USanele Nyandeni unombono wokuba ngumfama weehagu ekufumaneka kuzo imilenze eNewcastle KwaZulu-Natala, ngenxa yokuba iyinto ayithandayo. Kwakhona ufuna ukubona uluntu lwasekuhlaleni ekungekho ndlala kulo, apho wonke umntu abandakanyekayo kulimo nokufuya.
UNyandeni unefama eziihektare ezingama240 apho aqhuba khona kushishino ngeehagu, nakuba kunjalo, unenjongo yokongeza enye imfuyo nezityalo ukwandisa ishishini lakhe.
Uthi ngelixa wayesakhula, ezolimo nokufuya yayingeyonto wayeyicinga kodwa emva kokubona umhlobo wosapho lwakhe kwanokwazana nokuqhubeka kwezolimo nokufuya, wagqiba ekubeni akulinge ngowama2022.
“Andizange ndibe nomdla kwezolimo nokufuya xa ndandisaqala ukusebenzisana namafama kwanokuba sefama. Ukubona isilwanyana sikhula side siyokufikelela ebudaleni nokuba siyaxhelwa okanye siyathengiswa, xa iyonke inkqubo yothutho lwesiveliso ukuya kumthengi yandimangalisa kuufuneka ndiyayazi ukusuka apho ukuba kufuneka ndiqalise ngezam iinkqubo,” utsho njalo.
Inyathelo elibaluleke gqitha
Uthe sele ewafumena amava, uNyandeni wathatha amanyathelo aqinisekileyo okuqalisa ifama yakhe ebizwa ngokuba yiVumisa Piggery, yaye ukususela ngoko zange aphinde abe nakubuya mva.
“Ndandicinga ukuba kukho imfuneko yemali eninzi yokuqalisa, leyo yayiyingqondo endandinayo. Kodwa kwathi ngenxa yokuba phakathi kwamafama kunye nokubona ukwenziwa kwemisebenzi efama, kwandifikela ukuba ndinako ukukwenza oku, ndingaqalisa ngoko ndinako.
“Ndaye ndenza kanye loo nto, ndaqalisa ngoko ndandinako. Uthando olumangalisayo lwam lokulima nokufuya lwaye lukhula usuku nosuku. Ukubona imfuyo yonke imihla nokusebenza nzima kwam endandikwenzile okwafezekisekayo, kwakuyinto enkulu kum.”
UNyandeni uthi kwanyanzeleka ukuba afunde ngokukhawuleza angene ngoko nangoko endimeni njengoko imeko yezolimo nokufuya ifuna umntu ophangaleleyo.
“Kufuyo lweehagu, ndifunde ukuba akukho xesha lakuphumla. Ukondla iihagu kunezithintelo zako yaye kufuna ukuba umfama akwazi okufunekayo, ngoko ke ukuze ndiyazi loo nkqubo kwandisebenzisa kakhulu kwandifundisa ngokunjalo,” ucacisa ngolo hlobo.
Ukulawula nokuqhuba umsebenzi wasefama
UNyandeni uhamba iikhilomitha ezingama25 ukuya kwifama yakhe, into leyo eyenza ukuba kube nzima ukubeka iliso ngokukuko kwifama olujolise kuyo ulwaphulomthetho. Usenethamsanqa ukuza kuthi ga ngoku usahleli ethe qwa.
“Lo gama usazama ukuzinza ukuze ufumane nje undoqo wendlela umsebenzi ohamba ngayo kwifama yakho, iimeko zangaphandle enjengolwaphulomthetho iya kukuhlasela.”
Uthi akanamalike ithile yaye uvuleleke kuye nabani na ofuna ukuthenga. Nakuba kunjalo, mininzi imingeni xa kubhekisele ekuthengiseni imfuyo yakhe. UNyandeni uthi ufumana ukutyhafa ngabathengi abafuna ukuthenga ngetyala.
“Ngoku, ixabiso lentengiso yehagu eneenyanga ezintlanu liR1 100. Njengomntu omnyama osemtsha ozama ukuphila, {kunzima kuba) abathengi badla ngokuthatha babhatale mva nanto leyo bangayenziyo, eyingxaki kum.
“Ndikhule ndixhuma. Andisavumeli kuthenga ngetyala kuba iindleko zomsebenzi zingafezekiseki kuba abantu ababhatali.
Ngelokubulela, uNyandeni uthi unokuxhomekeka kubasebenzi abanamava abahlanu abaluncedo kakhulu ekuqhubekeni ngomsebenzi wasefama.
Amaphupha amakhulu
Ngaphandle kwale mingeni yakhe, uNyandeni uzibona engumnini wefama yeehagu enkulu nokuzibandakanya kwizicwangciso, ngoko ke unako ukuzisa iinkonzo emasangweni abathengi.
“Ndiyayithanda ihambo yokukhulisa ifama yeehagu yam nokuzinikela ngaphezulu ukuba enze ngaphezulu nabhetele ngalo lonke ixesha. Ndifuna ukuqhubeka nokufuya nokulima kunye nokudala imisebenzi kuluntu lwasekuhlaleni kwam.
“Njengokuba abantu abatsha benika ingqwalaselo kwezolimo nokufuya, ndicinga ukuba urhulumente kufuneka abe neekhosi ezimfutshane zasimahla zezolimo nokufuya, aze kwakhona axhase ngemali anike ulutsha umhlaba emabawusebenze. Oko kukuphela kwendlela endicinga ukuba iya kuphelisa intswelangqesho nentlupheko elizweni,” utsho njalo Nyandeni.
UNyandeni uhlaba ikhwelo kubantu abatsha ukuba basebenzise izakhono zabo nolwazi kwezolimo nokufuya yaye uthi wonke ubani unesakhono anokusisebenzisa kwezolimo nokufuya.
“Umyalezo wam ulula kakhulu: qalisa nje wena. Ukuba akuphumeleli, zama kwakhona yaye okubalulekileyo, ungalilahli ithemba. Thetha namanye amafama njengoko oko kuya kukunceda kakhulu njengomfama. Ulwazi alufumaneki kuphela ezincwadini kodwa kananjalo ngokunxibelelana nabanye,” ucebisa atsho.
KWAKHONA FUNDA OKULANDELAYO: Intswelangqesho imsa kwiindawo eziphezulu uMchunu
Fumana amaBali ngezoTshintsho: Amabali akhuthazayo asuka kubantu abondla uMzansi.