Wednesday, July 22, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

Umongikazi uba ngumfama weenkuku

Intshisakalo, ngokuqinisekileyo, yindlela kaNomahlubi Kinana onjongo zakhe zisekelwe ekuphakamiseni ifama yakhe ibe kumanqanaba amatsha, ukulima izityalo nokufuya iinkuku. Lo mongikazi waseMpuma Koloni ubulela unina ngokumnceda ukuba awenze amaphupha akhe inyaniso.

by Vateka Halile
3rd February 2023
in Inkuthazo, Inspiration, isiXhosa
Reading Time: 4 mins read
A A
Umongikazi ufezekisa iphupha lobomi bonke bakhe phakathi kweenkuku zakhe

Umongikazi ongumfama waseMpuma Koloni uNomahlubi Kinana wakhuthazwa ngumoya kanina wokusebenzela ukuziphilisa ukuqala kwakhe ishishini leenkuku nelemifuno. Ifoto: Kubonelelwe/NgabakwaFood For Mzansi

Ukuthengisa nokulima ukutya yinto ayiqhelileyo umlimi wemifuno emva kwendlu nokwangumfuyi weenkuku uNomahlubi Kinana. Unina, uNontsha, wayengumthengisi wasesitratweni owayethengisa amaqanda neenkuku ezihleliyo ukondla abantwana abahlanu bakhe. Zange ibe yinto emothusayo uKinana xa wafumanisa ukuba wayefuze umoya kanina wokusebenzela ukuziphilisa nokuthanda ukufuya iinkuku.  

Xa engasindisi bomi babantu njengomongikazi oqeqeshiweyo oseKapa, uKinana uqhuba ishishini leenkuku nelemifuno emva kowabo eMthatha, eMpuma Koloni. 

“Ekugqibeleni, ndiya kuyeka emsebenzini wam ndifudukele eMthatha ukuze ndilawule ifama yam ngokusisigxina, ukwenzela ukuba ndibe lapho nanini na xa ndifuneka,” utsho. 

UKinana ufuye amantshontsho waza walima neendidi ngeendidi zemifuno kuqukwa, iminqathe, iitapile, ikhaphetshu, ispinatshi, nebhitruthi, phakathi kwezinye izinto.

Umongikazi ufezekisa iphupha lobomi bonke bakhe phakathi kweenkuku zakhe
UNomahlubi Kinana ulima imifuno akhulise neenkuku eMthatha. Ifoto: Kubonelelwe/NgabakwaFood For Mzansi

Ukusebenzela ukuziphilisa yinto esegazini lakhe

Unina kaKinana wasebenza nzima ukuze abe nemali anokuziphilisa ngayo emva koqhawulomtshato, wathengisa nemifuno ephuma kwigadi encinane yakhe kubathengisi basesitratweni kwindawo ahlala kuyo. 

Le nkokeli ingumntu obhinqileyo idla ngokubandakanya uncedo lwabantwana bayo ukuthengisa imifuno. Ukuthengisa ukutys ezitratweni emva kwesikolo nangeempelaveki kuko okwakubonisa ukuba ngaba babeya kuphinda basifumane phi isidlo esilandelayo, uKinana utsho. 

Lo gama ubomi babungumngeni, unina kaKinana wasebenza nzima eqhuba ishishini lokulima imifuno lakhe de waba nako ukuthenga iploti encinci yomhlaba kufutshane nendlu yakhe. Oku kwanda kwabanceda ekwandiseni iintlobo ngeentlobo zemifuno ababe nako ukuzithengisa.

UKinana uthi isivuno sokuqala sabo sasisininzi. Baye bathengisela uBoxer Super Store eMthatha, abathengisi basezitratweni noosomashishini abakufutshane.

“Ukukuthengisa [ukutya] ezitratweni kwakuyolisa kuba yayikukuphela kwento endandiyazi.” 

Ukuza kuthi ga namhlanje, uyakuthakazelela ukuba nolwazi lokuba ngumfama ukwenza ifethelayiza, nokuzama iinkqubo ezintsha zokunkcenkceshela kunye nokususa ukhula.

Indlela yokufumana iingcambu zakho

Njengomntwana, injongo yobomi bonke kaKinana yayikukuzenzela igama kwilizwe lezoshishino. Unina, nakuba kunjalo, wayefuna okungaphezulu ngaye waza waphembelela isigqibo sakhe sokuba ngumongikazi. 

“Ndaye ndenza izifundo zokuba ngumongikazi kwiminyaka engaphambili ngowama2013, yaye ndasazi ngelo xesha ukuba ukuba ngumongikazi yayingeyonto endandiyithanda. Iiyure ezinde nomgama ukusuka kusapho lwam zizinto ezo ekunzima kakhulu ukuzinyamezela.”

