Monday, July 27, 2026
SUBSCRIBE
22 GLOBAL MEDIA AWARDS
Food For Mzansi
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought
No Result
View All Result
Food For Mzansi
No Result
View All Result

Mafama, yiyo le indlela yokuzikhulisela ijinja!

Nantsi into onokukhe uyilinge kulo nyaka mtsha – ukuzikhulisela eyakho ijinja! Ijinja yaziwa kakhulu ngenxa yengcambu yayo eqhwethayo. Zama ukufaka le ngcambu inandiphekayo kwiijusi ezinika impilo!

by Dona Van Eeden
4th March 2023
in Farmer's Inside Track, isiXhosa
Reading Time: 3 mins read
A A
Ukuzikhulisela eyakho ijinja! yaziwa kakhulu ngenxa yengcambu yayo eqhwethayo.

Ijinja ingasetyenziswa isentsha, yomisiwe, ingumgubo, okanye njengeoyile okanye ijusi. Ifoto: Kubonelelwe ngayo

Ngenxa yokunyuka kutshanje kwamaxabiso ejinja, inokuba uyazibuza ukuba ungaba nayo njani eyakho ijinja kumaxesha anjengala!

Ijinja sisityalo esikhula kwimimandla yeetropiki, yaye kunzima kakhulu  ukuyikhulisa kwimimandla engekho shushu nengafumanga. Kodwa zikho ezinye iindlela neenkqubo eziya kukunika ithuba lokuba wazise esi sinongo sokutya sesityalo esikhethekileyo ekhaya. Nokuba ngaba uyikhulisela ukuyitya egadini yakho okanye ekhitshini, okanye uceba ukuyilima ukuze ube nokuyithengisa kwimalike, le ngcambu iqhwethayo sisilimo esimangalisayo ukusityala, nantsi indlela onokukwenza ngayo oko:

Indlela yokuyifumana ingcambu

Okokuqala, kufuneka ufumane iimbulumba zejinja ezithile kwivenkile ekufutshane okanye kwimalike (ijinja asiyongcambu enyanisweni, kodwa iimbulumba ezixwesayo phantsi komhlaba ziyafana ummo wazo).

Apha ijinja iqala ukukhula. Ifoto: Ingenisiwe
Apha ijinja iqala ukukhula. Ifoto: Ithunyelwe kuthi

AbakwaGood Housekeeping baneengcebiso ezithile ngokufumana eyona ngcambu yejinja isemgangathweni ukuqalisa izinto. Thenga intwana yejinja engangobhontsi wakho enamaqhuqhuva angalinganiyo eziphelweni zazo — la ngamathupha. Khetha iingqakumba ezityebileyo, ingabi zizo ezo zintshwenyileyo kumphandle wazo. Umphandle wamaqhuqhuva kufuneka ubhitye ukhanye ngokombala; uwayeke amasuntswana anamaqhuqhuva amnyama ngebala.

Ukufumana eyona ndawo ifanelekileyo

Njengokuba kuchaziweyo ngaphambili, ijinga yimbulumba ekhula ngokuxwesayo phantsi komhlaba, nangona le mbulumba ikhula phantsi komhlaba ngokuxwesayo ibizwa ngokuqhelekileyo ngokuba “yingcambu yejinja”. Ngoko ke kufuneka ityalwe kungakhange kwangenwa enzulwini emhlabeni. AbakwaGardener’s Path bacebisa ukuba ufumane imbiza enkulu uyigcine kwindawo enelanga ekhitshini lakho, okanye kwisiqwengana segadi yakho esikwindawo esemthunzini ngokupheleleyo okanye ngokuyinxenye ibe nomhlaba otyebileyo, ovunduvundu, nowakhuphayo amanzi ukulungiselela ukutyala.

Nokuba ngaba ingcambu yejinja yakho uyikhulisela embizeni okanye emhlabeni, uyawufuna wona umhlaba ofanelekileyo kakhulu ukuqalisa lo msebenzi. Kufuneka utyebe ngokwaneleyo ukondla ijinja yakho (unako ukusoloko ufaka ikomposti, khangela ngezantsi), kufuneka igcine ukufuma okwaneleyo ukwenzela ukuba kungomi, kodwa kufuneka uwakhuphe ngokuzenzekelayo amanzi ukwenzela ukuba iingcambu zejinja zingabi semgxobhozweni. 

