Monday, September 7, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

Inkqubo ngongcozisomanzi ngeebhotile ezizii2L

Endaweni yokuyeka ezo bhotile ziziilitha ezi2 zesiselo esibandayo ukuba ziqokelelane enye phezu kwenye, kubhetele ukuba uzisebenze ukugcina imifuno yakho inamanzi iintsuku ngeentsuku. UJasto Phale uyasixelela ukuba kwenziwa njani oko.

by Duncan Masiwa
23rd February 2023
in Farmer's Inside Track, isiXhosa
Reading Time: 4 mins read
A A
Inkqubo ngongcozisomanzi ngeebhotile ezizii2L

UJasto Phale wenza inkqubo yonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi ngeebhotile eziziilitha ezi2. Ifoto: Kubonelelwe/NgabakwaFood For Mzansi

Yinyaniso, Mzansi! Ukuba nenkqubo yonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi okonga amanzi, ixesha nemali zezona zinto zibubuchule kakhulu ekongeni amanzi, ixesha nemali ukuzisa amanzi kwisiqwengana somhlaba semifuno yakho. Kodwa lo gama iinkqubo zonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi zinokuxabisa kancinane ngokwasemalini, umfama ozikhulisela ukuzisebenzisela yena izityalo wasemNtla Ntshona, uJasto Phale uthi kukho enye indlela exabisa kancinane ngokwezemali – iibhotile eziziilitha ezi2.

Lo mfama uzinze eBrits uthimbe iingqondo zabakhulisa izityalo emva kwendlu kunye nabasebenzigadi basekuhlaleni kulo mmandla ngokusebenzisa inkqubo yonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi eyilwe ngobukrelekrele awayenzayo esebenzisa iibhotile zesiselo esibandayo zeplastiki eziziilitha ezi2 eziphinda zisetyenziswe kwakhona. Lo gama le ndlela yonkcenkceshelo ngongcozisomanzi inokungabi yinto entsha, yinto yokuqala kuPhale nakuluntu lwasekuhlaleni kwakhe nakubakhulisizityalo ngasemva kwezindlu abangamahlakani abo. 

“Kundongela ixesha elininzi kakhulu kudale nokukhululeka kwengqondo. Xa ndingekho sekhaya, akukho mfuneko yokuba ndixhalabe malunga nokuba ngubani onkcenkceshela igadi,” uyacacisa. 

UPhale ubesoloko ekhulisa imifuno kwisiqwengana somhlaba – ongekho ngaphezulu kwegaraji yemoto – kule minyaka ili10 idlulileyo. Ibisoloko noko iyiprojekthi eyenziwa ngothando olukhulu ebonelela usapho lwakhe ngesiveliso esihlaziyekileyo. Ulima ispinatshi, ibhitruthi neetomato

Intsalela yendawo engasemva kwendlu igcine iinkuku neebhokhwe, kodwa zimbalwa kuphela noko kunjalo, utsho.

Ukufumana isisombululo esibiza kancinane ngokwexabiso

Ukulondoloza igadi yemifuno, kungakhathaliseki nokuba incinane kangakanani, kufuna uthando olukhulu, ixesha, nokufaka isandla ngokwasezimalini – into ke leyo uPhale ayazi kakhulu. 

Inkxalabo yamihla le kaPhale ngegadi yokutya kwakhe xa wayengekho ekhaya yinto eyamkhuthazayo ukuba eze nenkqubo yonkcenkceshelo yongcozisomanzi ngeebhotile zeziselo ezibandayo eziziilitha ezi2. 

“Ndihlala kwilali apho ukuyokukha amanzi kuyingxaki. Kumathuba amaninzi, usapho lwam lonke lwaludla ngokuhamba ngempelaveki yaye kwakudla ngokungabikho kunkcenkceshela kukuko egadini. Ngeli ilanga, xa sasisaphumile ngempelaveki, sabuya ukuhlala sihlale sifumane ukuba igadi yayomile.” 

Oku kwanyanzelisa uPhale ukuba afunde iindlela ngeendlela awayenokukuthintela ngayo oku kwixesha elizayo. Isisombululo, nakuba kunjalo, safika kuye ngendlela engaqhelekanga way.

“Ndandinebhotile yeparafini emotweni yam. Le bhotile yayinomngxuma omncinane yaye yayidla ngokuvuza ithuba elithile. Kumhla kwathi qatha kum ukuba, kufuneka ndigqobhoze imingxuma emincinane kwibhotile ndiyiyeke ingcozisele kwigadi yam.”

Kusebenza ukuya kutsho kuma48 eeyure

UPhale uthi esi sisisombululo esilungileyo ngamaxesha asukube ekude nemifuno yakhe ixesha elininzi. Uthi ibhotile eziilitha ezi2 ingangcozisa ukuya kufikelela kwiintsuku ezimbini. 

