Wednesday, July 22, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

Ufuyo lweebhokhwe: Nantsi indlela yokuluqalisa 

Iibhokhwe zenza ubukhulu becala becandelo lemfuyo yezolimo eMzansi. Funda apha ngendlela onokuluqalisa ngayo ishishini

by Dona Van Eeden
3rd April 2023
in Farmer's Inside Track, INdlela yokuPhila, isiXhosa
Reading Time: 7 mins read
A A
Ungakwazi ukuliqala phantsi ishishini leebhokhwe lakho elitsha ngoko nangoko ukuba uqwalasela ezi ngcebiso zisisiseko. Ifoto: Kubonelelwe ngayo

Ungakwazi ukuliqala phantsi ishishini leebhokhwe lakho elitsha ngoko nangoko ukuba uqwalasela ezi ngcebiso zisisiseko. Ifoto: Kubonelelwe ngayo

Ingaba wawukhe waphupha ngokufuya iibhokhwe, ukubhaqa amathuba emalike phaya ngaphandle? Ukuba kudala ufuna ukufunda indlela yokufuya iibhokhwe, nceda ungayi kude! Nasi isikhokelo kwimiba eyahlukeneyo engokuqaliswa kwefama yeebhokhwe, kunye nolwazi lwangaphakathi olusuka kumfama weebhokhwe onamava

UNeo Leburu, ongumfama obhinqileyo oselula ngokweminyaka osuka eGanyesa, emNtla Ntshona, ube ngumfama weebhokhwe ithuba elingaphaya kweminyaka elishumi ngoku.

Umama wakhe wazuza ibhokhwe eyayimithi njengesipho ngelixa uLeburu wayekwisikolo semfundo ephakamileyo. Wathi mhla umama wakhe wacebisa ukuba makutshintshiswe ngayo, uLeburu akajika ekubeni ukuba kwakungcono ukuba bayigcine. 

“Sagqiba ekubeni sivelise owethu umhlambi wemfuyo omncinane, yaye andizange ndibuye mva ukususela ngoko,” utsho uLeburu. 

UNeo Leburu, ongumfama obhinqileyo oselula ngeminyaka osuka eGanyesa, emNtla Ntshona, ubengumfama iminyaka engaphezu kwelishumi ngoku

Injongo yakhe yayikukuba sivelise iiBoer gowuthi size kananjalo sithengise sibonelele ngokunjalo ngeziveliso ezisemgangathweni. Ishishini lakhe libalasele ekuthengiseni inyama yebhokhwe, yaye uqeshe ababhinqileyo abahlanu. Uyawuthanda umsebenzi wakhe.

“Ngamanye amaxesha andiwuqapheli nomthwalo womsebenzi oziswa kukufuya iibhokhwe,” utsho. 

Xa kunjalo, masiqale ngamanyathelo okuqala wokuqalisa ishishini lakho lofuyo lweebhokhwe: uzikhethele uhlobo ofuna ukuluvelisa. Eli linyathelo lokuqala elibalulekileyo. 

1. Ukuzikhethela uhlobo lweebhokhwe ofuna ukuzivelisa  

Kubalulekile ukukhetha uhlobo lweebhokhwe oluchanekileyo ukwenzela ishishini lokufuya lakho. ULeburu uthi wafumana ubunzima ekuqaleni, kuba waqalisa kuqala ngohlobo olwalungekho semgangathweni.   

“Yenza uphando lwakho kakuhle, kufuneka ulwazi ukuba loluphi uhlobo ofake utyalomali lwakho kulo. “Ukuba ndandiqale ngohlobo olusemgangathweni,” utsho. “Ukuba ndandiqale ngohlobo olusemgangathweni ngesele ndingumfama ongusomashishini omkhulu ngoku.”  

Ukufikelela koku bekuya kunceda ukwazi uhlobo lwemalike ofuna ukungena kulo. Kukho iintlobo ezithile ezikulungele kakhulu ukuvelisa ubisi netshizi, inyama okanye ezokufuywa. ULeburu uthi kukho isikhewu kwezemalike esikhulu senyama yebhokhwe kwangokunjalo nesobisi lwebhokhwe ukulungiselela abantu abangathandwayo lubisi lwenkomo.

