaleko sembewu yemithi esuka kumanye amazwe ekukhanyeni kwelanga okubangela ukukhula ngokugqithisileyo kwamagatya emithi esuka kwamanye amazwe, naye atshatyalaliswe ngokukhawuleza ngulo mkhosi.”
Nje ukuba isaleko sembewu yemithi evela kwamanye amazwe sitshatyalaliswe ngokuqaphelekayo, kunokulinywa kwakhona izityalo zemveli ezitsha ngokufaka iimbewu zayo kwifidi yeebhokhwe. Zona, ziye zithi ziyifake le mbewu kwiingqathana zomgquba oyikhomposti ngethuba lokutyiswa kwazo kuloo ndawo okokugqibela ngelokuyicoca.

Le yimfazwe exabisa gqitha ngokwasepokothweni
Kuqikelelwa ukuba ukususa izityalo ezisuka kwamanye amazwe kuxabisa uMzantsi Afrika malunga neebhiliyoni ezi2 ngomnyaka ngamnye. Abaphandi uBrian Wilgen, uJohn Wilson nabanye baye bafumanisa ukuba ukususela ngo1995, ilizwe lachitha ubuncinane iibhiliyoni ezili15 lisilwa izityalo ezigqugqisayo ngokusebenzisa iiprojekthi ezahlukeneyo ezinjengoWorking For Water.
ISebe lemiCimbi yezeNdalo liqaphele izityalo ezisuka kwamanye amazwe ezinjengePort Jackson, idywabasi nepayini njengeziyingxaki kwizihluma ezahlukileyo eziphilayo eMzantsi Afrika. Kufuneka ke ngoko zisuswe ngandlela zonke.
UPieter Bosman, ongumfama waseMpuma Koloni nokwangumnini oyinxalenye weGoat Army Africa, uthe iibhokhwe ziyakuthanda ukuhlafuna iPothi Jeksini, emvelaphi yayo iseAustralia endaweni yefynbos yaseMzansi. Le yimeko eqinisekisa ukuphumelela kwamacala onke. Uluntu luxhamla ukuncitshiswa kwezityalo ezigqugqisayo, nokuba neebhokhwe zixhamla nje ukutya kwazo.
“Saye sayiqonda ukuba iibhokhwe ziyayitya iPothi Jeksini, ndaza ndaqhagamshelana nabanye babamelwane saqalisa ukubagecela umhlaba. Saye emva koko sabasa umlilo, kwaza ukuphinda zikhule kwakhona iiPothi Jeksini kwalawulwa bhetele ziibhokhwe. Ukususela apho, ibrendi yaye yakhula,” uyacacisa uBosman.
Uyichaza iGoat Army Afrika njengebutho lomkhosi weeBhuri gowuthi (woontamibomvu) owawuqeqeshelwe ukutshabalalisa iintlobo zezityalo ezisuka kumanye amazwe naphi na apho zihambahamba khona.
“Zinikelwe ukukhonza nokukhusela iNdalo ngokutshabalalisa nantoni na engaziwayo. Kukunyamezela kwezona ziphile qete yaye kuphela zezomeleleyo eziya kusinda, ngoko ke siyabuphelisa ubuthathaka ke ngoko kuphela ngawona majoni abhetele anokugcina ikamva liqaqambile.”
Ukuqeshisa ngeebhokhwe ukulwa izityalo ezisuka kwamanye amazwe okanye ukulawula ukhula kudala kwaba yinkqubo yosondelelwano yamazwe ngamazwe.
Iphephandaba iGuardian ngaphambili ichaze ukuba kwiAustralia yonke nakwihlabathi liphela, umgqeku weebhokhwe ezitya ngokugqithisileyo ziyakhululwa ngendlela elawulwa ngenkathalo kwizityalo ezingafunekiyo, yaye umtsalane wazo awuphelelanga kuphela ekulondolozekeni kwazo. Ezo bhokhwe zitya iindidi ezahluke kakhulu zokhula, kuqukwa nesiphingo, ikhakakhaka, iskotshi bhrum, ihanisakile kwanewisteriya.
“Zincedwa yimilebe ekwaziyo ukubamba, ezenza ukuba zibe nako ukuzifumanela indlela yokuphepha ameva nezityalo ezinameva ahlabayo ukufikelela kuhlaza olunandiphekayo. Umhlambi omalunga neebhokhwe ezilishumi elinambini unako ukuphumela kwisithuba esifumaneka kumthi wesiphingo esingangomnyango wegaraji yemoto oyisingili kwithuba elilingana nosuku olunye. Kumnandi kakhulu ukubukela ibhokhwe isitya okuthile kunokubukela ilonimowa okanye ibhrashikhatha.”
KWAKHONA FUNDA MALUNGA NOKULANDELAYO: Ubukhulu besingxobo samasende ebhokhwe kubaluleke gqitha: Okona kukhulu kokona kubhetele kwiinkunzi
Sayinela ukufumana ingcaciso kwiFarmer’s Inside Track: Zibandakanye neqonga elilodwa lethu labasandula ukungena kwishishini lobufama nezolimo, kunye namaphetshana eendaba kunye neephodikhasti