Akukho nto encamise ngencasa ngohlobo oludala iinkumbulo njengomleqwa onandiphekayo, litsho itshantliziyo kwezezidlo uMpho Nogueira. Esi sidlo senkuku sizele ziiproteyini sivuselela iinkumbulo ezimyoli ngoninakhulu, uJulia Mokoena.
Imiyalelo yokupheka engaqhelekanga neenkcazelo zezidlo eziyimibala ngemibala ziyahlaziya. Eli tshantliziyo kwezezidlo laziwa ngokulungiselela izidlo elizithanda kakhulu, ezinjengomleqwa onencasa (okhuliswe ngokwesiqhelo), okanye “uPetronella” njengoko ewubiza ngolo hlobo ukuwuteketisa. Iresiphi yakhe lohlobo lwale mihla lwenkuku uninakhulu awayedla ngokuyiphekela yena eSoweto.
Umleqwa okanye inkuku yesiqhelo sisidlo esixhaphakileyo kumakhaya amaninzi aseMzantsi Afrika, aze yena uNogueira ongeze nje kuphela uvakalelo lwespayisi “kuPetronella” kaninakhulu.
Indlela yokuzikhulela ngokukhululekileyo kwazo yile nto inika umleqwa isaleko esingaphezulu sencasa eyenza ukuba wahluke kwinkuku eqhelekileyo ethengwe evenkileni. Konke okushiyekileyo ukuba ukwenze kukuveza incasa yenkuku etyebileyo ngencasa kunye nendlela yokuyipheka eyiyo ukwenzela ukulunga okuncamise ngencasa, okusuka emathanjeni.
Fumana inkuthazo kwinkumbulo ngezexesha elidlulileyo
UNogueira ukhumbula indlela uninakhulu awayekuthanda ngayo ukupheka izidlo ngomdla nangobuchule ekhitshini. Uthi uMokoena uninakhulu wayekade esebenza njengomsebenzi oncedisayo ekhaya aze agoduke ayokuzama naziphi na iiresipi awayezifundile kubantu awayebasebenzela.
“Umakhulu wam wayeyinkuthazo ngokuqinisekileyo, kodwa into eyayihlekisa ngelo xesha kukuba, ndandingakhathali enyanisweni malunga nento edibaniselene nokutya. Andizange nkqu ndicinge ukuba ndandiya kuze ndipheke okanye ndenze into elolo hlobo,” utsho uNogueira.
Ungundabamlonyeni kakhulu kumakhasi onxibelelwano oluntu ekwanenani labalandeli elothusayo elingaphezulu kwama200 000 ngenxa yeshishini lakhe, iNogueira’s Home Cooking. Izidlo ezinandiphekayo zakhe zaqala ukuvela kumakhasi onxibelelwano oluntu ngowama2016 yaye ziye zayithimba ingqwalaselo yoshishino ngeenkuku iGrain Fields Chicken.
Khawukhe ulinge uzithengele uPetronella, umleqwa wakhe ofakwe izipayisi!
KWAKHONA FUNDA: Khawuhlafune iitshopsi ezimuncis’ iminwe zakwaMthethwa
Ingredients
- 1 inkuku ekhuliswe ngokuqhelekileyo
- 1 icephe letyuwa
- 1 icephe lepepile emnyama
- 1 itispuni yecayenne pepper (ngokuzikhethelayo)
- 1 itispuni yepaprika
Instructions
- Bilisa inkuku yonke malunga neyure ugalele ityuwa kuphela, emva koko yikhuphe uyibeke bucala kwisitya esisodwa.
- Kwimbiza enye, sebenzisa amafutha asuka kwinkuku leyo ukupheka inyama ecikiweyo ugalele ipaprika, icayenne kunye nepepile emnyama wandule ukuqhotsa inkuku yakho de ibe nombala omdaka bugolide.