Wednesday, July 22, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

Dibana nomvelisi wezinto ezimnandi uTumi

Iphandemikhi yamnyanzelisa uTumi Moleko-Nkomo ajonge kwezinye iindlela zengeniso, waza ke watshintsha uthando olukhulu analo lwezinto ezimnandi ezenziwe ngomya yalishishini

by Nicole Ludolph
21st April 2023
in Agripreneur, Inkuthazo, isiXhosa
Reading Time: 4 mins read
A A
Dibana nomvelisi wezinto ezimnandi uTumi Moleko-Nkomo

Iziveliso zeiCanna kwakhona ziquka iitshokolethi bhrawuni. Ifoto: Kubonelelwe ngayo?NgabakwaFood for Mzansi

UTumi Moleko-Nkomo usebenze kwishishini likamabonakude elona xesha lakha lalide kakhulu. Kodwa ithe yakuhlasela iphandemikhi yeKhovidi19, umsebenzi weli nina waphela nya. Wanyanzeleka ukuba ajonge kwezinye iindlela zengeniso waza wagqiba ekutshintsheni intshisakalo yakhe yokwenza izinto ezimnandi ngomya ibe lishishini. 

“Ithe yakuhlasela iKhovidi, iimveliso zema ngxi ke akwabikho nto ininzi iqhubekayo. Ndandikruquke kakhulu kuba ndingumntu othanda ukuhlala exakeke kakhulu,” uMoleko-Nkomo uyakhumbula. Uqalise ukucinga ngezinto akonwabelayo ukuzenza ukugcina ixesha lakhe limaxhaphetshu.

UTumi Moleko-Nkomo, okanye u”Mama Canna”, ongumsekei we-iCanna. Ifoto:Kubonelelwe ngayo/NgabakwaFood for Mzansi

Kuye kwathi qatha kuye ukuba udla ngokwenza izinto ezimnandi ezenziwe ngomya ezenzela izihlobo kunye nosapho lwakhe, yaye oko kwenza izinto ezimnandi ngethuba lesiganeko esidala uxinzelelo esinjengephandemikhi kwanceda abantu abaninzi ekuthomalaliseni inkxalabo yabo.

“Inkxalabo yokungazi ukuba kuqhubeka ntoni okanye yintoni eza kwenzeka … abantu bephulukana nezinto. Kukhangeleka kubanceda kwinkxalabo yabo kunye nokuthomalalisa iingcinga kwanokuzenza zingabi mandundu.”

Umthetho ongokuthengiswa komya neziveliso ezixutywe nomya usenziwa. Kungeso sizathu sokuba, xa uMoleko-Nkomo wagqiba ukuba ufuna ukuthengisa iziveliso zakhe, umntu awaye wacinga ngaye kuqala yayiligqwetha lakhe. 

“Ndangena kwi-intanethi ndenza uphando oluncinane. Ndaye ndaqonda ukuba akukho nto ininzi ngokungqinelana nommiselo kwanokuba urhulumente uyacotha ukuyisebenza nayiphi na into enxulumene nomya. Ndaye ndathetha ke ngoko negqwetha lam. Wasuka wathi, ‘heke, la ngamanyathelo alandelana nalo mba. Akacaciswanga ngokuthe gca.”

Ingaba inikwa njani inkxaso kwishishini lomya?

UMoleko-Nkomo ngumnini we-iCanna, elishishini lezinto ezityiwayo elikwi-intanethi apho athengisa khona iiti ezixutywe nomya, izinto ezibhakiweyo namayeza anealkhoholi. Umya uwufumana kumlimi wawo oneempephamvume, aze athumele isiveliso sakhe kwizwe lonke.

“Andizikhuliseli ngokwam umya kuba ndihlala kwindawo enezakhiwo ezixananazileyo. Andinayo enyanisweni indawo evuleke ngolo hlobo. Kodwa ndisebenzisana nomlimi womya oseBrits. Qho ngeveki, uzisa oko ndikufunayo ukwenzela ukuba isiveliso sithengwe, nento esoloko incinane kunoko ndikufunayo kanye. Sihlala kummiselo ongadlulanga kwi1.2kg.”

Iziveliso zeiCanna kwakhona ziquka iitshokolethi bhrawuni. Ifoto: Kubonelelwe ngayo ngayo/NgabakwaFood for Mzansi

Ngaphandle komqathango wezokuvelisa, uMoleko-Nkomo uthi eminye yeyona mingeni mikhulu yakhe kukunqongophala kwenkxaso yemali. Umthetho ongacaciswanga gca ngokuphathelele kumya kunye neembono ezingolondolozo lwendalo ezingababandakanyiyo oosomashishini bomya kwinkxasomali yesiqhelo. 

“Ndineembono ezininzi kakhulu ngendlela ebendingathanda ukulikhulisa ngayo eli shishini nalapho ndinqwenela ukulisa kulo. Kodwa kuxabisa kakhulu ukulakha. Ukususela kumagqwetha ekufuneka ndibe nawo, ukuya kwipropati. Yonke le setaphu yayo ngenene, ngenene ixabisa kakhulu.”