Here are some of your options for goat breeds in South Africa: 

Iintlobo zebhokhwe ezinjengeeBoer gowuthi, iiSavanna kunye neeKalahari Red zaziwa kwihlabathi jikelele yaye zezona zifunwa kakhulu ngenxa yeempawu ezisemagqabini zazo ezinjengokulungelana neemeko, ukomelela, ukukwazi ukunakekela inzala yazo, uveliso lwenyama kunye nesantya sokuzala kwazo esiphezulu. 

Uhlobo lwebhokhwe oluyiBoer gowuthi enodumasi lwavela lwavela eMzantsi Afrika, ngokufanelene neeBoer gowuthi. Ngenxa yokhuliso lwazo olungumsebenzi omkhulu kule minyaka ingama50 idlulileyo okanye ngaphezulu ngabakhulisi beebhokhwe, iBoer gowuthi ithathwa njengeyona isemagqabini kulo naluphi na olunye uhlobo oluvelisa inyama. 

Kukho iintlobo ezithile zoboya imohair nomchako wekhetshemiya ngokunjalo. IGorno Altai neSaffer ziintlobo zeebhokhwe ezimbini ezaziwayo ngokuvelisa kwazo uboya icashmere lo gama iAngora gowuthi ivelisa uboya imohair. 

Kwezinye iingingqi ekubaleleyo kuzo kumntla ntshona waseMzantsi Afrika, ukufuywa kakhulu kweebhokhwe kwenziwa ngokudibeneyo nohlobo lweegusha eziziiPersian, Dorper neKarakul. IAngora gowuthi ngokunjalo luhlobo lwebhokhwe olufuywayo kwiMpuma yaseKaroo. 

2. Uqeqesho, amava kunye neengcebiso zabanamava

Akuxhaphakanga ukuba ube ngumfama kwinkalo ofuna ukungena kuyo ngaphandle kwalo naluphi na uhlobo lwamava. Kukho izinto ekunokukhethwa kuzo ozifundayo ezikwi-intanethi, ukwenziwa kweekhosi zoqeqesho, kwakunye nokusebenza ngokungesosigxina nomfama onamava ukwenzela ukuba ufunde kuye yaye ufumane umcebisi. 

ULeburu wayengumfuyi ongesosigxina phambi kokuba azinze ekufuyeni iibhokhwe isigxina. Nkqu nangoko wayesawugcinile umsebenzi osecaleni wokumngenisela imali. 

“Ndinomcebisi ondicebisayo ukuba ndibe ngumfama ongusomashishini omkhulu,” utsho. “Ngoncedo lwakhe ngethemba ndiya kungena kungekudala kwezamafama angoosomashishini abakhulu,” utsho. 

“Amava uwafumana ebudeni bexesha,” utsho uLeburu.

Unokuzifumana iikhosi zokuqeqeshelwa ukufuya iiBoer gowuthi apha. 

3. Choosing the right land 

Umhlaba uyimfuneko ebalulekileyo kwishishini lokufuya iibhokhwe ngokwemimiselo yoosomashishini abaphumeleleyo yaye kufuneka ufumaneke ngokwaneleyo. Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba unendawo eyaneleyo ukwenzela ukuba ibhokhwe nganye ihlale ngokukhululekileyo kungekho mingcipheko yezempilo. 

Ziya kufuna umhlaba wokuhambahamba nokutya, kwakunye neeshedi zokulala. Emva kokuba uqinisekisile ukuba zingaphi na iibhokhwe oya kuzifuya, unako emva koko ukwakha ishedi yeebhokhwe zenani elo uluqikelelayo lomhlambi wakho. Iibhokhwe zifumana ubuncinane beemitha ezisikwere ezingama60 zomhlaba wokutya ngebhokhwe nganye, ngokwemimiselo yesikhokeloncwadi iFarm and Animals

Ngokumalunga nendawo engaphakathi kumasango, ababoneleli ngeemveliso zomthi bakwaSabie Poles bacebisa ukuba iBoer gowuthi nganye ifuna ubuncinane beemitha ezisikwere ezimbini zokuhlala, ngokomndilili. Ukuzibeka kwimeko ekhuselekileyo, kufuneka usebenze ngeemitha ezisikwere ezingu2.5 ngebhokhwe nganye. Ngoko ke, ukuba uceba ukuqalisa ngeebhokhwe ezintlanu, ishedi yeebhokhwe zakho kuya kunyanzeleka ukuba ibe ziimitha ezisikwere ezili10 ubuncinane. . 

4. Qiniseka malunga nokubiya ngokufanelekileyo

Ukubiya kuthathwa njengenye yezinto ezibaluleke gqitha ekufuneka zithathelwe ingqalelo phambi kokuqaliswa kwefama yeebhokhwe, ngokokutsho kwabakwaRoy’s Farm. Kuyenye yeendlela zotyalomali olwenziwa kwangaphambili oluneendleko ekufuneka ukuba ulwenze ukulungiselela ifama yeebhokhwe zakho. 

Elinye lamadabi kaLeburu kukuba ngoku engakwazi ukuba angathenga iBoer gowuthi esemgangathweni ngenxa yokungabi nalucingo lufanelekileyo. Ngako ke, kubalulekileyo ukuba nocingo olusemgangathweni ukwenzela ukuba ube nako ukufuya iinkunzi zegusha ezisemgangathweni. Ukuba azibiyelwanga ngokufanelekileyo, iinkunzi zohlobo ezibalaseleyo ziya kuzulazula esithubeni zonakalise iimpawu zembali yofuzo zomhlambi wakho (herd’s genetics). 

Nangona usenokufuna ukuqalisa ukubiya ngocingo olufikelelekayo ngexabiso, umana uphucula njengoko uye uqhubela phambili, vela nje uthathe inyathelo elililo ukwenze oko ngokufanelekileyo kwaukusukela ekuqaleni. Oko kuya kuhlangula ekusokoleni nasemalini ekuhambeni kwethuba kuhambo lwakho lokufuya iibhokhwe. 

Ukubiyela iibhokhwe kuthathwa njengesinye sezizathu ezibaluleke kakhulu ukuqwalaselwa phambi kokuqaliswa kwefama yeebhokhwe. 

Isizathu soku sihle kakhulu: iibhokhwe zingoogqadambekweni yaye zikuthanda kakhulu ukuhambahamba. Yaye kwakhona zingamagcisa amakhulu okuthubeleza ziphume. Iibhokhwe ziya kukhwela elucingweni, zizame ukufaka iintloko zazo kulo, zizame nokubaleka ziphume elucingweni yaye ziya kuzigudla kananjalo kulo ngamandla. Ngako ke, ucingo lwakho kufuneka lomelele ngokwaneleyo kangangokuba lube nako lugcine ukuthembakala kwalo ukuba iibhokhwe zakho zenza ezinye zezi zinto

5. Fumana indlela eyiyo yokuzondla

Njengazo zonke ezinye izilwanya, iibhokhwe zifuna indlela yokufikelela lula kumanzi acocekileyo nasekutyeni okuninzi kakhulu. Nkqu nokuba kukho amadlelo avulelekileyo okutya, iindleko zokuzondla zisenokuba zezinye zeendleko ezinkulu kakhulu zakho, ngokukaBizbolts. Oku kubangelwa kukuba kufuneka uzibonelele ngokutya okungaphezulu. 

Iibhokhwe ziya kukhangakhangela kuqala edlelweni, lo gama zidinga ukutya okuncedisayo ukuba unenjongo yokulandela ukuba ngumfama ongusomashishini omkhulu, okanye ngeesizini apho idlelo lingenasibonelelo samagqabi linaso. Iifidi ezincedisayo ziquka ukutya okuziinkozo, ifula (hay), iifidi ezithengiswayo zeebhokhwe zoshishino, iityuwa kunye neeminerali. Isicwangciso seshishini lokufuya iibhokhwe zakho kufuneka lithathele ingqalelo iindleko zokondla.

