Kwiminyaka esandula ukudlula kubonakele kukho utshintshatshintsho ngokugqithisileyo kwamaxabiso okutya okomeleza amajoni omzimba okunjengegalikhi nejinja. Ngethuba lokunyuka kokuvalwa kweentshukumo zelizwe yiKhovidi19 amaxabiso egalikhi anyuka ngokungaphaya kokuphindwe kabini njengoko abantu babethontelana ukuthenga oku kutya kulichiza ukuncedisa kumlo wabo nasekuzikhuseleni kwikhoronavayirasi.
Igalikhi engeniswayo isuka kwamanye amazwe isesona sixa sikhulu semalike yaseMzantsi Afrika, aze ama57% eemfuno zegalikhi zethu afezekiswe yigalikhi engenayo isuka kwamanye amazwe ngokokutsho kwenqaku leFresh Plaza.
Igalikhi ibonwa njengesityalo esinexabiso eliphakamileyo xa sithelekiswayo yaye sinokuveliswa ngamafama amancinane kwinqanaba lezoshishino. Oku kukhokelela ekubeni iZimTrade, yezophuhliso lorhwebo lukazwelonke kunye nequmrhu lokukhuthaza laseZimbabwe yasebumelwaneni, ukuba likhuthaze amafama amancinane kwelaa lizwe ukuba aqalise ukuvelisa igalikhi, ukusebenzisa kanobom ukukhula kwemalike yamazwe ngamazwe, ngokokutsho kwenqaku elikhutshwe yiZim Herald.
Ngokungaphandle kokuthumela igalikhi kumazwe angaphandle njengeebhalbhu ezikrwada, kukho amathuba okongeza ixabiso nokuvelisa iziveliso ezinjengomgubo wegalikho okanye ukuyixuba netyuwa ukuvelisa ityuwa yegalikhi okanye ioyile yegalikhi. Igalikhi elungiselelwe umgcwayelo (pickled), isosi yegalikhi, iviniga yegalikhi, nezibulalazinambuzane zegalikhi zezinye iziveliso ezongeza ixabiso amafama akwizwe lethu anokuzinika ingqwalaselo.
Ukuba uyakhuthazeka ukuba uqale ukukhulisa eyakho igalikhi, qhubeleka ukufunda ukwenzela ukuba ufumane isikhokelo esilula esiya kukunceda ukuba uqalise kungekudala.
Indlela yokukhulisa igalikhi yakho
Igalikhi kulula ukuyikhulisa yaye inokuveliswa kwiindawo ezininzi zeli lizwe. Ilula kakhulu kunezinye izityalo ezinexabiso eliphezulu ngokuphathelele kulawulo lwezityalo. Yaye asikokuphela kwethu abalifumanisa ivumba layo lisongamela, iindaba ezimnandi kubalimi beegadi kuyo yonke indawo kukuba izinambuzane ezininzi zilifumanisa ivumba layo ilelona linganyamezelekiyo. Le bhalbhu inevumba yenza umsebenzi wokuba sisibhebhethi sezinambuzane ngokumangalisayo.
Izityalo ezingamahlakani
Esi sityalo asiphelelanga ukuba sibe sisityalo esikhulu sona sodwa, sinako ukuba sisongezelelo sexabiso phakathi kwezinye zezityalo zakho. Le bhalbhu itsala izinambuzane ezitshabalalisayo kunye neziluncedo, ezinjengamabhungane amancinane. Igalikhi sisityalo esilihlakani elilunge ngokukodwa lekhaphetshu, imithi yeziqhamo, ikhemomayili, ipepile, iirowuzi, ispinatshi, iitumato kunye namaqunube.
Indlela yokutyala igalikhi
Igalikhi ikhula kwindawo eshushu, eyindawo enelanga, etyebileyo, kumhlaba owakhupha kakuhle amanzi engafumani kuba manzi kakhulu ebusika. Iploti eyindawo yokuyilima enomhlaba onyusiweyo isebenza kakuhle kakhulu. Ukutyala igalikhi kulula kakhulu ngokuthelekisayo. Ibhalbhu yegalikhi nganye yenziwe ngamacandelo ahlukeneyo ezaleko abizwa ngokuba zizahlulo zamagaqa (iiklovu) ezihlanganiswe sisaleko esibuphepharha esinciphileyo.
Phambi kokutyala, zahlule izahlulo zamagaqa zizimele. Omawukwenze nje kukwahlula izahlulo zamagaqa kwigalikhi ethengwe kwimali uze uzifake ngokugqagqeneyo emhlabeni ngokwemigca ecace gca. Izahlulo zamagaqa kufuneka zityalwe icala elitsolo lazo libe ngaphezulu lize eli cala lingatsolwanga libe lijongiswe ezantsi. Tyhala isahlulo segaqa ngalinye sibe sibe ngu5cm ukungena emhlabeni, ndindanisa umhlaba ngokuyijikelezileyo, uze ufake amanzi kwiploti ekulinywe kuyo ukuba yomile.
Isicwangciso solandelelwano lwamaxesha
Yeyona nto ibhetele kakhulu ukutyala igalikhi phakathi kwixesha lasekwindla. Igalikhi ifuna inkathalo encinane. Yiphe amanzi qho ususe ukhula phakathi kwezityalo ukunciphisa ukhuphiswano lwamanzi nezakhamzimba. Okuvunyelwana ngako ngokubanzi kukuba kufuneka ulindele ukuvuna igalikho yakho lude uninzi lwamagqabi asezantsi ajike emdaka lo gama la angaphezulu asakhangeleka luhlaza.
Ukuvuna nokugcina igalikhi
Xa amagqabi angezantsi ezityalo zegalikhi yakho ajike amdaka, unako ukuyikhupha igalikhi emhlabeni. Zaneke izityalo zegalikhi ukuze zome kwiiveki ezimbini okanye ezintathu kwindawo enomthunzi enomoya ojikelezayo omyoli. Xa iingcambu zivakala zilula ukophuka yaye zomile, zisuse ngesandla, kwakunye nabo nabuphi na ubudaka obusuka lula. Ungazimanzisi iingqakumba okanye uziqhekeze, ukuba wenjenjalo izityalo azisayi kuhlala ithuba elide kangangoko.
Nje ukuba zome, unokuzigcina iingqakumba zegalikhi ngokukhululekileyo okanye uhlanganise izityalo zazo ukwenza izinto ezibotshiweyo zeengqakumba. Nonophela ukuba ungazonzakalisi iingqakumba, njengoko nawo nawuphi na umonakalo unokuzenza zonakalele elugcinweni.
Nje ukuba uyigqibe le nkqubo, sebenzisa esinye sezahlulo zamagaqa ukutyala nokuqala ekuqaleni kwakhona!
Icebiso eliphambili: Into yokungena kwimalike yegalikhi yaziwa njengento enzima kumafama amancinane. Qiniseka ukuba ufumana imalike yokuthenga yokuthenga okuyimveliso yakho. UWoolworths uxhasa abatyali begalikhi belizwe lethu ngesizini yoko, esusela kuNovemba ukuya kuEpreli.
KWAKHONA FUNDA: Iprojekthi yegalikhi ikhokelela ekunyukeni kwengqesho kwidolophu yaseKaroo