Monday, September 7, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

Ngokwamava eli tyendyana lomlimi waseMpuma Koloni iimpazamo zixabiseke gqitha

UMasimbonge Vuma ulumkisa ngokuthi, xa kubhekiselwa kulimo akunakutsiba amanyathelo athile. Nakuba kunjalo, ukholelwa ekubeni ulimo lwenzelwe ukuba lwenziwe ngabo bonke abantu

by Duncan Masiwa
11th January 2023
in Inspiration, isiXhosa
Reading Time: 4 mins read
A A
UMasimbonge Vuma ukholelwa ekubeni awamkele amagqwigqwidi ezolimo nokuqinisekisa ukuba ukaphinde awenze kwakhona. Ifoto: Kubonelelwe ngayo

UMasimbonge Vuma ukholelwa ekubeni awamkele amagqwigqwidi ezolimo nokuqinisekisa ukuba ukaphinde awenze kwakhona. Ifoto: Kubonelelwe ngayo

“Ulimo lishishini elikhulu, ndiyalithanda eli shishini, kodwa akufuneki lithathwe njengento enokwenziwa nanguthathatha,” litsho ityendyana lomlimi onguMasimbonge Vuma.

Usomashishini kwezolimo olityendyana osuka eKomani, eMpuma Koloni, uqhuba ishishini elixubeneyo lolimo nofuyo elibizwa ukuba yiIndyebo Agric Co-operative. Uqhuba ezolimo kumhlaba oziihektare ezili15 oqeshelweyo apho alima khona ispinatshi ekwafuye iinkukhu kwaneehagu.

“Akunakuze utsibe manyathelo athile kweli shishini,” utsho uVuma. “Nakuba kunjalo, ndiyakholelwa ekubeni bonke abantu banako ukukwenza oku nkqu nokuba zange bakuyele esikolweni. Ezolimo zenzelwe ukwenziwa ngabo bonke abantu.”

NguMasimbonge lo usemfanekisweni nenye yeenkukhu zakhe. Ifoto: Kubonelelwe ngayo
NguMasimbonge lo usemfanekisweni nenye yeenkukhu zakhe. Ifoto: Kubonelelwe ngayo

Ngonyaka wakhe wematriki ka2015, uVuma wafumana isibonelelo sebhasari esuka eNelson Mandela University sokufundela idiploma kwezobunjineli. Wakwamkela oko, kodwa kuthe ekuzeni kuphela kuka2018, sekumbovu ukuba aqukumbele izifundo zakhe, wagqiba ekubeni ikhondo lezobunjineli lalingasekelwanga yena.

Wakhetha ikhondo lomsebenzi kwezolimo wabuyela ekhaya ukuza kuqalisa ishishini lokufuya iinkukhu nomhlobo wakhe azana naye ukususela kwibakala lesithandathu.

Luyintoni uhambo olungenazimpazamo zingephi?

Ukuqala kwakhe uVuma nomhlobo wakhe ishishini lokufuya iinkukhu, benza iimpazamo ezininzi kakhulu, utsho.

Impazamo yokuqala yakhe, uyavuma ukuba yayikukuthemba abantu abangafanelekanga ukunceda ekuqaliseni uhambo lwabo lwezolimo. UVuma nehlakani lakhe baodola oomatshini boveliso lweenkukhu abali100 kumthengisi owabakhohlisayo.

 “Sasicinga ukuba siodole oomatshini boveliso lweenkukhu, kodwa kuthe xa kuziswa izinto, safumana enye into.”

Bafumana iinkukhu eziyimileqwa, ezaziwa ngokuba ngaMawuluwulu (aMadamdam) (Plymouth Rock chickens). Olu luhlobo lokufuywa oludala noluthenjiweyo olwaye lwaveliswa eMelika. Kwakhona, ngenxa yokuba kwakungekho malike iyiyo eyayimiselwe, esi sibini safumana ubunzima ukuthengisa iinkukhu zabo.

‘Iimpazamo zisisifundo, ke umntu akufuneki ukuba oyike ukuzenza.’

“Zange singenelwe kwayiloo mali,” utsho. “Enyanisweni, saphulukana nemali eyayingeyiyo nkqu nokuba yeyethu kuba sasiyiboleke kwizihlobo nakwizizalwane. Kodwa ekugqibeleni sabahlawula bonke abantu yaye bonke abantu babeyiqonda imeko.”

Ihlakani lakhe, kwelinye icala, zange libe nakuxolela lafuna ukubuyiselwa utyalomali lwalo.

“Lalinovakalelo oluthi, hayi mna andiyingeni loo nto, mfondini; asiyiyo le nto ndandicinga ukuba yiyo. Usizana, lwalucinga ukuba iya kuba yinto eyayinokwenziwa nguthathatha, kodwa ukuqala ishishini akukho lula,” utsho ehleka uVuma.

“Ndicinga ukuba sibe nethamsanqa ukwenza ezo mpazamo kwasekuqaleni kuhambo lwethu. Sifunde lukhulu kwiimpazamo. Iimpazamo zisisifundo, ke ngoko umntu kufuneka angoyiki ukuzenza.”

