“Ulimo lishishini elikhulu, ndiyalithanda eli shishini, kodwa akufuneki lithathwe njengento enokwenziwa nanguthathatha,” litsho ityendyana lomlimi onguMasimbonge Vuma.
Usomashishini kwezolimo olityendyana osuka eKomani, eMpuma Koloni, uqhuba ishishini elixubeneyo lolimo nofuyo elibizwa ukuba yiIndyebo Agric Co-operative. Uqhuba ezolimo kumhlaba oziihektare ezili15 oqeshelweyo apho alima khona ispinatshi ekwafuye iinkukhu kwaneehagu.
“Akunakuze utsibe manyathelo athile kweli shishini,” utsho uVuma. “Nakuba kunjalo, ndiyakholelwa ekubeni bonke abantu banako ukukwenza oku nkqu nokuba zange bakuyele esikolweni. Ezolimo zenzelwe ukwenziwa ngabo bonke abantu.”

Ngonyaka wakhe wematriki ka2015, uVuma wafumana isibonelelo sebhasari esuka eNelson Mandela University sokufundela idiploma kwezobunjineli. Wakwamkela oko, kodwa kuthe ekuzeni kuphela kuka2018, sekumbovu ukuba aqukumbele izifundo zakhe, wagqiba ekubeni ikhondo lezobunjineli lalingasekelwanga yena.
Wakhetha ikhondo lomsebenzi kwezolimo wabuyela ekhaya ukuza kuqalisa ishishini lokufuya iinkukhu nomhlobo wakhe azana naye ukususela kwibakala lesithandathu.
Luyintoni uhambo olungenazimpazamo zingephi?
Ukuqala kwakhe uVuma nomhlobo wakhe ishishini lokufuya iinkukhu, benza iimpazamo ezininzi kakhulu, utsho.
Impazamo yokuqala yakhe, uyavuma ukuba yayikukuthemba abantu abangafanelekanga ukunceda ekuqaliseni uhambo lwabo lwezolimo. UVuma nehlakani lakhe baodola oomatshini boveliso lweenkukhu abali100 kumthengisi owabakhohlisayo.
“Sasicinga ukuba siodole oomatshini boveliso lweenkukhu, kodwa kuthe xa kuziswa izinto, safumana enye into.”
Bafumana iinkukhu eziyimileqwa, ezaziwa ngokuba ngaMawuluwulu (aMadamdam) (Plymouth Rock chickens). Olu luhlobo lokufuywa oludala noluthenjiweyo olwaye lwaveliswa eMelika. Kwakhona, ngenxa yokuba kwakungekho malike iyiyo eyayimiselwe, esi sibini safumana ubunzima ukuthengisa iinkukhu zabo.
‘Iimpazamo zisisifundo, ke umntu akufuneki ukuba oyike ukuzenza.’
“Zange singenelwe kwayiloo mali,” utsho. “Enyanisweni, saphulukana nemali eyayingeyiyo nkqu nokuba yeyethu kuba sasiyiboleke kwizihlobo nakwizizalwane. Kodwa ekugqibeleni sabahlawula bonke abantu yaye bonke abantu babeyiqonda imeko.”
Ihlakani lakhe, kwelinye icala, zange libe nakuxolela lafuna ukubuyiselwa utyalomali lwalo.
“Lalinovakalelo oluthi, hayi mna andiyingeni loo nto, mfondini; asiyiyo le nto ndandicinga ukuba yiyo. Usizana, lwalucinga ukuba iya kuba yinto eyayinokwenziwa nguthathatha, kodwa ukuqala ishishini akukho lula,” utsho ehleka uVuma.
“Ndicinga ukuba sibe nethamsanqa ukwenza ezo mpazamo kwasekuqaleni kuhambo lwethu. Sifunde lukhulu kwiimpazamo. Iimpazamo zisisifundo, ke ngoko umntu kufuneka angoyiki ukuzenza.”
‘Iimpendulo zisezincwadini’
Ngo2019, emva kolu gqwidizo, uVuma wayekulungele ukuphinda azame kwakhona, kwesi sihlandlo ekwenza oko ngoncedo lomntakwabo, onguNkosinathi. Ngelo xesha, uVuma nalowo wayesaya kuba lihlakani lakhe babesele bezisombulule iiyantlukano zabo.

Njengoko ufuyo lweenkukhu lwaluhleli luyinto ephambili kuye, wazama into eyahlukileyo – uveliso lwezilimo.
Bathethana nomntu ongumama owayenomhlaba ongasetyenziswayo ukuba bawusebenzise ekulimeni ispinatshi. Bangena kwimvumelwano naye emva kokuba wayeqinisekile ukuba babenyanisekile ngelinge lezolimo labo.
UVuma ucacisa ukuba, “Kanye ekuzeni kuphela kuka2019 senza izinto ngokusemthethweni, kuba lo mntu ungamama wayexhalabile ukuba hleze ndisuke ndiyeke esithubeni. Akukho balimi baninzi kummandla wam, ngokukodwa abaziintanga zam.”
Abantakwe bakwaVuma banemvumelwano yengqeshomhlaba yeminyaka elishumi emiselweyo yaye bathengisela ispinatshi uSpar, uBoxer noUsave. Bakwafuye neehagu kwifama leyo, zona bazithengisa kwiimalike zasekuhlaleni kwakunye neenkukhu.
“Ndiyakuthanda ukulinga nokuzama izinto ezintsha. Ndicinga oku kwenziwa kukuba ndisoloko ndifunda ulwazi olutsha,” utsho.

Ukuba ikhona into enye kuphela uVuma akonwabelayo ukuyenza ngaphandle kokulima umhlaba, yile ikukufunda.
“Ndikuthanda kakhulu. Andizange ndifunde ngezolimo nemfuyo ukuqala kwam, ke ngoko bekufuneka ndifumane ulwazi oluninzi kangangoko ndinako ngeli candelo, ezentengiso, ulawulo nosetyenzisomali, njl.
“Ke ngoko uzifumana phi iimpendulo? Iimpendulo zisezincwadini, ke kufuneka uzifunde. Bathi abantu abathanda ukufunda ziinkokeli yaye oko kundinceda ndihlale ndikulawulo lokwenza umsebenzi wam.”
Ngoku, uVuma uhlala ekulawulo lokwenza umsebenzi wakhe ngokuzuza isiqinisekiso semfundo kwezolimo kwiYunivesithi iNelson Mandela. Kwakhona ukwahlola namathuba okuphehlelela ifama entsha eseBhayi. Unethemba lokuqalisa ezolimo apho ngo2021.
UVuma wongeza athi, ukhangele kuhambo oluseza ngaphambili kwakhe kwezolimo. Ukuzazi ukuba unegalelo kuqoqosho loMzantsi ekwabonelela ngokutya kumakhaya ngamakhaya aseMzantsi Afrika kuyamkhuthaza, uqhuba atsho.
BUKELA: Bukhona ubuntu kwezolimo ngokokuboniswa ngusomashishini wezolimo uSabatha Segoba








