Friday, October 9, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result
in Inspiration, isiXhosa

UNyandeni waseKZN’s Nyandeni uqalisa umsebenzi wokufuya iihagu

Ungapheleli kulwazi olusencwadini usuke uqhubele phambili ngoko unako. Ezi ziingcamango ezingundoqo ezimbini ezakhuthaza umfama waseNewcastle oselula ukuba azakhele isakhiwo seehagu sakhe. Yaye kusekuninzi aseza nako angekakuvezi

by Tiisetso Manoko
18th August 2023
UNyandeni waseKZN’s Nyandeni uqalisa umsebenzi wokufuya iihagu

USanele Nyandeni, ongumfama weehagu oselula eNewcastle, eKZN, uneenjongo zokugqobhoza kwimalike nokuba ngumfama wezoshishino kummandla wakhe.

Share on FacebookShare on TwitterShare on WhatsApp

USanele Nyandeni unombono wokuba ngumfama weehagu ekufumaneka kuzo imilenze eNewcastle KwaZulu-Natala, ngenxa yokuba iyinto ayithandayo. Kwakhona ufuna ukubona uluntu lwasekuhlaleni ekungekho ndlala kulo, apho wonke umntu abandakanyekayo kulimo nokufuya. 

UNyandeni unefama eziihektare ezingama240 apho aqhuba khona kushishino ngeehagu, nakuba kunjalo, unenjongo yokongeza enye imfuyo nezityalo ukwandisa ishishini lakhe. 

Uthi ngelixa wayesakhula, ezolimo nokufuya yayingeyonto wayeyicinga kodwa emva kokubona umhlobo wosapho lwakhe kwanokwazana nokuqhubeka kwezolimo nokufuya, wagqiba ekubeni akulinge ngowama2022. 

“Andizange ndibe nomdla kwezolimo nokufuya xa ndandisaqala ukusebenzisana namafama kwanokuba sefama. Ukubona isilwanyana sikhula side siyokufikelela ebudaleni nokuba siyaxhelwa okanye siyathengiswa, xa iyonke inkqubo yothutho lwesiveliso ukuya kumthengi yandimangalisa kuufuneka ndiyayazi ukusuka apho ukuba kufuneka ndiqalise ngezam iinkqubo,” utsho njalo.

Inyathelo elibaluleke gqitha

Uthe sele ewafumena amava, uNyandeni wathatha amanyathelo aqinisekileyo okuqalisa ifama yakhe ebizwa ngokuba yiVumisa Piggery, yaye ukususela ngoko zange aphinde abe nakubuya mva. 

“Ndandicinga ukuba kukho imfuneko yemali eninzi yokuqalisa, leyo yayiyingqondo endandinayo. Kodwa kwathi ngenxa yokuba phakathi kwamafama kunye nokubona ukwenziwa kwemisebenzi efama, kwandifikela ukuba ndinako ukukwenza oku, ndingaqalisa ngoko ndinako. 

“Ndaye ndenza kanye loo nto, ndaqalisa ngoko ndandinako. Uthando olumangalisayo lwam lokulima nokufuya lwaye lukhula usuku nosuku. Ukubona imfuyo yonke imihla nokusebenza nzima kwam endandikwenzile okwafezekisekayo, kwakuyinto enkulu kum.” 

UNyandeni uthi kwanyanzeleka ukuba afunde ngokukhawuleza angene ngoko nangoko endimeni njengoko imeko yezolimo nokufuya ifuna umntu ophangaleleyo. 

“Kufuyo lweehagu, ndifunde ukuba akukho xesha lakuphumla. Ukondla iihagu kunezithintelo zako yaye kufuna ukuba umfama akwazi okufunekayo, ngoko ke ukuze ndiyazi loo nkqubo kwandisebenzisa kakhulu kwandifundisa ngokunjalo,” ucacisa ngolo hlobo.

Ukulawula nokuqhuba umsebenzi wasefama

UNyandeni uhamba iikhilomitha ezingama25 ukuya kwifama yakhe, into leyo eyenza ukuba kube nzima ukubeka iliso ngokukuko kwifama olujolise kuyo ulwaphulomthetho.  Usenethamsanqa ukuza kuthi ga ngoku usahleli ethe qwa.

“Lo gama usazama ukuzinza ukuze ufumane nje undoqo wendlela umsebenzi ohamba ngayo kwifama yakho, iimeko zangaphandle enjengolwaphulomthetho iya kukuhlasela.”

Uthi akanamalike ithile yaye uvuleleke kuye nabani na ofuna ukuthenga. Nakuba kunjalo, mininzi imingeni xa kubhekisele ekuthengiseni imfuyo yakhe. UNyandeni uthi ufumana ukutyhafa ngabathengi abafuna ukuthenga ngetyala. 

