ISebe loPhuhliso lwamaPhandle neNguqu kwezoLimo laseMpuma Koloni likuqinisekisile ukuqhambuka kwesifo samathumba asesikhumbeni nokukhuthaza abanini beenkomo kwiphondo ukuripota iikheyisi zeenkomo ezisulelekileyo.
Isifo samathumba asesikhumbeni (LSD) sisifo sevayirali esisulela kakhulu seenkomo kunye neenyathi esibangela ukufa okusezantsi. Isifo singakhokelela kwimiba yentlalontle yezilwanyana kunye nelahleko enkulu. Nakuba kunjalo, asibachaphazeli abantu.
Amafama aseMpuma Koloni sichaze iikheyisi zeLCD. UMasiza Mazizi, isithethi sesebe leMEC uNonkqubela Pieters, waqinisekisa kwabakwaFood For Mzansi esi sifo sele sinwenwele kumafama nakwiindawo ezisetyenziswa nguwonkewonke kwiindawo ezithile zephondo
“Ukunwenwa kwesi sifo kweli phondo nokuqatsela kwaso kuphakathi njengoko amaqondo okufa phakathi kweenkomo kusasele kusezantsi.
“Iikheyisi zesifo samathuba asesikhumbeni sele sinikiwe ingqwalaselo kwaza kwaqaliswa netheraphi yokunika inkxaso ukunciphisa ukufa kweenkomo,” uMazizi watsho.
Ekufuneka ukwazile
AbakwaFood For Mzansi ubuze iSebe ukuba ngaba lizihlayile na iinkcukachamanani ezifumanekayo kwiikheyisi zeLSD kweli phondo. “Ukufaka inani leenkomo ezifileyo kunzima ukukubala ngokwakweli nqanaba. Sinokusuka nje senze uqikelelo olunika ulwazi ekupheleni kukaJuni,” uMazizi utshilo.
“Asikukho konke ukufa okuchazwayo ngamafama kuze kurekhodwe liSebe. Kunzima kwakhona ukuqinisekisa ngonobangela wokufa kwimeko yesifo samathumba asesikhumbeni.”
ISebe, ngeli lixa, licebisa abanini beenkomo ukuba batofe iinkomo zabo.
“Amathole eenkomo ezitofiweyo ukuya kutsho kulawo anganeno kwiinyanga ezintandathu okanye ezo nkomo zisulelekileyo zikhuselekile kusuleleko,’ ulumkisile uMazizi.
Iimpawu emaziqatshelwe
Amafama anako ukuyiqwalasela iLSD kwiinkomo zabo ukuba kukho ukulahlekelwa ngumdla wokutya, ukuhla kobunzima bomzimba, ukuveliswa kobisi kancinane, okanye ukuba iinkunzi zifumana iingxaki zokuqhama kwinzala.
Xa kuziwa kubhekiselwe kwizitofu, iOnderstepoort Biological Products isilumkisa ukuba iinkomo zinokufumana iziphumo ezingatshongo khona.
“Ezinye iinkomo zinokufumana ukudumba kwindawo etofiweyo ukususela malunga nosuku lwesine ukuya phambili. Oku kudumba kungakukhulu kakhulu kodwa kuya kunyamalala exesheni kungashiyi ziphumo zakamva.
“Ukukwazi ukuzikhusela kwiintsholongwane kuyaqalisa malunga neentsuku ezili10 emva kwesitofu sokugonywa kunye nezilwanyana kufuneka zikhuseleke ngokupheleleyo emva kweeveki ezintathu, nakuba kunjalo, isitofu asidluliseli ukhuseleko olupheleleyo kuzo zonke izilwanyana,” u-OBP ubhale watsho kwiwebhusayithi yabo.
Iinkomo ezitofiweyo kufuneka zingaxhelelwa kutyiwa ngabantu zingadlulanga iintsuku ezingama21 zokutofwa kweLSD.
“Ukuhla okwethutyana kokuveliswa kobisi [kwiinkomo] kunokwenzeka. Ipesenti encinane yeenkomo ikhuselekile ngokwasendalweni kwisifo samathumba asesikhumbeni yaye azifumani kukhula kwezilwantlungu emva kokutofwa.
“Xa oku kusenzeka, akukho kuveliswa kwezilwantlungu ezikwimibele yaye amathole ezi nkomo angasemngciphekweni ukususela kwiminyaka eselula.”
FUNDA OKULANDELAYO: Amabhinqa akwezolimo nemfuyo: Yabelana ngoluvo lwakho!
Sayinela ukufumana uMzansi Namhlanje: Iingcinga zakho zamihla le ngokwenzekayo kumxokelelwano wothutho lweziveliso zezolimo nemfuyo.