Tuesday, August 25, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result
in Inspiration, isiXhosa

Ukuba ngowasemaphandleni nokuzingca ngako

Kwixesha elisandula ukudlula, uDanelene Ruiters wayengomnye wabantwana babasebenzi basefama ongaboni kamva kwezolimo. Namhlanje, unesidanga kwezolimo yaye ukuthanda kakhulu ukutyala iimbewu zethemba kwiifama ezisemaphandleni

by Tiisetso Manoko
15th September 2023
Ukuba ngowasemaphandleni nokuzingca ngako

Enesidanga sezolimo esisegameni lakhe, uDanelene Ruiters ngoku ukhuthaza abantwana babasebenzi basezifama abaseWellington eNtshona Koloni.

Share on FacebookShare on TwitterShare on WhatsApp

Kwidolophu yendawo azalelwe kuyo, uDanelene Ruiters uye wangumqondiso wethemba kubantwana babasebenzi basezifama. Xa bemjonga, amehlo abo ayadlamka kuba besazi ukuba kwixesha elisandula ukudlula wayeyinxalenye yabo ngokunjalo. 

Owayezalelwe wakhulela kwifama yaseDesperado eWellington eNtshona Koloni, uRuiters uyaluqonda uloyiko lwabo malunga nekamva nemizabalazo yabo yokuphila. Namhlanje, unesidanga sezolimo sokukhulisa iziqhamo (iphomoloji) nokukhulisa iidiliya (ivitikhaltsha), yaye uzinikele ekukhuthazeni isizukulwana esitsha sabantwana babasebenzi basezifama.

“Ndifuna ukuba yinxalenye yeso sizukulwana esiphelisa nya olu hlobo lwengcinga [yokuba ezolimo zezamadoda amhlophe kuphela.] Lolu hlobo lwengcinga oluthi [lusise emva] lusibuyisele umva ngokubhekisele kwezophuhliso nokukhula,” utsho. 

URuiters usebenza kwicandelo elingokuthotyelwa kwezemarike eGrowers by Nature, eyinkampani yezemarike nokuthunyelwa kweempahla ngaphandle ezinobungcali kwiziqhamo ezinencindi kunye neediliya zasetafileni. Uye wathi, nakuba kunjalo, waqalisa umsebenzi wezolimo ePerishable Produce Export Control Board (PPECB) phambi kokuba atshintshele kwishishini lokuthunyelwa kweziveliso ngaphandle. Apho, wayesebenzela iinkampani zokuthumela iziveliso ngaphandle ezahlukahlukeneyo, ekhula kwiindima ezahlukahlukeneyo ezaye zamlungiselela ekugqibeleni umsebenzi wakhe awenzayo ngoku.

Ukuba ngowasemaphandleni nokuzingca ngako
UDanelene Ruiters unesidanga sokuQala sezolimo sokukhulisa iziqhamo (iphomoloji) nokukhulisa iidiliya (ivitikhaltsha),

Eli licandelo elizalise ngamathuba

Ngokungaphandle komsebenzi ofuna okuninzi kuye, uziva enyanzelekile ukuba alungise iimbono nolwazi oluyimposiso malunga nezolimo phakathi kwabantwana babasebenzi basezifama. Abaninzi abakholelwa ukuba ubomi obungaphaya kokusebenza ngezandla bunokwenzeka – yaye ngokunjalo abawaboni amathuba anokufunyanwa ngabantu ababhinqileyo. 

Ethethela uFood For Mzansi, uRuiters uthi, “Ngowama2022 akufanelekanga ukuba sibe sisathetha ngokunqongophala kwabantu ababhinqileyo kweli candelo. Abantu abaninzi nangoku [badla ngendeb’ endala] baneenkolelo ezingagungqiyo ngokubhekisele kweli candelo.”

Abantu ababhinqileyo kufuneka baphakame bathathe ngokungenazintloni indawo kwezolimo – nokuba benza ezolawulo okanye ezolimo nokufuya. Eli candelo linamathuba amaninzi ekunokwenzeka ukuba abawazi, kuqukwa nokuthotyelwa kwezemarike kwishishini lokuthunyelwa kweziqhamo kumazwe angaphandle.” 

Le nkolo ikhuthaza uRuiters ukuba asebenze okoko ukukhuthaza ingakumbi abantu ababhinqileyo abaselula baseWellington ukuba ngokunjalo nabo benze izifundo zolimo. “Ndigxininisa [kule ngingqi nasezifama] apho ndivela khona ndijolise ingakumbi kwizikolo zasemaphandleni. Andingeke ndilibale apho ndivela khona. Kufuneka ndiphuhlise ndikwaqeqesha abanye abantu abatsha.”

URuiters uthi akakwazi ukungayihoyi imizabalazo yabo. Igalelo lakhe, ukholelwa njalo,” lihamba indlela ende ekuqingqeni ezinye [kwixesha elizayo] iinkokeli zezolimo” ezisuka kwiindawo zasemaphandleni njengezendawo leyo akhulele kuyo. 

Eyona nkxalabo yakhe inkulu kukuba kungekho zinkcukacha zaneleyo kwabelwana ngazo nabantu abatsha ngokubhekisele kwikamva lezolimo. “Uninzi lwabantu bethu abanalwazi, kungeso sizathu uya kufumana abantwana abambalwa abangemhlophe abathatha ezolimo njengesifundo sokufundwa. Le ndlela yokucinga ukuba ezolimo nokufuya zezabantu abathile [kuphela] isibuyisela umva.”

