IShefu enguAmanda Manyatshe ukwiphulo lokwabelana ngeendidi ngeendidi zezinongo zokutya nehlabathi liphela ngeshishini elithengisa izidlo alibiza ngokuba yiFor The Foodie in Me. Elakhe lishishini eliphathelele ekuzazini ukuba ungubani njengomAfrika yaye oko kungumbongo kuhambo lwakhe lokuzazi ungubani na.

“Okusisiseko sohambo lwezezidlo lwam kukufumanisa ukuba ndingubani na. Ndifumanisa ukuba ngokutya ndingaqhagamshelana nabantu abaninzi kakhulu, yaye mna enyanisweni andisosithethi. Ndingumntu othanda ukuziva eneentloni,” itsho ezinze kwisixeko saseKapa.
Uhambo lwakhe olusingisele kwezezidlo lwamiselwa eSilwood School of Cookery kwisixeko saseKapa ngowama2013 xa waye wawongwa ngebhasari yezezidlo eyimbalasane awayeyinikwa liphulo leWoolworths Taste Eat Out.
Eli gcisa lezezidlo elinkaba yalo iseMpuma Koloni ukususela ngoko laqalisa ukwenza udumasi olukhulu kwishishini de lazibandakanya nephulo lezoqhagamshelwano labantu eliyiSouth African People of Colour at the Table, elibethelela ukusetyenziswa kwamathuba okutshintshiselana ngezakhono kwanentsebenziswano phakathi kwabantu abangemhlophe kwishishini lokutya neziselo zokuthoba unxano kwizwekazi.
“Ukufumana indawo kwishishini yokuquka uthando olumandla lwam oko kusenzeka ngendlela esebenza ngokumangalisayo yinkuthazo engummangaliso yokuba ndivuke khwaphululu ebhedini yam.” Ndifumana ithuba lokuncedisa ngeemenyu ezifunwa ziiklayenti ezithile lo gama ndiqwalasela ubuchule bokukwazi ukwenza into entsha ngaxesha linye.”
IRESIPI: Yenza iphasta yamaqonya iimopani ka-Amanda
UNoluthando Ngcakani: Amanda, ubukade ukwinkqubo yokufundela ukuba yisayikholojisti. Ingaba wakhe wayicinga eyokuba ungaze usebenze kwindawo yezidlo?
uAmanda Manyatshe: Unotshe. Kum olu yayiluhambo lokufumana ngokubhekisele koko ndikuthanda kakhulu. Ndaba nethamsanqa kangangoko ngokuphumelela iWoolworths Taste Eat Out Bursary, ngoko ke ndafumana ithuba lokuya kufunda eSilwood, esisesona sikolo sezezidlo esidala kakhulu eMzantsi Afrika ndaza ndasebenza kwezona restyu zezidlo zicokisekileyo eNtshona Koloni lo gama ndandigqibezela izifundo zam.
Ndadibana nabantu abandinika umdla kwindlela yam ukuza kufikelela kweli nqanaba lobomi bam nanto leyo eye yandinceda kuhambo lwam ngezezidlo.
“Hlala ungumntu ofuna ukwazi yaye ukwamkele ukufunda kwabanye. Kukho indawo yethu thina sonke etafileni, yaye ukumelwa kwezizwe ngezizwe kubaluleke gqitha.”
Ndingcilezile ukusuka kweli shishini ukuya kweliyaa ndizama ukufumanisa ukuba ingaba mna ndilunga ndawoni; apho umhla wokuhlawulwa umvuzo wawungesiso esona sizathu sokuvuka ebhedini ube phakathi kwezithuthi ukuya kumsebenzi wemihla ngemihla wentsimbi yesithoba ukuya kweyesihlanu. Kodwa owona mrhiba mnye ufanayo neminye yayikukuba yonke imisebenzi yayindenza ukuba ndisebenze yaye ndiqhagamshelane nabantu.
Ingaba uyifumene phi inkuthalo ngethuba lohambo lwakho ukuya kwilizwe lezezidlo laseMzansi?
Ndifumene inkuthazo esuka koovimba ngoovimba abandijikelezileyo. Ukutya kwakusoloko kuyinto enefuthe lezopolitiko yaye ukufumana ukumelwa kwezizwe ngezizwe kwakungeyonto ilula ngamanye amaxesha, kodwa, tyhini, kwakhuthaza kakhulu ndakuba ndenjenjalo.
Ndafumana inkuthazo, yaye futhi ndisayifumana nangoku, kuDorah Sitole. Ukuhlangana ndazane naye nokutyhalwa nguye ukuba ndiye phambili yinto endiya kusoloko ndiyixabisile.
