Friday, August 7, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

Usomashishini wezolimo 101: Dibana nomenzi wejinja bhiya

Xa unesicwangciso esiqulunqwe kakuhle, zama ukuba ungazikhathazi ngokwenziwa ngabanye abantu. Oku kuyenye yeengcebiso zoshishino ekwabelwana ngazo ngoosomashishini bejinja bhiya kwanabantwana bakokwabo abanguMosibudi Makgato noRosemary Padi

by Nicole Ludolph
19th January 2023
in Agripreneur, isiXhosa
Reading Time: 3 mins read
A A
Oodade abaqhuba uphawu lweshishini lejinja bhiya iYamama Gemmer, abanguMosibudi Makgato noRosemary Padi. Iifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood for Mzansi

Oodade abaqhuba uphawu lweshishini lejinja bhiya iYamama Gemmer, abanguMosibudi Makgato noRosemary Padi. Iifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood for Mzansi

Lowo wayezalelwe ePimville, eSoweto, uMosibudi Makgato ngumphathi wesigqeba kwezentengiso ngokomsebenzi wakhe. Wayiseka inkampani yakhe, ebizwa ngokuba yiYamama Gemmer, kunye nodade wabo onguRosemary Padi, waza wathathela kuye ulawulo lwenkampani isigxina ngo2016.

“Eli shishini laqalwa sithi kususelwa kwiresiphi kamama wethu ongasekhoyo. Saye sashishina ngejinja bhiya yesiqhelo yasekhaya ebizwa ngokwesiqhelo njengegemmer, okanye igemere, kuxhomekeke ukuba usuka kowuphi na ummandla waseMzantsi.”

NgeYamama Gemmer, oodade bathengisa iimveliso zejinja bhiya ezintathu; engumxube, ijinja bhiya ebutywala obuswiti, nezo “sezilungele ukuselwa”.

IYamama Gemmer jinja bhiya iyafumaneka ngeemveliso ezine ezahlukeneyo. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood for Mzansi
IYamama Gemmer jinja bhiya iyafumaneka ngeemveliso ezine ezahlukeneyo. Ifoto: Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood for Mzansi

Ifumaneka ngeebhotile eziziilitha ezintlanu neelitha ezimbini, le mixube ifuna ukuxutywa namanzi ukwenza iilitha ezingama20 neelitha ezisi8 ngokulandelelanayo. Umxube wama500ml wejinja bhiya ebutywala obuswiti kwakhona ifuna amanzi, kanti isiselo “esesilungele ukuselwa” sinokuselwa njengoko sinjalo.

Kwiwebhusayithi yabo, oodade bazichaza bona ubuqu “njengabayintliziyo nomphefumlo” weshishini, elisekelwe eMidrand, eGauteng. Oodade ngoku baqeshe abantu abane, yaye uMakgato uthi kuye kwakho amacandelo okusebenzisa izandla kwinkqubo yokwenziwa kweemveliso zabo.

“Ngoku sisasebenzisa iindlela ezigxininisa ukusebenzisa izandla nokuyinxalenye okusebenzisa oomatshini. Okunqwenelekayo, singathanda ukusebenzisa oomatshini ngokupheleleyo.”

Njengokuba kunjalo kumashishini amancinane kwilizwe lethu, iKhovidi-19 ibe neziphumo ezibi kwiYamama Gemmer. UMakgato ucacisa ukuba abasebenzi babo abajongene nemveliso  enyanisweni licuthiwe inani labo, yaye abakabuyeli kwimeko yesiqhelo ukwenzela ukuba babuyisele iqela lokuqala labasebenzi babo.

“Ngoku, umngeni [wethu] yimalike esiphulukene nayo kwiminyaka emibini edlulileyo. Oku kuthetha ukuba intengiso yehlile. Ngoku siyasebenza, nakuba kunjalo, sijonge ekubeni sifikelele kwiimalike ezisesikweni nezaziwa kakhulu.”

Ukushiya wenze imbali ngasemva

Umxholo ongesithethe ngowona ufumanekayo kweli shishini liphela. NgeYamama Gemmer, oodade banethemba lokuzisa hayi nje kuphela “incasa yentsusa ekhumbulekayo yejinja bhiya eyenziwe ekhaya, koko isekwayinto eluncedo kwimisitho eqhelekileyo”.

Emva kokuba beyiqulunqile iresiphi abayifumene njengelifa kunina wabo, uMakgato ucacisa ukuba ngeshishini labo, bafuna kananjalo ukuba elo lifa lifunyanwe ngabantwana babo.

“Umbandela encumisayo (yeshishini) yimbali esiyenzela abantwana bethu. Sifuna  abantwana bethu baye esikolweni yaye baqalise ukusebenza ngoko nangoko emva koko.”

UMakgato kwakhona ucacisa ukuba imbali yabo ayiphelele nje kubantwana babo koko iseyiyo abanethemba lokwabelana ngayo nabanye ababhinqileyo ekuhlaleni kwabo.

“Umama wethu wayedla ngokubaxhobisa ngolwazi ababhinqileyo ekuhlaleni ukuba bakhulise ukutya kwizitiya zabo. Sifuna ukuqhubela phambili ngalo mbali ukuqinisekisa ukuba siqesha ababhinqileyo abakhokela amakhaya abo, njengoko sisazi ukuba abapheleli nje ekondleni iintsapho zabo, kodwa [kananjalo] nokuhlala ngokubanzi.”

Amacebo kaMakgato awabhekisa kwabanye oosomashishini bezolimo acacile:
  • Gxininisa kwinto oyithanda kakhulu. Kuba iyinto oyithanda kakhulu, iya kuba lula kakhulu.
  • Xa unesicwangciso esiqulunqwe kakuhle, zama ukuba ungazikhathazi ngokwenziwa ngabanye abantu.
  • Yiba ngumntu osoloko ekwamkela ukufunda. Iindlela zokwenza ziyatshintsha lonke ixesha, ke ngoko kwamkele ukuzama izinto ezintsha.

BUKELA: Bukhona ubuntu kwezolimo ngokokuboniswa ngusomashishini wezolimo uSabatha Segoba

Tags: Covid-19eGoliGautengisiXhosa

Nicole Ludolph

Born and bred in Cape Town, Nicole Ludolph is always telling a story. After a few years doing this and that, she decided that she might as well get paid for her stories. Nicole began her journalism career writing science articles for learner magazine Science Stars and interning at Getaway Magazine.

Related Posts

Bikouta bridges African flavours through handcrafted teas
Agripreneur

Bikouta bridges African flavours through handcrafted teas

30th July 2026
Barnard Mohair: Weaving EC agriculture into global fashion
Agripreneur

Barnard Mohair: Weaving EC agriculture into global fashion

9th July 2026
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
#SoilSista programme: 3 reasons to apply now!

Women farmers: Apply now to join #SoilSistas

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Table grape industry faces ‘new normal’ in climate crisis

Shongotelo Mashengete: Shielding SA crops from disease

Why vaccination alone won’t restore SA’s global beef exports

SA Preserve Championships draws record 700 entries

How grain farmers can secure cash flow and funding in uncertain seasons 

Professionalism pays: How Jantjies built a thriving lucerne business

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.