Monday, September 7, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

UBusisiwe Mgangxeka owayengunesi uphila ngolimo

by Noluthando Ngcakani
25th March 2023
in Inkuthazo, Inspiration, isiXhosa
Reading Time: 6 mins read
A A
UBusisiwe Mgangxela: Owayesakuba ngunesi ufumana ukuphila emhlabeni

UBusisiwe Mgangxela usiyekile isinxibo samagxa obunesi wangena kwezobufama, ukukhulisa ukutya okungamayeza eMonti.

UBusisiwe Mgangxela wazalelwa kwikhaya lezolimo nemfuyo, ngoku udibanise uthando olukhulu analo lokunakekela abantu njengepraktishina yezonyango kwanokufumana ukuphila emhlabeni.

Kwicala likamama wakhe, uMgangxela ukhumbula ukuba utatomkhulu wakhe, onguAlbert Mahobe, akazange aphangele ngaphambili kodwa waba ngumlimi nomfuyi ukwenzela ukuba ase abantwana bakhe esikolweni.

“Ndikhule neentsapho zombini, abecala lakulotata nabecala lakulomama belima yaye befuyile. Yonke imfundo yayihlawulelwe kwingeniso eyayisuka kwezolimo nemfuyo, kungekho zimalimboleko zabafundi okanye NSFAS ngexesha labo.”

Umfama waseMpuma Koloni uBusisi Mgangxela waye waziswa njengosebenze ngokusemagqabini kwiSinelizwi kwiphondo.

Umoya wobusomashishini katatomkhulu wamkhokelela ekubeni abe yinesi eqeqeshiweyo, ikhondo lomsebenzi elo elaye layinkuthazo kumalinge akhe ezolimo nemfuyo kwishishini lemifuno eoganikhi kumhlaba oziihektare ezingama48 eCambridge Village, eMonti, eNtshona Koloni. 

“Uyile nto uyityayo, kwenze ukutya kube liyeza lakho,” ucebisa ngelitshoyo uMgangxela.

“Ndandikhuthazwa kukutya okusempilweni, ndilandela umthethosiseko wothintelo lwesiseko usekuthinteleni kunasekunyangeni [kwanokuba] isondlo ngowona mbandela ubaluleke kakhulu kwimpilo yabantu ngabanye, itsho le nkosikazi.

Ecaleni komyeni wakhe, onguPeter, uMgangxela wenza umsebenzi wezolimo nokufuya esebenzisa imithethosiseko yeagriekholoji nokukhulisa iintlobo ezahlukeneyo zemifuno kwisizini enye. Bavelisa uhlaza olunjengeeamaranth kunye neeblackjack) kwakunye nezityalo ezingamayeza ezinjengecancer bush neeherbs ezinjengemoringa.

‘Ndikhokelwa ekubeni abantu batye ngokusempilweni yaye baphile ngokukhuselekileyo nokubangqongileyo bengakhange bathobe umgangatho wezempilo nentlalontle yabo.’

Ekhuliswa ngabazali abakwezolimo nemfuyo kwilali yasePeelton (eNcemerha), phantse ibe ziikhilomitha ezingama60 ukusuka eMonti, njengomntwana, uMgangxela wayedla ngokuncedisa ekunkcenkceshelweni kwezityalo eziyimifuno phambi kokuya esikolweni.

 “Utata wam wayedla ngokuthatha ikhefu emsebenzini malunga no-Okthobha ngonyaka ngamnye ukwenzela ukulungisa umhlaba. Xa iimvula zehlobo zokuqala zisina, sazidla ngokuwagcina amanzi emasimini. 

“Oku kwakusenziwa kuba umbona wawuveliswa kumhlaba owomileyo [kwiimeko]. Olu lwazi lwemveli lokugcinwa kwamanzi emvula lwaludla ngokugcinwa kwakhona ngexesha lokutyala, ucacisa atsho.

Grooming the nurses of tomorrow

UBusisiwe Mgangxela ukhumbula engumfundi okrelekrele yaye yayidla ngokuba nguye omnye wabafundi abasemagqabini eklasini.

“Utata wam wayedla ngokubuza ukuba, xa mna ndikwindawo yesibini, ngubani owayekwindawo yokuqala. Ukuba yayingomnye oyintombazana, wayedla ngokungakhathazeki. Kodwa, ukuba yayingumfundi oyinkwenkwe, wayedla ngokuthi, ‘Ntombi yam, ungaze uvumele umfundi oyinkwenkwe eklasini abe phambi kwakho eklasini, luthathele kuwe ulawulo”

UBusisiwe Mgangxela (onama60) waye wakhuthazeka yimpembelelo yezobunesi kamama wakhe yokuba enze umsebenzi wokuba ngumfama. 

