Tuesday, July 21, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

Unjingalwazi wezolimo nemfuyo

Onesidanga iPhD soqoqosho kwezolimo nezemfuyo, uNjingalwazi Victor Mmbengwa akaxhomekekanga kuphela kuluvo oluthi qatha kuqala kuye ukukhulisa ishishini lezolimo nezemfuyo lakhe eliseGauteng. Unephupha lokuba, ngenye imini, avulele ifama yakhe ekwaziseni ulutsha kumathuba amatsha

by Tiisetso Manoko
1st March 2023
in Farmers, Inkuthazo, isiXhosa
Reading Time: 4 mins read
A A
Unjingalwazi wezolimo nemfuyo

UNjingalwazi Victor Mmbengwa akangomfama unamava nje kuphela, kodwa kwakhona yingqondi eyaziwa kakhulu. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood For Mzansi

Onesidanga iPhD soqoqosho kwezolimo nezemfuyo, uVictor Mmbengwa uyinto yonke kodwa akayiyo injingalwazi yaseyunivesithi yesiqhelo. Njengomfama onamava, uyabuqonda ubucukubhede bophuhliso lwezolimo nezemfuyo ukodlula naye nabani na woogxa bakhe abaninzi. 

Yaye, njengesininzi sabavelisi, uyakhawuleza ukukukhumbuza ukuba kudingeka ukuba ube nesibindi ukwenza umsebenzi wokuba ngumfama. Nkqu nanjengomphandi, kuye kwafuneka ukuba abe nobuchule bokuya phambili kungakhathaliseki bukho bemililo yamadlelo nobusela obenzeka efama obusisoyikiso esimtheza amandla intshisakalo yakhe. 

Usengaba nesidanga iPhD, kodwa uNjingalwazi Victor Mmbengwa akayonjingalwazi yasevasithi kabani yesiqhelo. Lo mfama unamava uyawazi amahlandinyuka ophuhliso lwezolimo nezemfuyo, yaye impumelelo yakhe isuka kwinto engaphaya kovakalelo oluthi qatha kuqala.

“Asizange siphelelwe lithemba,” uMmbengwa uxelela iFood For Mzansi malunga neshishini lezolimo nezemfuyo eliseRandfontein, kwintshona yeRhawuti (Johannesburg). Wathenga iploti yomhlaba ngowama2006 ukuqalisa umsebenzi wokufuya nezolimo ngokuthi afuye iinkuku zenyama nokulima imifuno emininzi. 

“Kwimveliso yethu yeenkuku zenyama, abo bakhuphisana nathi babedla ngokulithoba ixabiso ukujika ingqwalaselo yabathengi abaninzi ukuba bajonge kwiifama zabo,” uyasikhumbuza. “Le mingeni yenza ishishini lokuba ngumfama uthambele macala onke yaye [thina] kwanyanzeleka ukuba sitshintshe iindlela zokwenza izinto. Ngokuqinisekileyo, ukulungelana nemingeni kusingenise kwindleko kakhulu.”

Kwakhona kunyanzelise ukuba umphandi weYunivesithi yaseMntla-Ntshona nekomiti yakhe benze izigqibo ezinzima ngokusekelwe kwiinyaniso ncam ingekuko nje ukuhamba ngovakalelo oluthi qatha kuqala. 

“Safudusa isiveliso seenkuku zenyama sazisa kumacandelo ezokubekwa kwamaqanda ngenxa yeziphumo zophando lwemalike yethu. Sisasebenzisa inkqubo yezolimo nezemfuyo exubeneyo apho satyala khona ibhatata embala uorenji neesugar beans,” uyacacisa.

Ngaphandle koku, uMmbengwa kwakhona ngumfuyi weenkomo neegusha.

Ukuhlanganisa amava eendawo ezimbini ezahlukeneyo

Ukulungelelanisa ezokuba yingqondi nezolimo nezemfuyo kwakusoloko kuyinto enzima, uyavuma. Ukuqinisekisa ukuba umsebenzi weshishini uqhubeka ngaphandle kwamagingxigingxi, wenze utyalomali ekugqithiseleni izakhono eziphathekayo kwakunye nobungcali kwezobuxhakaxhaka  bekhompyutha kubaqeshwa. “Sinabaphathi bamacandelo bokwenza imisebenzi ethile. Abaphathi bathatha uxanduva ngokupheleleyo yaye bayavumeleka ukuba benze iimpazamo ezingephi.”

Iiyure zokusebenza ezingaqingqwanga kwakhona zibe yintsikelelo efihlakeleyo, emnika ixesha lokulandelela okwenziwa efama. 

Sele kunjalo, uMmbengwa uxhalabe kakhulu ngendlela urhulumente ngoku axhasa ngayo amafama asakhasayo; eyindlela, akholelwa ukuba, idlelelela kakhulu kunokuba iphakamisa umgangatho.

“Ngaphandle kweziseko zophuhliso ezigqwesileyo ezolimo nezemfuyo ziba ngamampunge. Xa kujongwe kwindlela icandelo lezolimo nezemfuyo eziphuhle ngayo, kucacile kuncwadi ukuba urhulumente wayexhasa iziseko zophuhliso eziphakamisa iziseko zophuhliso zomxokelelwano wamashishini amancinane naphakathi. 

“Ngokunxamnye nenkqubo yenkxaso yangoku, inkxaso ekujoliswe kuyo kufuneka lube kwizigaba ezahlukeneyo zokuveliswa kweempahla kunokuba sekuveliseni. Ukusilela okuninzi kwamashishini ezolimo nezemfuyo asakhasayo kususela kunqongophalo okanye kwimalike engaphangalalanga, kwiinkcukacha zemalike nakwiinkqubo zoqhagamshelwano.” 

UMmbengwa ukholelwa ukuba kukuqhwayela emva ukuba urhulumente axhase ugxininiso kwimveliso nasekuxhobiseni ngamava, kodwa asilele ukusombulula amacandelo ajongene namanqanaba akhokelela ekuvelisweni kwesiveliso esipheleleyo okunjengokupakishwa kweempahla, iziseko zophuhliso, ezamalungiselelo, ezothutho, iinkcukacha ngezemalike, uphando kunye nophuhliso.

Ukwamkela ngezandla ezishushu esikuphathelwa likamva

Xa ejonge kwikamva lokusebenza kwefama yakhe, usahleli enethemba ngaphandle kwemingeni ethile, kuqukwa ubusela, ukufumana umbane namanzi. Ngoku, baqeshe abantu abangama20, kodwa ikhona indawo yokongeza abanye. 

“Besizama ukubeka iziseko ezingaphezulu zamanqanaba. Sinovakalelo lokuba ifama inako ukwamkela abantu abatsha abasuka kwiiyunivesithi nakwiikholeji abanqwenela ukwenza uqeqesho ngamava omsebenzi (experiential training), uqhelanisomsebenzi (learnership) nokukhuliswa kweembono zoshishino (incubation).

“Ngaphandle kokuyenzela umthwalo ifama, sicinga ukuba elo linge linokwandisa amathuba engqesho ethutyana kubantu abamalunga nama50 ingakumbi ngexesha lesizini.” 

Ukuphumeza eli phupha, uMmbengwa unethemba lokusebenzisana namaqumrhu alawulwa ngurhulumente anika iinkonzo zezakhono zoqeqesho. Ngenxa yokuFika kweNguqu yeSine yezamaShishini (iFourth Industrial Revolution), kukho iindlela ngeendlela ezininzi olunokuthi ulutsha luthathe inxaxheba ngokukhutheleyo kwezolimo nezemfuyo zesigaba sezoshishino, ucinga ngolo hlobo. 

“Ngenxa yokusetyenziswa kobuxhakaxhaka bekhompyutha kwezentengiso, abantu abatsha banako ukwenza ingeniso ekwenziweni kwewebhusayithi yamafama, ekubekeni iliso kwiiwebhusayithi, ekwenzeni iiephu zabo banako ukuba ngabaxhasi bakho (lead marketing).

“Abantu abatsha abaxhotyiswe ngamava kakuhle bangalufumana ushishino olusakhasayo losetyenziso lweziveliso zolimo nezemfuyo (smallholder agro-processing entrepreneurship) lunengeniso noqoqosho. Nangoku sele bekhona abantu abatsha abatsalekele kushishino lwezemveliso, oko kuthetha ukuba babona uveliso lwentsusa njengolusebenza nzima, olunengeniso encinane, kunye nolungumngcipheko.”

  • UMmbengwa uneminyaka yamava engaphezu kwengama20 kwi-ikhonometriksi, kuphuhliso lwezophando, nasekuququzeleni. Wafumana iPhD yakhe, iMSc Agric kunye neeMastazi kwisidanga esimalunga nophuhliso kwiYunivesithi yaseFreyistati. Ukwangunondyebo weAssociation of China-Africa Smallholder Agriculture.

KWAKHONA FUNDA OKU: UKolobe ukhusela yaye ondle abantu belizwe lakhe ayinxalenye yabo

Fumana amaBali angoTshintsho: Amabali akhuthazayo asuka kubantu abondla uMzansi

Tags: eGoliInkuku eqinileyoisiXhosaizinkukhu

Tiisetso Manoko

Tiisetso Manoko is a seasoned journalist with vast experience in community media. He possesses diploma in media studies majoring in journalism, certificate in civic leadership. He loves news from all angles with particular interest in local government, agriculture and politics. He is a staunch Mamelodi Sundowns Football club supporter.

Related Posts

Fab five: Food For Mzansi catches up with farmers 5 years later
Farmers

Fab five: Food For Mzansi catches up with farmers 5 years later

24th November 2023
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

22nd October 2023
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
Podcast: AgriColleges in a class of their own

Podcast: AGRICOLLEGES in a class of their own

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Smart vineyard irrigation starts below the ground

Treat food processing as essential national infrastructure – Khoury

Farmers urged to embrace uncertainty and build resilience

SA poultry industry calls for urgent bird flu vaccine rollout

Mother’s legacy, neighbour’s grace: Venessa Simelane’s farm story

Deadline looms: Register water use by 23 July or risk penalties

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.