Monday, September 7, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

Amashishini ezolimo aseMpuma Koloni (EC)

by Wandile Sihlobo
7th February 2023
in Food for Thought, isiXhosa, UkweTyisa iiNgcinga
Reading Time: 5 mins read
A A
Amashishini ezolimo aseMpuma Koloni EC

Amashishini ezolimo aseMpuma Koloni achaze imfuneko yokuba uMzantsi Afrika wandise iimalike zokuthunyelwa kweempahla kumazwe angaphandle ukulungiselela isiveliso esikhulayo seziqhamo nemfuyo. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood For Mzansi

Agbiz chief economist and author Wandile Sihlobo. Photo: Supplied/Food For Mzansi
Usoqoqosho oyintloko weAgbiz, uWandile Sihlobo ukhankanya yonke imingeni ejamelene namashishini ezolimo eMpuma Koloni acinge nangomkhombandlela.

Imingeni ejamelene nezolimo iyafana kuMzantsi Afrika wonke. Usoqoqosho oyintloko weAgbiz uWandile Sihlobo uchaza imingeni yaseMpuma Koloni neenkqubo zongenelelo ezifunekayo.


Emva kokubonisana namashishini ezolimo kumaphondo ahlukeneyo elizwe, ndikunye noogxa bam kwa-Agricultural Business Chamber of South Africa (Agbiz), sichithe ixesha naboshishino lwezolimo kwanamafama aseMpuma Koloni.

IMpuma Koloni liphondo lezolimo elibalulekileyo, elihlanganisa ngokwasemalini malunga ne6% yengeniso yecandelo ethe kratya ngexabiso yaqho ngonyaka, ngokwengqikelelo iyafana neyaseLimpopo, eMntla Ntshona naseGauteng. 

Imingeni ngokubanzi eqhubekayo ukunxunguphalisa iingqondo zeenkokeli zamashishini ezolimo kweli phondo zisisoyikiso sokwenziwa kweenkonzo zikamasipala ezidodobalayo, inkohlakalo kwiiofisi zikarhulumente nokungaphumeleli kwamashishini ezoqhagamshelwano (o.k.t., iindlela, umzila kaloliwe, amanzi, umbane kunye namazibuko).

Oku kufeda ekwenziweni komsebenzi kukhokelele ekwandisweni kweendleko zokuqhuba ushishino kwiphondo nokususa utyalomali kwimisebenzi yamashishini ezolimo anesiveliso lusiwe kulondolozo lweendlela nakwezinye iziseko zophuhliso. 

Ngaphaya kwale mingeni ziimbopheleleko zezolawulo, ezinjengeNkonzo yooGqirha beZilwanyana kaRhulumente kunye nemfuno yokuhlaziya ngokwale mihla uMthetho wama36 (uMthetho wama26 wowe1947) omalunga neeFethilayiza, iiFidi zaseFama, amaYeza ezoLimo noNyango lweMfuyo [Act 36 (Act 36 of 1947) for Fertilizers, Farm Feeds, Agricultural Remedies and Stock Remedies Act]. 

Sele kulithuba elide, uMzantsi Afrika wazamkelayo ezenzululwazi wakhokela izwekazi kuveliso lwezolimo, uxhamla ekwamkeleni ukusetyenziswa kweekhemikhali zezolimo ezibaluleke gqitha, iimbewu kwanamayeza emfuyo.

UMzantsi Afrika (SA) uyaphambuka

Nakuba kunjalo, isantya selizwe siyaphambuka kule ndlela intle. Sishiyeke ngasemva kwabo sikhuphisana nabo ngenxa yokulibaziseka nokusilela kakhulu kwiofisi yeRejistra, okukhokelela kwiziphumo ezingundoqo ezandisa isiveliso ezingafikeleliyo kwishishini lezolimo. Ukungaphumeleli kokuveliswa kwesigonyo sikazwelonke kwakhona kungundabamlonyeni, yaye ishishini lemfuyo kwakhona lisemngciphekweni njengoko ixesha lemvula liqalisa. 

Amashishini ezolimo esisebenzisana nawo kwakhona achaze imfuno yoMzantsi Afrika yokwandisa iimalike zokuthunyelwa kweempahla kumazwe angaphandle ukulungiselela iziqhamo ezikhulayo kwanoko kuveliswa yimfuyo. 

Ngaphezulu, kufuneka kubekho ukuphucuka kubudlelane phakathi kweshishini neenkampani zeenqanawa ukwenzela ukuba amazibuko aseMpuma Koloni akwazi ukufumana ubalaselo kwiinkonzo. Kuye kwakho amathuba apho amazibuko ephondo ebefumana ubunzima ukufumana imizila yeenqanawa ukulungiselela ukuhanjiswa kweziveliso zolimo kwiimalike zokuthunyelwa kweempahla kumazwe angaphandle. 

Imfuneko yokuxhaswa ngemali kwezolimo, ingakumbi inkxasomali yezophuhliso ukulungiselela amafama asangenayo amatsha, kunye nemfuneko yokwakha intembeko nokuphendula ngokwenzayo, kwakunye nokufezekiswa, ukubekwa esweni nokuhlolwa kwezicwangciso zamacandelo ahlukeneyo, lwakhankanywa ngokunjalo kwiinkqubo zokwenziwa komsebenzi. 

IIinkqubo zongenelelo ngoncedo

Imingeni endiyichaza apha ngentla ifumaneka kwiimeko zonke ayiphelelanga kwimisebenzi noxanduva lwesebe lezolimo, inguqu yezomhlaba nophuhliso lwasemaphandleni. Oku kuthetha ukuba olu hlobo lwentsebenziswano norhulumente kuya kufuneka lube banzi  lubandakanye iSebe lemiSebenzi kaRhulumente nezoThutho, phakathi kwezinye. 

Amashishini ezolimo sekulithuba bebambe iingxoxo ngale miba kumaqonga ngamaqonga esizwe kwanokubonisana ngqo nabakwaTransnet kunye nabanye abanebango. Abathathinxaxheba becandelo lezolimo babamba iincoko qho noTransnet ngokusebenza kakuhle nangobuchule kwamazibuko. 

Ukuza kuthi ga ngoku, iTransnet sekulithuba izivulile izandla ukuqhuba imboniswano yaye inobuchule bokusombulula imingeni enjengokwakhiwa ngokutsha kweZibuko laseThekwini emva kweempuphuma ezazitshabalalisa. 

Ukuya phambili, abathathinxaxheba becandelo lamashishini abucala bafuna ukuphicotha amathuba okufumaneka kobuhlakani obubhetele kumasebe ahlukeneyo amazibuko, okunokunceda ekuphuculeni ubuchule, hayi nje kuphela kwezolimo kodwa nakwiindidi ngeendidi zamashishini anjengemigodi nezithuthi.

Ukukhula kokuthumela ngaphandle e-Agbiz

Ngokuvunyiweyo, uxinzelelo lokukhula kokuthunyelwa kweempahla kumazwe angaphandle kuye kwayinto ekhawuleze kakhulu njengoko isiveliso sezolimo sithe rhoqo ukuphucuka yaye nelizwe linomlinganiselo omncinane wokwamkela imveliso entsha. 

Njengoko sele ndichazile ngaphambili kula makhasi, uMzantsi Afrika uthumela kumazwe angaphandle isiqingatha seziveliso sawo ngokwemimiselo yamaxabiso. Ngoko ke, iinzame zikarhulumente nezamashishini zokwandisa imveliso eqhubeka ngaphakathi elizweni kufuneka ibethelelwe ngokwandiswa kweemalike zokuthunyelwa kweempahla kumazwe angaphandle.

IJapani, iTshayina, i-Indiya, iSaudi Arabia, iBangladesh, iPhilippines neSouth Korea zihleli ziziimalike eziphambili apho amashishini ezolimo lwaseMzantsi Afrika anomdla wokwandisa ubukho bawo. Ndiyaqhubeka ukuchaza ezi malike kumasebe karhulumente afanelekileyo nakwiOfisi yoBongameli.

