Lowo wayezalelwe ePimville, eSoweto, uMosibudi Makgato ngumphathi wesigqeba kwezentengiso ngokomsebenzi wakhe. Wayiseka inkampani yakhe, ebizwa ngokuba yiYamama Gemmer, kunye nodade wabo onguRosemary Padi, waza wathathela kuye ulawulo lwenkampani isigxina ngo2016.
“Eli shishini laqalwa sithi kususelwa kwiresiphi kamama wethu ongasekhoyo. Saye sashishina ngejinja bhiya yesiqhelo yasekhaya ebizwa ngokwesiqhelo njengegemmer, okanye igemere, kuxhomekeke ukuba usuka kowuphi na ummandla waseMzantsi.”
NgeYamama Gemmer, oodade bathengisa iimveliso zejinja bhiya ezintathu; engumxube, ijinja bhiya ebutywala obuswiti, nezo “sezilungele ukuselwa”.

Ifumaneka ngeebhotile eziziilitha ezintlanu neelitha ezimbini, le mixube ifuna ukuxutywa namanzi ukwenza iilitha ezingama20 neelitha ezisi8 ngokulandelelanayo. Umxube wama500ml wejinja bhiya ebutywala obuswiti kwakhona ifuna amanzi, kanti isiselo “esesilungele ukuselwa” sinokuselwa njengoko sinjalo.
Kwiwebhusayithi yabo, oodade bazichaza bona ubuqu “njengabayintliziyo nomphefumlo” weshishini, elisekelwe eMidrand, eGauteng. Oodade ngoku baqeshe abantu abane, yaye uMakgato uthi kuye kwakho amacandelo okusebenzisa izandla kwinkqubo yokwenziwa kweemveliso zabo.
“Ngoku sisasebenzisa iindlela ezigxininisa ukusebenzisa izandla nokuyinxalenye okusebenzisa oomatshini. Okunqwenelekayo, singathanda ukusebenzisa oomatshini ngokupheleleyo.”
Njengokuba kunjalo kumashishini amancinane kwilizwe lethu, iKhovidi-19 ibe neziphumo ezibi kwiYamama Gemmer. UMakgato ucacisa ukuba abasebenzi babo abajongene nemveliso enyanisweni licuthiwe inani labo, yaye abakabuyeli kwimeko yesiqhelo ukwenzela ukuba babuyisele iqela lokuqala labasebenzi babo.
“Ngoku, umngeni [wethu] yimalike esiphulukene nayo kwiminyaka emibini edlulileyo. Oku kuthetha ukuba intengiso yehlile. Ngoku siyasebenza, nakuba kunjalo, sijonge ekubeni sifikelele kwiimalike ezisesikweni nezaziwa kakhulu.”
Ukushiya wenze imbali ngasemva
Umxholo ongesithethe ngowona ufumanekayo kweli shishini liphela. NgeYamama Gemmer, oodade banethemba lokuzisa hayi nje kuphela “incasa yentsusa ekhumbulekayo yejinja bhiya eyenziwe ekhaya, koko isekwayinto eluncedo kwimisitho eqhelekileyo”.
Emva kokuba beyiqulunqile iresiphi abayifumene njengelifa kunina wabo, uMakgato ucacisa ukuba ngeshishini labo, bafuna kananjalo ukuba elo lifa lifunyanwe ngabantwana babo.
“Umbandela encumisayo (yeshishini) yimbali esiyenzela abantwana bethu. Sifuna abantwana bethu baye esikolweni yaye baqalise ukusebenza ngoko nangoko emva koko.”
UMakgato kwakhona ucacisa ukuba imbali yabo ayiphelele nje kubantwana babo koko iseyiyo abanethemba lokwabelana ngayo nabanye ababhinqileyo ekuhlaleni kwabo.
“Umama wethu wayedla ngokubaxhobisa ngolwazi ababhinqileyo ekuhlaleni ukuba bakhulise ukutya kwizitiya zabo. Sifuna ukuqhubela phambili ngalo mbali ukuqinisekisa ukuba siqesha ababhinqileyo abakhokela amakhaya abo, njengoko sisazi ukuba abapheleli nje ekondleni iintsapho zabo, kodwa [kananjalo] nokuhlala ngokubanzi.”
Amacebo kaMakgato awabhekisa kwabanye oosomashishini bezolimo acacile:
- Gxininisa kwinto oyithanda kakhulu. Kuba iyinto oyithanda kakhulu, iya kuba lula kakhulu.
- Xa unesicwangciso esiqulunqwe kakuhle, zama ukuba ungazikhathazi ngokwenziwa ngabanye abantu.
- Yiba ngumntu osoloko ekwamkela ukufunda. Iindlela zokwenza ziyatshintsha lonke ixesha, ke ngoko kwamkele ukuzama izinto ezintsha.
BUKELA: Bukhona ubuntu kwezolimo ngokokuboniswa ngusomashishini wezolimo uSabatha Segoba