Emva kweminyaka esithoba yomtshato, uKinana wanikezela wabuyela ekhaya ukuzokuqalisa okuyimbali yosapho lwakhe. 

“Siodola phakathi kwe100 nama200 amantshontsho kumjikelo ngamnye. Sukube enosuku olunye kuphela xa efika apha. Emva kokuwakhathalela ukuya kutsho kwiiveki ezintandathu, siye silungiselele ukuwathengisa. Kuthatha iiveki ezintandathu ezipheleleyo zokuwakhathalela.”

Ukufuya amantshontsho kuyinkohla kuba anobuntununtunu kuguquko lwamaqondo obushushu, ukufuma, ukukhanya, nomoya obandayo onyebelezayo ogulisa iinkuku.” UKinana uthi uodola ngaphezulu kokuba efuna ukwenzela nje ukuba akhuseleke, ukulungiselela ukuba ukuba ngaba amanye awo ayafa, uya kuba esenawo ngokwaneleyo.

“Kwiiveki ezimbalwa zokuqala zobomi bawo, amantshontsho anobuntununtunu ngokugqithisileyo. Abuthathaka kakhulu kangangokuba izifo zinwenwa lula kakhulu kuwo. Iindlela zokuwatyisa ezingonelanga ngamanye amaxesha zinokugxekwa.”

Ukukhuthazwa luthando lukamama

Umongikazi ufezekisa iphupha lobomi bonke bakhe phakathi kweenkuku zakhe
Umfama kumhlaba osemva kwendlu uNomahlubi Kinana. Ifoto: Kubonelelwe/NgabakwaFood For Mzansi

Ukubuyela kwakhe ekhaya uKinana emva koqhawulomtshato, wafumanisa ukuba unina uyaluphala, yaye ngenxa yokuba wayenentshisakalo yokuba ngumfama, kwaba yinto efanelekileyo ukuba angene kwiibhutsi zikanina ezazizele udaka.

Olu hambo aluzange lungabi nayo imingeni yalo. Iploti yakhe encinane yesiveliso isoloko ilixhoba lobusela nokonakaliswa ngabantu basekuhlaleni kwakhe. Ngaphandle koko, uKinana uqhubela phambili lide libe yinyaniso iphupha lakhe lokuba ngumfama osisigxina. 

“Akubangakho lula ukufunda ukuba ngumfama, kodwa umama wam wawenza loo mava ukuba abe ngawonwabelekayo. Ndafikelwa kukuwuthanda umsebenzi wokuba ngumfama ngokumalunga noko.”

Njengoko ishishini likhula, uzimisele ukufumana iindlela ezintsha zokwenza ishishini lakhe lokuba ngumfuyi liqhube ngobuchule kakhulu. 

 “Ndicinga ngokuqalisa inkqubo yokunkcenkceshela ngokungcozisa amanzi kancinane, ukutyala iitapile zethu ngeengxowa ngenxa yokunqongophala komhlaba, nokuthenga indawo yokukhulisela izityalo ezifuna ukhuselo kwimozulu (greenhouse) ukukhusela isiveliso sethu kwilanga nakwiziphango.”

UKinana wayesoloko enqwenela ukudala amathuba omsebenzi ukulungiselela uluntu lwasekuhlaleni kwakhe. Uceba ukuthenga iploti enkulu yomhlaba ukudala amathuba angaphezulu kuluntu lwasekuhlaleni kwakhe. 

KWAKHONA FUNDA MALUNGA NOKU: Umsebenzi oncedisa ekhaya ufumana ubuhle bokulima ukutya

Tags: isiXhosa

Vateka Halile

Vateka Halile grew up in rural areas of Cofimvaba in the Eastern Cape. She was raised in a traditional family setting and found writing to be a source of comfort and escape. Vateka participated in an online citizen journalism course through Food For Mzansi, and her passion for health and medicine-related stories was born. Her dedication to community work and love for social justice and solidarity spaces is evident in her quality time with the community when she isn't working.

Related Posts

Mother’s legacy, neighbour’s grace: Venessa Simelane’s farm story
Inspiration

Mother’s legacy, neighbour’s grace: Venessa Simelane’s farm story

20th July 2026
Feathered Fields: Young farmer defies odds with poultry production
Inspiration

Feathered Fields: Young farmer defies odds with poultry production

13th July 2026
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
Poultry farming is just one of Poppy's offerings

Poultry farming is just one of Poppy's passions

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Smart vineyard irrigation starts below the ground

Treat food processing as essential national infrastructure – Khoury

Farmers urged to embrace uncertainty and build resilience

SA poultry industry calls for urgent bird flu vaccine rollout

Mother’s legacy, neighbour’s grace: Venessa Simelane’s farm story

Deadline looms: Register water use by 23 July or risk penalties

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.