Tuesday, July 21, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

USiki uzisa umoya wokuthanda ikofu ngabaseKasi 

by Duncan Masiwa
30th March 2023
in Inkuthazo, isiXhosa, Movers and Shakers
Reading Time: 4 mins read
A A
USiki uzisa umoya wokuthanda ikofu ngabaseKasi 

USikelela (uSiki) Dibela wasuka ekuhlambeni izitya ekofushophu wayokufikelela ekubeni abe neyakhe.

UDibela wenze ngaphezu kokuba bekulindelekile ukuphumeza ibhongo lakhe ngokubonakalayo. Akaphelelanga nje ekunyukeleni phezulu kwileri yezamaqumrhu ukuza kufikelela apho kufuneka abeke esweni ukuvulwa kwekhofushophu eLandani, uye wavula ikhefi yakhe kwigaraji kanina – indawo enomtsalane nekungokunje etsala abantu abasuka ekudeni.

IKhefi yeKofu kaSiki yenza ikofu ekumgangatho wehlabathi kwilokishi eseKapa yaseKhayelitsha. Le khefi yindawo exakekileyo etsala oosomashishini, abafundi, amagosa asesipoliseni noluntu ngokubanzi. Ikhe yaseva nkqu nekapteni yeeSpringboks uSiya Kolisi. 

Oneminyaka engama31 ubudala uDibela waqalisa ikhofushophu ngo2016 emva kokuba esebenze kwishishini lekofu iminyaka esithoba.

Ukwaziswa kwilizwe lekofu kuqale mhla wayesebenza njengomhlambi wezitya eVida e Caffè. Ukhumbula isinki yezitya ezazinamafutha neekomityi ezazimdaka, kodwa akuzange kube kudala phambi kokuba aqalise ukunqwenela ilinge elitsha.

“Ukuba ngumnini weshishini kwakungekho kwizicwangciso zam, isicwangciso yayikukuba kuphilwe. Ngaphaya koko, ndandiye phaya ukuba ndiyokuba ngumhlambi wezitya, hayi ukuba ndiphuphe malunga nezinye izinto,” utsho.

USiki Dibela uzimisele ukuqalisa izinto ezintsha kwikofu shophu yaselokishini enodumasi, efumaneka kwigaraji kanina eKhayelitsha. 

Ukuqhubela phambili, hayi ukubika le naleyaa

Kwakusekucacile ukuba ukuba liqhawe elingadunyiswayo lerestyu yayingekokufikelela esiphelweni kohambo lwakhe. Umsebenzi womenzikofu wawummangalisa. Indlela ikofu eyayicwangciswa ngayo, ukuqwalaselwa kweenkcukacha kwanonxibelelwano nabantu kwakukhangeleka kuchulumancisa; kwakubhetele kakhulu kunokuhlamba izitya ezinamafutha.

Waye wenza isicelo sokufumana uqeqesho waza emva koko wanyuselwa kwisikhundla sokuba ngumenzikofu. Ukususela apho, umnqweno wokutshintsha impilo yakhe wakhokelela ekubeni uDibela anyuselwe abe ngumphathi wevenkile. Ukuba oko kwakungonelanga, waye wacelwa ukuba avule ivenkile yeVida eLandani  aqeqeshe abasebenzi babo abatsha.

“Uhambo lokuya kumazwe aphesheya,” utsho lwaluvula amehlo. Ndaye ndaqonda nje ukuba mangaphi amathuba eli shishini elalinawo. Ndandisonwabela umzuzu ngamnye walo, kodwa ebusuku ndazifumana ndizixhalabisa malunga nekamva. Yintoni endandiya kuyenza xa ndibuyela kokwethu eKhayelitsha?”

Iincoko ezazingumngeni zaye zakhokelela ekubeni abe ngumntu ohamba amazwe ngamazwe eceba iqhinga lokuzivulela ikhofushophu yakhe kwilokishi apho wayekhulele khona. Lo msebenzi wawukhangele uyinto eyayingenakwenzeka yaye unethuba elikhulu lokuba ungangaphumeleli, kodwa ukuzimisela kwakhe, intshisakalo nokuzimisela kwamenza ukuba aphumelele.

“IKapa neStellenbosch azizondawo ndihlala kuzo; indawo endihlala kuyo yiKhayelitsha.” – SIKI DIBELA.

