Saturday, September 5, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result
in isiXhosa, Lifestyle

Unkinkishombane luyawantlitha amashishini okutya asekuhlaleni

Ingaba ukhe wayivula ifriji kutshanje uthi kusenjalo ukhawulelwe livumba lento engaqhelekanga okanye elibi? Unkinkishombane luyakuchaphazela ukutya kwethu kodwa xa oko kuyinto eyenzeka imihla ngemihla, kuyinto eyahlukileyo kwaphela. Siqhagamshelene nabanye babanini bamashishini okutya athile ukuva ukuba ingaba bajongana njani nale meko.

by Vateka Halile
11th August 2023
Unkinkishombane luyawantlitha amashishini okutya asekuhlaleni

Imbono onayo ngokwenzekayo kumxokelelwano wexabiso lokuthuthwa kweziveliso zolimo (kwesokhohlo), ushefu Liziwe Matloha, noSiyanda Jayiya (kwesokunene) bachaza indlela unkinkishombane oluwachaphazele ngayo amashishini okutya abo.

Share on FacebookShare on TwitterShare on WhatsApp

Unkinkishombane awukhokeleli nje kuphela kwilahleko yezemali enkulu koosomashishini baseMzantsi Afrika, kodwa kwakhona ufaka igalelo ekuthini ukutya kungaqoqoshwa. UMzantsi Afrika kunokwenzeka ukuba ufumane ukumka kombane okungaphezulu njengoko uEskom ezama ukufezekisa utshintsho nokubuyisela ulawulo kunkinkishombane. 

ULoyiso Basso ngumnini waKwaMgoli, elishishini lokutya eliseKapa. 

Kukho ukwanda kokulahlwa kokutya xa kusenzeka unkinkishombane ngenxa yezizathu eziliqela ezahlukileyo. Amacandelo efriji ayayeka ukusebenza, izitovu zokubhaka zingasebenzi, amacandelo okuveliswa kokutya ema ngxi, zize nezilwanyana zasefama zibulaleke bubushushu. 

Umbane ubalulekile kuzo zonke izigaba zomjikelo wokuveliswa kokutya; ngaphandle kwawo ukutya kuyonakala kunyanzeleke ukuba kulahlwe.

Ukucima kombane kudla imali eninzi

Loyiso Basso waseMakhaya eKhayelitsha eNtshona Koloni, uthi unkinkishombane kunempembelelo enkulu kwishishini lakhe, KwaMgoli Fast Food. Uthi usebenzisa izinto ezisebenza ngombane ukufraya nokuthowusta izidlo ezikhawulezayo zakhe. 

“Xa kusenzeka unkinkishombane, iiyure ezimbini okanye ukuya kwezine ishishini lam liyema ngokunjalo.”

He adds that the only method that works for him to prevent food deterioration is ordering cold meats and veggies in little packets.

Wongeza ngelithi eyona ndlela emsebenzelayo ukuthintela ukonakala kokutya kukuodola iinyama ezibandayo nemifuno ngeepakethi ezincinane. 

“Ndinethamsanqa ukuba ndihlala kufutshane neevenkile apho ndifumana khona i-inventri yam. Ngoko ke ndiye ndistokhele usuku olo. Oku kuyadinisa, kodwa yindlela endinokuyisebenzisa.”

Kutshanje, uzifumanele ipani lokufraya elisebenzisa irhasi, abanga ukuba kubiza kakhulu ukuyisebenzisa ngenxa yamaxabiso erhasi anyukayo. Nakuba kunjalo, unako ubuncinane ukuthengisa iitshipsi zeetapile ngethuba lokumka kombane. 

‘Unkinkishombane luyabacaphukisa abathengi’

USiyanda Jayiya usichazela ngokuthanda kwakhe ukusebenza ngokutya ekwenza oko ngeshishini lokulungiselela ukutya lakhe, eliyiSJ Events. 

USiyanda Jayiya, ngumnini wemisitho wenkampani i-SJ, ucacisa ukuba ukuphulukana kwakhe nengeniso ngoku kubangelwa yilahleko yoveliso, njengoko abasebenzi bengasebenzi ncam ngethuba lonkinkishombane. 

