Zininzi iimfihlo zokulungiselela iimithibholi ezisulungekileyo, kodwa ngokubhekisele kwishefu enguNaledi Toona konke kuxhomekeke kwizinongo. UToona umisela umgangatho ophezulu kuyo nayiphi na into ayenzayo, yaye uthi isiveliso esitsha sibalulekile kwiresipi yakhe yeemithibholi ezivuzisa amathe nezinandiphekayo. Ngaphaya koko, yinyaniso enobunzululwazi ukuba ukupheka ngezinongo ezitsha kusoloko kukwenza kube bhetele kakhulu ukutya kwakho, utsho usomashishini wezezidlo owazalelwa eBotswana.
Mayingabi yinto eyothusayo ukwazi ukuba ishefu nokwangumyaleli wezokupheka enovakalelo olumandla ngeziveliso ezisezitsha. Unemvelaphi kwezobufama enabela kulo lonke elaseBotswana.

“Ootatomkhulu bam babenefama eBotswana eyayinemithi yamaorenji engaphaya kwe100 ubuninzi, yaye babezithengisa kwiivenkile eziliqela. Uninzi loomalume nabazali bam bangamafama ngokunjalo (emifuno, eenkomo neegusha),” utsho.
Okuvuzisa izinkcwe kusenziwa zizandla social media sensationꞌs (zikasaziwayo kumaqonga onxibelelwano oluntu kuya kukushiya ubawela okungaphezulu kwaye ngaxeshanye, ngokungaphandle kwayo yonke impumelelo yakhe, uthi usasele eyintombazana yasezifama entliziyweni yakhe.
Wabelana ngeeresipi zakhe namabali ngezezidlo kwikhasi lonxibelelwano loluntu lakhe al ngokungena ngo- “Chef Naledi – From My Kitchen to Yours” (“UShefu Naledi –”OkuSuka kwiKhitshi Lam ukuya kweLakho.“
Pheka iimithibholi njengoqeqeshelwe oko
Ukusebenza ngokutya yonke imihla, asinto iza njengesothuso ukuba yena engenako nakutya kwakhe akuthanda ngaphezu kokunye. Nakuba kunjalo, uyavuma ukuba uyakuthanda ukutya anokumana ecubunga kona. Uye wafunda ubugcisa bokudlala malunga neeresiphi zakhe.
“Abahlobo bam basoloko besithi, ‘NguNaledi, ocubungayo’. Ngoko ke, naziphi na izicubungo ezilula zamkelekile kum.”
Iimithibholi zifanelekile kwizicubungo, kwisidlo sosapho okanye nkqu nakwizikhaftina zelantshi. Zininzi iindlela zokupheka imithibholi enencasa. Uninzi lwabantu lubambelela kwindlela enye eqhelekileyo okanye kwisimbo sokupheka iimithiboli sokusoloko kusetyenziswa iindlela eziphindaphinda ngokuqhelekileyo. Endaweni yeetapile ezinetatshi uToona usebenzisa ibaby marrow.
UToona uthi ibaby marrow egreyithiweyo yongeza imo yaye iyindlela emangalisayo yokufihla imifuno kwabaneemfeketho ekutyeni. Zilunge kakhulu kwakhona ukuzifaka kwisikhenkcisi ukulungiselela ixesha umhla ozayo.
Yenza iimithibholi ezisulungekileyo noshefu Naledi ngamanyathelo amathandathu nje kuphela alula.
Fumana iphetshana leendaba elingeeNcasa zeZidlo zaseMzansi: Ukukhutshwa qho ngeveki kweeresipi ezirhalelekayo kunye neengcebiso ngeendlela zokuphila ezifumaneka lula.
Ingredients
- 500g iminsi mithi
- Isiqingatha setswele, elinqunqwe ngokucokisiweyo
- 2 amatispuni ezityalo ezinqunqwe ngokutsha (umz. ibasil)
- 2.5 amatispuni eembuphu zesonka ezicokisiweyo
- 1 iqanda, eliqhuqhiweyo
- 2 amatispuni ebalsamic glaze
- 2 tbsp balsamic glaze
- 1 umnqathe obukhulu buphakathi, ogreyithiweyo
- 1 umnqathe obukhulu buphakathi, ogreyithiweyo
- Ityuwa
- Ipepile
Instructions
IMIYALELO
1. Beka isitovu kuPreheat kubushushu besitovu obungu180 °C.
2. Xuba zonke izinongo, ngaphandle kwebalsamic glaze zibe kunye kwisitya esikhulu, yithi nzwenzwe ityuwa nepepile.
3. Yahlula lo mxube ube ziibhola ezimbhuntshuntshu ezilinganayo.
4. Kancinane thambisa itreyi yokubhaka, okanye uyithsithsize iSpray and Cook.
5. Beka zonke iimithibholi kwitreyi yokubhaka. Bhakela kwisitovu imizuzu esi8 okanye zide zivuthwe ngokupheleleyo.
6. Zibeke ecaleni. Bengezelisa iimithibholi ngebalsamic glaze uziphake ngoko nangoko.