Wednesday, August 5, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

Amafama amatsha nendlela yokubiyela iinkomo okokuqala

by Dona Van Eeden
23rd April 2023
in Farmer's Inside Track, isiXhosa
Reading Time: 3 mins read
A A
Amafama amatsha: Indlela yokwakha umbiyelo weenkomo xa usaqalayo

Xa usaqala ukwakha umbiyelo weenkomo zakho, usebenzisa oko kufumanekayo.

Amafama, Zininzi izizathu zokuba yintoni ebangela ukuba ufune ukwakha umbiyelo kwifama yakho, ukulahlula kwiipropati, ukugcina izilwanyana zakho ngaphakathi nangaphandle kweendawo ezithile, nangezokhuseleko. Kodwa nokuba siyintoni isizathu sokuba wakhe umbiyelo, kufuneka uqinisekise ukuba ukwenza kakuhle oko. 

Umfama wemfuyo uTumelo Olifant, ongumfama weBhonsimara emNtla Ntshona wabelana nathi ngeengcebiso ezingokwakhiwa kombiyelo weenkomo oluya kuhlala ithuba elide. Ukususela ekukhetheni imethiriyeli, ukuya kumphakamo nobude, ukuya kwiingcebiso eziphambili ezimalunga nesayizi kwanestraksha, naku konke ekufuneka ukwazile ngokwakha ucingo lweenkomo oluya kuhlala ithuba elide.

UDona Van Eeden: Yintoni ekufuneka uyithathele ingqalelo xa usakha umbiyelo weenkomo?

UTumelo Olifant: Xa usaqalayo, sebenzisa oko kufumanekayo. Kumatyeli amaninzi into ekuphela kwayo onokuyithenga lucingo, nokuba lelihlabayo okanye elingahlabiyo, eliyidabuli okanye eliyisingili, umahluko wexabiso (umahluko) awukho mkhulu, yaye usebenzise imithi ukwenza iipali.

Xa uceba umbiyelo wakho, kufuneka uyithathele ingqalelo ukuba iyintoni injongo yombiyelo. 

Xa uceba umbiyo wakho, kufuneka ukhumbule injongo yombiyo ukuba yintoni. Ifoto: Kubonelelwe ngayo

Okufanelekileyo kukuba iingcinga zintsha yaye zigalivanayiziwe yaye ziya kuhlala ithuba elide. Okulandelayo kukuba unokumisela iinjongo zokuthenga iipali ezinguY zentsimbi eziqhelekileyo (iiayoni rodi) usebenzise zona endaweni yemithi. Ekuhambeni kwexesha ungazisusa iipali zomthi zasezikoneni.

Ingcebiso yomfama: Sebenzisa abantu basekuhlaleni

Okubaluleke gqitha kukuba usebenzise abantu basekuhlaleni njengoko inguwe oqesha umntu lowo, asiyonto ininzi kodwa isisiqalo. 

Xa sisenza umsebenzi wobufama kukho abantu abanobuchule ekubiyeni, ngoko ke sebenzisa bona ubakhethe ngokwezakhono zabo. Aba bantu bakrelekrele – baya kuwelda istili bakwenzele iipali ngento okwaziyo ukuyifumana, baza emva koko babe ngabantu bakho abaza kumana bekulungiselela umbiyo. 

Kufuneka ube ngakanani umphakamo wobiyelo?

Xa ubiyela iinkampu okanye ubuhlanti bakho, into ebalulekileyo ekufuneka uyiqonde yinjongo nohlobo lwesilwanyana ofuna ukusibiyela. Nje ukuba kugqitywe malunga noku, ke ngoko unokuqalisa ukwakha umbiyelo wakho. 

Ngokokwam ukubona, njengomfama weziveliso ezixubeneyo ngeenkomo neegusha, ukuvulwa kwesikhewu phakathi (iingcingo) kudlala indima kunye nomphakamo wombiyelo. 

Umbiyelo wam yi1.6m ukuphakama size isikhewu esiphakathi sibe malunga nama50-60cm kunye nemiqolo emithandathu yocingo oluhlabayo oluphindwe kabini. 

Ingcebiso yomfama engokuqelelaniswa kweepali

Xa uqelelanisa ukusuka kwipali yasekoneni ukuya kwezinye, qho kwiimitha ezingama20 ndifaka ipali eyomeleleyo yokutsala yomeleze ezinye (eyitrekpaal ngesiAfrikansi) (ipali etsala ezinye ngokuthe ngqo). Emva koko ndisebenzisa iipali eziqhelekileyo zesinyithi ezinguY okanye ezinguH ezibizwa ysterpale (iintsimbi eziziintongana). Xa uH oqhelekileyo ethe kratya ngexabiso, ndikhetha iipali eziqhelekileyo ezinguy.

Intsimbi isenokuba phezulu ngexabiso kodwa ukuba uhlala kwindawo ethandwa kukugutyungelwa yimililo yamadlelo, ukukhetha iipali zentsimbi kunezemveliso yomthi kuyinzuzo ebudeni bexesha. Ifoto: Kubonelelwe ngayo

Intsimbi isenokuba phezulu ngexabiso kodwa ukuba uhlala kwindawo ethandwa kukugutyungelwa yimililo yamadlelo, ukukhetha iipali zentsimbi kunezemveliso yomthi kuyinzuzo ebudeni bexesha.

Yeyiphi eyona mathiriyeli iyeyona ibhetele kakhulu: yimveliso yomthi okanye intsimbi? 

Mna buqu ndisebenzisa istili, ebendinokucebisa onke amafama ukuba asisebenzise. Uncedo loku lukwindawo esikuyo ethandwa yimililo yamadlelo. Ngoku ukuba ikona yakho neepali eziphakathi kwezinye zezomthi, oko kuthetha ukuba ke ushiyeke nocingo olungenazo iipali. Istili siyamelana nemililo. 

Okokugqibela, kwenzeka ntoni ngeegeyithi ezikumbiyelo?

Iigeyithi kufuneka zikwazi ukungenisa iibhaki neetraki. Ngamanye amaxesha uza netreyila yaye kufuneka ukuba benze iYhutheni (iU-turn), ke ngoko igeyithi yakho kufuneka ibe nako ukuvulekela ngaphakathi nangaphandle kwefama ukulungiselela oko usukube ufuna ukukwenza ngelo xesha. 

KWAKHONA FUNDA OKULANDELAYO: ‘Yiba nentshisakalo ethe gqolo,’ ucebisa ngelitshoyo umfama weenkomo wasemNtla Ntshona

Dona Van Eeden

Dona van Eeden is a budding writer and journalist, starting her career as an intern at Food for Mzansi. Furnished with a deep love and understanding of environmental systems and sustainable development, she aims to make the world a better place however she can. In her free time you can find her with her nose in a book or wandering on a mountain, looking at the world through her camera's viewfinder.

Related Posts

Professionalism pays: How Jantjies built a thriving lucerne business
Farmer's Inside Track

Professionalism pays: How Jantjies built a thriving lucerne business

5th August 2026
More than gadgets: How practical agritech boosts your bottom line
Farmer's Inside Track

More than gadgets: How practical agritech boosts your bottom line

4th August 2026
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
Climate change: What is South Africa’s role?

Climate change: What is South Africa’s role?

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

How grain farmers can secure cash flow and funding in uncertain seasons 

Professionalism pays: How Jantjies built a thriving lucerne business

New agriculture chair targets FMD, governance, oversight

South Africa’s child nutrition crisis demands urgent action

More than gadgets: How practical agritech boosts your bottom line

Western Cape suffers driest July on record ahead of intense El Niño

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.