Tuesday, June 24, 2025
SUBSCRIBE
21 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

Yonke into ofuna ukuyazi kwimalike

Mininzi imiqobo enokuthintela abaninizifama abancinane ukungena kwimalike. Amafama amane anamava kakhulu abelana ngezifundo azifundileyo kwanendlela yokuwabamba ngezandla ezingenamkhinkqi amathuba akwimalike.

Nicole Ludolphby Nicole Ludolph
15th February 2023
in Farmer's Inside Track
Reading Time: 5 mins read
A A
Sincokola namafama amane azinzileyo ngengcebiso yawo ngokumalunga nokunciphisa izithintelo ekungeneni kwimalike. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood For Mzansi

Sincokola namafama amane azinzileyo ngengcebiso yawo ngokumalunga nokunciphisa izithintelo ekungeneni kwimalike. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood For Mzansi

Nangona abaninizifama abancinane bebaluleke gqitha kwezokufumaneka kokutya ngokwaneleyo eMzansi, ukungena kwimalike kungalilinge elinzima ngokungathethekiyo kwaba bavelisi. Amafama abelana ngamacebo neengcebiso zabo malunga nokunciphisa imiqobo ekungeneni kwimalike.

UDaisy Moleko, ngumfama wemivundla ongusomashishini osuka eGauteng. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood for Mzansi

Abaninizifama abancinane bayinxalenye yokufumaneka ngokwaneleyo kokutya eMzansi. Kule ngxelo yango2014 yesebe lezolimo, inguqu kwezomhlaba nophuhliso lwamaphandle, isebe lagxininisa indlela ababaluleke ngayo abavelisi abancinane noncedo oluninzi oluza naba bavelisi.

“Inkxaso kubavelisi abancinane ibalulekile ukuqinisekisa ukufumaneka ngokwaneleyo kokutya, ukusetyenziswa ngokupheleleyo kwemithombo yoncedo, umhlaba uyenye yezinto ezibalulekileyo, [kunye] nokudalwa kwemisebenzi,” ingxelo ifundeka ngolo hlobo. 

Ichaza kwakhona amandla abanokuba nawo abo banokuba ngabaninizifama ukwandisa amathuba ezoqoqosho kwicandelo lezolimo. 

“Kukho ubungqina ukucacisa ukuba le yinkalo esasele ingekabi nakusetyenziswa amandla enawo ukudala amathuba ezoqoqosho, ingakumbi kwiindawo ezisemaphandleni apho ubuhlwempu buninzi khona.”

Join Food For Mzansi's WhatsApp channel for the latest updates!

JOIN NOW!

Kwenye ingxelo yeBhunga leMalike lezoLimo leSizwe (National Agricultural Marketing Council) (NAMC)), iingcali zafumanisa ukuba abaninizifama abancinane bajamelene noludwe lwezithintelo ezibanqanda ekungeneni kwimalike. Ezi zithintelo zisusela kwimiba ephathelele kuveliso ngokwemilinganiselo yesiveliso emincinane, ukuya kutsho kumgangatho osezantsi wokuvelisa, ukunqongophala koovimba abafanelekileyo, kwanokongezwa kwexabiso elincinane kwiziveliso zabo.

Le miba iyawavalela amafama amancinane eshishini. Sithethe namafama amane asuka kumashishini ahlukahlukeneyo ukuba asinike awona macebo abhetele okungena kwimalike.

Landela inkqubo yokukhangela ‘imalike kuqala’

UDaisy Moleko, okukuphela komfama ongusomashishini obhinqileyo kwishishini lemivundla, ubongoza amafama amatsha ukuba aqaphele imalike yawo phambi kokuba aqalise ukufamisha. Uthi amafama kufuneka azibuze umbuzo wokuba ngubani oza kutya okanye asebenzise isiveliso sabo nje ukuba isivuno okanye ixesha lokuxhela lifike. 

“Icebiswana endinalo lelokuba ujonge imalike yakho, uzibuze ukuba ngoobani na abaza kuba ngabathengi bakho. Emva kokwazi ukuba ngoobani abaya kuba ngabathengi bakho, unokuqalisa ukutyala okanye unokuqalisa ukufuya imfuyo yakho. Akuncedi nto ukuqalisa ngokufamisha ngaphandle kokwazi ukuba ngoobani [othengisela bona]. Yaye kulula ukungena kwimalike xa usazi isiveliso sakho yaye [kungaliphi ixesha] uyayazi imalike yakho.”

IShefu enguAmanda Manyatshe. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood For Mzansi

UJo-andra Gregory Cloete, ongumfama weenkuku osuka eNtshona Koloni, uyavumelana noku. Uthi amafama kufuneka aziqhelanise ngokupheleleyo namashishini abo ukwenzela ukuba bazithengise iziveliso zabo ngempumelelo.

“Ulwazi lungamandla. Zixhobise ngolwazi phambi kokuba ungene kwezolimo. Okusisiseko kukuba, ukuba akuyiphili le ndlela yokuphila, akusayi kuba nako ukwenza ingeniso esuka kuyo.”

Qinisekisa ukuba isiveliso sakho sesomgangatho onguwo

UJacques Terblanche osuka eGraceland Garlic, uthi ukuba semgangathweni kwakhona kuyinto ebalulekileyo yokungena kwimalike. “Isiveliso esisemgangathweni onguwo kusoloko kulula ukusithengisa, into ethetha ukuba kufuneka uqalise ngendlela echanekileyo. Kufuneka uqalise ngembewu yomgangatho onguwo.”

