Amafama, Zininzi izizathu zokuba yintoni ebangela ukuba ufune ukwakha umbiyelo kwifama yakho, ukulahlula kwiipropati, ukugcina izilwanyana zakho ngaphakathi nangaphandle kweendawo ezithile, nangezokhuseleko. Kodwa nokuba siyintoni isizathu sokuba wakhe umbiyelo, kufuneka uqinisekise ukuba ukwenza kakuhle oko.
Umfama wemfuyo uTumelo Olifant, ongumfama weBhonsimara emNtla Ntshona wabelana nathi ngeengcebiso ezingokwakhiwa kombiyelo weenkomo oluya kuhlala ithuba elide. Ukususela ekukhetheni imethiriyeli, ukuya kumphakamo nobude, ukuya kwiingcebiso eziphambili ezimalunga nesayizi kwanestraksha, naku konke ekufuneka ukwazile ngokwakha ucingo lweenkomo oluya kuhlala ithuba elide.
UDona Van Eeden: Yintoni ekufuneka uyithathele ingqalelo xa usakha umbiyelo weenkomo?
UTumelo Olifant: Xa usaqalayo, sebenzisa oko kufumanekayo. Kumatyeli amaninzi into ekuphela kwayo onokuyithenga lucingo, nokuba lelihlabayo okanye elingahlabiyo, eliyidabuli okanye eliyisingili, umahluko wexabiso (umahluko) awukho mkhulu, yaye usebenzise imithi ukwenza iipali.

Xa uceba umbiyo wakho, kufuneka ukhumbule injongo yombiyo ukuba yintoni. Ifoto: Kubonelelwe ngayo
Okufanelekileyo kukuba iingcinga zintsha yaye zigalivanayiziwe yaye ziya kuhlala ithuba elide. Okulandelayo kukuba unokumisela iinjongo zokuthenga iipali ezinguY zentsimbi eziqhelekileyo (iiayoni rodi) usebenzise zona endaweni yemithi. Ekuhambeni kwexesha ungazisusa iipali zomthi zasezikoneni.
Ingcebiso yomfama: Sebenzisa abantu basekuhlaleni
Okubaluleke gqitha kukuba usebenzise abantu basekuhlaleni njengoko inguwe oqesha umntu lowo, asiyonto ininzi kodwa isisiqalo.
Xa sisenza umsebenzi wobufama kukho abantu abanobuchule ekubiyeni, ngoko ke sebenzisa bona ubakhethe ngokwezakhono zabo. Aba bantu bakrelekrele – baya kuwelda istili bakwenzele iipali ngento okwaziyo ukuyifumana, baza emva koko babe ngabantu bakho abaza kumana bekulungiselela umbiyo.
Kufuneka ube ngakanani umphakamo wobiyelo?
Xa ubiyela iinkampu okanye ubuhlanti bakho, into ebalulekileyo ekufuneka uyiqonde yinjongo nohlobo lwesilwanyana ofuna ukusibiyela. Nje ukuba kugqitywe malunga noku, ke ngoko unokuqalisa ukwakha umbiyelo wakho.
Ngokokwam ukubona, njengomfama weziveliso ezixubeneyo ngeenkomo neegusha, ukuvulwa kwesikhewu phakathi (iingcingo) kudlala indima kunye nomphakamo wombiyelo.
Umbiyelo wam yi1.6m ukuphakama size isikhewu esiphakathi sibe malunga nama50-60cm kunye nemiqolo emithandathu yocingo oluhlabayo oluphindwe kabini.
Ingcebiso yomfama engokuqelelaniswa kweepali
Xa uqelelanisa ukusuka kwipali yasekoneni ukuya kwezinye, qho kwiimitha ezingama20 ndifaka ipali eyomeleleyo yokutsala yomeleze ezinye (eyitrekpaal ngesiAfrikansi) (ipali etsala ezinye ngokuthe ngqo). Emva koko ndisebenzisa iipali eziqhelekileyo zesinyithi ezinguY okanye ezinguH ezibizwa ysterpale (iintsimbi eziziintongana). Xa uH oqhelekileyo ethe kratya ngexabiso, ndikhetha iipali eziqhelekileyo ezinguy.
Intsimbi isenokuba phezulu ngexabiso kodwa ukuba uhlala kwindawo ethandwa kukugutyungelwa yimililo yamadlelo, ukukhetha iipali zentsimbi kunezemveliso yomthi kuyinzuzo ebudeni bexesha. Ifoto: Kubonelelwe ngayo

Yeyiphi eyona mathiriyeli iyeyona ibhetele kakhulu: yimveliso yomthi okanye intsimbi?
Mna buqu ndisebenzisa istili, ebendinokucebisa onke amafama ukuba asisebenzise. Uncedo loku lukwindawo esikuyo ethandwa yimililo yamadlelo. Ngoku ukuba ikona yakho neepali eziphakathi kwezinye zezomthi, oko kuthetha ukuba ke ushiyeke nocingo olungenazo iipali. Istili siyamelana nemililo.
Okokugqibela, kwenzeka ntoni ngeegeyithi ezikumbiyelo?
Iigeyithi kufuneka zikwazi ukungenisa iibhaki neetraki. Ngamanye amaxesha uza netreyila yaye kufuneka ukuba benze iYhutheni (iU-turn), ke ngoko igeyithi yakho kufuneka ibe nako ukuvulekela ngaphakathi nangaphandle kwefama ukulungiselela oko usukube ufuna ukukwenza ngelo xesha.
KWAKHONA FUNDA OKULANDELAYO: ‘Yiba nentshisakalo ethe gqolo,’ ucebisa ngelitshoyo umfama weenkomo wasemNtla Ntshona