Monday, October 12, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result
in Inspiration, isiXhosa

Ukuba ngowasemaphandleni nokuzingca ngako

Kwixesha elisandula ukudlula, uDanelene Ruiters wayengomnye wabantwana babasebenzi basefama ongaboni kamva kwezolimo. Namhlanje, unesidanga kwezolimo yaye ukuthanda kakhulu ukutyala iimbewu zethemba kwiifama ezisemaphandleni

by Tiisetso Manoko
15th September 2023
Ukuba ngowasemaphandleni nokuzingca ngako

Enesidanga sezolimo esisegameni lakhe, uDanelene Ruiters ngoku ukhuthaza abantwana babasebenzi basezifama abaseWellington eNtshona Koloni.

Share on FacebookShare on TwitterShare on WhatsApp

Kwidolophu yendawo azalelwe kuyo, uDanelene Ruiters uye wangumqondiso wethemba kubantwana babasebenzi basezifama. Xa bemjonga, amehlo abo ayadlamka kuba besazi ukuba kwixesha elisandula ukudlula wayeyinxalenye yabo ngokunjalo. 

Owayezalelwe wakhulela kwifama yaseDesperado eWellington eNtshona Koloni, uRuiters uyaluqonda uloyiko lwabo malunga nekamva nemizabalazo yabo yokuphila. Namhlanje, unesidanga sezolimo sokukhulisa iziqhamo (iphomoloji) nokukhulisa iidiliya (ivitikhaltsha), yaye uzinikele ekukhuthazeni isizukulwana esitsha sabantwana babasebenzi basezifama.

“Ndifuna ukuba yinxalenye yeso sizukulwana esiphelisa nya olu hlobo lwengcinga [yokuba ezolimo zezamadoda amhlophe kuphela.] Lolu hlobo lwengcinga oluthi [lusise emva] lusibuyisele umva ngokubhekisele kwezophuhliso nokukhula,” utsho. 

URuiters usebenza kwicandelo elingokuthotyelwa kwezemarike eGrowers by Nature, eyinkampani yezemarike nokuthunyelwa kweempahla ngaphandle ezinobungcali kwiziqhamo ezinencindi kunye neediliya zasetafileni. Uye wathi, nakuba kunjalo, waqalisa umsebenzi wezolimo ePerishable Produce Export Control Board (PPECB) phambi kokuba atshintshele kwishishini lokuthunyelwa kweziveliso ngaphandle. Apho, wayesebenzela iinkampani zokuthumela iziveliso ngaphandle ezahlukahlukeneyo, ekhula kwiindima ezahlukahlukeneyo ezaye zamlungiselela ekugqibeleni umsebenzi wakhe awenzayo ngoku.

Ukuba ngowasemaphandleni nokuzingca ngako
UDanelene Ruiters unesidanga sokuQala sezolimo sokukhulisa iziqhamo (iphomoloji) nokukhulisa iidiliya (ivitikhaltsha),

Eli licandelo elizalise ngamathuba

Ngokungaphandle komsebenzi ofuna okuninzi kuye, uziva enyanzelekile ukuba alungise iimbono nolwazi oluyimposiso malunga nezolimo phakathi kwabantwana babasebenzi basezifama. Abaninzi abakholelwa ukuba ubomi obungaphaya kokusebenza ngezandla bunokwenzeka – yaye ngokunjalo abawaboni amathuba anokufunyanwa ngabantu ababhinqileyo. 

Ethethela uFood For Mzansi, uRuiters uthi, “Ngowama2022 akufanelekanga ukuba sibe sisathetha ngokunqongophala kwabantu ababhinqileyo kweli candelo. Abantu abaninzi nangoku [badla ngendeb’ endala] baneenkolelo ezingagungqiyo ngokubhekisele kweli candelo.”

Abantu ababhinqileyo kufuneka baphakame bathathe ngokungenazintloni indawo kwezolimo – nokuba benza ezolawulo okanye ezolimo nokufuya. Eli candelo linamathuba amaninzi ekunokwenzeka ukuba abawazi, kuqukwa nokuthotyelwa kwezemarike kwishishini lokuthunyelwa kweziqhamo kumazwe angaphandle.” 

Le nkolo ikhuthaza uRuiters ukuba asebenze okoko ukukhuthaza ingakumbi abantu ababhinqileyo abaselula baseWellington ukuba ngokunjalo nabo benze izifundo zolimo. “Ndigxininisa [kule ngingqi nasezifama] apho ndivela khona ndijolise ingakumbi kwizikolo zasemaphandleni. Andingeke ndilibale apho ndivela khona. Kufuneka ndiphuhlise ndikwaqeqesha abanye abantu abatsha.”

URuiters uthi akakwazi ukungayihoyi imizabalazo yabo. Igalelo lakhe, ukholelwa njalo,” lihamba indlela ende ekuqingqeni ezinye [kwixesha elizayo] iinkokeli zezolimo” ezisuka kwiindawo zasemaphandleni njengezendawo leyo akhulele kuyo. 

Eyona nkxalabo yakhe inkulu kukuba kungekho zinkcukacha zaneleyo kwabelwana ngazo nabantu abatsha ngokubhekisele kwikamva lezolimo. “Uninzi lwabantu bethu abanalwazi, kungeso sizathu uya kufumana abantwana abambalwa abangemhlophe abathatha ezolimo njengesifundo sokufundwa. Le ndlela yokucinga ukuba ezolimo nokufuya zezabantu abathile [kuphela] isibuyisela umva.”