“Isityalo esiphambili sam sispinatshi yaye sisoloko sifuna umhlaba ofumileyo. Le nkqubo igcina umhlaba wonke ufumile kangangethuba elithile. Kwakhona ndisebenzisa amanzi amancinane ukunkcenkceshela igadi. Oku kundongela amanzi,” uyacacisa. 

“Okukwabalulekile ngenkqubo yonkcenkcesho ngongcozisomanzi ngeelitha ezi2 zeebhotile kukuba uPhale wonga imali ngokunjalo. “Ngenxa yokuba ndikwindawo esemaphandleni akukho manzi abalekayo, ngoko ke kufuneka ndikhe amanzi kwenye indawo. Ngamanye amaxesha, kuye kunyanzeleke nkqu ukuba siwathenge amanzi, ngoko le nkqubo yonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi indongela imali.”

Kwangoku, uyilo olunobukrelekrele lwakhe lulumeke intlantsi yomdla kubatyalimifuno beegadi basekuhlaleni nakubakhulisi bezityalo ezisemva kwendlu. Abanye babo baqalisile ukuqokelela iibhotile ezizii2 litha ukuziyilela oko bacinga ukuba kuya kubasebenzela malunga nenkqubo yonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi. 

Into ekufuneka ube nayo:

  1. Licingo
  2. Ziibhotile ezizii2L 
  3. Zizitikhi ezityebileyo 
  4. Sisikhonkwane okanye imela ebukhali
  5. Ngamanzi

Amanyathelo ekufuneka alandelwe

Inyathelo loku1: Susa ileyibhile kwiibhotile eziziilitha ezi2 ezingenanto ugqobhoze imingxuma emincinane kumazantsi ebhotile usebenzisa imela etsolo enencam etsolo. Ngokuxhomekeke kwindlela amanzi ofuna aphume ngayo, unokugqobhoza phakathi kwenani eliphakathi kwemingxuma emithathu ukuya kwemihlanu emazantsi.

Inyathelo lesi2:  Tsheza izikhewu kwincam yestiki ngasinye, oko kwenziwe ngelayini ethe tyee, bethelela izitiki ngokuqinisekileyo emhlabeni kwigadi yonke. Qinisekisa ukuba icala ekwenziwe isikhewu kulo lijonge phezulu. 

Inyathelo lesi3: Faka ucingo kwisikhewu ngasinye ukwenza umfuziselo welayini yevasi. Bophelela ucingo kwistiki sokuqala nesokugqibela ukuqinisekisa ukuba ucingo lujinga ngokuqinileyo. Akufunekanga ukuba uluqinise ucingo, ukwenzela ukuba lube nako ukuthwala iibhotile zamanzi.

Inyathelo lesi4: Thatha ibhotile nganye ubophelele ucingo kwintamo yebhotile. Kubophelele oku kwilayini yocingo yakho.

Inyathelo lesi5: Zalisa iibhotile ngamanzi uyeke inkqubo yonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi izenzele okwayo. Unokwenza inani lonkcenkceshelogadi ngongcozisomanzi libe ninzi kangangoko ufuna ngokumalunga negadi yakho.

KWAKHONA FUNDA OKU: Ingaba ezolimo nokufuya okujoliswe kwezamandla kuyenye yezinto eziseza kubaluleka eMzansi

Bhalisela uMzansi Namhlanje: Ukuthatha kwakho yonke imihla ngeendaba kunye nezinto ezenzekayo kwikhonkco lexabiso lezolimo.

Tags: isiXhosa

Duncan Masiwa

DUNCAN MASIWA is the assistant editor at Food For Mzansi, South Africa’s leading digital agriculture news publication. He cut his teeth in community newspapers, writing columns for Helderberg Gazette, a Media24 publication. Today, he leads a team of journalists who strive to set the agricultural news agenda. Besides being a journalist, he is also a television presenter, podcaster and performance poet who has shared stages with leading gospel artists.

Related Posts

How Tebogo beat post-harvest losses with smart agro-processing
Farmer's Inside Track

How Tebogo beat post-harvest losses with smart agro-processing

2nd September 2026
Early calf care: Key growth targets every cattle farmer must track
Farmer's Inside Track

Early calf care: Key growth targets every cattle farmer must track

1st September 2026
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
IN PICTURES: Grace crowned WC top tavern chef

IN PICTURES: Grace crowned WC top tavern chef

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Young farmers need structured opportunities, not just open doors

BenicaTheFarmer: The nurse who built an agricultural empire

Rural safety under fire as stock theft and farm violence persist

This week’s agri events: 07–11 September

Tiger Brands CEO calls for stronger food value chain

Plant, pick, protect: The rising potential of urban foraging in SA

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.