Amanyathelo okuqala 

Abanye abasebenza ngeegadi bacebisa ukuba zifakwe emanzini ubusuku bonke iimbulumba ezikhula ngokuxwesayo. Loo nto asiyonto imbi, kuba ijinja eyayithengwe evenkileni yayifakwe isidodobalisi sokukhula kwesityalo.  

Ukukhulisa ijinja akuthathi ndawo inkulu konke. Zonke iimbulumba ezikhula ngokuxwesayo phantsi komhlaba ziya kuqala zikhule kuphela amagqabi ambalwa, kwindawo enye. Ekuhambeni kwexesha aya kuba sisicuku esixineneyo yaye akhula ngokucothayo kakhulu, kodwa oko kwenzeka kuphela xa ingavunwanga. Iimbulumba ezikhula ngokuxwesayo eziphantsi komhlaba kwakhona kukhangeleka ngathi azinangxaki nokuba zifumana ukuxinana kancinane. 

Ungazisika okanye uzophule iimbulumba zeejinja ezikhula ngokuxwesayo ngaphantsi komhlaba zibe ngamaqhekeza amancinane anembinana yamaqhuqhuva akhulayo kuyo nganye. Okanye usuke nje uyityale iphelele njalo.  Isikhokelo sencwadi iTropical Permaculture icebisa ukutyalwa kwengcambu yejinja yakho iisentimitha ezintlanu ukuya kwezilishumi ubunzulu, eli cala linamaqhuqhuva akhulayo lijonge phezulu. 

Makunkcenkceshelwe kakuhle emva kokutyala, yaye amagqabi kufuneka avele ngaphezulu emhlabeni emva kweveki enye.

Ukukhathalela isityalo sejinja sakhos

Ijinja isetyenziswa kwiindlela ezahlukeneyo zamayeza esintu. Ifoto: Healthline
IIjinja Isetyenziswa kwiindidi ezahlukeneyo zamayeza esintu. Ifoto: Healthline

Abasebenzi kwigadi yakwaGood Housekeeping bacebisa inyathelo elinye lokugcina ijinja yonwabile ebudeni bonyaka, oko kubizwa ngokuba kukwenziwa kweenqumba zomhlaba zijikeleze isityalo.

Njengezinye izityalo zeetapile, iimbulumba zejinja ezityalwa ngokuxwesayo phantsi komhlaba ziya kudubula zivele emhlabeni zize zijike zibe luhlaza okwengca elangeni. Abatyalizityalo abangoosomashishini banyusa izivuno ngokunkcenkceshela qho nokunqumba umhlaba ngokujikeleze isityalo esimbulumba kube kanye ngenyanga. 

Ukufezekisa isiphumo esifanayo ekhaya, fafaza izandla ezizeleyo eziliqela zekomposti etyebileyo kwimbiza yakho kube kanye ngenyanga ukukhusela imbulumba etyalwa ngokuxwesayo phantsi komhlaba ukuyikhusela ekubeni ivele elangeni.

Abatshali base-Good Housekeeping bathi enye indlela yokukhulisa kahle i-ginger wukuhlale uhlale uyivukuze inhlabathi.

Njengoba kwenzeka ngezinye izitshalo zamazambane, iziqu ze-ginger ziyaqhuma enhlabathini bese zibaluhlaza okotshani elangeni. Abalimi abakhulu baye bathi kuyasiza ukuchelela njalo nokuvukuza inhlabathi kanye ngenyanga. Ukuze uthole imiphumela efanayo ekhaya, kuhle uvuvuzele umanyolo ebhodweni otshale kulona kanye ngenyanga uvikele izitshalo zakho elangeni.

Ulandelelwano ngobuchule bexesha lokutyala

Tyala ijinja yakho entwasahlobo, kwangethuba kangangoko kunako nje ukuba kuqalise ukufudumala noko. Emva koko unokusuka ulibale ngazo malunga neenyanga ezilishumi ukuya kutsho kunyaka phambi kokuba uzivune! AbakwaTropical Permaculture bayichaza ijinja njengesona sityalo kwigadi yabo esingakhathalelwanga, kuba kuthi nje bayilime, bangayihoyi ijinja yabo ide ibe ilungele ukuvunwa. 

Ijinja seyilungele ukuvunwa kwithuba elimalunga neenyanga ezilishumi. Yivune ijinja yakho entwasahlobo okanye ehlotyeni lonyaka olandela emva kokuba ibityaliwe. Uya kuqaphela ukuba amagqabi ayo aye aqalise ukuba tyheli, okuya kubonisa ukuba ikulungele ukuvunwa. Vela nje udoncule isityalo sejinja siphume emhlabeni, Yophula amagqabi kwingcambu yejinja uyingenise ngaphakathi. 