“Akukho nkqu neshishini elincinane elikwaziyo ukufikelela koovimba bombane abangabanye. Nje kuphela ngoocimicimi bombane benqanaba lesi2 kwiiveki ezidlulileyo, uMzantsi Afrika wenze ibango lokuba uphulukene neR2 yeebhiliyoni.” 

Unovakalelo lokuba nje ukuba eve amagama aphathelele kunkinkishombane, akakwazi kuzinceda koko uziva edakumbile yaye ecaphuka, ingakumbi kumashishini afumaneka emakhaya okanye kwizakhiwo ezingenabo abanye oovimba abanjengejenereyitha okanye isistim esebenzisa isola yesizwe. 

“Unkinkishombane lunokukhuthaza ulwaphulomthetho kuba iialam ezilumkisayo xa kuqhekezwa ziye zingasebenzi okanye zingakwazi ukusebenza ngokwamanqanaba afanelekileyo, lushiye amashishini esemngciphekweni wobusela kunye nezinye izenzo zolwaphulomthetho.”

Uthi ngethuba lonkinkishombane, amashishini amancinane aphulukana nemali kuba kwiimeko ezininzi, efuna Amandla ombane ukusebenza nokuqhubeka nakwenzayo.

Umngeni wokuqhuba ishishini lokutya

“Igesi ibisoloko inguvimba wokupheka endimkhethayo, njengoko yayifikeleleka kakhulu kwixesha elidlulileyo. Nakuba kunjalo, igesi ngoku ixabiso kakhulu nayo yaye izinto zokubasa ngokunjalo zixabisa kakhulu,” utsho uLiziwe Matloha, oyishefu, umhleli wezidlo, umbhali weencwadi zokupheka, umnxibelelanisi-zibhrendi, umsindleki weeklasi zokupheka eziqhubekela eBoksburg, Ekurhuleni. 

“Asinayo enye indlela, kodwa siseyivela ukuthenga ijenereyitha yeshishini ukwenzela ixesha elizayo.”

Oku, uyakholwa ukuba, kuya kugcina ishishini lisebenza ngokupheleleyo nkqu nangethuba lonkinkishombane. Nakuba kunjalo, njengeshishini elincinane akazange afumane nzuzo kunyaka ophelileyo, ngoko ke ukufumana imali yenkxaso yazo zonke ezi zinto zibubunewunewu zokusebenza kuye kwangumngeni. 

“Omabini amakhitshi am, elam labucala nestudiyo sekhitshi leshishini lam anezitovu zegesi, kodwa iioveni zezombane zona. Le yeyona nto inzima kakhulu ngethuba lonkinkishombane.”

Ngokubhekisele kwiiklasi zokulungiselela ukutya zakhe, uthi zonke izinto zokusebenza ekhitshini zisebenza ngombane. Ngenxa yoko, kufuneka ezinqumamisile iiklasi ezininzi zakhe, nanto leyo icaphukisayo netya ixesha. 

“Unkinkishombane lufuna amaxesha okunqumama amade, ngethuba leeseshoni zokupheka. Oku kuxabisa kakhulu epokothweni ngokunjalo. Kufuneka sichithe imali ekusebenziseni ezinye iindlela, yaye abanye abantu ngokulula nje bamathidala ukuqonda, kodwa akukho nto sinokuyenza ngaloo nto,” ucacisa atsho uMatloha. 

Intlekele yokulahlwa kokutya

UGqr Lucia Anelich ngumseki weAnelich Consulting. 

Ingcali yezokhuseleko lokutya, uNjingalwazi Lucia Anelich, uthi ukonakala okubangelwa ziimayikhrobhu zokutya okuphekiweyo kunye nako nakuphi na ukutya okuphekiweyo okungumbeko kungazibonakalisa njengokutshintsha kombala, ngenkangeleko enembunembu ebonakalayo okanye ngomngundo okhulileyo nodla ngokukhatshwa livumba elibi. Ngoko ke, kona kona umntu ebeya kuzikhwebula ekutyeni oku kutya. 

Wongeza athi, ezinye iimayikhrobhu, ezibizwa ii-“pathogens” (“izibangelizifo”), zinako ngokunjalo ukwenza ukutya ukuba kungakhuseleki ukuba kutyiwe. 