Ukuba ngowasemaphandleni nokuzingca ngako
UDanelene Ruiters unentshisakalo enkulu yokugcina iinyosi – umsebenzi, akholelwa  ukuba, kufuneka wenziwe ngeyona ntlonipho inkulu kakhulu.

Ingaba kukho ikamva ekugcineni iinyosi?

URuiters uthi amaphupha okuba ngumgcinizinyosi oya kuzisa inzuzo ukuya phambili yaye afundise abanye ngobugcisa bokugcina iinyosi. Angathanda ngokunjalo ukubona umhla apho abantu abatsha abaninzi baya kuba nesibindi ngokwaneleyo sokukhetha ikhondo lomsebenzi kwimarike kwanokuthobela uzinzo kwishishini lezokuthunyelwa kumazwe angaphandle kweziqhamo.  

Eyona Mpumelelo yakhe inkulu kakhulu ukuza kuthi ga ngoku yaba kukuba ngumntu wokuqala kusapho lwakhe lwabasebenzi basezifama ukungapheleli nje ekuzuzeni isidanga, kodwa kwakhona wangenisa umvuzo njengonesidanga kwezolimo. 

“Ndafumana iibhasari ekwakunganyanzelekanga ukuba ndiyihlawule kwiminyaka emithathu endandiyifundile. Kum [ukuba nesidanga] yeyona mpumelelo inkulu. Ndiyakholwa ukuba ndingumhlahlindlela kusapho lwam, kuluntu lwasekuhlaleni nakwizihlobo zam. 

“Lonke uqeqesho [iiseshini] nemisebenzi endisoloko ndiyenza [nabantwana basemaphandleni], andiyenzeli kufumana ngqwalaselo kuphela nje kukutyala kwakhona kuluntu lwasekuhlaleni apho ndisuka khona. Ndizenzela eyam imbali. Ndisuka efama yaye ndiyayazi ukuba kunjani ukukhulela apho. Ndifuna ukushiya imbali ekhuthazayo. Njengokuba uMaya Angelou watshoyo, ‘Imbali yakho ikubomi ngabunye obuchukumisileyo.’ Ndisuka emaphandleni yaye ndiyazingca ngaloo nto!”

Okunye ukugqwesa kumsebenzi wakhe kuquka ukufumana imbasa ngomsebenzi wasekuhlaleni wakhe ngowama2019. Oku kumgcina eqhubela phambili yaye umama wakhe, osengumsebenzi wasefama, useyeyona nkuthazo enkulu. 

Xa kujongwe kwimva, uRuiters unemincili kakhulu malunga nokukhula ayokufikelela kumandla akhe apheleleyo kwindima yakhe eGrowers by Nature. 

“Ndinethemba lokuba yingcali yezolimo ngokunjalo kwanomgcini nomnini weenyosi (apikhaltsharisti) kungekudala, mhlawumbi ndifumane umhlaba ndiqalise ukulima imifuno ekhuliswa ngokwasendalweni nokulima idiliya yasetafileni. Oko kuya kuzisa uvuyo ngokuqinisekileyo entliziyweni yam.”

KWAKHONA FUNDA MALUNGA NOKULANDELAYO: Umfama wespinatshi ufumana intuthuzeleo ekusebenzeni ngomhlaba

Fumana amaBali amalunga noTshintsho: Amabali akhuthazayo asuka kubantu abondla uMzansi.

Tiisetso Manoko

Tiisetso Manoko is a seasoned journalist with vast experience in community media. He possesses diploma in media studies majoring in journalism, certificate in civic leadership. He loves news from all angles with particular interest in local government, agriculture and politics. He is a staunch Mamelodi Sundowns Football club supporter.

Tags: Agri-CareersBeekeepingmarket compliancepomologyViticultureWestern Cape
Govt gives Land Bank money for blended finance
News

Hope restored as Land Bank secures R500m to end funding freeze

by Olwam Mnyande
9th October 2026

The department of rural development and Land Reform has signed an agreement with Land Bank, committing R500m in grant funding...

Read moreDetails
Young Lady Grey farmer diversifies from broilers to shisanyama

Young Lady Grey farmer diversifies from broilers to shisanyama

9th October 2026
Four major risks SA farmers can’t afford to ignore

Four major risks SA farmers can’t afford to ignore

9th October 2026
Scrapping the sugar tax is key for survival of the sugarcane industry.

Scrap sugar tax to save farmers and jobs, SA Canegrowers plead

9th October 2026

Phelisa Ndayi brings soil science and smart tech to Mzansi farmers

8th October 2026

R14m investment strengthens SA’s livestock disease surveillance

The numbers every farmer should know

Mastering foreign exchange: Smart strategies for SA agri exporters

How SA farmers can crack retail and unlock market access

Crucial management habits every livestock farmer must practice

Join Food For Mzansi's WhatsApp channel for the latest updates!

JOIN NOW!
Next Post
Podcast: The benefits of farming with moringa in Mzansi

Podcast: The benefits of farming with moringa in Mzansi

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

The numbers every farmer should know

Palesa proves small-scale farming can feed communities, retailers

Protect your spinach crops from extreme heat this summer

This week’s agri events: 12 – 16 October

From five fish to a commercial farm: Meet the AWSA !Xhariep winners

Booberries campaign brings breast health to Checkers shelves

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi