Tuesday, July 21, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

USkepe bubungqina obuphilayo bokuba ekunyamezeleni kukho umvuzo

Indlela egwegwelezayo yakhokelela umfama waseBhisho kweyona ndawo awayesinga kuyo eyayimangalisa. Emva kokuba engazange aphumelele ekuyifumaneni ibe yeyakhe ifama yefemeli, uSiyabulela Skepe walixhamla ngokupheleleyo ithuba elaye leza nomhlaba owawungenamntu karhulumente yaye xa kunamhlanje uxhamla konke okuyinzuzo lo gama afundisa ulutsha.

by Vateka Halile
26th April 2023
in Farmers, Inkuthazo, isiXhosa
Reading Time: 5 mins read
A A
USkepe bubungqina obuphilayo bokuba ekunyamezeleni kukho umvuzo

USiyabulela Skepe ulima kwiindawo eziliqela eziseBhisho, ezinjengemihlaba yezikolo, eyezibhedlele, nakweyeekholeji zamapolisa, waza nkqu wazithengela neyakhe iploti.

Uyaluthanda uluntu lwasekuhlaleni kwakhe, uyintloko yeshishino lezolimo nemfuyo, kwaye unombono wokwenza ngcono indlela yokuphila yakhe kunye nezingokhuseleko lokutya eMzansi. USiyabulela Siyamthanda Skepe uvelisa izilimo ezahlukeneyo kwizikolo eziliqela nakumaziko karhulumente eBhisho nakwimimandla eyingqongileyo eMpuma Koloni, apho wayezalelwe wakhulela khona.

Ngenxa yokwahlukana kwabazali bakhe ngowe1995, yena nomama wakhe bafudukela eHewu, ekufutshane neVetlisi, apho waye wakhula umdla kwezolimo nemfuyo. 

Umakhulu wakhe, onguNombulelo Sishuba, wayengumfama ozinikeleyo owayelima iindidi ezahluke kakhulu zezilimo emhlabeni wakhe. Oku kwakuquka umbona, imixoxozi, amathanga, iitapile, ispinatshi, itswele, iminqathe, ibhitruthi, iiertyisi, ikhaphetshu, kunye nemithwane (iincam zemilibo yethanga). 

Namhlanje, uSkepe ulichule kwisiveliso esitsha esivela kuzo zonke iindawo alima kuzo, eziquka iTyutyu Primary, iSnako Primary, kunye neZameka Primary School. Uxakekile kwakhona kuthethathethwano neBisho High kunye neBisho Primary. 

“Ndisebenzisa ubugcisa obuziindidi ezimbini: ukusebenza igadi ngezinto ezioganikhi kumhlaba ovulekileyo kunye nenkqubo yothontsizisomanzi yehayidroponikhi kumjelo wamanzi. Ngokusebenzisa iihayidroponikhi, songa inxalenye eninzi yamanzi. Xa kuthelekiswa nendlela yonkcenkceshelo eqhelekileyo kumhlaba ovulekileyo, songa ngaphezu kwama60% okanye ngaphezulu wamanzi,” utsho. 

“Ngaphezulu, ufumana imeko elawulwa kakhulu ekunako ukuba ibe sele isetyenziswa ngendlela umntu afuna ngayo (enjengobushushu bomzimba kumjelo ohambisa amanzi. Isivuno kwakhona siyaphucuka ngokutshintsha izondlo kokuxutywa nezixhobo zokunkcenkceshela.”

USiyabulela Skepe usebenzisa ubugcisa obundidimbini: ukusebenza igadi ngezinto ezioganikhi kumhlaba ovulekileyo nenkqubo yothontsizisomanzi yehayidrophonikhi kumjelo ohambisa amanzi. Ifoto kubonelelwe ngayo/NgabeFood For Mzansi.

Yonekani amaphiko akhe

Njengenkwenkwana, uSkepe wayenomdla wokwazi ngoshishino, yaye ukufuna ulwazi kwakhe kwamkhokelela kwishishini lokuthengisa iilekese, kunye neephefyum. 

Eyunivesithi waye wavana kakhulu nozakubo waseTsomo owayebhalisele inkqubo yocwangciso lwezemali, yaye aba babini bathi gqolo ngokunxibelelana qho ngezophuhliso lolimo nemfuyo. Uthando lukaSkepe lokuba ngumlimi nomfuyi lwaye lwangena nzulu ngokuhamba kwexesha. 

“Ndaqalisa njengonozakuzaku waseCapitec Bank ngowe2012. Elo candelo lapheliswa ngowe2014, ndandisebenza njengomphathi oncedisayo apho de ndemka ngowe2016.”

Bobabini bafumana iploti yomhlaba eyayisuka kumhlobo wosapho baza bayisebenzisela ushishino lwabo. 

“Qho ngenyanga, ndandidla ngokumnika imali ukwenzela ukuba aqalise umsebenzi wokuba ngumfama kunye nathi. Ndakwenza oku unyaka wonke.” 

USkepe uthi wayedla ngokuqhuba aye Emawusheni qho ngempelaveki kangangeminyaka emibini, ukususela ngowe2016 ukuya kowe2017, ukusebenza kwiprojekthi yabo.  “Ekuqaleni, sasebenza kwiihektare ezintathu saza sandisa kwade kwaphuhliseka iploti yonke.” 

SUSiyabulela Skepe ngumfama osebenzisa izinto ezioganikhi waseBhisho

Ukuqala kwethuba elitsha kraca

USkepe uthi ekuqaleni, babenike ingqwalaselo ekukhuliseni imifuno emitsha nokufuya iinkuku. Bagqiba ekubeni bakhe iikhoteji kwisiqwenga esinye somhlaba ukwenzela ukuba babe nako ukuhlala efama njengoko yaye yanempumelelo. 