Ngelishwa, ukukhula kwezibangelizifo amaxesha amaninzi akubangeli kutshintsha kwinkangeleko, kulwakhiwo, kwivumba okanye kwincasa yokutya, ngoko ke ubani kunokwenzeka ukuba atye agule emva koko. 

“Ukutya okuphekiweyo, nakuba kunjalo kudla ngokuba semngciphekweni wokonakala, ukuba ngaba awusulelwanga zizibangelizifo emva kokuphekwa kwako kufakwe efrijini okanye kufrizwe kamsinyane.”

Ukufaka ukutya efrijini nokukufriza zisezezona ndlela zibhetele kakhulu

UAnelich ucacisa ukuba iimayikhro-oganizim zikhula ngokukhawuleza ngaphandle efrijini yaye ukutya okuphekileyo kuya kukhawuleza konakale zingadlulanga iiyure zokuphekwa kwako ukuba akufakwanga frijini kamsinyane, ingakumbi ngethuba leenyanga zehlobo zethu eMzansi, ezishushu kakhulu. 

“Ukufakwa kokutya efrijini nokukufriza zisezezona ndlela zimbini zibhetele zokugcina ukutya amathuba exesha elide, kuze ukufakwa kokutya kwifriza kube nelona xesha lokuhlala kusebenza ithuba elide kunelo lokufakwa kwako kwifriji.”

Ukufumana iziphumo ezibhetele kakhulu, iifriji kufuneka zibekwe kumlinganiselo olingana okanye onganeno kumaqondo amane eSelsiyasi, ucebisa atsho. Nakuba kunjalo, ukutya okuphekiweyo okuza kuphekwa zingadlulanga iiyure ezimbalwa, kufuneka kugcinwe kushushu ngaphezu kwamaqondo angama60 kuSelsiyasi. Esinye sesaci esimalunga nokhuseleko lokutya “kukugcina ukutya okubandayo kubanda”, “nokugcina ukutya okushushu kushushu”, uqukumbela atsho. 

FUNDA OKU Ukuvuna mhla kutshisa ilanga? Iingcebiso zokukhusela ulusu

Sayinela ukufumana uMzansi

Vateka Halile

Vateka Halile grew up in rural areas of Cofimvaba in the Eastern Cape. She was raised in a traditional family setting and found writing to be a source of comfort and escape. Vateka participated in an online citizen journalism course through Food For Mzansi, and her passion for health and medicine-related stories was born. Her dedication to community work and love for social justice and solidarity spaces is evident in her quality time with the community when she isn't working.

Tags: EntrepreneurshipFoodLoad Shedding
News

Aucamp outlines strategy for biosecurity, trade, and infrastructure

by Tiisetso Manoko
2nd September 2026

In an exclusive interview with Food For Mzansi, agriculture minister Willie Aucamp outlines his vision to accelerate the AAMP, tackle...

Read moreDetails
Tobias Doyer, CEO of Grain SA. Photo: Supplied/Grain SA Facebook

Rising costs, climate risk push Swartland wheat farmers to the brink

2nd September 2026
Sick spuds: No need to panic as SA’s potatoes are banned in Zim

Potato turning point ahead as onions double in price year-on-year

1st September 2026
Early calf care: Key growth targets every cattle farmer must track

Early calf care: Key growth targets every cattle farmer must track

1st September 2026

How to align your farming cycles with long-term financial success

1st September 2026

Early calf care: Key growth targets every cattle farmer must track

Former electrical engineer builds farming powerhouse on tribal land

KZN farmer loses 90% of crop amid severe water shortages

Beyond finance: Making women-led farms bankable

This week’s agri events: 31 August – 03 September

Join Food For Mzansi's WhatsApp channel for the latest updates!

JOIN NOW!
Next Post
Podcast: How to get your feed factory off the ground

Podcast: How to get your feed factory off the ground

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Honoured roots: A father’s legacy, a daughter’s farming dream

Gauteng farmers urged to harness massive urban market

Foot-and-mouth crisis hits SA dairy industry with R1-billion loss

Tough times, hardy cattle: Why Mzansi farmers are choosing Nguni

Dragon fruit thrives in KZN valley despite tough national season

Government hikes sugar import price, but industry warns of gap

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.