Ukususela ebuncinaneni bakhe, uXolisa Zamxaka wayewaqonda amandla ezolimo nezemfuyo. Lo mfama nosoqoqosho wezolimo nemfuyo ukholelwa ekubeni ulimo nezemfuyo ziyimpendulo kwidabi lokulwa uhlwempuzeko eMzansi. Ungumsunguli weIlitha Farming, elishishini lezolimo nezemfuyo elisakhasayo kwilali iKei Farm Village yakuCentane, eMpuma Koloni.

I-Ilitha Farming lishishini elijongene nomsebenzi wezolimo nezemfuyo kunye nemifuno nemfuyo, kuqukwa iinkuku, iinkomo, iibhokhwe, kunye neehagu. Imifuno kaZamxaka ikhuliswa kwiihektare ezine zomhlaba lo gama ishishini lezemfuyo lakhe liqhutywa kwimihlaba yoluntu lwasekuhlaleni kwilali apho inkaba yakhe ikhoyo.
Ethetha malunga noko kube yinkuthazo kuye ngeIlitha Farming, uZamxaka uchaza athi, “Ndandisekhaya ngethuba leKhovidi-19 ukuqala kwengcamango yeIlitha Farming. Satyala imifuno yasekhaya (eyayiza kusetyenziswa khona) kwaza kwathi qatha imbono lo gama ndandisegadini yokuba ndiyalele abantu abenza umsebenzi wobufama abakumaqonga eintanethi anjengoZoom, iiMicrosoft Teams, Skype, WhatsApp, ukufona ngeevidiyo – ngesizathu sokuba abantu kwakungavumelekanga ukuba bahlangane bengamanani amancinane kwindawo enye.”
UZamxaka kwakhona unika uqeqesho axhobise nangamava, kwakunye neenkonzo zengcebiso kumafama amatsha eMpuma Koloni. Le nkampani kwakhona inceda amafama kwiphondo ngeenkonzo ezinjengokubhalisa inkampani, ukubhalisa ukopolotyeni, iinkonzo zokuxhotyiswa ngamava kwanezicwangciso zoshishino lwezolimo nezemfuyo.
Ukufunda kubantu abanobuchule kakhulu
UZamxaka wazalelwa waza wakhulela eKei Farm Village apho wayejikelezwe ngabamelwane neentsapho ezazikuthanda ukukhulisa ukutya kwazo.
“Njengamakhwenkwe amancinane, sasiqeqeshelwe ukwalusa imfuyo. Kwakulindeleke kananjalo ukuba sincedise ngexesha lokutyala izilimo ezinjengombona, iimbotyi namathanga.”
Konke oko wayekufundile malunga nokukhulisa ukutya wayefuthelwe nguyise ongasekhoyo, uMzimkhulu, owayengumsebenzimgodini, nonina, uNozuko, ababengamafama asakhasayo.
Waphumelela imatriki ePhandulwazi Agricultural High School eAlice waza wagqiba isidanga semastazi sakhe kuqoqosho lwezolimo nezemfuyo eFort Hare University ngo2015.
Nje emva kokuba ethweswe isidanga, wasebenzela amaqumrhu anjengoUmtiza Farmers Coop othengisa iziveliso zezolimo, iAmathole District Municipality (ADM), iAgricultural Research Council (ARC), iFort Cox Agricultural College, iCedara Agricultural College, kunye nesebe lezophuhliso lwamaphandle neenguqu kwezolimo.
Ukusabela ingxaki yabantu bakhe
Njengomfana wasezilalini, uyalazi idabi labantu abafuna ukuxhaswa kodwa abanako ukufumana uncedo kwingxaki yabo. UZamxaka ukholelwa ekubeni abantu banomdla wokuzikhulisela ukutya kwabo baqhube ngezolimo nezemfuyo kodwa amathuba amaninzi bayasokola ngenxa yokunqongophala kwamathuba oqeqesho.
“Iqumrhu lezolimo Ilitha yinkqubo yophuhliso lobummelwane. Injongo yayo (ekuqaleni) yayikukufamisha ngenjongo yokwenza inzuzo, nakuba kunjalo, ngoku iye yaphathelela ekuncedeni abantu abasuka kwiindawo ezihlwempuzekileyo ukuba bafumane uqeqesho lwezolimo olululo.”
UZamxaka uthengisa imfuyo yakhe aze avelisele abakwaNgumbela Fruit and Vegetables eGcuwa. Ekugqibeleni unethemba lokwandisa ishishini lakhe. Sifumana kwakhona iiodolo ezinkulu ezisuka kubantu abanamashishini okulungiselela ukutya.”
Usebenza nabantu bakowabo ababini, abamncedisa xa efuna uncedo olungaphezulu.

Ukuya phambili kwikamva elizinzileyo
Injongo ephambili yakhe kukufumana ifama enkulu apho anokuqhubeka ngolimo nezemfuyo, nokuqesha abaphumelele uqeqesho lokuba ngamafama.
UZamxaka uthi ngenxa yokutshintsha kwemozulu neenkqubo zeengqikelelo zemozulu, ekuhambeni kwethuba ukutya kusengabiza ixabiso eliphakame kakhulu. Abantu kufuneka bazikhulisele ukutya kwabo ngoku ukwenzela ikamva elizinzileyo, ukholelwa njalo.
“Ndicebisa kakhulu ulutsha ukuba lubhalisele izifundo ezinxulumene nezolimo nezemfuyo njengoko sidinga abantu abaninzi ukuba bathathe inxaxheba kwishishini lovelisokutya. Enye into elungileyo kukuba maninzi amakhondo omsebenzi kwishishini lezolimo enza ukuba eli khondo lomsebenzi linike umdla kakhulu.”
Fumana amabali otshintsho: Amabali akhuthazayo avela kubantu abondla uMzansi.