“Ndiyacinga ukuba ngandlela ithile wayendilungiselela ubunzima bobomi, inkqubo yogonyamelo olwenziwa ngabantu abangootata eqhubeka elizweni lethu,” uyabalisa.

UMgangxela ekuqaleni wayenemaphupha okuba ngugqirha, amehlo akhe ewajongise kwiziko lemfundo ephakamileyo ngoko elalibizwa ngokuba yiMedical University of South Africa (Medunsa) ukuqhubela phambili ngemfundo yakhe. Nakuba kunjalo, uqhawulomtshato olwaye lwenzeka phakathi kwabazali bakhe bamenza ukuba ehle kwiziphumo zezifundo zakhe.

“Ndicinga ukuba oko kwandifaka phantsi koxinzelelo. Andizange ndiwenze amanqaku ayefuneka ukuze ndamkelwe eMedunsa. Yaba lilishwa ukuba utata wam wayesele endifumanele ibhasari emsebenzini wakhe, neyayiphenjelelwe ngamanqaku ayephezulu kakhulu am, de kwafika iziphumo zematriki.”

Emva koko wagqiba ekubeni alandele ekhondweni lobunesi ezinyaweni zikamama wakhe waza waqeqeshelwa ukuba ngumbelekisi eLilitha College of Nursing ekufutshane naseMdantsane ngo1987.  Waye wongeza kwizifundo zobunesi iiepaulets, eqhubela phambili izifundo zakhe ngoUNISA waza wathweswa isidanga sakhe kwiinzululwazi zobunesi. Usebenze njengetyhutha eTranskei College eMthatha.

Uvuyo lokuxhamla kwinkqubo yeenguqu kwezomhlaba eyayikukufumana umhlaba lwaphazanyiswa yimingeni yeziseko zophuhliso efama, eyayibangela ulibaziseko ekuphunyezweni kwephupha lam.”

Ubunesi eMzansi, nakuba kunjalo, kwakungenamvuzo. Njengabanye abaninzi wagqiba ekubeni akhangele imivuzo engcono kumazwe angaphandle. Nge16 lamava obunesi, uMgangxela wagqiba ekubeni afudukele eSaudi Arabia ngo2003. 

Kwiminyaka emibini eyadlulayo emva koko wabuyela eMzansi kodwa wadinwa kukuba ngumqeshwa weSebe lezeMpilo.

Indlela awawuqala ngayo umsebenzi wokuba ngumfama

“Ndagqiba ekubeni ndingene kwishishini njengomqeshi. Ndaba nethamsanqa lokufumana ithetha kwezokondliwa kwabafundi ezikolweni, ndisisa ukutya ezikolweni eBhayi (neseyisaziwa njengeGqeberha ngoku) phakathi kwamanye amathuba, endayifumana kumasipala wasedolophini iNelson Mandela Metro,” uqhuba atsho.

Amava asefama obuntwana akhawuleza avela kwakhona. UMgangxela wayesisa imifuno emitsha ezikolweni qho ngeveki kodwa waqaphela imfuneko yekhaphetshu eyathi yakhokelela kunyuko lwamaxabiso. 

Kwiihektare ezingama48 eziseMonti, uBusisiwe Mgangxela wenza ulima imifuno eoganikhi esebenzisa inkqubo yeagrikholoji. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood For Mzansi

“Oku kwavuselela iinkumbulo endandinazo malunga nokuvelisa ukutya yaza loo nto yandenza ukuba ndithathe isigqibo sokungena kubufama njengeshishini,” utsho. 

Kodwa wayefuna okungaphezulu kunokukhulisa ukutya nje kuphela.

“Ingqiqo, ‘ukukhusela kubhetele kunokunyanga,’ igxininiswa kakhulu kwiinzululwazi zezempilo. Esi sihloko simalunga nesondlo kunye nokutya okusempilweni, kodwa akuzange kwamalunga nendlela ukutya ekuveliswa ngayo; nokuba ingaba iinkqubo zokuvelisa kokutya zinento yokwenza nezakhamzimba okanye hayi.”

Wayithanda iagriekholoji xa wathi wafudukela kwilali yakulomyeni wakhe eseXesi ngo2014. Apho waziswa kwilinge elingasekeleze nzuzo, uLimo lweNdalo, oliqumrhu eliqeqesha amafama kwiagriekholoji. 

