Tuesday, July 21, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

UKolobe ukhulisa ondle uluntu

Eli lungu leSouth African Army Engineer Formation liphila ubomi obubini. Kwakhona ukwalime iitumato neevatala eMoletši Ga-Komape, eLimpopo. ‘Indoda efa yindlala ayinakukwazi ukulala,’ utsho

by Manare Matabola
15th March 2023
in Farmers, Inkuthazo, isiXhosa
Reading Time: 4 mins read
A A
Qho kwiiveki ezimbini, uKolobe Lebepe utshintsha iyunifom yezomkhosi anxibe iweksuti yakhe emdaka kwifama yakhe kwilali iMoletši Ga-Komape, eLimpopo. Ifoto: nguManare Matabola/wakwaFood For Mzansi

Qho kwiiveki ezimbini, uKolobe Lebepe utshintsha iyunifom yezomkhosi anxibe iweksuti yakhe emdaka kwifama yakhe kwilali iMoletši Ga-Komape, eLimpopo. Ifoto: nguManare Matabola/wakwaFood For Mzansi

Kubantu abaninzi, ukwahlula ixesha Phakathi kwamava ahlukene njengempumalanga entshonalanga ngumsebenzi omnye onzima kakhulu; ngulowo uKolobe Lebepe awamkela ngokungenaloyiko. 

Apha evekini, ulilungu leSouth African Army Engineer Formation, iqumrhu elilawula iiyunithi zobunjineli bomkhosi belizwe. Kodwa kwiiveki ezimbini, yinto oqinisekileyo ngayo ukuba uya kumfumana kwiweksuti emdaka kwifama ezihektare ezintathu yakhe e Moletši Ga-Komape, kwiikhilo ezimbalwa nje ukusuka ePolokwane, eLimpopo.

“Ndinomncedisi osisigxina wam obeka esweni izinto ezininzi efama yaye, ekufuneka ndimncome ngokunjalo ukuba, uqhuba kakuhle kakhulu malunga nokuziphuhlisa. Kumalunga neeyure ezine xa uhamba ngesithuthi. Ngoko ke, qho ekupheleni kweeveki ezimbini ndiba lapha efama ukuncedisa ngeembono ngekufuneka kwenziwe,” uxelela abakwaFood for Mzansi.                                                                                                                                                                                       

Ngaphandle kokuba elijoni nomfama, uKolobe Lebepe kwakhona ufundela isidanga seeMastazi kwigrafiki dizayini eVaal University of Technology.

“Xa ndineeoda ezininzi kakhulu, ndiye ndiphume apha ngo4:00 ze ngo7:40 ndibe ndizichaza emsebenzini ukuba ndikhona. Kuze, emva koko, ndiye kwakhona eLimpopo emva komsebenzi, ndiye ePitoli ngentsasa elandelayo.”

Kwesi siqwengana somhlaba ozinze kufutshane neentaba, uLebepe nomnini ongugxa wakhe uFannie Malala ukhulisa kuphela izilimo ezingafuni kusetyenzwa kakhulu, ezinjengeetumato neevatala. 

Namhlanje, kunqabile ukufumana umfama osakhasayo ongazange wenza sicelo sokuxhaswa ngemali ukukhulisa ishishini lakhe, kodwa uLebepe ngokumangalisayo akazange enjenjalo. Uchaza umgaqo wokunikwa kwenkxaso yemali osetyenziswa ngurhulumente namanye amaziko.

Ingxaki yokuba ngumsebenzi karhulumente

“Esona sizathu sibalulekileyo sokuba kuba kwakutheni ukuze ndingenzi sicelo senkxaso yemali kukuba ezinye zeemfuneko ezingummiselo kukuba kufuneka uthi kanti akuqeshwanga lisebe likarhulumente yaye kufuneka ube sefama ngokusisigxina, nanto leyo ndiyifumana icalula, ingakumbi leyo ithi kufuneka uthi kanti akuqeshwanga lisebe likarhulumente,” uLebepe echaza oko edanile.

“Kuba asikuko nokuba ndiyifumana simahla loo mali kwisebe likarhulumente. Ndiyisebenzela nzima kakhulu. Kweli icala, ndisebenza nzima kakhulu ngokunjalo efama, yaye ndiyavelisa. Kufuneka sihlolwe ngokokugqwesa. Nam ngokunjalo ndandingomnye wababevinjwe amathuba kwixesha elidlulileyo.”

Imbono yokwanda nokungena kwezoshishino inomtsalane kumafama amaninzi, kodwa uLebepe akakawexuleki. Ngokwendlela abona ngayo, ukhetha ukuba athengise isiveliso sakhe ngokwakhe kwimalike yasekuhlaleni, kunokuba atyelwe imali ngamashishini amakhulu athengisa ngemiyinge emincinane (big retailers) amqingqela amaxabiso ngokwawo. 

