Amabhinqa amnyama kudala afumana ubunzima ukufumana iziveliso ezilungiselela Kanye iimfuno zonakekelosikhumba zabo. Ngokumalunga nosomashishini wezolimo nemfuyo onguSeipati Masango ‘Miss Gates’ isisombululo sasikufutshane sixele iikhabhathi zasekhitshini zikamama wakhe.
UMasango wenza iziveliso zonakakelozikhumba ezenziwe ngesandla zendalo ezisuka kwiioyile nakwizithambiso ezibubhotolo eziyilelwe isikhumba esintsundu namabhinqa akhulupheleyo ngomzimba asokoliswa ngumbala omnyama ophakathi kwamathanga nasemakhwapheni abo.
Esakhula, uMasango wayesaziwa xa eteketiswa njengo“Nkszn Gates”, othathwa kwifani yakhe, eluguqulelo olusuka ngqo ku“gates” (“iigeyithi”) ngesiNgesi. Wayedla ngokuzenzela izikhuhlibuso zakhe neziqatywayo zomzimba ukugcina isikhumba sakhe sifumile. Ngokuqaphela isikhumba esikhazimlayo sakhe, abahlobo bakhe bacebisa ukuba makacinge ngokutshintshela oku kwishishini.
Wathatha eli cebiso ngo2016, ekwaye kwazalwa ngalo uOrganic Touch kaNkszn Gates. Ukungena kwakhe kunakekelo lwesikhumba kwaqala mhla washiya umsebenzi wakhe njengegosa lolawulo lwabasebenzi eneenyanga ezisixhenxe ekhulelwe.
uOrganic Touch
UMasango uthi izinto ezininzi kakhulu ezazifunwa kuye kumsebenzi awenzayo wequmrhu zidlale indima ebalulekileyo kwisigqibo sakhe sokuyeka. Lo mdlezana unikele ngamandla akhe okukhulisa umntwana wakhe nasekukhuliseni ishishini lakhe lonakekelo lwesikhumba.
“Uphando lwam ndalwenza phambi kokuba ndiqale. Ngokuqhelekileyo ndandisebenzisa iziveliso owawunokuzifumana kwiishelufa, ndaza ndaqalisa ukuquka ikokonathi oyile kwiziveliso zam. Emva koko ndaye ndenza uphando oluthe kratya ngendlela ezi ziveliso ezichaphazela ngayo isikhumba,” uyacacisa.
Imveliso iOrganic Touch kaNkszn Gates iquka izikhuhlimzimba, izithambiso, izihlambibuso kunye nezifumisi zesikhumba ezineemveliso zolimo ukususela kwisepha emnyama yesiNtu, kwilemoni, kwirooibos, kwikofu nakwisinamoni.
“Zonke zezendalo kuba andisebenzisi zikhemikhali. Ndisebenzisa ecikiziweyo ishea butter neetea tree oils. Yonke into yenziwe ngeoyile.”
Lo somashishini uselula wenzela iziveliso zakhe kwikhitshi likamama wakhe eliseKatlehong – ilokishi ekumgama wama35 ngaphandle kwaseJohannesburg. Njengokuba kunjalo ngoku, uziqhubela ishishini elikhulu lakhe ngoncedo lukamama wakhe – uNkoni Masango.
“Kuphela siza kuqalisa ukukhangela abantu bokubaqesha xa inkampani ikhulile. Ndiyathemba ukuba lo nyaka uza kuba ngunyaka ovumileyo. Isendim othumela izinto eziphakhejiweyo kwabazithengileyo, isendim olebhelisha yaye isekwandim omaketha iziveliso,” utsho.
UMasango unethemba lokushiyela intombi yakhe imbali enokuqhubeleka okokoko. Uthi nangona kunzima ukulungelelanisa ubomi njengomama osebenzayo, inkxaso esuka kumama wakhe ilwenze uhambo olunamahlandinyuka njengosomashishini wezolimo nemfuyo lwaguda.
Wongeza athi kukho kwakhona ubutyebi ekupheleni kweengxaki zokuba ngusomashishini obhinqileyo kwanomama ongatshatanga. “Ekupheleni kosuku xa uxhamla ukuvuzwa loo nto yenza ukuba ukuzinikela kuxabiseke gqitha.”
Kuhambo lwakhe lweminyaka emihlanu neOrganic Touch kaNkszn Gates, uMasango uthi uye wafunda ukubanyamezela abagxeki abasidelelayo isiveliso sakhe. Kunyaka odlulileyo ibhrendi yakhe yavunywa ngokusesikweni yiAgricultural Research Centre (ARC).
“Xa uzama ukuthengisela iklayenti isiveliso, baya kusoloko bebuza imibuzo enjengokuqonda ukuba ingaba kukhuselekile na ukusisebenzisa isiveliso eso. Xa uthengisa isiveliso kufuneka ucacise Kanye ngoncedo lwesiveliso. Kusoloko kuyinto elungileyo ukuba noqhagamshelwano neeklayenti ukwenzela ukuba bakwazi ukunika ingxelo eyakhayo,” utsho uMasango.
Osendleleni yokuba sisinhanha ucebisa ulutsha olufuna ukungena kwicandelo lokuba ngusomashishini ukuba “luyibambe inkunzi ngeempondo” luye phambili.
UMasango ukholelwa ukuba abanini bamashishini amancinane basisiseko soqoqosho lwethu. “Nokuba yeyiphi na ingcamango onayo, kufuneka ‘ulale’ ucinga malunga nayo. Oko akuzokusebenza. Kuya kusebenza kuphela ukuba ngaba wenze uphando yaye uzixelele ukuba yile nto ufuna ukuyenza ukususela ngoku ukuya phambili.”
Uthi ishishini lakhe esele lisebenza sisiqalo sezinto ezinkulu ezisezayo. Kutshanje usandula ukongeza isihloko seMUA (Make-Up Artist) kunye nabafundi beesayensi zezithambiso kuluhlu olude lwakhe lwemisebenzi.
Unakekelo lwesikhumba yinto ayenza imihla ngemihla uMasango. Uthi amayeza endalo okunakekela isikhumba enzelwe amabhinqa ayo nayiphi ithoni yesikhumba akaphelelanga qha kulawo afumaneka ezishelufini ezivenkileni. Ikhitshi lasekhayeni lakho liliziko leeoyile ezityebe ngokuthozamisayo eziqulathe izondlo ezaneleyo zesikhumba sakho. “Isikhumba sabamnyama sahlukile ngeempawu yaye siyazuza ngokufumana ukufuma okongezelelweyo.”
UMasango wabelana nabafundi ngeengcebiso ezisemagqabini ezintlanu zokulondoloza isikhumba esibengezelayo nesisempilweni:
Susa iiseli zesikhumba ezifileyo, susa iiseli zesikhumba ezifileyo, susa iiseli zesikhumba ezifileyo. Yithi rhoqo ususa iiseli zesikhumba kabini okanye kathathu kwiveki eziintsuku ezisixhenxe!
I-SPF esisikhuselilangeni (sun protection factor) ngumhlobo wakho nokuba sinjani na isikhumba sakho. Ndandidla ngokungakuhoyi oku njengomntwana ndaza ndafumana ubunzima emva koko. Soloko uthambisa iSPF nokuba ilanga liyatshisa okanye hayi.
Ungabokuze, nanini ulale usenemeyikhaphu ebusweni. Umqamelo wakho uya kuba mdaka gqitha kwaneentunja zesikhumba sakho.
Soloko usebenzisa iseram yasebusuku phambi kokuba ulale ebusuku. Kusoloko kulungile ukondla isikhumba sakho ebusuku ukwenzela ukuba ingene kwezo seli zesikhumba ikhawulezise novuseleleko.
Hlala unesikhumba esifumileyo!