“Ngoku, ixabiso lentengiso yehagu eneenyanga ezintlanu liR1 100. Njengomntu omnyama osemtsha ozama ukuphila, {kunzima kuba) abathengi badla ngokuthatha babhatale mva nanto leyo bangayenziyo, eyingxaki kum. 

“Ndikhule ndixhuma. Andisavumeli kuthenga ngetyala kuba iindleko zomsebenzi zingafezekiseki kuba abantu ababhatali.
Ngelokubulela, uNyandeni uthi unokuxhomekeka kubasebenzi abanamava abahlanu abaluncedo kakhulu ekuqhubekeni ngomsebenzi wasefama.

Amaphupha amakhulu

Ngaphandle kwale mingeni yakhe, uNyandeni uzibona engumnini wefama yeehagu enkulu nokuzibandakanya kwizicwangciso, ngoko ke unako ukuzisa iinkonzo emasangweni abathengi. 

“Ndiyayithanda ihambo yokukhulisa ifama yeehagu yam nokuzinikela ngaphezulu ukuba enze ngaphezulu nabhetele ngalo lonke ixesha. Ndifuna ukuqhubeka nokufuya nokulima kunye nokudala imisebenzi kuluntu lwasekuhlaleni kwam. 

“Njengokuba abantu abatsha benika ingqwalaselo kwezolimo nokufuya, ndicinga ukuba urhulumente kufuneka abe neekhosi ezimfutshane zasimahla zezolimo nokufuya, aze kwakhona axhase ngemali anike ulutsha umhlaba emabawusebenze. Oko kukuphela kwendlela endicinga ukuba iya kuphelisa intswelangqesho nentlupheko elizweni,” utsho njalo Nyandeni. 

UNyandeni uhlaba ikhwelo kubantu abatsha ukuba basebenzise izakhono zabo nolwazi kwezolimo nokufuya yaye uthi wonke ubani unesakhono anokusisebenzisa kwezolimo nokufuya. 

“Umyalezo wam ulula kakhulu: qalisa nje wena. Ukuba akuphumeleli, zama kwakhona yaye okubalulekileyo, ungalilahli ithemba. Thetha namanye amafama njengoko oko kuya kukunceda kakhulu njengomfama. Ulwazi alufumaneki kuphela ezincwadini kodwa kananjalo ngokunxibelelana nabanye,” ucebisa atsho. 

KWAKHONA FUNDA OKULANDELAYO: Intswelangqesho imsa kwiindawo eziphezulu uMchunu

Fumana amaBali ngezoTshintsho: Amabali akhuthazayo asuka kubantu abondla uMzansi.

Tiisetso Manoko

Tiisetso Manoko is a seasoned journalist with vast experience in community media. He possesses diploma in media studies majoring in journalism, certificate in civic leadership. He loves news from all angles with particular interest in local government, agriculture and politics. He is a staunch Mamelodi Sundowns Football club supporter.

Tags: KwaZulu-NatalPig farmingPiggery
NW government boosts Taung lucerne farmers with new packhouse
News

NW government boosts Taung lucerne farmers with new packhouse

by Staff Reporter
8th October 2026

Government officials recently unveiled the Jantjies Boerdery Packhouse Project in Taung. By supplying specialised harvesting and processing equipment, the project...

Read moreDetails

Veggie prices: Rising supply could bring relief to SA shoppers

7th October 2026
SADC Plant Nutrition Symposium tackles long-term soil health and farm viability

SADC Plant Nutrition Symposium tackles long-term soil health and farm viability

7th October 2026
Agritourism experts urge fair distribution of SA’s tourism boom

Agritourism experts urge fair distribution of SA’s tourism boom

7th October 2026
Calf rearing: Why the first few hours define your future herd

R14m investment strengthens SA’s livestock disease surveillance

7th October 2026

Agri Skills Transfer: Where agriculture meets opportunity

Scrap sugar tax to save farmers and jobs, SA Canegrowers plead

Got an agribusiness ready to grow? Agda wants to hear your pitch

Mastering foreign exchange: Smart strategies for SA agri exporters

NW government boosts Taung lucerne farmers with new packhouse

Join Food For Mzansi's WhatsApp channel for the latest updates!

JOIN NOW!
Next Post
Podcast: Get your livestock from Point A to B safely

Podcast: Farmers' progress brings tears to De Wee's eyes

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Hope restored as Land Bank secures R500m to end funding freeze

Young Lady Grey farmer diversifies from broilers to shisanyama

Four major risks SA farmers can’t afford to ignore

Scrap sugar tax to save farmers and jobs, SA Canegrowers plead

Phelisa Ndayi brings soil science and smart tech to Mzansi farmers

Agri Skills Transfer: Where agriculture meets opportunity

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi