Yathi iYunivesithi yaseFort Hare kusakuba kunyanzelekile ukuba ithi xhaa ngeeklasi ngenxa yemigaqo yokumiswa ngxi kweentshukumo zeKhovidi-19 kunyaka ophelileyo, uSimanye Sonkebe esebenzisa uthuku lwemvelo wayesazi ukuba eli yayilithuba lokuqalisa ilinge lakhe lokuba ngumfama.
Ngelo xesha, wayesenza unyaka wakhe wesibini njengomfundi wezenzululwazi kwikhampasi yeyunivesithi eseAlice. Endaweni yokuba afike avilaphe nje ekhayeni lakhe eliseDutywa, elimalunga neeyure ezintathu ukusuka apho, wenza imbinana yezigqibo ezinobukrelekrele bengqondo.
“Ndayiqonda ukuba asikazi kuba nako ukubuyela ngoko nangoko esikolweni. Ngoko ke, ndaye ndakubona oko njengethuba lokuqalisa umsebenzi wokuba ngumfama nokuqhuba ishishini elilelam,” uSonkebe uxelela abakwaFood For Mzansi.
Akufundileyo ngokuba ngumfama
Wawuqalisa ngomdla umsebenzi wokuba ngumfama ngezithuba zangoJuni yaye nezilimo zakhe umfo lo zazikhula kakuhle kakhulu. Kwiinyanga ezine emva koko, nakuba kunjalo, waye wafunda kalukhuni umsebenzi wokuba ngumfama: Izilimo zakhe zafa ngenxa yokunqongophala kwamanzi. Oku kwamshiya ekhathazekile waza wathatha ikhefu kumsebenzi wokuba ngumfama.
“[Ngo] Matshi wonyaka olandelayo, ndazama ukutyala kwakhona. Ngethamsanqa, ngeli xesha (kungekudala) amanzi ayefumaneka, kodwa kwakunyanzeleke ukuba ndiye esikolweni yaye umama wayengakwazi ukukhathalela imifuno eyedwa, zaza ke zafa kwakhona,” utsho.
Nakuba kunjalo, umfama wenene wenza icebo waza ngoJulayi waqalisa ukuqwalasela ekufuyeni iinkuku.
USonke uthi wakhetha ukuba ngumfama weenkuku zamaqanda kuba iinkuku ezifuyelwa ukosiwa nokuqandusela amaqanda zifuna ingqwalaselo enkulu. Kuba kwakufuneka aphindele eyunivesithi wayengayiqondi ukuba unina wayeza kukwazi ukuzikhathalela.
Unina womphakathi lo uwuthanda kakhulu umsebenzi wokuba ngumfama, noko. Ufuye iigusha neebhokhwe, yaye uSonkebe uyabulela ukuba ekwazile ukunceda ngamaxesha apho wayengenako ukwenza yonke imisebenzi yokuba ngumfama.
“Umama ndimthumela imali yokuthenga ukutya kweenkuku qho ngenyanga ndize ndithi xa ndiphinda ndibuyela ekhaya, ndimnika ikhefu,” uqhubeka atsho.
Kuthiwani ngeziqinisekiso zemfundo yakhe?
Nkqu nokuba uSonke ufundela ezobunzululwazi ngezilwanyana, ngoku akanasicwangciso sokuqhubeka ngoko.
“Enyanisweni ndifuna ukuqhubela phambili ngomsebenzi wokuba ngumfama njengekhondo lomsebenzi osisigxina. Ukuba ndifuna imali yokuqhubeka ngephupha, ndiya kufumana umsebenzi njengenzululwazi yezilwanyana ukwenza imali yaye nje ukuba ndibe ndiqokelele imali eyaneleyo, ndiya kubuyela kumsebenzi wokuba ngumfama.”
“Njengenkwenkwe esakhulayo ndandisoloko ndifuna ukuba ngugqirha wezilwanyana kuba ndandizithanda izilwanyana. Ndandisoloko ndiyikhathalele intlalontle yazo yaye ndandisoko ndifuna ukuqonda ukuba ndandinokuyiphucula njani na impilo yazo. Kodwa andizange ndamkelwe ezifundweni. ”
Iinjongo zexesha elizayo?
Kwithuba leminyaka eli10 (elishumi) ukuya kweli15 (elishumi elinesihlanu), uSonkebe ufuna ukuba abe sele engumfama ongusomashishini. Abazali bakhe babengamafama amancinane, yaye unethemba lokusebenzisa ukufunda ngamava okwenziweyo kwiminyaka eyadlulayo ukwenzela ukuba akhule abe mkhulu kunabo.
Umphakathi lo ujamelene nemingeni emininzi, noko.
“Imbalela ibe ngowona mngeni mkhulu kakhulu. Ukunqongophala kwezixhobo zokusebenza kananjalo kungumngeni kuba ekhaya ndinokusebenzisa iihektare zomhlaba, kodwa andikwazi [ukwenjenjalo] kuba andinayo itrektara yaye neenkomo esinazo azinako ukulima mhlaba ngenxa yembalela.
Omnye umngeni kukuba andinako ukulinikela lonke ixesha lam kumsebenzi wokuba ngumfama kuba kufuneka ndihoye isikolo, nto ke leyo eyenza ukuba izinto zibe nzima kakhulu. Yaye ukufumana imalike elalini yam kunzima kananjalo kuba iilali ziqelelene yaye abantu kwakhona benza umsebenzi wokufuya iinkuku kunye nemifuno, ngo ke kukho ukhuphiswano. ”
Xa sijonge kwikamva
Oko sele kuthethiwe, ubutshantliziyo nothando lomsebenzi wokuba ngumfama lumgcina eqhubela phambili. Ndiyawuthanda umsebenzi wokuba ngumfama yaye ndaye ndayiqonda into yokuba nangona uninzi lwabantu bewenza bona umsebenzi wobufama, kukho abo bangenzi msebenzi wokuba ngumfama abaya kufuna mna ukuba ndibathengisele isiveliso sam.
Okwesibini, ndikufutshane kakhulu edolophini ngoko ke ndingasithengisa isiveliso sam edolophini. Ngethamsanqa, ndikwanazo neeklayenti kumakhasi onxibelelwano oluntu endithengisa kuzo, ngoko ke oko kugcina ishishini lam liqhubela phambili. ” Icebiso lakhe kwamanye amafama asakhulayo kukuba, bangacingi ngomsebenzi wokuba ngamafama njengecandelo “labantu abadala nabazizityebi”. Thathani amanyathelo, ngamanye ngamanye, utsho.
Kufuneka baqale kancinane bazondelele kuba umsebenzi wokuba ngumfama awukho lula. Kufuneka kwakhona babe nako ukunxibelelana namanye amafama kuba xa bengenako ukunxibelelana bacele uncedo okanye ingcebiso kumafama anamava angaphezulu, amashishini abo akasayi kuphumelela. ”
KWAKHONA FUNDA apha: R350 Covid-19 grant got mixed farmer back on her feet