Baye babonelela ngeenkonzo kumashishini asesikweni nangekho sesikweni kwiingingqi zaseCofimvaba naseTsomo. Abathengi babo babebandakanya iivenkile ezinkulu uSpar noBoxer. Ukongeza koko,  babesebenza kwindlwana yokuthengisela eyayiphambi kwevenkile uSpar. 

“Nakuba kunjalo, iipolitiksi zefemeli zavela ngokungathandekiyo yaza ifemeli yabanga ubumnini bomhlaba ngeenjongo zolimo. Mna nomhlobo wam asizange saba namvumelwano yengqesho yepropati ke ngoko sanyanzeleka ekugqibeleni ukuba siyishiye loo projekthi.”

Iimeko ekwaba nzima ukuzoyisa

USkepe wayeka kwiprojekthi ngowama2019 wabuyela ekhaya engenanto yaye edandatheke kakhulu ngenxa yokuba yonke iprovidenti fandi yakhe wayichithela kule projekthi. 

“Eyona nto yayilusizi kakhulu kukuba kwakungakwazeki ukususa nantoni na, njengoko uninzi lwezinto zale projekthi zazisisigxina kwipropati, ezinjengezindlu nokuphuculwa kokutyeba komhlaba.”

Ekugqibeleni, imbono yaye yavela. Wacinga ngomhlaba owawungasetyenziswa mntu kumaziko karhulumente. 

“Injongo yam yayikukufuma iipropati ezazibiyelwe isigxina nezazineenkqubo zamanzi ezithembakeleyo. Izikolo zathi qatha kuqala engqondweni.”

USkepe waqhagamshelana nesikolo wathembisa ngokulima aze yena ahlulelane ngesiqingatha sengeniso yesivuno. 

Ngoku uqhuba ezolimo kwimihlaba yezikolo zaseBhisho, ezibhedlele, nakwiikholeji zamapolisa waza wazithengela nkqu neyakhe iploti. 

“Ukususela oko ndaqalisayo ukulima ezikolweni, ndaye ndenza isicelo sokwandiswa kwekharityhulam kuzo zonke izikolo apho ndisebenza khona. Injongo yayikukufundisa abantwana malunga nezolimo kunye noncedo lwako kutshintsho lwemozulu yexesha elide kunye nenzuzo ngokwezemali.”

Yintoni eyaphembelela le mbono?

USkepe wavakalisa injongo yakhe yokutshintsha indlela abantu ababesuka kwiindawo ezazihlwempuzekile ababelubona ngayo ulimo. 

Waqaphela ukuba zikhona iindleko zokuqala ezingephi ezibandakanyekayo kulimo, oko kuthethe ukuba oko kunokuqala njengeshishini elincinane lasekhaya lo gama umfama lowo wayecinga ngeendlela ezinokukhethwa zokwanda.

USiyabulela Skepe upha ummelwane wakhe inxalenye yesiveliso esuka kwisivuno sakhe. 

“Kunetha okanye kunganethi, kwiminyaka emithathu ezayo ndiza kuba ndingumnini wefama yam. Iya kwakhiwa kanye ngolu hlobo ndinomfanekiso wayo, yandise kakhulu ubuchule beBhisho.” 

Ingcamango yokuba “ilinge elisetyenzelwe nzima liyinzuzo” yinyaniso kwabanako ukuba ngoosomashishini, utsho uSkepe. 

“Kholelwa kuyo nantoni na ofuna ukuyenza. Yenza uphando, wangaphumeleli, ufunde koko, uwenzisise umsebenzi wobugcisa bakho. Uba yingcaphephe kuphela ngokungena kumsebenzi.”

Ezolimo olusebenzisa olusebenzisa izinto ezioganikhi ubukhulu becala zisebenzisa izithako zasendalweni kunezo zenziweyo. Uthi oku kulondoloza izinongo ezifumaneka ekutyeni, okukhokelela kwimifuno esempilweni ngaphezulu kunye nempilo ephucukileyo. 

USkepe kwakhona usindleka iiseshoni u-“The Hat, apho ashicilela khona iividiyo ezingezolimo. Usasaza iividiyo ezo kubantwana bezikolo zasekuhlaleni nakumafama ukwenzela ukuba lo mxholo unike umdla nangakumbi kwanokwabelana ngobungcali bakhe kwiinkqubo ezitsala umdla. 

OMAKUFUNDWE OKULANDELAYO: Umfama onguMahlatse uyavuya malunga noko anako 

Fumana amaBali angeeNguqu: Amabali akhuthazayo asuka kubantu abondla uMzansi.

Vateka Halile

Vateka Halile grew up in rural areas of Cofimvaba in the Eastern Cape. She was raised in a traditional family setting and found writing to be a source of comfort and escape. Vateka participated in an online citizen journalism course through Food For Mzansi, and her passion for health and medicine-related stories was born. Her dedication to community work and love for social justice and solidarity spaces is evident in her quality time with the community when she isn't working.

Related Posts

Fab five: Food For Mzansi catches up with farmers 5 years later
Farmers

Fab five: Food For Mzansi catches up with farmers 5 years later

24th November 2023
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

22nd October 2023
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
Podcast: Urban farming with an organic twist

Podcast: Urban farming with an organic twist

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Smart vineyard irrigation starts below the ground

Treat food processing as essential national infrastructure – Khoury

Farmers urged to embrace uncertainty and build resilience

SA poultry industry calls for urgent bird flu vaccine rollout

Mother’s legacy, neighbour’s grace: Venessa Simelane’s farm story

Deadline looms: Register water use by 23 July or risk penalties

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.