Omnye umngeni awuchazayo uMoleko-Nkomo kukuba umthetho ongacaciswanga gca ngokumalunga nomya wenza ukuba ishishini lomya lingakhuseleki. Uthi ukususela oko wayeqale ishishini lakhe, ufumene ukuhlutshwa ngabantu, kodwa akakhange abe nako ukuyokuchaza emapoliseni. 

“Abantu abayiqondi ukuba umya asiyiyo laa nto unokusuka nje uyilime kwisiqendu somhlaba osemva kwendlu. Enyanisweni uluhlobo lokuphila ngokwendlela yokuphila. Sisityalo esinamandla kakhulu, kodwa abantu basadla ngendebe endala ngokubhekisele kwizimvo abanzo ngawo umya.

“Ngoko ke kunzima kakhulu ukuchaza ezinye zezinto ezenzekayo. Urhulumente [kufuneka] alungise ukwenza kwakhe yaye enyanisweni abeke umthetho ocace gca owenzelwe abathengisi bomya kunye nabantu abanjengam abenza iziveliso ezininzi kakhulu ngomya. Ukuba kukho umthetho ocace gca, sifumana ukukhuseleka ngaphezulu. Ngoku, sibhenguza nje emoyeni silindele abantu ukuba bazi ukuba benza ntoni na.”

Ukudala ishishini elibandakanya bonke abantu

Ngaphandle komthetho ongacaciswanga gca, ishishini lomya laseMzantsi Afrika liyakhula. Nakuba kunjalo, uMoleko-Nkomo uthi eli shishini sele ilishishini elibabekela bucala abantu abamnyama. Iindleko zokuqalisa ezinyuke kakhulu zisebenza njengesithintelo sokungena ebantwini abaninzi. 

“Le nto yenza ukuba kube nzima kubantu abangasuki kwiintsapho ezifumileyo, okanye abasuka kuhlobo oluthile lokuba neqhuzu, ukuba bakwazi ukungena kweli shishini bekwenza oko kwinqanaba abakulo. [Izinhanha] zikwazi lula ukuhlawulela ezo mpephamvume zixabisa kakhulu.” 

Eli nina lithi uninzi lwabaninimashishini omya abamnya ngoku ajonge kwiindlela zokumisela ishishini elibandakanya bonke abantu, eliyingalo elawulwa ngabamnyama, nanto leyo avuyelayo ukuyibona.

“Njengokuba izinto zinjalo ngoku, abantu ababenako ukuthenga ezi mpephamvume nabazifumana kwangexesha ezi mpephamvume, phambi kokuba siqaphele oko kuqhubekayo, baphambili kakhulu  yaye sele bemanyene ngoku. Yaye asinayo enye indlela ngaphandle kokuba senze eyethu into. Ngoko ke, uvakalelo lobunye lukhona ngaphakathi kwabathengisi bomya abamnyama, yaye ndiyakubulela oko.”

KWAKHONA FUNDA MALUNGA NOKU: Kwezingomya: ‘Kuphela ngabazizityebi nabanxibelelene nabathile abafumana indlela yokungena’

Fumana amaBali amalunga noTshintsho: Amabali akhuthazayo asuka kubantu abondla uMzansi.

Tags: imfuyoumlimi wemfuyo

Nicole Ludolph

Born and bred in Cape Town, Nicole Ludolph is always telling a story. After a few years doing this and that, she decided that she might as well get paid for her stories. Nicole began her journalism career writing science articles for learner magazine Science Stars and interning at Getaway Magazine.

Related Posts

Barnard Mohair: Weaving EC agriculture into global fashion
Agripreneur

Barnard Mohair: Weaving EC agriculture into global fashion

9th July 2026
Cape entrepreneur turns hair struggles into agro-processing gold
Agripreneur

Cape entrepreneur turns hair struggles into agro-processing gold

2nd July 2026
Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu
isiXhosa

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

by Vateka Halile
22nd October 2023

UBongani Motau ngumntu oqheleneyo nokuziphilela – enyanisweni, eseneminyaka elishumi ubudala wayethengisa amashwamshwam koontanga bakhe. Namhlanje uqalisa irestyu yaselokishini yakhe apho...

Read moreDetails
Farmer 101: How to produce watermelons

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

20th October 2023
‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

8th October 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

4th October 2023
Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

2nd October 2023
ADVERTISEMENT

Ukusuka ekuthengiseni iilekese uyokuba ngumnini werestyu

Umfama 101:  Indlela yokuvelisa ivatala

‘Masilwele amalungelo abantu ababhinqileyo abasezifama’

Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuthengisela amasi ekuhlaleni usuka apho uyokuthengisela uWoolies

Uncedo lokuqala ozenzela ngokwakho: Iindlela ezintlanu zokunyanga umenzakalo kwimfuyo

Next Post
SA roots: Codi's dreams turn into microgreens

SA roots: Codi’s dreams turn into microgreens

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

No one-size-fits-all: Liane’s lessons on leaving the land better

Shoprite hits 300th food garden milestone in Bredasdorp

Tech and solar upgrades drive growth at Ceres Fruit Growers

Smart vineyard irrigation starts below the ground

Treat food processing as essential national infrastructure – Khoury

Farmers urged to embrace uncertainty and build resilience

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.