Kunzima kakhulu phandle kumafama abhinqileyo 

Yaye oku kuquka iziseko zokuqalisa ukufuywa kweebhokhwe. Njengokuba ebetshilo uLeburu, amava afumaneka ngokuhamba kwexesha. Ngako ke qinisekisa ukuba uthatha ixesha lakho wenze uphando olululo kunye noqeqesho ukufumana amava. Kwakhona ucebisa ukuba kufuneka usoloko uwavulile amehlo akho ukulungiselela amathuba okufunda amatsha lo gama usaqalayo. 

Nangona i-intanethi izela ngamanqaku akukhuthazayo ukuba uqalise ukufuya iibhokhwe (zizilwanyana ezibukekayo kakhulu, ezinoncedo kakhulu kwezoqoqosho), asikuko ukuba iyinto ohamba lula kuyo. 

“Imingeni ikhona kuyo yonke indawo,” ulumkisa ngelitshoyo uLeburu. “Andinakutsho ukuba kulula.” 

Eyona mingeni yakhe ihamba nokuba engumntu obhinqileyo kwishishini elonganyelwe ngamadoda. Kwakhona, ngenxa yenxalenye yomsebenzi okutsalisa nzima wasefama udinga uncedo. Ukuba ngumfama asingomsebenzi womntu omnye. 

UNeo Leburu nomhlambi weebhokhwe zakhe

Wafumana ubunzima ngokunjalo ukufumana umcebisi. “Zange bandithathe ngondileko,” utsho. “Mhlawumbi yile nto yokuba ndandiselula ngokweminyaka, okanye kuba ndandingumntu obhinqileyo.” 

KWAKHONA FUNDA OKULANDELAYO: Umfama ofumana ubunzima waseNW unephupha lokuba ngumfama ongusomashishini omkhulu  

Icebiso lokugqibela kumafama eebhokhwe exesha elizayo

“Yiba nomonde nentshisakalo,” uyacebisa uLeburu. “Ukuba ngumfama asilolinge lokutyeba ngemini enye. Kodwa inzuzo inkulu, yaye nemalike inkulu, ingakumbi ngenyama yebhokhwe. 

Kwakhona ufuna ukukhuthaza abanye ababhinqileyo ukuba bazibandakanye namava ezokufuywa kweebhokhwe, ebamkela ngezandla ezishushu bonke ababhinqileyo abafuna ukuza kuye ukuzokufumana ingcebiso nesikhokelo. 

“Ndicebisa amanenekazi aselula ukuba azibandakanye nathi,” utsho. “Lo msebenzi asingowamadoda kuphela, silapha nathi yaye siyaphumelela. 

ULeburu ugqibezela icebiso lakhe ngokubhekisa kumafama eebhokhwe ngelithi, “Ningoyiki, oku kuyakwazi ukwenzeka.”

KWAKHONA FUNDA OKULANDELAYO: ‘Ukuba ngumfama yeyona ndlela ibhetele kakhulu yokulwa ubuhlwempu,’ udanduluka atsho umfama weebhokhwe

Dona Van Eeden

Dona van Eeden is a budding writer and journalist, starting her career as an intern at Food for Mzansi. Furnished with a deep love and understanding of environmental systems and sustainable development, she aims to make the world a better place however she can. In her free time you can find her with her nose in a book or wandering on a mountain, looking at the world through her camera's viewfinder.

Related Posts

No one-size-fits-all: Liane’s lessons on leaving the land better
Farmer's Inside Track

No one-size-fits-all: Liane’s lessons on leaving the land better

22nd July 2026
Simphiwe Hlubi: Why multi-stream income is the future of farming
Farmer's Inside Track

Simphiwe Hlubi: Why multi-stream income is the future of farming

8th July 2026
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
'End this power pandemic' – incoming Eskom boss told

Load shedding: What monsters lurk in the dark?

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

No one-size-fits-all: Liane’s lessons on leaving the land better

Shoprite hits 300th food garden milestone in Bredasdorp

Tech and solar upgrades drive growth at Ceres Fruit Growers

Smart vineyard irrigation starts below the ground

Treat food processing as essential national infrastructure – Khoury

Farmers urged to embrace uncertainty and build resilience

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.