Nceda nje uqinisekise ukuba umhlaba ojikeleze izityalo zejinja yakho uhlala womile yaye ziyawakhupha amanzi. Into engakwaziyo ukumelana nayo ijinja yiqabaka, ilanga elimileyo, imimoya ebhudlayo, nomhlaba omanzi, nomgxobhozo. 

Sinako ukufumaneka istokhwe esininzi sezityalo ukuqalisa ukutyala ukususela kwingcambu enye – ngoko ke unokuba nayo ijinja unyaka wonke, okanye ubonise uthando ngokuphisa ngezinye kwizihlobo zakho!

ALSO READ: Agripreneur 101: Ginger beer and SA, a fabulous fusion

Tags: ijinja

Dona Van Eeden

Dona van Eeden is a budding writer and journalist, starting her career as an intern at Food for Mzansi. Furnished with a deep love and understanding of environmental systems and sustainable development, she aims to make the world a better place however she can. In her free time you can find her with her nose in a book or wandering on a mountain, looking at the world through her camera's viewfinder.

Related Posts

No one-size-fits-all: Liane’s lessons on leaving the land better
Farmer's Inside Track

No one-size-fits-all: Liane’s lessons on leaving the land better

22nd July 2026
Simphiwe Hlubi: Why multi-stream income is the future of farming
Farmer's Inside Track

Simphiwe Hlubi: Why multi-stream income is the future of farming

8th July 2026
Ukuzilimela kunika uMbatha waseKZN iqholo
isiZulu

Ukuzilimela kunika uMbatha waseKZN iqholo

by Vateka Halile
24th November 2023

Esemncane yayimcasula indaba yengadi uNksz Zaza Mbatha futhi akaze nangelilodwa ilanga acabange ukuthi yinto engagcina imsiza. Kwenzekile futhi usenebhizinisi elivuthayo...

Read moreDetails
UFakude ukholelwa ekwakheni ifa lo mndeni

UFakude ukholelwa ekwakheni ifa lo mndeni

23rd November 2023
Ukusebenzisa amathuba kumsebenzele umfuyi waseNW

Ukuzama inhlanhla kumsizile umfuyi waseNorth West

22nd November 2023
UNgubane ozifelayo ngezolimo akakhohlwe lapho ebheke khona

UNgubane ozifelayo ngezolimo akakhohlwe lapho ebheke khona

21st November 2023
UShelembe ubeke izingadi kwelinye izinga

UShelembe ubeke izingadi kwelinye izinga

5th November 2023
ADVERTISEMENT

Ukuzilimela kunika uMbatha waseKZN iqholo

UFakude ukholelwa ekwakheni ifa lo mndeni

Ukuzama inhlanhla kumsizile umfuyi waseNorth West

UNgubane ozifelayo ngezolimo akakhohlwe lapho ebheke khona

UShelembe ubeke izingadi kwelinye izinga

Kusegazini kuNgalavu ukutshala ukudla

Next Post
Farmer 101: A guide on artificial insemination II

Farmer 101: A guide on artificial insemination II

THE NEW FACE OF SOUTH AFRICAN AGRICULTURE

With 21 global awards in the first six years of its existence, Food For Mzansi is much more than an agriculture publication. It is a movement, unashamedly saluting the unsung heroes of South African agriculture. We believe in the power of agriculture to promote nation building and social cohesion by telling stories that are often overlooked by broader society.

How sustainable potato farming secures finance and future yields

5 000 to 100 000 cabbages: EC co-op gamble pays off

Paarl farmer’s heartbreak as stock thieves destroy poultry dream

This week’s agri events: 27 – 31 July

Why SA must shift from climate response to climate readiness

Agriculture’s leading ladies unite: Get ready for Soul To Soil 2026

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

Contact us
Office: +27 21 879 1824
News: info@foodformzansi.co.za
Advertising: sales@foodformzansi.co.za

  • Awards & Global Impact
  • Our Story
  • Contact Us
  • Cookie Policy
  • Privacy Policy
  • Copyright

Chat Options

I'm Lerato, your AI assistant!
No Result
View All Result
  • News
  • Changemakers
  • Lifestyle
  • Farmer’s Inside Track
  • Food for Thought

Copyright © 2024 Food for Mzansi

This website uses cookies. By continuing to use this website you are giving consent to cookies being used. Visit our Privacy and Cookie Policy.