UBusisiwe Mgangxela wazalelwa kwikhaya lezolimo nemfuyo, ngoku udibanise uthando olukhulu analo lokunakekela abantu njengepraktishina yezonyango kwanokufumana ukuphila emhlabeni.
Kwicala likamama wakhe, uMgangxela ukhumbula ukuba utatomkhulu wakhe, onguAlbert Mahobe, akazange aphangele ngaphambili kodwa waba ngumlimi nomfuyi ukwenzela ukuba ase abantwana bakhe esikolweni.
“Ndikhule neentsapho zombini, abecala lakulotata nabecala lakulomama belima yaye befuyile. Yonke imfundo yayihlawulelwe kwingeniso eyayisuka kwezolimo nemfuyo, kungekho zimalimboleko zabafundi okanye NSFAS ngexesha labo.”

Umoya wobusomashishini katatomkhulu wamkhokelela ekubeni abe yinesi eqeqeshiweyo, ikhondo lomsebenzi elo elaye layinkuthazo kumalinge akhe ezolimo nemfuyo kwishishini lemifuno eoganikhi kumhlaba oziihektare ezingama48 eCambridge Village, eMonti, eNtshona Koloni.
“Uyile nto uyityayo, kwenze ukutya kube liyeza lakho,” ucebisa ngelitshoyo uMgangxela.
“Ndandikhuthazwa kukutya okusempilweni, ndilandela umthethosiseko wothintelo lwesiseko usekuthinteleni kunasekunyangeni [kwanokuba] isondlo ngowona mbandela ubaluleke kakhulu kwimpilo yabantu ngabanye, itsho le nkosikazi.
Ecaleni komyeni wakhe, onguPeter, uMgangxela wenza umsebenzi wezolimo nokufuya esebenzisa imithethosiseko yeagriekholoji nokukhulisa iintlobo ezahlukeneyo zemifuno kwisizini enye. Bavelisa uhlaza olunjengeeamaranth kunye neeblackjack) kwakunye nezityalo ezingamayeza ezinjengecancer bush neeherbs ezinjengemoringa.
‘Ndikhokelwa ekubeni abantu batye ngokusempilweni yaye baphile ngokukhuselekileyo nokubangqongileyo bengakhange bathobe umgangatho wezempilo nentlalontle yabo.’
Ekhuliswa ngabazali abakwezolimo nemfuyo kwilali yasePeelton (eNcemerha), phantse ibe ziikhilomitha ezingama60 ukusuka eMonti, njengomntwana, uMgangxela wayedla ngokuncedisa ekunkcenkceshelweni kwezityalo eziyimifuno phambi kokuya esikolweni.
“Utata wam wayedla ngokuthatha ikhefu emsebenzini malunga no-Okthobha ngonyaka ngamnye ukwenzela ukulungisa umhlaba. Xa iimvula zehlobo zokuqala zisina, sazidla ngokuwagcina amanzi emasimini.
“Oku kwakusenziwa kuba umbona wawuveliswa kumhlaba owomileyo [kwiimeko]. Olu lwazi lwemveli lokugcinwa kwamanzi emvula lwaludla ngokugcinwa kwakhona ngexesha lokutyala, ucacisa atsho.
Grooming the nurses of tomorrow
UBusisiwe Mgangxela ukhumbula engumfundi okrelekrele yaye yayidla ngokuba nguye omnye wabafundi abasemagqabini eklasini.
“Utata wam wayedla ngokubuza ukuba, xa mna ndikwindawo yesibini, ngubani owayekwindawo yokuqala. Ukuba yayingomnye oyintombazana, wayedla ngokungakhathazeki. Kodwa, ukuba yayingumfundi oyinkwenkwe, wayedla ngokuthi, ‘Ntombi yam, ungaze uvumele umfundi oyinkwenkwe eklasini abe phambi kwakho eklasini, luthathele kuwe ulawulo”

“Ndiyacinga ukuba ngandlela ithile wayendilungiselela ubunzima bobomi, inkqubo yogonyamelo olwenziwa ngabantu abangootata eqhubeka elizweni lethu,” uyabalisa.
UMgangxela ekuqaleni wayenemaphupha okuba ngugqirha, amehlo akhe ewajongise kwiziko lemfundo ephakamileyo ngoko elalibizwa ngokuba yiMedical University of South Africa (Medunsa) ukuqhubela phambili ngemfundo yakhe. Nakuba kunjalo, uqhawulomtshato olwaye lwenzeka phakathi kwabazali bakhe bamenza ukuba ehle kwiziphumo zezifundo zakhe.
“Ndicinga ukuba oko kwandifaka phantsi koxinzelelo. Andizange ndiwenze amanqaku ayefuneka ukuze ndamkelwe eMedunsa. Yaba lilishwa ukuba utata wam wayesele endifumanele ibhasari emsebenzini wakhe, neyayiphenjelelwe ngamanqaku ayephezulu kakhulu am, de kwafika iziphumo zematriki.”
Emva koko wagqiba ekubeni alandele ekhondweni lobunesi ezinyaweni zikamama wakhe waza waqeqeshelwa ukuba ngumbelekisi eLilitha College of Nursing ekufutshane naseMdantsane ngo1987. Waye wongeza kwizifundo zobunesi iiepaulets, eqhubela phambili izifundo zakhe ngoUNISA waza wathweswa isidanga sakhe kwiinzululwazi zobunesi. Usebenze njengetyhutha eTranskei College eMthatha.
Uvuyo lokuxhamla kwinkqubo yeenguqu kwezomhlaba eyayikukufumana umhlaba lwaphazanyiswa yimingeni yeziseko zophuhliso efama, eyayibangela ulibaziseko ekuphunyezweni kwephupha lam.”
Ubunesi eMzansi, nakuba kunjalo, kwakungenamvuzo. Njengabanye abaninzi wagqiba ekubeni akhangele imivuzo engcono kumazwe angaphandle. Nge16 lamava obunesi, uMgangxela wagqiba ekubeni afudukele eSaudi Arabia ngo2003.
Kwiminyaka emibini eyadlulayo emva koko wabuyela eMzansi kodwa wadinwa kukuba ngumqeshwa weSebe lezeMpilo.
Indlela awawuqala ngayo umsebenzi wokuba ngumfama
“Ndagqiba ekubeni ndingene kwishishini njengomqeshi. Ndaba nethamsanqa lokufumana ithetha kwezokondliwa kwabafundi ezikolweni, ndisisa ukutya ezikolweni eBhayi (neseyisaziwa njengeGqeberha ngoku) phakathi kwamanye amathuba, endayifumana kumasipala wasedolophini iNelson Mandela Metro,” uqhuba atsho.
Amava asefama obuntwana akhawuleza avela kwakhona. UMgangxela wayesisa imifuno emitsha ezikolweni qho ngeveki kodwa waqaphela imfuneko yekhaphetshu eyathi yakhokelela kunyuko lwamaxabiso.