UJacques Terblanche, uyinxalenye yomseki weGraceland Garlic. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood For Mzansi

Njengomvelisi weembewu, uTerblanche uyazi ngqo ukuba into esemgangathweni ikhuliswa kwaukusuka ekuqaleni. Ucacisa ukuba amafama amancinane amele kukutyala imali kwimbewu eyiyo ukwandisa ukuvelisa kwabo.

“Akunakufumana sityalo sisemgangathweni onguwo kwimbewu ekrokrisayo. Kwakhona, qinisekisa ukuba ulandela inkqubo yokusebenzisa ifethelayiza evunyiweyo kunye nefoliyo. Ukuvelisa ukutya okusemgangathweni, kufuneka uthathe iisampula ezisuka emhlabeni, ibhalbhu, kunye namagqabi kumaxesha ngamaxesha nokuwavavanya ukuba akuqinisekanga. Ziqaphele izinambuzane nomngundo, ngenxa yokuba ngokuqinisekileyo, ukuqaphela izinto kwangethuba kusoloko kuyinto engcono.”

Uqoqosho oluncinane lukwabalulekile

NgokukaByron Booysen, ukutshintsha indlela izinto azibona ngayo koko kuphumelele njengempumelelo yemalike kwakubaluleke gqitha. Uthi ukuqala kwakhe ukuba ngumfama, ukufikelela kubathengi okanye kwimalike yezorhwebo kwakuthathwa njengeyona njongo yokugqibela. Ngoku, unovakalelo olwahlukileyo.

UByron Booysen, umfama wehayidroponiki (ukhulisozityalo kungekho mhlaba) osuka eKraaifontein eNtshona Koloni. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood For Mzansi

“Ndifumene okuchasene noku kuyeyona nyaniso. Amaxabiso [okutya] akhuphisana ngokugqithisileyo yaye axhomile ngoku, kodwa ukufikelela ekutyeni kubalulekile. Ngoko ke njengabaninizifama abancinane, thina [sisoloko] sinobuchule bokumisela imalike apho abantu bafuna ukuthenga ukutya.” 

UBooysen uthi amafama kufuneka aphangalale malunga nokuba bathengisela bani. Ucacisa ukuba ukuthengisela usomashishini onebhaki ofuna ama500kg esiveliso, kungasebenza njengokuba bekuya kufumaniseka kuyinto eyimpumelelo njengokuthengisela usomashishini omkhulu kakhulu.

“Kweli nqanaba, kufuneka sibe nako ukuyila ezo ntlobo zeemalike apho, ukuba ngaba akunasiveliso saneleyo kuwe, uyakwazi kwakhona ukuthenga kwamanye amafama amancinane. Icala elingumngcipheko loku yinto yokuba akunaxabiso limiselweyo, yaye akunako ukuvelisa ngobuninzi, kodwa ngaxeshanye, uya kuba nako ukuthengisa iimpahla xa uye waseka ubudlelane bakho kunye nemalike.”

Into eyinzuzo ngokuthengisa kuqoqosho oluncinane, utsho uBooysen, kukuba oko kuphucula uluntu lwasekuhlaleni kwakho. Uyayicacisa into yokuba abaninizifama abancinane abanokunika imalike yabo oko bakufunayo nokudingekayo kakhulu bafaka igalelo ngokukhutheleyo kuqoqosho olukufutshane nabo.

“Siya kuba nako emva koko ukugcina imali eninzi kwiindawo zasekuhlaleni kwethu. Siya kuba nako ukondla abantu abaninzi yaye siya kuba nako ukuqinisekisa ukuba asithi ukuze sifumane ukutya sixhomekeke kuphela koosomashishini abaqingqa ixabiso nomthamo woko sele kufumaneka ebantwini. 

“Ngoko ke, icebiso lam kuye nawuphi umfama okhoyo osaqalayo kukuba bazenzele imalike yabo bangacingi ukuba oko yinto engenakwenzeka ngenxa yawo onke amasolotya antsonkothileyo ekufuneka batsibe kuwo ukwanezisa oosomashishini abakhulu.” 

KWAKHONA FUNDA: Amacebo okutyala ukulungiselela izityalo zasehlotyeni

Bhalisela iFarmer’s Inside Track: Joyina iqonga lethu elikhethekileyo labaqalayo abatsha kwishishini lokufama kunye nezolimo, kunye nencwadana yeendaba kunye neepodcasts.

Tags: circular economies
Nicole Ludolph

Nicole Ludolph

Born and bred in Cape Town, Nicole Ludolph is always telling a story. After a few years doing this and that, she decided that she might as well get paid for her stories. Nicole began her journalism career writing science articles for learner magazine Science Stars and interning at Getaway Magazine.

Related Posts

A well-crafted agribusiness plan is more than just a document, it's a strategic tool that helps farmers map out their goals, secure funding, navigate risks, and position their enterprises for long-term sustainability and growth. Photo: Pexels
Farmer's Inside Track

How to compile a winning agribusiness plan

24th June 2025
Kalahari Red goats are gaining popularity among South African farmers for their resilience, meat quality, and profitability.
Farmer's Inside Track

Why Kalahari Red goats are winning over SA farmers

17th June 2025
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
Podcast: Kynoch, a fertiliser empire built on trust

Podcast: Kynoch, a fertiliser empire built on trust

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

How to compile a winning agribusiness plan

Mzansi on the menu: SA flavours shine at Africa Food Show

Closed doors: Young farmers still left out of agri power circles

Wesgro hails China’s zero-tariff trade boost for Africa

Maditsi’s high school hustle becomes promising poultry venture

Grain industry cheers as Leaf Services gets the boot

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.