‘Iimpendulo zisezincwadini’

Ngo2019, emva kolu gqwidizo, uVuma wayekulungele ukuphinda azame kwakhona, kwesi sihlandlo ekwenza oko ngoncedo lomntakwabo, onguNkosinathi. Ngelo xesha, uVuma nalowo wayesaya kuba lihlakani lakhe babesele bezisombulule iiyantlukano zabo.

UMasimbonge noNkosinathi Vuma. Ifoto: Kubonelelwe ngayo
UMasimbonge noNkosinathi Vuma. Ifoto: Kubonelelwe ngayo

Njengoko ufuyo lweenkukhu lwaluhleli luyinto ephambili kuye, wazama into eyahlukileyo – uveliso lwezilimo.

Bathethana nomntu ongumama owayenomhlaba ongasetyenziswayo ukuba bawusebenzise  ekulimeni ispinatshi. Bangena kwimvumelwano naye emva kokuba wayeqinisekile ukuba babenyanisekile ngelinge lezolimo labo.

UVuma ucacisa ukuba, “Kanye ekuzeni kuphela kuka2019 senza izinto ngokusemthethweni, kuba lo mntu ungamama wayexhalabile ukuba hleze ndisuke ndiyeke esithubeni. Akukho balimi baninzi kummandla wam, ngokukodwa abaziintanga zam.”

Abantakwe bakwaVuma banemvumelwano yengqeshomhlaba yeminyaka elishumi emiselweyo yaye bathengisela ispinatshi uSpar, uBoxer noUsave. Bakwafuye neehagu kwifama leyo, zona bazithengisa kwiimalike zasekuhlaleni kwakunye neenkukhu.

“Ndiyakuthanda ukulinga nokuzama izinto ezintsha. Ndicinga oku kwenziwa kukuba ndisoloko ndifunda ulwazi olutsha,” utsho.

UMasimbonge uyakuthanda ukubonelela ngengqesho 
nokwenza igalelo kwezoqoqosho. Ifoto: Kubonelelwe ngayo
UMasimbonge uyakuthanda ukubonelela ngengqesho nokwenza igalelo kwezoqoqosho. Ifoto: Kubonelelwe ngayo

Ukuba ikhona into enye kuphela uVuma akonwabelayo ukuyenza ngaphandle kokulima umhlaba, yile ikukufunda.

“Ndikuthanda kakhulu. Andizange ndifunde ngezolimo nemfuyo ukuqala kwam, ke ngoko bekufuneka ndifumane ulwazi oluninzi kangangoko ndinako ngeli candelo, ezentengiso, ulawulo nosetyenzisomali, njl.

“Ke ngoko uzifumana phi iimpendulo? Iimpendulo zisezincwadini, ke kufuneka uzifunde. Bathi abantu abathanda ukufunda ziinkokeli yaye oko kundinceda ndihlale ndikulawulo lokwenza umsebenzi wam.”

Ngoku, uVuma uhlala ekulawulo lokwenza umsebenzi wakhe ngokuzuza isiqinisekiso semfundo kwezolimo kwiYunivesithi iNelson Mandela. Kwakhona ukwahlola  namathuba okuphehlelela ifama entsha eseBhayi. Unethemba lokuqalisa ezolimo apho ngo2021.

UVuma wongeza athi, ukhangele kuhambo oluseza ngaphambili kwakhe kwezolimo. Ukuzazi ukuba unegalelo kuqoqosho loMzantsi ekwabonelela ngokutya kumakhaya ngamakhaya aseMzantsi Afrika kuyamkhuthaza, uqhuba atsho.

BUKELA: Bukhona ubuntu kwezolimo ngokokuboniswa ngusomashishini wezolimo uSabatha Segoba

Tags: Eastern CapeisiXhosa

Duncan Masiwa

DUNCAN MASIWA is the assistant editor at Food For Mzansi, South Africa’s leading digital agriculture news publication. He cut his teeth in community newspapers, writing columns for Helderberg Gazette, a Media24 publication. Today, he leads a team of journalists who strive to set the agricultural news agenda. Besides being a journalist, he is also a television presenter, podcaster and performance poet who has shared stages with leading gospel artists.

Related Posts

BenicaTheFarmer: The nurse who built an agricultural empire
Inspiration

BenicaTheFarmer: The nurse who built an agricultural empire

7th September 2026
Former electrical engineer builds farming powerhouse on tribal land
Inspiration

Former electrical engineer builds farming powerhouse on tribal land

31st August 2026
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
January: Try these cheap Januworry-free foods

Try these cheap Januworry-free foods

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Young farmers need structured opportunities, not just open doors

BenicaTheFarmer: The nurse who built an agricultural empire

Rural safety under fire as stock theft and farm violence persist

This week’s agri events: 07–11 September

Tiger Brands CEO calls for stronger food value chain

Plant, pick, protect: The rising potential of urban foraging in SA

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.