Uthando lwekofu aluseyonto exhaphake kuphela kwiindawo zabanemali kakhulu baseKapa kunye nakwiiWinelands, yaye uDibela wayekwiphulo lokuzisa ikofu edumileyo kubantu abadumileyo basekuhlaleni kwakhe. Akazisoli ngokuvula ishishini lakhe ekuhlaleni kwakhe apho abantu abaninzi baxhomekeke kwiigranti zikarhulumente njengokuphela komthombo wengeniso.

“IKapa neStellenbosch asizondawo ndihlala kuzo; indawo endihlala kuyo yiKhayelitsha,” utsho. 

“Le yindawo abantu abayijonga baze bathi, ‘Abantu abahlala apha abanamaphupha.’ Kodwa ndifuna ukuyitshintsha loo ndlela yokucinga. Ndifuna ukubonisa abantu ukuba kulungile ukufuna okungaphezulu ebomini nkqu nokuba indawo ohlala kuyo yilokishi,” utsho uDibela.

Impembelelo yothando lwekofu ngabantu baseKapa

Ngo2016, waqalisa iSiki’s Koffee Kafe kwigaraji kamama wakhe. Into ayithanda kakhulu ngesicwangciso sakhe luvakalelo olufana lodwa nomoya odalwe leli shishini elokishini.

Kukho indawo yokuhlala, indawo evulekileyo kunye neintanethi khefi encinane ebonelela ngeWi-Fi, uDibela uthi ivenkile ivakala njengekhaya elikude kunekhaya. 

Yayingumngeni ukufumana abantu ukuba baze bazokusebenzisa le ndawo, noko. Kwakufuneka ukuba aqale acele umngeni kwiingcamango ezimalunga nekofu. Uninzi lwabantu awayejolise kubo babedla ngokuyithanda ikofu eseyilungile efikeleleka ngokuthe kratya. 

“Ingcamango yabantu malunga nabantu abasela ikofu eKasi kufuneka ukuba itshintshwe. Xa ndandiqalisa ukwabelana ngombono wam nabantu, babecinga kanje, ‘Yintoni le ingathanga ncam ngale ndoda? Ikhofushophu ibe selokishini? Makube uyaphambana. ‘” uDibela wetyisa ingcinga. 

Ngelombulelo, iintsuku zokuba nesizungu ozichitha kwikhefi engenanto yinto yexesha elidlulileyo. Namhlanje, ikhofushophu itsala abathengi abahlukahlukeneyo abasuka kwisiXeko seKapa sonke. 

UDibela ibeka iinjongo zakhe zibe phezulu. Angathanda ukufumana imobhayili athengise ikofu kwimisitho nakwiimalike ezingaphandle kwaseKhayelitsha. Ukwenjenje, kufuneka athenge umatshini wekofu oyimobhayili nemoto. Ucinga ukuyibiza ukuba ngu- “Siki’s Koffee on the move” (iKofu kaSiki ehambahambayo”).

Ayithengise ikofu yakhe kwimisitho nakwiimalike ezingaphandle kweKhayelitsha. Uyanqwenela ukuba angafumana 

“Ndifuna ukuyiphembelela indlela ebonwa ngayo ikofu eKapa. Ndifuna abantu bafumane amava ekofu esemgangathweni ekroqiweyo yaza yabhlendwa kwalapha ekuhlaleni, neyenziwe ngabenzikofu abasemgangathweni. Injongo ephambili yam kukuhlanganisa uluntu lwasekuhlaleni nekofu yam.”

Ikofushophu itsala oosomashishini, abantu, amagosa asesipoliseni, abasebenzi boluntu lwasekuhlaleni nangaphezulu. USiya Kolisi weSpringbok sesuka naye kwaSiki’s Koffee Kafe. 
Tags: entshona Koloni

Duncan Masiwa

DUNCAN MASIWA is the assistant editor at Food For Mzansi, South Africa’s leading digital agriculture news publication. He cut his teeth in community newspapers, writing columns for Helderberg Gazette, a Media24 publication. Today, he leads a team of journalists who strive to set the agricultural news agenda. Besides being a journalist, he is also a television presenter, podcaster and performance poet who has shared stages with leading gospel artists.

Related Posts

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

22nd October 2023
Farmer 101: How to produce watermelons
isiXhosa

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
WATCH LIVE: Agda hosts webinar on energy solutions

WATCH LIVE: Agda hosts webinar on energy solutions

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Smart vineyard irrigation starts below the ground

Treat food processing as essential national infrastructure – Khoury

Farmers urged to embrace uncertainty and build resilience

SA poultry industry calls for urgent bird flu vaccine rollout

Mother’s legacy, neighbour’s grace: Venessa Simelane’s farm story

Deadline looms: Register water use by 23 July or risk penalties

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.