Saturday, September 5, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

Iresipi yesityu senyama yegusha somthandi wezidlo

Isityu esiphekwa ngembiza engunopotyi sisidlo esithandwa kakhulu eMzantsi Afrika. Lo gama sineendidi ezahlukileyo, esi sityu senyama yegusha esivuzisa izinkcwe siya kukwenza ube nebhongo lokuba ngowaseMzansi

by Noluthando Ngcakani
17th April 2023
in Iiresipi, isiXhosa, Recipes
Reading Time: 3 mins read
A A
Iresipi: Isityu senyama yegusha somthandizidlo

Akukho nto ibanqandayo abemi baseMzantsi Afrika ukuba bapheke ukutya bothe umlilo. Zamani inyama yegusha kaMethoa Zitha.

UMethoa Zitha ongumthandizidlo osakhulayo uqale ukukuthanda ukutya kwiminyaka eli13 yaye akazange aphinde ajonge ngasemva ukususela ngoko. Xa wayechitha iiyure encedisa unina, uBeauty Mabasa, ekuphekeni izidlo uZitha wafumana ubuchule obungazange busetyenziswe ngaphambili ngokuba sekhitshini. 

Ukususela ngoko umfo lo uye wazenzela umsebenzi kwindawo yeerestyu zaseGoli, efunda kwabanye ooshefu abatshatsheleyo baseMzantsi Afrika. 

Skrola uhle ukufumana iresipi kwinguqulelo yakhe yesidlo sikanopotyi esithandekayo saseMzantsi Afrika. 

“Ngo2016 ndandisebenza kwaMugg&Bean nakwirestyu iSaint ndaza emva koko ndaqalisa ukusebenza njengeshefu encinane kwirestyu iMarble eRosebank, apho ndikhoyo ngoku kule minyaka mithathu idlulileyo,” utsho uZitha.

UMethoa Zitha wajonga ngaphaya kweemeko zakhe waza wagxininisa ekuzixhobiseni yena ubuqu ekhitshini endaweni yoko. Namhlanje usebenza ngokugudlana amagxa nenye yeeshefu ezisemagqabini zaseMzans, uDavid Higgs. 

UMethoa Zitha waye wajonga iimeko zakhe zexesha elidlulileyo waza wagxininisa ekuzixhobiseni ngezakhono ekhitshini endaweni yoko. Namhlanje usebenza esecaleni kwenye yeeshefu ezisemagqabini zaseMzansi, uDavid Higgs. 

Umcebisi owamtshintsha ubomi bakhe

UZitha ngoyena mdala kakhulu kwabasibhozo osapho lwakhe lwafudukayo ukusuka eZimbabwe ukuya eMzantsi Afrika phambi kokuba azalwe. Wakhulela eDiepsloot, kumntla waseGoli. 

“Ndandisoloko ndizigcina ndixakekile yaye ndandingafundi kubandakanyeka kwiintshukumo zolwaphulomthetho okanye kuyo nayiphi na into eyingozi, kuba ndakhulela kwindawo yabanezimilo ezonakele kakhulu,” utsho umfo lo. 

Amandla engqondo kaZitha okugqitha kwiimeko zexesha elidlulileyo apho wayekhuliswe khona kumvulele iingcango eziliqela zokucwangciswa kokutya, kuqukwa nokusebenza ngokugudlana amagxa neshefu esemagqabini yaseMzantsi Afrika uDavid Higgs. 

“Yena [uHiggs] ngumfo olungileyo kodwa akazithandi iimposiso. Ukuba undibonisa okuthile, kufuneka ndiqiniseke ukuba ndikwenza kakuhle oko. UHiggs kwakhona undicebisa ukuba ndimamele kwezinye iishefu xa zizama ukundinceda, kuba baya kundibonisa indlela eyiyo yokupheka,”

utsho uZitha. 

Ngengcebiso kaHiggs, uZitha ungumntu osoloko enentlonipho. “UHiggs usoloko esithi ‘ungabi neengqondo ezingatshongo khona. 

Ubomi bumalunga nokunceda abanye abantu nomfaneleko emehlweni abo,” uyongeza uZitha. 

Ubongoza oogxa bakhe abangabathandi bezidlo kwikhitshi labaqeqeshelwe umsebenzi ukuba bavule amathuba ngokusebenzisa ingcebiso yabanamava. 

“Kholelwe kuwe yaye ungathandabuzi ukufumana inkxaso ethile.” 

Lo mthandi wezidlo uselula kwakhona ungumnyawuzibhayisekile onobuchule osele egqibe umdyarho iAbsa Cape Epic kunye neImana Wild Ride. 

KWAKHONA FUNDA OKULANDELAYO: Abathathu baseSoshanguve bantingela phezulu kwezolungiselelokutya

Fumana iphetshana leendaba elimalunga noKutya okuneNcasa kwaaseMzansi okuthandwa kakhulu:  Lupapasho lwaqho ngeveki lweeresipi ezibawelekayo kunye neengcebiso zendlela yokuphila ezisebenziseka lula.

Yenza isityu senyama yegusha sikanopotyi esinandiphekayo sikaMethoa

UZitha unezicwangciso zokuzivulela irestyu yesiTaliyane yakhe ngenye imini. Ebonisa izakhono zasekhitshini zakhe, uZitha ulungiselele iresipi enandiphekayo yenyama yegusha kanopotyi. 

Ingredients

  • 1kg yenyama yegusha (esethanjeni)
  • 2 amatswele anqunqiweyo
  • 4 iitapile ezizinqunqwe zankulu
  • 2 iminqathe
  • 350g iibheyibhi maro neembotyi eziluhlaza
  • 2 tsp yejinja negalikhi
  • Ipepile emnyama
  • 400 yeegrem zeetomato ezipheleleyo ezinkonkxiweyo
  • 5 amagqabi iibay leaves
  • Ityuwa yokunandiphekisa

Instructions

  1. Zalisa umphakathi wembiza ngeoyile uyenze shushu ioyile.
  2. Galela itswele ele embizeni yakuba shushu ioyile. Kroqa itswele lide libe bhrawuni. 
  3. Ukunandiphekisa, faka igalikhi nejinja uzipheke ngemizuzu emi5.
  4. Galela iminqathe neetapile uziyeke ziphekwe de zithambe. 
  5. Faka inxalenye yezinongo upheke malunga neeyure ezi2 ngobushushu obusezantsi. Sonwabele esi sidlo nerayisi.

Noluthando Ngcakani

With roots in the Northern Cape, this Kimberley Diamond has had a passion for telling human interest stories since she could speak her first words. A foodie by heart, she began her journalistic career as an intern at the SABC where she discovered her love for telling agricultural, community and nature related stories. Not a stranger to a challenge Ngcakani will go above and beyond to tell your truth.

Related Posts

Oh, so oatsy! Creative ways to spice up breakfast
Recipes

Oh, so oatsy! Creative ways to spice up breakfast

3rd June 2026
No oven needed: Easy no-bake dessert recipes
Recipes

No oven needed: Easy no-bake dessert recipes

3rd April 2026
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
SA: Food insecurity weighs heavily on our minds

Food insecurity weighs heavily on Mzansi's mind

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Honoured roots: A father’s legacy, a daughter’s farming dream

Gauteng farmers urged to harness massive urban market

Foot-and-mouth crisis hits SA dairy industry with R1-billion loss

Tough times, hardy cattle: Why Mzansi farmers are choosing Nguni

Dragon fruit thrives in KZN valley despite tough national season

Government hikes sugar import price, but industry warns of gap

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.