“Oku kwavuselela iinkumbulo endandinazo malunga nokuvelisa ukutya yaza loo nto yandenza ukuba ndithathe isigqibo sokungena kubufama njengeshishini,” utsho.
Kodwa wayefuna okungaphezulu kunokukhulisa ukutya nje kuphela.
“Ingqiqo, ‘ukukhusela kubhetele kunokunyanga,’ igxininiswa kakhulu kwiinzululwazi zezempilo. Esi sihloko simalunga nesondlo kunye nokutya okusempilweni, kodwa akuzange kwamalunga nendlela ukutya ekuveliswa ngayo; nokuba ingaba iinkqubo zokuvelisa kokutya zinento yokwenza nezakhamzimba okanye hayi.”
Wayithanda iagriekholoji xa wathi wafudukela kwilali yakulomyeni wakhe eseXesi ngo2014. Apho waziswa kwilinge elingasekeleze nzuzo, uLimo lweNdalo, oliqumrhu eliqeqesha amafama kwiagriekholoji.
Ucacisa athi, “Iagriekholoji yinkqubo yokuba ngumfama ezinzileyo, ejonge ekunakekelweni komhlaba, indalo, abantu, izilwanyana nako konke okujikeleze indalo.
‘Ukususela oko ndathatha umsebenzi wokuba ngumfama ngokusisigxina, ndisoloko ndilonwabela uhambo lwam.’
“Ndaye ndazibandakanya neentshukumo ezilwa ngokuchasene noxhamlowedwa lwembewu kunye noomatshini abathsithsizayo besebenzisa iiagrikhemikhali. Ndikholelwa ekubeni abantu batye ukutya okusempilweni yaye baphile ngokukhuselekileyo kwiindawo ezibangqongileyo zabo kungakhange kuthotywe umgangatho wezempilo nentlalontle yabo.”
Ukuphila iphupha lokuba ngumfama
Ngowama2020, uMgangxela kunye nomyeni wakhe baye bakwazi ukufumana iihektare zomhlaba ezingama48 eMonti usuka kurhulumente.
Ngokungaphandle kokuba babe nomhlaba wokuqhubeka nobufama, imingeni yaqhubeka ukuphazamisa inkqubelaphambili yakhe, utsho.
“Uvuyo lokuxhamla kwinkqubo yeenguqu yomhlaba nokufikelela kumhlaba iphazanyiswa yimingeni yeziseko zophuhliso efama, lubangela ulibaziseko ekuphunyezweni kwephupha lam lokuqhubeka ndibe ngumfama omkhulu. Saye samkela ifama eyayishiywe elubala, yonakalisiwe, ingabiyelwanga eyayinezilwanyana zasendle ezazihambahamba nje ngokukhululekileyo.
Inkxaso kaRhulumente iyacotha kakhulu yaye ukujonga inkxasomali esuka kwicandelo labucala okanye kwiiNGO ngokunjalo ngumngeni. Basoloko besithi iziseko zophuhliso luxanduva lukarhulumente – yimeko enzima,” utsho.
Ngaphandle kwamahlandinyuka namajikojiko, uye womelela yaye uyawonwabela umvuzo wobomi basefama. “Ukususela ekungeneni kumsebenzi wobufama isigxina, ndiye ndalonwabela uhambo, ndivelisa kancinane kodwa ngempumelelo, nokufuna ukunyukela phezulu ndibe ngumfama ongusomashishini.”

Ukhumbuza amafama asaqalayo ukuqhubela phambili uhambo olunamagingxigingxi ngentshisakalo.
“Ungayivumeli intshisakalo yakho iqhubeke kodwa ingafumani kondliwa, nxibelelana namanye amafama aphumeleleyo, qhubela phambili ukufuna ulwazi olungaphezulu nezinto ezenzekayo ngoku, kodwa uhlale kwizinto okholelwa kuzo.”
KWAKHONA FUNDA: Indlela yokuba ngumfama omkhulu wesizukulwana sokuqala