Abahlobo bam bangowona mthombo mkhulu wenkuthazo. Uhlanga lwam lwabathanda ezezidlo lidibanisa onke amazwekazi yaye oku kondla ukuthanda ukwazi kwam ngeenkcubeko ngeenkcubeko, ukutya, kunye namasiko nezithethe. Bandifundisile balumeka umnqweno wokufumana okungaphezulu malunga nozinzo kunye nembali eyimvelaphi ngokutya.
Kunye, ngokuqinisekileyo, nakusapho lwam. Sithanda ukupheka sityele ekhaya.
Zeziphi ezinye zezona nkumbulo zimyoli zakho, ingakumbi ngokubhekisele kwikhitshi? Ndingumntu othanda ukwazi, kodwa ingaba uthando lokusebenza ngokutya kuwe lusuka phi?
Ezinye zeenkumbulo zangaphambili zam zimalunga nokutya, ukuba iikeyiki ezibhakiweyo zeekumkanikazi mhla umama wakunikela umva ityeli lesibini ukuzingela iinkumba neentubi kwiyadi ka-anti wam kwaVenda.
Ndikhumbula endenzela idelele (iokhra) kunye nevhuswa (ipapa emuncu) ndikhumbule nendlela endandimunca iintupha ngayo.
Yeyiphi inxalenye yokuyimpumelelo owakhe wayifumana kuhambo lwezezidlo lwakho?

Kukuba yinxalenye yekomiti eTest Kitchen xa babebhengezwa njengabama28 ehlabathini kwiirestyu ezizeZona ziBhetele eHlabathini ezingama50 zaseSan Pellegrino ngowama2015.
Ngokusesikweni ndiqala ishishini lam, For the Foodie in Me.
Kutshanje bendisandula ukwabelana ngohambo lwam kwezezidlo kwinkqubo kamabonakude iCNN’s African Voices Changemakers sayinxalenye yelinge loqhagamshelwano lwabantu iSouth African People of Colour at the Table.
USAPOC waphumelela ibhaso lokuwonga eliyiGame Changer Award kumabhaso okuwonga wama2019 aziiEat Out Awards. Ukuba yinxalenye yentshukumo eyenza umtyhi ukwenzela abantu abangemhlophe kwishishini lezidlo yinto esoloko ingundabamlonyeni. Iye yayindawo evulekileyo ekhuselekileyo kuthi ukwenzela ukuba sithethe, sabelane size siqhagamshelane; ukwenzela ukuba amahlakani asibonise inkxaso yabo kwishishini apho singamelwanga kakuhle khona.
Sesiphi esona sifundo sinexabiso osifundileyo ukuza kuthi ga ngoku kuhambo lwakho?
Hlala ufuna ukwazi yaye uvuleleke ukuba ufunde kwabanye. Kwanokuba kukho indawo eyaneleyo yethu sonke etafileni. Kunye nemiba yokumelwa kwabantu ngabantu.
KWAKHONA FUNDA: Kukho amandla ekutyeni okumanya uMzansi
Ingaba ikamva lakho kwezokupheka izidlo likhangeleka linjani?
Ubomi basefama bukhwaza igama lam. Ndiyintombazana yasemaphandleni entliziyweni yam ngoko ke [ndifuna] indawo evulekileyo eya kondla loo mba nokuquka ifama etafileni kunye nothando lokufula ngenjongo yokufumana ukutya olungaphakathi kum.
Ndiyathemba ukuba imida ivuliwe, ndiya kufumana ithuba lokuphonononga iAfrika nokungcamla izidlo zabo emazweni abo.
Ukuba kuneka ndihlale kwiindawo zasezidolophini, isicwangciso somhlalaphantsi wam kukuba yiloo sayikholojisti ekondla ngokutya okumnandi xa sineseshini yethu. Khawusebenzise imfundo yesayikholoji yam nothanda olumandla lokusebenza!
Okokugqibela, ingaba unayo nayiphi na ingcebiso onokuyinika oogxa bakho abathanda ukusebenza ngezidlo?
Ukuba ekuqaleni akuphumeleli, zama, uzame yaye uzame kwakhona. Sonke kufuneka siqale kwindawo ethile, yaye kufuna nje ukuba uziqhelanise ukufumana okubhetele nokuqalisa ukwenza izidlo.
Ndisaqhubeka ukutshisa izinto nanamhla oku. Hlala ufuna ukwazi. Ngokufanayo nokuba sonke sahlukile, anjalo namava ethu okutya nesakhono sethu sokukulungiselela. Inyameko ngokunjalo kufuneka ube nayo njengoko ilizwe lezokutya lineentsuku ezinzima zalo, kodwa ukuba uhlala uqinisekile, nakekela impilo qete yakho ngokwasengqondweni ufunde nokwamkela ukugxekwa ngokwakhayo, uya kukhula.