Ubukho babathathinxaxheba bezolimo kwindibano yakutshanje ebiphakathi koMzantsi Afrika kunye neSaudi Arabia ime njengomzekelo wento esiyifunayo ukubonisa intsebenziswano nokutshatshela kwiziveliso zolimo ze“South Africa Inc” njengelizwe. Oku kumele kukulandelwa yimboniswano karhulumente yezobugcisa ukuvula indlela yokuthunyelwa kumazwe angaphandle kweziveliso zolimo zaseMzantsi Afrika.

Isicwangciso sokusebenza

Ngokubhekisele kwinkxasomali yezolimo, ugxininiso lwalukwisixhobo esihlanganiseleneyo esisandula ukuqaliswa sezemali lisebe lezolimo, inguqu kwezomhlaba kwanophuhliso lwasemaphandleni kunye neBhanki yezoMhlaba. Esi sisiveliso esiyimfuneko yaye siya kufaka igalelo elihle ekukhulisweni kwecandelo kwanokuhlangabezana neemfuno zamanye amafama amatsha. 

Ngaphezulu, isebe lezolimo, inguqu kwezomhlaba nophuhliso lwasemaphandleni licwangcise isixhobo senkxasomali esihlanganyeleneyo seenkonzo zemali necandelo lamashishini ezolimo. Iya kuba yintsika engaphezulu ekhusela ngaphezulu eli candelo nokubonelela ngezixhobo eziyimfuneko zokwanda.  

Ngaphezulu, imingeni ejamelene namashishini ezolimo namafama iyafana. Ezi zinto kwakhona ziqondwa kakuhle ngurhulumente nangabanebango bamashishini ahlukeneyo. UMzantsi Afrika ufuna isicwangciso sokusebenza, ingakumbi ekuphuculweni kobuchule kumashishini ezoqhagamshelwano, ekwenziweni kweenkonzo zoomasipala, ukusiphula nengcambu inkohlakalo kunye notshintsho lwemithetho kwisebe lezolimo, inguqu kwezomhlaba kunye nophuhliso lwasemaphandleni. 

Isicwangciso esikhulu iAgriculture and Agro-processing Master Plan sandlala isikhokelo somgaqonkqubo onika imbono ebanzi yemingeni yecandelo size sicebise ngezinye izisombululo. Ayisosicwangciso sigqibeleleyo, kodwa singakwazi ukuphucula imiqathango yokusebenza kwecandelo ukuba siphunyezwe kakuhle nangobuchule ngabo bonke abanebango. Njengoko ezolimo zilelinye lamacandelo aya kunceda ekukhuliseni uqoqosho lwaseMzantsi Afrika, makwandiswe ingqwalaselo kwiinguqu eziyimfuneko ukuvulela ukukhula nokudalwa kwemisebenzi.

  • UWandile Sihlobo ngusoqoqosho oyintloko weAgbiz nombhali wencwadi ethi “Finding Common Ground: Land, Equity and Agriculture”. Iingcamango neembono ezivakaliswe kweli nqaku zezo zombhali yaye azibonakalisi ncam iimbono okanye izigqibo zeFood For Mzansi.

KWAKHONA FUNDA: Indlela yokuba ngumfama omkhulu wesizukulwana sokuqala

Tags: eMpuma KoloniisiXhosa

Wandile Sihlobo

Wandile Sihlobo is the chief economist of the Agricultural Business Chamber of South Africa (Agbiz). He is also a senior research fellow at the department of agricultural economics at Stellenbosch University. He wrote “A Country of Two Agricultures: The Disparities, the Challenges, the Solution” and “Finding Common Ground: Land, Equity and Agriculture”.

Related Posts

Food for Thought

Chicken is booming, but the real money is in the supply chain

2nd September 2026
Food for Thought

How to align your farming cycles with long-term financial success

1st September 2026
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
Podcast: Understanding the dangers of ASF

Understanding the dangers of swine fever

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Young farmers need structured opportunities, not just open doors

BenicaTheFarmer: The nurse who built an agricultural empire

Rural safety under fire as stock theft and farm violence persist

This week’s agri events: 07–11 September

Tiger Brands CEO calls for stronger food value chain

Plant, pick, protect: The rising potential of urban foraging in SA

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.