Yinyaniso, Mzansi! Ukuba nenkqubo yonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi okonga amanzi, ixesha nemali zezona zinto zibubuchule kakhulu ekongeni amanzi, ixesha nemali ukuzisa amanzi kwisiqwengana somhlaba semifuno yakho. Kodwa lo gama iinkqubo zonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi zinokuxabisa kancinane ngokwasemalini, umfama ozikhulisela ukuzisebenzisela yena izityalo wasemNtla Ntshona, uJasto Phale uthi kukho enye indlela exabisa kancinane ngokwezemali – iibhotile eziziilitha ezi2.
Lo mfama uzinze eBrits uthimbe iingqondo zabakhulisa izityalo emva kwendlu kunye nabasebenzigadi basekuhlaleni kulo mmandla ngokusebenzisa inkqubo yonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi eyilwe ngobukrelekrele awayenzayo esebenzisa iibhotile zesiselo esibandayo zeplastiki eziziilitha ezi2 eziphinda zisetyenziswe kwakhona. Lo gama le ndlela yonkcenkceshelo ngongcozisomanzi inokungabi yinto entsha, yinto yokuqala kuPhale nakuluntu lwasekuhlaleni kwakhe nakubakhulisizityalo ngasemva kwezindlu abangamahlakani abo.
“Kundongela ixesha elininzi kakhulu kudale nokukhululeka kwengqondo. Xa ndingekho sekhaya, akukho mfuneko yokuba ndixhalabe malunga nokuba ngubani onkcenkceshela igadi,” uyacacisa.
UPhale ubesoloko ekhulisa imifuno kwisiqwengana somhlaba – ongekho ngaphezulu kwegaraji yemoto – kule minyaka ili10 idlulileyo. Ibisoloko noko iyiprojekthi eyenziwa ngothando olukhulu ebonelela usapho lwakhe ngesiveliso esihlaziyekileyo. Ulima ispinatshi, ibhitruthi neetomato
Intsalela yendawo engasemva kwendlu igcine iinkuku neebhokhwe, kodwa zimbalwa kuphela noko kunjalo, utsho.
Ukufumana isisombululo esibiza kancinane ngokwexabiso
Ukulondoloza igadi yemifuno, kungakhathaliseki nokuba incinane kangakanani, kufuna uthando olukhulu, ixesha, nokufaka isandla ngokwasezimalini – into ke leyo uPhale ayazi kakhulu.
Inkxalabo yamihla le kaPhale ngegadi yokutya kwakhe xa wayengekho ekhaya yinto eyamkhuthazayo ukuba eze nenkqubo yonkcenkceshelo yongcozisomanzi ngeebhotile zeziselo ezibandayo eziziilitha ezi2.
“Ndihlala kwilali apho ukuyokukha amanzi kuyingxaki. Kumathuba amaninzi, usapho lwam lonke lwaludla ngokuhamba ngempelaveki yaye kwakudla ngokungabikho kunkcenkceshela kukuko egadini. Ngeli ilanga, xa sasisaphumile ngempelaveki, sabuya ukuhlala sihlale sifumane ukuba igadi yayomile.”
Oku kwanyanzelisa uPhale ukuba afunde iindlela ngeendlela awayenokukuthintela ngayo oku kwixesha elizayo. Isisombululo, nakuba kunjalo, safika kuye ngendlela engaqhelekanga way.
“Ndandinebhotile yeparafini emotweni yam. Le bhotile yayinomngxuma omncinane yaye yayidla ngokuvuza ithuba elithile. Kumhla kwathi qatha kum ukuba, kufuneka ndigqobhoze imingxuma emincinane kwibhotile ndiyiyeke ingcozisele kwigadi yam.”
Kusebenza ukuya kutsho kuma48 eeyure
UPhale uthi esi sisisombululo esilungileyo ngamaxesha asukube ekude nemifuno yakhe ixesha elininzi. Uthi ibhotile eziilitha ezi2 ingangcozisa ukuya kufikelela kwiintsuku ezimbini.
“Isityalo esiphambili sam sispinatshi yaye sisoloko sifuna umhlaba ofumileyo. Le nkqubo igcina umhlaba wonke ufumile kangangethuba elithile. Kwakhona ndisebenzisa amanzi amancinane ukunkcenkceshela igadi. Oku kundongela amanzi,” uyacacisa.
“Okukwabalulekile ngenkqubo yonkcenkcesho ngongcozisomanzi ngeelitha ezi2 zeebhotile kukuba uPhale wonga imali ngokunjalo. “Ngenxa yokuba ndikwindawo esemaphandleni akukho manzi abalekayo, ngoko ke kufuneka ndikhe amanzi kwenye indawo. Ngamanye amaxesha, kuye kunyanzeleke nkqu ukuba siwathenge amanzi, ngoko le nkqubo yonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi indongela imali.”
Kwangoku, uyilo olunobukrelekrele lwakhe lulumeke intlantsi yomdla kubatyalimifuno beegadi basekuhlaleni nakubakhulisi bezityalo ezisemva kwendlu. Abanye babo baqalisile ukuqokelela iibhotile ezizii2 litha ukuziyilela oko bacinga ukuba kuya kubasebenzela malunga nenkqubo yonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi.
Into ekufuneka ube nayo:
- Licingo
- Ziibhotile ezizii2L
- Zizitikhi ezityebileyo
- Sisikhonkwane okanye imela ebukhali
- Ngamanzi
Amanyathelo ekufuneka alandelwe
Inyathelo loku1: Susa ileyibhile kwiibhotile eziziilitha ezi2 ezingenanto ugqobhoze imingxuma emincinane kumazantsi ebhotile usebenzisa imela etsolo enencam etsolo. Ngokuxhomekeke kwindlela amanzi ofuna aphume ngayo, unokugqobhoza phakathi kwenani eliphakathi kwemingxuma emithathu ukuya kwemihlanu emazantsi.
Inyathelo lesi2: Tsheza izikhewu kwincam yestiki ngasinye, oko kwenziwe ngelayini ethe tyee, bethelela izitiki ngokuqinisekileyo emhlabeni kwigadi yonke. Qinisekisa ukuba icala ekwenziwe isikhewu kulo lijonge phezulu.
Inyathelo lesi3: Faka ucingo kwisikhewu ngasinye ukwenza umfuziselo welayini yevasi. Bophelela ucingo kwistiki sokuqala nesokugqibela ukuqinisekisa ukuba ucingo lujinga ngokuqinileyo. Akufunekanga ukuba uluqinise ucingo, ukwenzela ukuba lube nako ukuthwala iibhotile zamanzi.
Inyathelo lesi4: Thatha ibhotile nganye ubophelele ucingo kwintamo yebhotile. Kubophelele oku kwilayini yocingo yakho.
Inyathelo lesi5: Zalisa iibhotile ngamanzi uyeke inkqubo yonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi izenzele okwayo. Unokwenza inani lonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi libe ninzi kangangoko ufuna ngokumalunga negadi yakho.
Bhalisela uMzansi Namhlanje: Ukuthatha kwakho yonke imihla ngeendaba kunye nezinto ezenzekayo kwikhonkco lexabiso lezolimo.