“Amashishini amakhulu athengisa ngokwemiyinge emincinane axhaphaza kakhulu. Ndikhetha ukuzenzela eyam imalike ngokuthengisa kubathengisi basesitratweni nakubahlali, nangona abahlali bengasoloko bethenga ngobuninzi, ubuncinane ufumana konke okuyinzuzo,” utsho uLebepe.

“Abathengisi ngokwemiyinge emincinane (retailers), kwelinye icala, bakunyanzelisa ngamaxabiso wabo. Indlela yokumisela amaxabiso yabo ayilunganga kwaphela. Mhlawumbi kwithuba eliya kuza xa ndingumfama ongusomashishini kuya kufuneka ukuba ndizisele iimpahla amashishini athengisa ngokwemiyinge emincinane, kodwa okwangoku, ugxininiso lukubahlali nakubathengisi basesitratweni. Kwakhona, ukuba ngumfama ongusomashishini kuquka ukusetyenziswa koomatshini kakhulu, yaye ukuba ngumfama kuquka usetyenziso loomatshini oko kufuna imali eninzi.”

Kwifama yakhe eseLimpopo, uKolobe Lebepe kunye nehlakani lezoshishino lakhe, uFannie Malala, unobugcisa kuveliso lweetumato neevatala.

Ukuqukwa kwegrafikhi dizayini kwezobufama

Xa kuthelekiswa namafama amaninzi anomdla kuphela ekukhuliseni nasekuthengiseni izityalo, okunika umdla ngoLebepe kukuba ingqondo yakhe itsalekele kwezinye iinkalo zomxolelwano wokuhanjiswa kweempahla zezolimo ezinjengokwenziwa nendlela yokuma kokupakishwayo.

“Ndingathanda ukuba ngumnini wonxibelelwano lokuhanjiswa kweempahla kuveliso lwezityalo ukusuka ekuveliseni ukuya ekwenziweni kwazo, ukuya ekupakishweni kweempahla, kwanokuziswa kweziveliso kwimalike yeziveliso ezitsha yam,” uyacacisa uLebepe. 

Okubhetele nangakumbi, uchaza ukuba umdla wakhe nguwo omkhokelele ukuba makabhalisele isidanga seeMastazi kwigrafiki dizayini eVaal University of Technology. Ithisisi yakhe iphanda ngonxibelelwano lokubonwayo kweegrafiki kuyilo lokupakishwa kokutya.

ULebepe uchaza ukuba, nakuba kunjalo, abahlali abaninzi nangoku abakamthathi ngokunyanisekileyo. Kwiintsuku ezintathu phambi kokuba ilizwe lingene ekumisweni ngxi kweentshukumo okunzima kweKhovidi19, wanikwa ekugqibeleni iifama eziihektare ezintathu yinduna yaselalini.

Kumthathe ixesha ukumcenga, utsho, ngenxa yokuba ubukhulu becala yayingumzimba omncinane wakhe owawumenza ukuba akhangeleke esemtsha kuneminyaka ncam yobudala bakhe. ULebepe ugxininise ekubeni ajongwe ngokweziphumo zakhe kwifama kunokuba bajonge kwinkangeleko yakhe. 

Yaye, sibulela ubukhulu becala kuMalala, umhlobo wezobunjineli bemekhenikhi, owayesakuba ngugxa wakhe kumkhosi weSANDF okwayinxalenye yeChakula Lifestyle, uLebepe akazange enze kancinane ngexesha lokuvuna.  

Ngaphezulu, uLebepe ugcina inani elingephi leenkomo neebhokhwe, ezoluswa ngomnye umntu kwifama eziihektare ezingama72 awayeshiyelwa njengelifa nguyise eBochum, kwilali yaseGa-Raweshi. 

Uthakazelela lonke ithuba kwezolimo nemfuyo.

“Monna wa tlala ga a robale!” utsho. Umntu ofa yindlala akakwazi kulala.

KWAKHONA FUNDA MALUNGA NOKU: Ababhinqileyo basezilalini bajamelene nempathogadalala xa befumana umhlaba

Fumana amaBali ngezoTshintsho: Amabali akhuthazayo asuka ebantwini abondla uMzansi.

Tags: Limpopo farmersVegetable farmer

Manare Matabola

Manare Matabola is a freelance journalist and an interpreter. His work has appeared in a wide array of publications including The South African, Independent Online, Briefly.co.za, and Soccer Laduma. Apart from being a “sports junkie”, Manare derives pleasure from exploring nature and leisurely feasting on African fiction.

Related Posts

Fab five: Food For Mzansi catches up with farmers 5 years later
Farmers

Fab five: Food For Mzansi catches up with farmers 5 years later

24th November 2023
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

22nd October 2023
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
Artificial Insemination

 Podcast: The 101 on artificial insemination

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Smart vineyard irrigation starts below the ground

Treat food processing as essential national infrastructure – Khoury

Farmers urged to embrace uncertainty and build resilience

SA poultry industry calls for urgent bird flu vaccine rollout

Mother’s legacy, neighbour’s grace: Venessa Simelane’s farm story

Deadline looms: Register water use by 23 July or risk penalties

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.