Ucacisa athi, “Iagriekholoji yinkqubo yokuba ngumfama ezinzileyo, ejonge ekunakekelweni komhlaba, indalo, abantu, izilwanyana nako konke okujikeleze indalo.

‘Ukususela oko ndathatha umsebenzi wokuba ngumfama ngokusisigxina, ndisoloko ndilonwabela uhambo lwam.’

“Ndaye ndazibandakanya neentshukumo ezilwa ngokuchasene noxhamlowedwa lwembewu kunye noomatshini abathsithsizayo besebenzisa iiagrikhemikhali. Ndikholelwa ekubeni abantu batye ukutya okusempilweni yaye baphile ngokukhuselekileyo kwiindawo ezibangqongileyo zabo kungakhange kuthotywe umgangatho wezempilo nentlalontle yabo.” 

Ukuphila iphupha lokuba ngumfama

Ngowama2020, uMgangxela kunye nomyeni wakhe baye bakwazi ukufumana iihektare zomhlaba ezingama48 eMonti usuka kurhulumente. 

Ngokungaphandle kokuba babe nomhlaba wokuqhubeka nobufama, imingeni yaqhubeka ukuphazamisa inkqubelaphambili yakhe, utsho. 

“Uvuyo lokuxhamla kwinkqubo yeenguqu yomhlaba nokufikelela kumhlaba iphazanyiswa yimingeni yeziseko zophuhliso efama, lubangela ulibaziseko ekuphunyezweni kwephupha lam lokuqhubeka ndibe ngumfama omkhulu. Saye samkela ifama eyayishiywe elubala, yonakalisiwe, ingabiyelwanga eyayinezilwanyana zasendle ezazihambahamba nje ngokukhululekileyo. 

Inkxaso kaRhulumente iyacotha kakhulu yaye ukujonga inkxasomali esuka kwicandelo labucala okanye kwiiNGO ngokunjalo ngumngeni. Basoloko besithi iziseko zophuhliso luxanduva lukarhulumente – yimeko enzima,” utsho. 

Ngaphandle kwamahlandinyuka namajikojiko, uye womelela yaye uyawonwabela umvuzo wobomi basefama. “Ukususela ekungeneni kumsebenzi wobufama isigxina, ndiye ndalonwabela uhambo, ndivelisa kancinane kodwa ngempumelelo, nokufuna ukunyukela phezulu ndibe ngumfama ongusomashishini.”

Ekunye nomyeni wakhe, uPeter, uBusisiwe Mgangxela (onama60) ungumfama kwishishini lemifuno eoganikhi eliziihektare ezingama48 eMpuma Koloni.

Ukhumbuza amafama asaqalayo ukuqhubela phambili uhambo olunamagingxigingxi ngentshisakalo.

“Ungayivumeli intshisakalo yakho iqhubeke kodwa ingafumani kondliwa, nxibelelana namanye amafama aphumeleleyo, qhubela phambili ukufuna ulwazi olungaphezulu nezinto ezenzekayo ngoku, kodwa uhlale kwizinto okholelwa kuzo.”

KWAKHONA FUNDA: Indlela yokuba ngumfama omkhulu wesizukulwana sokuqala

Tags: agroecologySinelizwe citizen journalism project

Noluthando Ngcakani

With roots in the Northern Cape, this Kimberley Diamond has had a passion for telling human interest stories since she could speak her first words. A foodie by heart, she began her journalistic career as an intern at the SABC where she discovered her love for telling agricultural, community and nature related stories. Not a stranger to a challenge Ngcakani will go above and beyond to tell your truth.

Related Posts

BenicaTheFarmer: The nurse who built an agricultural empire
Inspiration

BenicaTheFarmer: The nurse who built an agricultural empire

7th September 2026
Former electrical engineer builds farming powerhouse on tribal land
Inspiration

Former electrical engineer builds farming powerhouse on tribal land

31st August 2026
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
Farmer 101: Tips to process mopani worms

Farmer 101: Tips to process mopani worms

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

BenicaTheFarmer: The nurse who built an agricultural empire

Rural safety under fire as stock theft and farm violence persist

This week’s agri events: 07–11 September

Tiger Brands CEO calls for stronger food value chain

Plant, pick, protect: The rising potential of urban foraging in SA

RSVP now: Emerging farmers’ programme at Nampo Cape

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.