Ukuba ngowasemaphandleni nokuzingca ngako
UDanelene Ruiters unentshisakalo enkulu yokugcina iinyosi – umsebenzi, akholelwa  ukuba, kufuneka wenziwe ngeyona ntlonipho inkulu kakhulu.

Ingaba kukho ikamva ekugcineni iinyosi?

URuiters uthi amaphupha okuba ngumgcinizinyosi oya kuzisa inzuzo ukuya phambili yaye afundise abanye ngobugcisa bokugcina iinyosi. Angathanda ngokunjalo ukubona umhla apho abantu abatsha abaninzi baya kuba nesibindi ngokwaneleyo sokukhetha ikhondo lomsebenzi kwimarike kwanokuthobela uzinzo kwishishini lezokuthunyelwa kumazwe angaphandle kweziqhamo.  

Eyona Mpumelelo yakhe inkulu kakhulu ukuza kuthi ga ngoku yaba kukuba ngumntu wokuqala kusapho lwakhe lwabasebenzi basezifama ukungapheleli nje ekuzuzeni isidanga, kodwa kwakhona wangenisa umvuzo njengonesidanga kwezolimo. 

“Ndafumana iibhasari ekwakunganyanzelekanga ukuba ndiyihlawule kwiminyaka emithathu endandiyifundile. Kum [ukuba nesidanga] yeyona mpumelelo inkulu. Ndiyakholwa ukuba ndingumhlahlindlela kusapho lwam, kuluntu lwasekuhlaleni nakwizihlobo zam. 

“Lonke uqeqesho [iiseshini] nemisebenzi endisoloko ndiyenza [nabantwana basemaphandleni], andiyenzeli kufumana ngqwalaselo kuphela nje kukutyala kwakhona kuluntu lwasekuhlaleni apho ndisuka khona. Ndizenzela eyam imbali. Ndisuka efama yaye ndiyayazi ukuba kunjani ukukhulela apho. Ndifuna ukushiya imbali ekhuthazayo. Njengokuba uMaya Angelou watshoyo, ‘Imbali yakho ikubomi ngabunye obuchukumisileyo.’ Ndisuka emaphandleni yaye ndiyazingca ngaloo nto!”

Okunye ukugqwesa kumsebenzi wakhe kuquka ukufumana imbasa ngomsebenzi wasekuhlaleni wakhe ngowama2019. Oku kumgcina eqhubela phambili yaye umama wakhe, osengumsebenzi wasefama, useyeyona nkuthazo enkulu. 

Xa kujongwe kwimva, uRuiters unemincili kakhulu malunga nokukhula ayokufikelela kumandla akhe apheleleyo kwindima yakhe eGrowers by Nature. 

“Ndinethemba lokuba yingcali yezolimo ngokunjalo kwanomgcini nomnini weenyosi (apikhaltsharisti) kungekudala, mhlawumbi ndifumane umhlaba ndiqalise ukulima imifuno ekhuliswa ngokwasendalweni nokulima idiliya yasetafileni. Oko kuya kuzisa uvuyo ngokuqinisekileyo entliziyweni yam.”

KWAKHONA FUNDA MALUNGA NOKULANDELAYO: Umfama wespinatshi ufumana intuthuzeleo ekusebenzeni ngomhlaba

Fumana amaBali amalunga noTshintsho: Amabali akhuthazayo asuka kubantu abondla uMzansi.

Tiisetso Manoko

Tiisetso Manoko is a seasoned journalist with vast experience in community media. He possesses diploma in media studies majoring in journalism, certificate in civic leadership. He loves news from all angles with particular interest in local government, agriculture and politics. He is a staunch Mamelodi Sundowns Football club supporter.

Tags: Agri-CareersBeekeepingmarket compliancepomologyViticultureWestern Cape
Food for Thought

How AI and intelligence can shield African farms from El Niño

by Zoë Karl-Waithaka
22nd August 2026

As a strengthening El Niño threatens Africa’s agricultural sector, traditional planning is no longer enough. An expert explains how AI-driven...

Read moreDetails
Fresh FMD outbreaks threaten South Africa’s beef trade just as exports rebound, with Agbiz chief economist Wandile Sihlobo calling for urgent action on biosecurity and vaccine production. Photo: Supplied/Food For Mzansi

Western Cape reaches 82% herd vaccination against FMD

22nd August 2026
Industry role players welcome the handover of the Vrede Dairy Farm but not without reservation. Photo: Supplied

Practical management tips every SA livestock farmer must follow

21st August 2026
Former nurse drives EC agroecology revolution in Ncera Village

Former nurse drives EC agroecology revolution in Ncera Village

21st August 2026
15 000 jobs shed: Why the SA agri sector is feeling the pinch

15 000 jobs shed: Why the SA agri sector is feeling the pinch

21st August 2026

Joburg school yields 5 000 crop units and empowers young farmers

Cook once, eat twice: Smart kitchen habits for budget winter meals

Chemistry meets creativity in Neo Mokhomo’s soya candle brand

Closing SA’s gender gap in commercial farming success

Rico the sheep is turning survival into a legacy

Join Food For Mzansi's WhatsApp channel for the latest updates!

JOIN NOW!
Next Post
Podcast: The benefits of farming with moringa in Mzansi

Podcast: The benefits of farming with moringa in Mzansi

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

Beyond maize: Why neglected crops are SA’s climate-smart future

NW agri empowers 110 graduates to fight unemployment

Unstoppable: Double-amputee farmer sets sights on commercial success

How South Africa can stop relying on imported tomato paste

This week’s agri events: 24 – 28 August

Cook once, eat twice: Smart kitchen habits for budget winter meals

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.