Wednesday, July 22, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

Agribiz 101: Funda nge iKupisa Sauce

Iisosi ezixutywe netshilisi zikaNthanyiseni Muvhenzhe zingundabamlonyeni kwilizwe nakwizwekazi njengoko efumana ubunzima ukumelana nemfuneko yazo.

by Nicole Ludolph
9th February 2023
in Inkuthazo, isiXhosa
Reading Time: 5 mins read
A A
Agribiz-101-Funda-ngeKupisa-Sauce

IKupisa Sauce lishishini elibeka phambili abantu, utsho umseki walo uNthanyiseni Muvhenzhe. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood For Mzansi

UNthanyiseni Muvhenzhe ukuthanda kakhulu ukupheka. Luthando lwakhe analo ngabantu, nakuba kunjalo, olutshintshe ishishini lakhe lesosi, iKupisa Sauce, yayile nkampani iphumeleleyo iyiyo namhlanje.

Agribiz-101 Funda ngeKupisa Sauce
UNthanyiseni Muvhenzhe, umseki weKupisa Sauce. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood For Mzansi

Ezalelwe wakhulela eLimpopo, uMuvhenzhe unembali emvelaphi yayo ikulawulo lokuthengwa kweempahla neenkonzo. Wafudukela eGauteng ukuya kuqhubela phambili ngezifundo zakhe kwezorhwebo, uqoqosho, nakulawulo lwamashishini, kodwa waqalisa ukupheka iisosi njengentsebenzwana yokuzonwabisa – eyathi yajika yalishishini ngowe2018. 

“Ndandidla ngokuphekela inkosikazi yam kunye nam itshili sosi ukuze sitye ekhaya. Inkosikazi yam ikuthanda kakhulu ukutya okubabayo. Ngamanye amaxesha iindwendwe ziyafika, njengabahlobo nezizalwane zam, bayilinge itshili sosi yam yaye bayayonwabela.”

UMuvhenzhe uthi uzithanda kakhulu ezolimo kwanokupheka. Ukudibana kolu thando lumandla, kwakunye nengxelo echulumancisayo ayifumeneyo isuka kubahlobo nakusapho, yile ndlela iKupisa Sauce eyaqala ngayo.

“Kwakukho izicelo: ‘Khawuncede, akunakusongeza wenze enye itshilisi?’, yaye abanye babo babezimisele nkqu nokuyihlawulela. Kungelo xesha kanye endaye ndabona ithuba leshishini.”

Ukwenziwa kophawu lorhwebo lwetshili sosi, iKupisa

Eyenziwe ngezityalo zemveli nangezinye izinto ezahlukeneyo, iKupisa Sauce yahlukile kuba iqulethe isithako esisodwa. 

“Okubaluleke ngakumbi yitshilisi ebizwa ngokuba yiAfrican Bird’s Eye, endiyifumana ubukhulu becala eZimbabwe naseMalawi. Iluhlobo olukhetheke ngokukodwa lwetshilisi. Inencasa evakala kamnandi, yaye isisiveliso esikumgangatho ophezulu kakhulu.”

UMuvhenzhe uthi le sosi iqulethe iisosi ezilishumi elinesixhenxe, ezisixhenxe kuzo zizityalo ewayekhule ezitya eLimpopo. Lo gama wayesenza uphando ngeshishini, wafunda ukuba ezi zityalo zazingaxhanyulwa eLimpopo kuphela, koko kwenziwa njalo kwizwekazi.

“Siyazifaka ekuphekeni kwethu njalo, ukwenzela ukuba xa sipheka imifuno yakho okanye inyama, songeza izityalo zasendle. Zifana nemifuno kanye, kodwa zona uzifumana endle. Ziphucula incasa yokutya yaye ezinye zazo zinoncedo lonyango.”

Ingxaki elungileyo ukuba nayo

UMuvhenzhe udwelisa ingxelo yabathengi njengenye yezinto eziyeyona nkuthazo inkulu. Iifoto: Kubonelelwe ngazo/NgabakwaFood For Mzansi
UMuvhenzhe udwelisa ingxelo yabathengi njengenye yezinto eziyeyona nkuthazo inkulu. Iifoto: Kubonelelwe ngazo/NgabakwaFood For Mzansi

Njengakwamanye amashishishini amancinane, uMuvhenzhe ufumene imingeni yokumisela ukuqalisa umsebenzi wakhe. Uthi ulwazi lwakhe olumvelaphi yalo ikwezeempahla neenkonzo alukhange lumlungiselele ukushishina kwishishini lokutya, ngoko wayenento eninzi ekwakufuneka ayifunde. 

“Kwakuthetha ukuba iimini ezininzi nobusuku bazo kwakungalalwa, kuphandwa ukwenzela ukuba kuqondwe ukuba umthetho uthini na yaye iyintoni imigangatho eyimfuneko kumashishini okutya. Khumbula, izinto abantu abazityayo mazibe zezomgangatho ophakame kakhulu yaye zichaphazela impilo. Akufuni abathengi bakho babe neengxaki xa besebenzise isiveliso sakho.” 

Omnye umngeni omkhulu owafunyanwa nguMuvhenzhe yimfuneko ngokugqithisileyo yesiveliso sakhe. Uchaza ukuba iimalike zokuqala zakhe zaziseGauteng, eLimpopo, naseMpumalanga, kodwa oko kwakhawuleza kwanwenwela nakwezinye iindawo. 

“Ngoku ndinabathengi abakude njengaseKapa, eZambiya, eNamibhiya, eBotswana, eZimbabwe, yaye oko kuthetha ukuba iimfuneko zam zokuthengwa kweempahla zimele ukufezekisa le mfuneko. Kufuneka ndibe nako ukusa isiveliso sam apho yaye ndikwenze oko ngokukhawuleza.

“Yingxaki elungileyo ukuba nayo xa imfuneko ingaphezulu kunokuba kulindelekile. Into nje kukuba ngoku, kufuneka ndenze izinto ngokukhawuleza.”

Inkqubo ebeka phambili abantu

Ngokuqinisekileyo, uthando olumandla yenye yezinto ezimqhubela phambili uMuvhenzhe. Olo thando lumandla, nakuba kunjalo, luqhutywa ngabantu. 

“Okungaphezulu kwayo nayiphi na into, kuye kwangabantu endidibene nabo kolu hambo. Iye yayinto echulumancisa kakhulu ngolona hlobo. Ndihlangana nabantu ngabantu yaye ndifunda okuninzi kubo. Leyo yeyona nto iyinzuzo ngokuba kweli shishini.”

UMuvhenzhe ucaphula ukuhlangana nabantu ngabantu njengesona sizathu sisisiseko sakhe sokuqhubeka esebenza, ngaphandle kwemingeni anokujamelana nayo. 

“Ndiqhagamshelana noninzi lwabathengi bam. Bandithumela imifanekiso yeebhotile zeKupisa ezisezifrijini xa beneebhrayi, izidlo zabo, xa besezirestyu, bathatha imifanekiso. Ndiyayithanda loo nto. Oko kundigcina ndichulumancile.”

Ukusuka kusomashishini othile ukuya komnye

UMuvhenzhe uneli cebiso lilandelayo malunga nabo banokuba ngoosomashishini bezolimo:

Yiba nothando olumandla

Yenza into oyithandayo. Yenza oko ukuthanda kakhulu kuba kuseza kuhamba kube nzima. Ukuba kunzima, yaye akunathando lumandla ngoshishino, kuya kuba nzima ukuqhubeka. 

Ishishini ngabantu

Kufuneka uyiqonde into yokuba akungomnini weshishini ncam. Ngabantu abangabanini beshishini. Abathengi ngabo abangabanini beshishini, abazisimpahla bakho ngabo abangabanini beshishini, njl. Kufuneka uphangalale ukucinga ekuthini kukho impembelelo eninzi esuka kubantu eya kuchaphazela ishishini lakho. Wena [kwakhona] kufuneka ubathande abantu. Yiba nobubele. Ngokucacileyo, ekupheleni kosuku, uxanduva lukuwe lokwenza ishishini libe yimpumelelo, kodwa yiqonde into yokuba lishishini labantu.

Yiba ngumntu ofundisekayo

Akwazi yonke into, ngoko ke kufuneka ufunde. Yiba ngumntu ofundisekayo, ubuze xa ungazi. Fumana abanye abantu ukuba ufumana ubunzima ngento ethile kuba ishishini asikokuthengisa nje kuphela, asikoyila izinto kuphela, liquka [eminye imiba enjengale-] ezemali, umzekelo. Uyifunda phi loo nto, ukuba ngaba, kwimeko yam, indawo osuka kuyo yeyokuthengiswa kweempahla neenkonzo? Kum, ibisoloko ingamalungiselelo into ephambili, kodwa ngoku nam ngokunjalo ndiyakwazi ukulawula iimali zeli shishini. Kufuneka ndenze imisebenzi emalunga nokubhenkisha ukulungiselela ishishini. Zezo ntlobo zezinto ongafuna ingcebiso yabanye abantu okanye ukuncedwa ukuzenza. 

Ngumsebenzi onzima

Kufuneka usebenze nzima. Kufuneka usebenze iiyure ezininzi. Uza kulala ebusuku kakhulu. Uza kuvuka kwasekuseni. Ishedyuli yakho iza kutshintsha. Iimpelaveki zakho zinokungabi zezokunxibelelana nabantu kwakhona, koko ibe zezokusebenza. 

KWAKHONA FUNDA: Amahlebo ka-Aldrin okuba ngumfama weetapile owaphumelela amabhaso

Tags: isiXhosa

Nicole Ludolph

Born and bred in Cape Town, Nicole Ludolph is always telling a story. After a few years doing this and that, she decided that she might as well get paid for her stories. Nicole began her journalism career writing science articles for learner magazine Science Stars and interning at Getaway Magazine.

Related Posts

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

22nd October 2023
Farmer 101: How to produce watermelons
isiXhosa

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
Breyton Milford has been appointed as Agri-Expo’s new general manager. He is pictured with Dr Ivan Meyer, the Western Cape government minister of agriculture. Photo: Supplied/Agri-Expo

Agri-Expo retrenches 10, appoints new GM

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Smart vineyard irrigation starts below the ground

Treat food processing as essential national infrastructure – Khoury

Farmers urged to embrace uncertainty and build resilience

SA poultry industry calls for urgent bird flu vaccine rollout

Mother’s legacy, neighbour’s grace: Venessa Simelane’s farm story

Deadline looms: Register water use by 23 July or risk penalties

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.